بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
عَبَسَ وَتَوَلَّىٰٓ ١(UMprofeti) Wafing’iintshiya, wafulathela أَن جَآءَهُ ٱلۡأَعۡمَىٰ ٢Kuba kweza kuye indoda eyimfama وَمَا يُدۡرِيكَ لَعَلَّهُۥ يَزَّكَّىٰٓ ٣Kodwa yintoni na enokukuchazela okokuba ngebhaqo nayo ibinokufumana ukuhlambuluka أَوۡ يَذَّكَّرُ فَتَنفَعَهُ ٱلذِّكۡرَىٰٓ ٤okanye yamkele ululeko nenkumbuzo ukuze ibe luncedo kuyo أَمَّا مَنِ ٱسۡتَغۡنَىٰ ٥Hayi lowo uzicingela ukuba akaxhomekanga (kuAllâh) فَأَنتَ لَهُۥ تَصَدَّىٰ ٦Wena usuka uhoye yena وَمَا عَلَيۡكَ أَلَّا يَزَّكَّىٰ ٧Nangona ingeloxanduva lwakho ukumhlambulula وَأَمَّا مَن جَآءَكَ يَسۡعَىٰ ٨Kodwa yena lowo uze kuwe ebaleka وَهُوَ يَخۡشَىٰ ٩Enoloyiko (lwesohlwayo sika-Allâh entliziyweni yakhe) فَأَنتَ عَنۡهُ تَلَهَّىٰ ١٠Awumnanzanga yena كـَلَّآ إِنَّهَا تَذۡكِرَةٌ ١١Nakanye! Kuba ngenene lo nguMyalezo oyinkumbuzo فَمَن شَآءَ ذَكَرَهُۥ ١٢Ngoko ke othandayo makahlale ewukhumbula فِي صُحُفٍ مُّكَرَّمَةٍ ١٣UseziNcwadini ezibekekileyo, eziphethwe ngentlonipheko enkulu مَّرۡفُوعَةٍ مُّطَهَّرَةِۭ ١٤Ziphakamile (ngesidima, zigcinwe) ngcwele بِأَيۡدِي سَفَرَةٍ ١٥Ubhalwe ngezandla zabaBhali, (iingelosi) كِرَامِۭ بَرَرَةٍ ١٦Abahloniphekileyo, abazithobileyo benobulungisa قُتِلَ ٱلۡإِنسَٰنُ مَآ أَكۡفَرَهُۥ ١٧Uqalekisiwe umtu ongakholwayo! (Kungani na ukuba angabi nambulelo kuAllâh) مِنۡ أَيِّ شَيۡءٍ خَلَقَهُۥ ١٨Yintoni kanti (uAllâh) Amdale ngayo مِن نُّطۡفَةٍ خَلَقَهُۥ فَقَدَّرَهُۥ ١٩(Umdale) ngeqabaza lembewu yomntu! Wamdala wazaWamlinganisela ngokwemfanelo ثُمَّ ٱلسَّبِيلَ يَسَّرَهُۥ ٢٠Waphinda Wamenzela lula indlela yakhe (yokuba azalwe) ثُمَّ أَمَاتَهُۥ فَأَقۡبَرَهُۥ ٢١Waphinda kwakhona Wamenza ukuba afe, angcwatywe ثُمَّ إِذَا شَآءَ أَنشَرَهُۥ ٢٢Kwakhona ngokwentando yaKhe, Uya kumbuyisela ebomini كـَلَّا لَمَّا يَقۡضِ مَآ أَمَرَهُۥ ٢٣Inene umntu akakwenzanga oko Amyalele kona فَلۡيَنظُرِ ٱلۡإِنسَٰنُ إِلَىٰ طَعَامِهِۦٓ ٢٤Ngoko ke umntu makakhe aqwalasele ukutya kwakhe أَنَّا صَبَبۡنَا ٱلۡمَآءَ صَبًّا ٢٥Sithulula amanzi (emvula) ngobuninzi ثُمَّ شَقَقۡنَا ٱلۡأَرۡضَ شَقًّا ٢٦Size Siqhekeze umhlaba ube ngamasuntswana فَأَنۢبَتۡنَا فِيهَا حَبًّا ٢٧Senze iinkozo (zembewu) zihlume (izithombo) kuwo وَعِنَبًا وَقَضۡبًا ٢٨Imidiliya nefula (yokutyiwa yimfuyo) وَزَيۡتُونًا وَنَخۡلًا ٢٩Neminquma namasundu وَحَدَآئِقَ غُلۡبًا ٣٠NeMiyezo enemithi eshinyeneyo وَفَٰكِهَةً وَأَبًّا ٣١Neziqhamo namadlelo مَّتَٰعًا لَّكُمۡ وَلِأَنۡعَٰمِكُمۡ ٣٢(Ukuba zibe) sisixhaso senu nemfuyo yenu فَإِذَا جَآءَتِ ٱلصَّآخَّةُ ٣٣Kodwa yakufika ingxolo (ukukhala kweXilongo okwesibini ngeMini yoVuko) يَوۡمَ يَفِرُّ ٱلۡمَرۡءُ مِنۡ أَخِيهِ ٣٤Ngaloo Mini umntu uya kubaleka ashiye umntakwabo وَأُمِّهِۦ وَأَبِيهِ ٣٥Nomama wakhe notata wakhe وَصَٰحِبَتِهِۦ وَبَنِيهِ ٣٦Nomfazi wakhe nabantwana bakhe لِكُلِّ ٱمۡرِيٍٕ مِّنۡهُمۡ يَوۡمَئِذٍ شَأۡنٌ يُغۡنِيهِ ٣٧Ngaloo Mini umntu ngamnye uya kuxakeka zezakhe, angazihoyi ezabanye وُجُوهٌ يَوۡمَئِذٍ مُّسۡفِرَةٌ ٣٨Ngaloo Mini ubuso babanye buya kukhazimla (bube buhle) ضَاحِكَةٌ مُّسۡتَبۡشِرَةٌ ٣٩Behleka, bevuyiswa ziindaba ezimnandi وَوُجُوهٌ يَوۡمَئِذٍ عَلَيۡهَا غَبَرَةٌ ٤٠Ubuso babanye ngaloo Mini buya kuzala luthuli bumbatshe تَرۡهَقُهَا قَتَرَةٌ ٤١Bugqunywe bubumnyama أُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡكَفَرَةُ ٱلۡفَجَرَةُ ٤٢Abo ngabangakholwayo, abangcolileyo, (abakrexezayo)