Millat al-Islam

Chapter 96 · 19 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Al-Alaq in Xhosa

Arabic with tafsir Listen to Surah Al-Alaq (1269 reciters)
Meccanسورة العلق19 verses

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

ٱقۡرَأۡ بِٱسۡمِ رَبِّكَ ٱلَّذِي خَلَقَ ١Funda! Egameni leNkosi yakho Eyadalayo خَلَقَ ٱلۡإِنسَٰنَ مِنۡ عَلَقٍ ٢Yadala umntu ngehlwili legazi ٱقۡرَأۡ وَرَبُّكَ ٱلۡأَكۡرَمُ ٣Funda iNkosi yakho Inesisa ٱلَّذِي عَلَّمَ بِٱلۡقَلَمِ ٤Yona Yafundisa ukubhala ngosiba عَلَّمَ ٱلۡإِنسَٰنَ مَا لَمۡ يَعۡلَمۡ ٥Yamfundisa umntu oko abengakwazi كـَلَّآ إِنَّ ٱلۡإِنسَٰنَ لَيَطۡغَىٰٓ ٦Kodwa inene umntu uyagabadela أَن رَّءَاهُ ٱسۡتَغۡنَىٰٓ ٧Kuba uzicingela ukuba akaxhomekekanga ntweni إِنَّ إِلَىٰ رَبِّكَ ٱلرُّجۡعَىٰٓ ٨Inene eNkosini yakho kulapho kuza kubuyelwa khona أَرَءَيۡتَ ٱلَّذِي يَنۡهَىٰ ٩Umbonile na lowo uthintela عَبۡدًا إِذَا صَلَّىٰٓ ١٠Umkhonzi xa ethandaza أَرَءَيۡتَ إِن كَانَ عَلَى ٱلۡهُدَىٰٓ ١١Ingaba umbona ekuso isiKhokelo kusini na أَوۡ أَمَرَ بِٱلتَّقۡوَىٰٓ ١٢Okanye uyalela (abantu) ukuba bahlonele (uAllâh) أَرَءَيۡتَ إِن كَذَّبَ وَتَوَلَّىٰٓ ١٣Umbonile na ukuba uphika inkolo, afulathele أَلَمۡ يَعۡلَم بِأَنَّ ٱللَّهَ يَرَىٰ ١٤Akazi na ukuba uAllâh Uyambona كـَلَّا لَئِن لَّمۡ يَنتَهِ لَنَسۡفَعَۢا بِٱلنَّاصِيَةِ ١٥Nakanye ukuba akayeki siya kumrhuqa ngenwele zebunzi lakhe نَاصِيَةٍ كَٰذِبَةٍ خَاطِئَةٍ ١٦(Ezo) nwele zebunzi lexoki فَلۡيَدۡعُ نَادِيَهُۥ ١٧Makabize koogxabakhe (bamncede) ke سَنَدۡعُ ٱلزَّبَانِيَةَ ١٨Thina Siya kubiza abagcini siHogo. (Baqubisane naye) كـَلَّا لَا تُطِعۡهُ وَٱسۡجُدۡۤ وَٱقۡتَرِب ۩ ١٩Nakanye! Ungamthobeli lowo, wena, qubuda, uzisondeze (kuAllâh)

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.