Millat al-Islam

Chapter 89 · 30 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Al-Fajr in Xhosa

Arabic with tafsir Listen to Surah Al-Fajr (1331 reciters)
Meccanسورة الفجر30 verses

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

وَٱلۡفَجۡرِ ١Ndifunga ngoms’obomvu وَلَيَالٍ عَشۡرٍ ٢Nangobusuku1 obulishumi وَٱلشَّفۡعِ وَٱلۡوَتۡرِ ٣Nangoku(dalwe) ngambini nangokungumnqakathi وَٱلَّيۡلِ إِذَا يَسۡرِ ٤Nangobusuku xa busimka هَلۡ فِي ذَٰلِكَ قَسَمٌ لِّذِي حِجۡرٍ ٥Ingaba kwezi (zifungo) zingentla apha akukho bungqina baneleyo na kubantu abanengqiqo (ukuba bashenxe kuzo zonke iintlobo zezono) أَلَمۡ تَرَ كَيۡفَ فَعَلَ رَبُّكَ بِعَادٍ ٦Awubonanga na (Muhammad) ukuba iNkosi yakho Yenza njani na ngabantu bakwa’Ad إِرَمَ ذَاتِ ٱلۡعِمَادِ ٧Abakwa-Iram (ababebade kakhulu) ngathi ziintsika ٱلَّتِي لَمۡ يُخۡلَقۡ مِثۡلُهَا فِي ٱلۡبِلَٰدِ ٨Ekungazanga kuphinde kudalwe abafana nabo ezweni وَثَمُودَ ٱلَّذِينَ جَابُواْ ٱلصَّخۡرَ بِٱلۡوَادِ ٩Kanti namaThamûd ayeqhekeza amatye entlanjeni (akhe imizi yawo) وَفِرۡعَوۡنَ ذِي ٱلۡأَوۡتَادِ ١٠Nabantu bakwaFir’awn umnini zibonda ٱلَّذِينَ طَغَوۡاْ فِي ٱلۡبِلَٰدِ ١١Abagabadela, batsiba imida ehlabathini فَأَكۡثَرُواْ فِيهَا ٱلۡفَسَادَ ١٢Kulo apho benza ubutshinga obugqithisileyo فَصَبَّ عَلَيۡهِمۡ رَبُّكَ سَوۡطَ عَذَابٍ ١٣Ngoko ke iNkosi yakho yathulula phezu kwabo iintlobo ngeentlobo zezohlwayo ezibuhlungu إِنَّ رَبَّكَ لَبِٱلۡمِرۡصَادِ ١٤Inene iNkosi yakho Ihlala Ibajongile فَأَمَّا ٱلۡإِنسَٰنُ إِذَا مَا ٱبۡتَلَىٰهُ رَبُّهُۥ فَأَكۡرَمَهُۥ وَنَعَّمَهُۥ فَيَقُولُ رَبِّيٓ أَكۡرَمَنِ ١٥Ke kaloku umntu, Ithi iNkosi yakhe Isakumvavanya ngokumnika intlonipheko nendyebo, asuke athi: (ngokuzigwagwisa): “INkosi yam Indinike intlonipheko.” وَأَمَّآ إِذَا مَا ٱبۡتَلَىٰهُ فَقَدَرَ عَلَيۡهِ رِزۡقَهُۥ فَيَقُولُ رَبِّيٓ أَهَٰنَنِ ١٦Kodwa Ithi Yakumvavanya ngokuthi Imnciphisele isixhaso sakhe, (aqale) athi: “INkosi yam Indincitshile.” كـَلَّاۖ بَل لَّا تُكۡرِمُونَ ٱلۡيَتِيمَ ١٧Nakanye! Nina anizixabisanga iinkedama وَلَا تَحَٰٓضُّونَ عَلَىٰ طَعَامِ ٱلۡمِسۡكِينِ ١٨Yaye anikhuthazani ngokondla abasweleyo وَتَأۡكُلُونَ ٱلتُّرَاثَ أَكۡلًا لَّمًّا ١٩Yaye nidla amafa abo onke ngokunyoluka وَتُحِبُّونَ ٱلۡمَالَ حُبًّا جَمًّا ٢٠Kwaye nithanda ubutyebi ngothando olugqithisileyo كـَلَّآۖ إِذَا دُكَّتِ ٱلۡأَرۡضُ دَكًّا دَكًّا ٢١Nakanye! Xa umhlaba ucunyuzwe wangumgubo وَجَآءَ رَبُّكَ وَٱلۡمَلَكُ صَفًّا صَفًّا ٢٢NeNkosi yakho Ize neengelosi (zimi) ngokwemiqolo ngemiqolo وَجِاْيٓءَ يَوۡمَئِذِۭ بِجَهَنَّمَۚ يَوۡمَئِذٍ يَتَذَكَّرُ ٱلۡإِنسَٰنُ وَأَنَّىٰ لَهُ ٱلذِّكۡرَىٰ ٢٣NesiHogo siya kuziswa kufutshane ngaloo Mini. Ngaloo Mini umntu uya kukhumbula, kodwa loo nkumbulo iya kumnceda ntoni يَقُولُ يَٰلَيۡتَنِي قَدَّمۡتُ لِحَيَاتِي ٢٤Uya kuthi: “Kwowu! Akwaba ndandizenzele imisebenzi elungileyo kwangaphambili (ukusindisa) ubomi bam فَيَوۡمَئِذٍ لَّا يُعَذِّبُ عَذَابَهُۥٓ أَحَدٌ ٢٥Ke kaloku ngaloo Mini akukho mntu uya kohlwaya ngohlobo Aya kohlwaya ngalo Yena (uAllâh) وَلَا يُوثِقُ وَثَاقَهُۥٓ أَحَدٌ ٢٦Akukho mntu uya kuqamangela abenzi (bobubi ngohlobo) Aya kuqamangela ngalo Yena يَٰٓأَيَّتُهَا ٱلنَّفۡسُ ٱلۡمُطۡمَئِنَّةُ ٢٧(Kuya kuthiwa kumntu okholiweyo): “Wena ke mphefumlo osekuphumleni nasekwanelisekeni okupheleleyo ٱرۡجِعِيٓ إِلَىٰ رَبِّكِ رَاضِيَةً مَّرۡضِيَّةً ٢٨Buyela eNkosini yakho ukholisekile, uYikholisile (naYo) فَٱدۡخُلِي فِي عِبَٰدِي ٢٩Ngena ngoko phakathi kwezicaka zaM وَٱدۡخُلِي جَنَّتِي ٣٠Ngena ke ePaladesi yaM.”

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.