بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
ٱقۡتَرَبَتِ ٱلسَّاعَةُ وَٱنشَقَّ ٱلۡقَمَرُ ١IYure sele ifikile yaye nenyanga sele icandeke (kubini) وَإِن يَرَوۡاْ ءَايَةً يُعۡرِضُواْ وَيَقُولُواْ سِحۡرٌ مُّسۡتَمِرٌّ ٢Ke kaloku xa bebona umqondiso (ummangaliso), bayatshikila bathi: “(Lo) ngumlingo ogqithayo.” وَكَذَّبُواْ وَٱتَّبَعُوٓاْ أَهۡوَآءَهُمۡۚ وَكُلُّ أَمۡرٍ مُّسۡتَقِرٌّ ٣Kananjalo baye baphika, balandela iminqweno yabo. Kodwa into nganye inexesha lokufezekiswa (kwayo) وَلَقَدۡ جَآءَهُم مِّنَ ٱلۡأَنۢبَآءِ مَا فِيهِ مُزۡدَجَرٌ ٤Ke kaloku sele ifikile kubo inkcazelo ekukho kuyo isilumkiso (esaneleyo ngokubhekiselele kugabadelo) حِكۡمَةُۢ بَٰلِغَةٌۖ فَمَا تُغۡنِ ٱلنُّذُرُ ٥Ubulumko obuphangaleleyo kodwa isilumkiso asibancedi (nto) فَتَوَلَّ عَنۡهُمۡۘ يَوۡمَ يَدۡعُ ٱلدَّاعِ إِلَىٰ شَيۡءٍ نُّكُرٍ ٦Bayeke ke (Muhammad), ngeMini uMkhwazi aya kubizela abantu kwinto engathandekiyo (uMlilo wesiHogo) خُشَّعًا أَبۡصَٰرُهُمۡ يَخۡرُجُونَ مِنَ ٱلۡأَجۡدَاثِ كَأَنَّهُمۡ جَرَادٌ مُّنتَشِرٌ ٧Amehlo abo aya kuba ethobekile, baya kuphuma emangcwabeni wabo bengathi ziinkumbi bethe saa مُّهۡطِعِينَ إِلَى ٱلدَّاعِۖ يَقُولُ ٱلۡكَٰفِرُونَ هَٰذَا يَوۡمٌ عَسِرٌ ٨Begxalathelana besiya phambili kuMkhwazi. Abangakholwayo baya kuthi: “Le yiMini enzima.” ۞ كَذَّبَتۡ قَبۡلَهُمۡ قَوۡمُ نُوحٍ فَكَذَّبُواْ عَبۡدَنَا وَقَالُواْ مَجۡنُونٌ وَٱزۡدُجِرَ ٩Abantu bakaNûh baphika ngaphambili kunabo, ke kaloku basiphika isiCaka seThu. Bathi: “ (Lo uNûh) yindoda ephambanayo” wada (uNûh) wagxothwa (ngabo) فَدَعَا رَبَّهُۥٓ أَنِّي مَغۡلُوبٌ فَٱنتَصِرۡ ١٠Ke kaloko wacela eNkosini yakhe: “Inene mna ndoyisakele, ndincede ke Wena (Nkosi yam).” فَفَتَحۡنَآ أَبۡوَٰبَ ٱلسَّمَآءِ بِمَآءٍ مُّنۡهَمِرٍ ١١Thina ke Savula iingcango zezulu nemvula eyathululeka phantsi وَفَجَّرۡنَا ٱلۡأَرۡضَ عُيُونًا فَٱلۡتَقَى ٱلۡمَآءُ عَلَىٰٓ أَمۡرٍ قَدۡ قُدِرَ ١٢Eyenza umhlaba wagqabhuka yimithombo namanzi, aza namanzi adibana nento eyayisele imiselwe kakade وَحَمَلۡنَٰهُ عَلَىٰ ذَاتِ أَلۡوَٰحٍ وَدُسُرٍ ١٣Samthumela ke yena (ngenqanawa eyenziwe) ngamaplanga nezikhonkwane تَجۡرِي بِأَعۡيُنِنَا جَزَآءً لِّمَن كَانَ كُفِرَ ١٤Idada phantsi kolondolozo lweThu njengomvuzo kulowo wayephikiwe (uNûh) وَلَقَد تَّرَكۡنَٰهَآ ءَايَةً فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ ١٥Sayishiya ukuba ibe ngumqondiso1, ukhona ke oza kukhumbula (okanye afumane isilumkiso) فَكَيۡفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ ١٦Saba njani ke ukuba (buhlungu) isohlwayo saM nesilumkiso وَلَقَدۡ يَسَّرۡنَا ٱلۡقُرۡءَانَ لِلذِّكۡرِ فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ ١٧Kananjalo Siyenze i’Kur’ân yalula ukuba ikhumbuleke, ukhona phofu oza kukhumbula كَذَّبَتۡ عَادٌ فَكَيۡفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ ١٨Ama’Ad aphika; saba njani ke (ukuba buhlungu) isohlwayo saM nesilumkiso إِنَّآ أَرۡسَلۡنَا عَلَيۡهِمۡ رِيحًا صَرۡصَرًا فِي يَوۡمِ نَحۡسٍ مُّسۡتَمِرٍّ ١٩Inene, Thina Sathumela kubo umoya otswinayo ngemini eyayiyeyeshwangusha (elalisihla emva kweshwangusha) تَنزِعُ ٱلنَّاسَ كَأَنَّهُمۡ أَعۡجَازُ نَخۡلٍ مُّنقَعِرٍ ٢٠Lincothula abantu ngokungathi zizibhukubhuku zemithi yesundu encothulwe neengcambu فَكَيۡفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ ٢١Saba njani (ukuba buhlungu) isohlwayo saM nesilumkiso وَلَقَدۡ يَسَّرۡنَا ٱلۡقُرۡءَانَ لِلذِّكۡرِ فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ ٢٢Kananjalo Siyenze yalula i’Kur’ân ukuba ikhumbuleke, ukhona phofu oza kukhumbula كَذَّبَتۡ ثَمُودُ بِٱلنُّذُرِ ٢٣AmaThamûd asala isilumkiso فَقَالُوٓاْ أَبَشَرًا مِّنَّا وَٰحِدًا نَّتَّبِعُهُۥٓ إِنَّآ إِذًا لَّفِي ضَلَٰلٍ وَسُعُرٍ ٢٤Athi:“Ingabangumntuomnyephakathikwethuesizakulandela yena? Inene singaba sekulahlekeni nasempambanweni أَءُلۡقِيَ ٱلذِّكۡرُ عَلَيۡهِ مِنۢ بَيۡنِنَا بَلۡ هُوَ كَذَّابٌ أَشِرٌ ٢٥Ingaba umyalezo uthunyelwe kuye phakathi kwethu? Hayi khona lixoki elingenazintloni (lo)!” سَيَعۡلَمُونَ غَدًا مَّنِ ٱلۡكَذَّابُ ٱلۡأَشِرُ ٢٦Baza kumazi ngomso ukuba ngubani na olixoki elingenazintloni إِنَّا مُرۡسِلُواْ ٱلنَّاقَةِ فِتۡنَةً لَّهُمۡ فَٱرۡتَقِبۡهُمۡ وَٱصۡطَبِرۡ ٢٧Inene Thina Sithumele ithokazi lenkamela ukuba libe luvavanyo kubo, bajonge ke ube nomonde وَنَبِّئۡهُمۡ أَنَّ ٱلۡمَآءَ قِسۡمَةُۢ بَيۡنَهُمۡۖ كُلُّ شِرۡبٍ مُّحۡتَضَرٌ ٢٨Ubaxelele kananjalo okokuba amanzi baza kwahlulelana ngawo, (Nenkamela), ngenye (imini) kuza kusela bona (ize ibe yinkamela ngenye imini) فَنَادَوۡاْ صَاحِبَهُمۡ فَتَعَاطَىٰ فَعَقَرَ ٢٩Kodwa bona babiza ugxa wabo2, waba nesibindi wayinqumla imisipha فَكَيۡفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ ٣٠Saba njani ke (ukuba buhlungu) iSohlwayo saM nesilumkiso إِنَّآ أَرۡسَلۡنَا عَلَيۡهِمۡ صَيۡحَةً وَٰحِدَةً فَكَانُواْ كَهَشِيمِ ٱلۡمُحۡتَظِرِ ٣١Inene Thina Sathoba isiqhushumbisi phezu kwabo baba ngathi ziintsasa ezomileyo ezizizijungqu zesibaya sezilwanyana وَلَقَدۡ يَسَّرۡنَا ٱلۡقُرۡءَانَ لِلذِّكۡرِ فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ ٣٢Kananjalo Siyenze i’Kur’ân yalula ukuba ikhumbuleke, ukhona na phofu oza kukhumbula كَذَّبَتۡ قَوۡمُ لُوطِۭ بِٱلنُّذُرِ ٣٣Abantu bakwaLût basala isilumkiso إِنَّآ أَرۡسَلۡنَا عَلَيۡهِمۡ حَاصِبًا إِلَّآ ءَالَ لُوطٍۖ نَّجَّيۡنَٰهُم بِسَحَرٍ ٣٤Inene, Thina Sathumela isiphango samatye phezu kwabo ngaphandle kosapho lukaLût, lona Salusindisa phambi koms’obomvu نِّعۡمَةً مِّنۡ عِندِنَاۚ كَذَٰلِكَ نَجۡزِي مَن شَكَرَ ٣٥NgoBabalo oluvela kuThi. Simvuza kanjalo ke onombulelo وَلَقَدۡ أَنذَرَهُم بَطۡشَتَنَا فَتَمَارَوۡاْ بِٱلنُّذُرِ ٣٦Ke kaloku yena wayesele ebalumkisile (kwantlandlolo) ngohlaselo lweThu, kodwa bona basiphikisa isilumkiso وَلَقَدۡ رَٰوَدُوهُ عَن ضَيۡفِهِۦ فَطَمَسۡنَآ أَعۡيُنَهُمۡ فَذُوقُواْ عَذَابِي وَنُذُرِ ٣٧Kananjalo bafuna ukuxhwila iindwendwe zakhe, Kodwa Sabamfamekisela amehlo abo (SiSithi): “Ngcamlani isohlwayo saM nesilumkiso ke.” وَلَقَدۡ صَبَّحَهُم بُكۡرَةً عَذَابٌ مُّسۡتَقِرٌّ ٣٨Ke kaloku ekuseni bafikelwa sisohlwayo esibuhlungu فَذُوقُواْ عَذَابِي وَنُذُرِ ٣٩(Kwathiwa kubo): “Ngcamlani isohlwayo saM nesilumkiso ke.” وَلَقَدۡ يَسَّرۡنَا ٱلۡقُرۡءَانَ لِلذِّكۡرِ فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ ٤٠Kananjalo Siyenze i’Kur’ân yalula ukuba ikhumbuleke kodwa ukhona na phofu oza kukhumbula وَلَقَدۡ جَآءَ ءَالَ فِرۡعَوۡنَ ٱلنُّذُرُ ٤١Kanti nakubantu bakwaFir’awn kwafika isilumkiso كَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِنَا كُلِّهَا فَأَخَذۡنَٰهُمۡ أَخۡذَ عَزِيزٍ مُّقۡتَدِرٍ ٤٢Bayala imiqondiso yeThu yonke, Sabahlasela ke ngohlaselo lwaloWo Unobunganga, Unamandla أَكُفَّارُكُمۡ خَيۡرٌ مِّنۡ أُوْلَٰٓئِكُمۡ أَمۡ لَكُم بَرَآءَةٌ فِي ٱلزُّبُرِ ٤٣Ingaba (abantu) abangakholwayo benu bangcono kunabayaa bamandulo, okanye ninogonyo oluvela kwiziBhalo أَمۡ يَقُولُونَ نَحۡنُ جَمِيعٌ مُّنتَصِرٌ ٤٤Okanye bathi: “Thina silibandla elixhasanayo,” kusini na سَيُهۡزَمُ ٱلۡجَمۡعُ وَيُوَلُّونَ ٱلدُّبُرَ ٤٥(Elo) bandlana labo liza koyiswa, kwaye baza kuza ngemiva (babaleke) بَلِ ٱلسَّاعَةُ مَوۡعِدُهُمۡ وَٱلسَّاعَةُ أَدۡهَىٰ وَأَمَرُّ ٤٦Kodwa iYure lixesha labo elimisiweyo, kwaye iYure leyo ingaphaya ngokonakalisa yaye ikrakra ngakumbi إِنَّ ٱلۡمُجۡرِمِينَ فِي ضَلَٰلٍ وَسُعُرٍ ٤٧Inene izaphula-mthetho zisekulahlekeni nasempambanweni يَوۡمَ يُسۡحَبُونَ فِي ٱلنَّارِ عَلَىٰ وُجُوهِهِمۡ ذُوقُواْ مَسَّ سَقَرَ ٤٨NgeMini abaya kurhuqelwa eMlilweni ngobuso babo kuya (kuthiwa kubo): “Ngcamlani ukuchukunyiswa sisiHogo kaloku” إِنَّا كُلَّ شَيۡءٍ خَلَقۡنَٰهُ بِقَدَرٍ ٤٩Inene Sidale zonke izinto ngommiselo (wento eziya kuba yiyo) وَمَآ أَمۡرُنَآ إِلَّا وَٰحِدَةٌ كَلَمۡحِۭ بِٱلۡبَصَرِ ٥٠Ukanti umyalelo weThu uba mnye jwi ube ngathi kukuqhwanyaza kweliso وَلَقَدۡ أَهۡلَكۡنَآ أَشۡيَاعَكُمۡ فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ ٥١Kananjalo Sele Sabatshabalalisa abanjengani, ukhona phofu za kukhumbula وَكُلُّ شَيۡءٍ فَعَلُوهُ فِي ٱلزُّبُرِ ٥٢Kananjalo yonke into abayenzayo ibhaliwe emacwecweni وَكُلُّ صَغِيرٍ وَكَبِيرٍ مُّسۡتَطَرٌ ٥٣Kwaye nto nganye encinane (nenkulu) ibhaliwe إِنَّ ٱلۡمُتَّقِينَ فِي جَنَّٰتٍ وَنَهَرٍ ٥٤Inene amalungisa aya kuba phakathi kwemiyezo nemilambo فِي مَقۡعَدِ صِدۡقٍ عِندَ مَلِيكٍ مُّقۡتَدِرِۭ ٥٥Esihlalweni sentlonipheko ecaleni kukaSobunganga, uSomandla