Millat al-Islam

Chapter 101 · 11 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Al-Qaria in Xhosa

Arabic with tafsir Listen to Surah Al-Qaria (1290 reciters)

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

ٱلۡقَارِعَةُ ١(IYure) yesiThonga مَا ٱلۡقَارِعَةُ ٢Yintoni na (iYure) yesiThonga وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا ٱلۡقَارِعَةُ ٣Kananjalo yintoni na enokukuchazela okokuba iyintoni na iYure yesiThonga يَوۡمَ يَكُونُ ٱلنَّاسُ كَٱلۡفَرَاشِ ٱلۡمَبۡثُوثِ ٤YiMini apho abantu baya kuthi saa njengamabhabhathane وَتَكُونُ ٱلۡجِبَالُ كَٱلۡعِهۡنِ ٱلۡمَنفُوشِ ٥Iintaba zibe njengoboya obucazululweyo فَأَمَّا مَن ثَقُلَتۡ مَوَٰزِينُهُۥ ٦Lowo uzenzo zakhe ziya kufunyaniswa zinobunzima esikalini فَهُوَ فِي عِيشَةٍ رَّاضِيَةٍ ٧Uya kuba sebomini obumnandi (ePaladesi) وَأَمَّا مَنۡ خَفَّتۡ مَوَٰزِينُهُۥ ٨Ke lowo uzenzo zakhe ziya kufunyaniswa zilula esikalini فَأُمُّهُۥ هَاوِيَةٌ ٩Ikhaya lakhe liya kuba senzonzobileni (esiHogweni) وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا هِيَهۡ ١٠Yintoni na enokukuchazela okokuba iyintoni na inzonzobila نَارٌ حَامِيَةُۢ ١١NguMlilo odwanguzayo

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.