Millat al-Islam

Chapter 30 · 60 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Ar-Rum in Xhosa

Arabic with tafsir Listen to Surah Ar-Rum (1233 reciters)
Meccanسورة الروم60 verses

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

الٓمٓ ١Alif-Lâm-Mîm غُلِبَتِ ٱلرُّومُ ٢AmaRoma oyisiwe فِيٓ أَدۡنَى ٱلۡأَرۡضِ وَهُم مِّنۢ بَعۡدِ غَلَبِهِمۡ سَيَغۡلِبُونَ ٣Kwilizwe elikufuphi (eSiriya, eIraq, eJordan nasePalestina). Kodwa nabo emva kokoyiswa kwabo baza kuba noloyiso فِي بِضۡعِ سِنِينَۗ لِلَّهِ ٱلۡأَمۡرُ مِن قَبۡلُ وَمِنۢ بَعۡدُۚ وَيَوۡمَئِذٍ يَفۡرَحُ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ ٤Kwisithuba esiphakathi kweminyaka emithathu ukuya kwesithoba. Ngoka-Allâh ummiselo ekuqalekeni nasekugqibeleni. Kananjalo ngayo loo mini amakholwa aya kugcoba بِنَصۡرِ ٱللَّهِۚ يَنصُرُ مَن يَشَآءُۖ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلرَّحِيمُ ٥Kuloyiso luka-Allâh. Yena Unika uloyiso lowo Athande (ukumnika), Yaye Yena nguSobunganga, uSozinceba وَعۡدَ ٱللَّهِۖ لَا يُخۡلِفُ ٱللَّهُ وَعۡدَهُۥ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَ ٱلنَّاسِ لَا يَعۡلَمُونَ ٦(Esi) sisithembiso sika-Allâh. UAllâh Akasileli (ekuzalisekiseni) esaKhe isithembiso, kodwa uninzi lwabantu alwazi يَعۡلَمُونَ ظَٰهِرًا مِّنَ ٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَا وَهُمۡ عَنِ ٱلۡأٓخِرَةِ هُمۡ غَٰفِلُونَ ٧Bona bayakwazi okuvelileyo ebomini kodwa mayela noBomi oBuzayo, abanalo ulwazi أَوَلَمۡ يَتَفَكَّرُواْ فِيٓ أَنفُسِهِمۗ مَّا خَلَقَ ٱللَّهُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَمَا بَيۡنَهُمَآ إِلَّا بِٱلۡحَقِّ وَأَجَلٍ مُّسَمًّىۗ وَإِنَّ كَثِيرًا مِّنَ ٱلنَّاسِ بِلِقَآيِٕ رَبِّهِمۡ لَكَٰفِرُونَ ٨Abacamngci na emiphefumlweni yabo. (babone)? UAllâh Akazanga Adale amazulu nomhlaba nako konke okuphakathi kuwo ngaphandle kokuwadalela enyanisweni nexesha elimisiweyo. Yaye inene, abantu abaninzi abakholwa kwindibano yabo neNkosi yabo (uAllâh) أَوَلَمۡ يَسِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَيَنظُرُواْ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡۚ كَانُوٓاْ أَشَدَّ مِنۡهُمۡ قُوَّةً وَأَثَارُواْ ٱلۡأَرۡضَ وَعَمَرُوهَآ أَكۡثَرَ مِمَّا عَمَرُوهَا وَجَآءَتۡهُمۡ رُسُلُهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِۖ فَمَا كَانَ ٱللَّهُ لِيَظۡلِمَهُمۡ وَلَٰكِن كَانُوٓاْ أَنفُسَهُمۡ يَظۡلِمُونَ ٩Abahamba-hambanga na ehlabathini babone ukuba sabanjani na isiphelo sabo babengaphambili kunabo? Bona babebakhulu kunabo ngokwamandla, yaye babelima umhlaba, besakha ngaphezulu kunokuba bona bakhile. Ke kaloku abaThunywa2 babo beza kubo nemiqondiso ecacileyo.Yaye uAllâh Wayengekhe Abenze ubugwenxa, koko ngabo ngokwabo abazenza ubugwenxa ثُمَّ كَانَ عَٰقِبَةَ ٱلَّذِينَ أَسَٰٓـُٔواْ ٱلسُّوٓأَىٰٓ أَن كَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ وَكَانُواْ بِهَا يَسۡتَهۡزِءُونَ ١٠Ke kaloku isiphelo sabo benza ukungcola saba sibi kakhulu ngokuba bayiphika imiqondiso ka-Allâh, bephoxisa ngayo ٱللَّهُ يَبۡدَؤُاْ ٱلۡخَلۡقَ ثُمَّ يُعِيدُهُۥ ثُمَّ إِلَيۡهِ تُرۡجَعُونَ ١١UAllâh Uyiqala ekuqaleni indalo; Uya kuphinda ayiphinde; nize nina nibuyiselwe kuYe وَيَوۡمَ تَقُومُ ٱلسَّاعَةُ يُبۡلِسُ ٱلۡمُجۡرِمُونَ ١٢Ke kaloku Mhla iYure yafika izaphula-mthetho ziya kuphelelwa lithemba وَلَمۡ يَكُن لَّهُم مِّن شُرَكَآئِهِمۡ شُفَعَٰٓؤُاْ وَكَانُواْ بِشُرَكَآئِهِمۡ كَٰفِرِينَ ١٣Kananjalo kubo akuyi kubakho namnye umthetheleli kumahlulelane abo, yaye baya (kuqala) bangakholwa3 kumahlulelane abo وَيَوۡمَ تَقُومُ ٱلسَّاعَةُ يَوۡمَئِذٍ يَتَفَرَّقُونَ ١٤Kananjalo ngeMini yokufika kweYure ngaloo Mini baya kwahlukaniswa فَأَمَّا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ فَهُمۡ فِي رَوۡضَةٍ يُحۡبَرُونَ ١٥Abo bakholwayo, benza izenzo zobulungisa, baya kuba seMyezweni (ePaladesi) bevuya وَأَمَّا ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَكَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِنَا وَلِقَآيِٕ ٱلۡأٓخِرَةِ فَأُوْلَٰٓئِكَ فِي ٱلۡعَذَابِ مُحۡضَرُونَ ١٦Ke bona abo baye bangakholwa baphika iiVesi zeThu nendibano yakuBomi oBuzayo, abo baya kuziswa esohlwayweni فَسُبۡحَٰنَ ٱللَّهِ حِينَ تُمۡسُونَ وَحِينَ تُصۡبِحُونَ ١٧Ngoko ke mzukiseni uAllâh xa nifikelela kungcwalazo, naxa nifikelela kwintseni وَلَهُ ٱلۡحَمۡدُ فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَعَشِيًّا وَحِينَ تُظۡهِرُونَ ١٨Yaye iindumiso (zonke) zezaKhe emazulwini nasemhlabeni. Kananjalo Mzukiseni Yena emalanga nasemvakwemini يُخۡرِجُ ٱلۡحَيَّ مِنَ ٱلۡمَيِّتِ وَيُخۡرِجُ ٱلۡمَيِّتَ مِنَ ٱلۡحَيِّ وَيُحۡيِ ٱلۡأَرۡضَ بَعۡدَ مَوۡتِهَاۚ وَكَذَٰلِكَ تُخۡرَجُونَ ١٩Yena Ukhupha abaphilileyo kwabafileyo, Akhuphe abafileyo kwabaphilileyo, Abuyisele ubomi emhlabeni emveni kokuba ubungasenabomi. Nani niya kubuyiselwa (ebomini) ngolo hlobo وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦٓ أَنۡ خَلَقَكُم مِّن تُرَابٍ ثُمَّ إِذَآ أَنتُم بَشَرٌ تَنتَشِرُونَ ٢٠Eminye imiqondiso yaKhe kukuba Wadala nina ngothuli (lomhlaba); ngephanyazo naba ngabantu abathe saa (emhlabeni wonke) وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦٓ أَنۡ خَلَقَ لَكُم مِّنۡ أَنفُسِكُمۡ أَزۡوَٰجًا لِّتَسۡكُنُوٓاْ إِلَيۡهَا وَجَعَلَ بَيۡنَكُم مَّوَدَّةً وَرَحۡمَةًۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّقَوۡمٍ يَتَفَكَّرُونَ ٢١Kananjalo omnye wemiqondiso yaKhe kukuba Wanidalela abalingane benu Ebathabatha eziqwini zenu khon’ukuze nifumane kubo ukwaneliseka (komphefumlo); Waza kananjalo wafaka phakathi kwenu uthando nenceba. Inene koko kukho imiqondiso kubantu abacingisisayo وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦ خَلۡقُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَٱخۡتِلَٰفُ أَلۡسِنَتِكُمۡ وَأَلۡوَٰنِكُمۡۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّلۡعَٰلِمِينَ ٢٢Omnye wemiqondiso yaKhe kukudalwa kwamazulu nomhlaba nokwahlukana kweelwimi zenu nemibala yenu. Inene kuko oko kukho umqondiso kwabo bolwazi وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦ مَنَامُكُم بِٱلَّيۡلِ وَٱلنَّهَارِ وَٱبۡتِغَآؤُكُم مِّن فَضۡلِهِۦٓۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّقَوۡمٍ يَسۡمَعُونَ ٢٣Omnye wemiqondiso yaKhe kukulala kwenu ebusuku nasemini nokufuna kwenu iziBele zaKhe. Inene kuko oko kukho imiqondiso kubantu abaphulaphulayo وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦ يُرِيكُمُ ٱلۡبَرۡقَ خَوۡفًا وَطَمَعًا وَيُنَزِّلُ مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءً فَيُحۡيِۦ بِهِ ٱلۡأَرۡضَ بَعۡدَ مَوۡتِهَآۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّقَوۡمٍ يَعۡقِلُونَ ٢٤Kananjalo omnye wemiqondiso yaKhe kukuba Unibonisa ukubaneka (okunibangela) uloyiko nethemba, Aze Athumele imvula isuka esibhakabhakeni Athi ngayo Avuse umhlaba emva kokuba ubungenabomi. Inene kuko oko kukho imiqondiso kubantu abasebenzisa ingqiqo وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦٓ أَن تَقُومَ ٱلسَّمَآءُ وَٱلۡأَرۡضُ بِأَمۡرِهِۦۚ ثُمَّ إِذَا دَعَاكُمۡ دَعۡوَةً مِّنَ ٱلۡأَرۡضِ إِذَآ أَنتُمۡ تَخۡرُجُونَ ٢٥Kananjalo omnye wemiqondiso yaKhe kukuba izulu nomhlaba (zimi) ngomyalelo waKhe. Ke kaloku xa Enibiza isihlandlo esinye emhlabeni, niya kuza ngaphambi (kwaKhe) وَلَهُۥ مَن فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۖ كُلٌّ لَّهُۥ قَٰنِتُونَ ٢٦Kananjalo kokwaKhe okusemazulwini nasemhlabeni. Zonke (izinto) ziMthobela ngenyameko Yena وَهُوَ ٱلَّذِي يَبۡدَؤُاْ ٱلۡخَلۡقَ ثُمَّ يُعِيدُهُۥ وَهُوَ أَهۡوَنُ عَلَيۡهِۚ وَلَهُ ٱلۡمَثَلُ ٱلۡأَعۡلَىٰ فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۚ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ٢٧NguYe Oqalisa indalo; Aze ayiphinde, yaye oko kulula kuYe. OkwaKhe kukuba Achazwe ngezichazi4 ezizezona ziphakamileyo emazulwini nasemhlabeni. Yaye nguSobunganga, uSobulumko ضَرَبَ لَكُم مَّثَلًا مِّنۡ أَنفُسِكُمۡۖ هَل لَّكُم مِّن مَّا مَلَكَتۡ أَيۡمَٰنُكُم مِّن شُرَكَآءَ فِي مَا رَزَقۡنَٰكُمۡ فَأَنتُمۡ فِيهِ سَوَآءٌ تَخَافُونَهُمۡ كَخِيفَتِكُمۡ أَنفُسَكُمۡۚ كَذَٰلِكَ نُفَصِّلُ ٱلۡأٓيَٰتِ لِقَوۡمٍ يَعۡقِلُونَ ٢٨Yena Uninika umzekelo weziqu zenu. Ingaba phakathi kwabo izandla zenu zokunene zibabambileyo (amakhoboka), bakhona abangamahlulelane kuni koko Siniphe kona khona ukuze balingane nani nibahloniphe ngentlonipho enihloniphana ngayo nina xa ninodwa? Sizicacisa kanjalo ke iiVesi ebantwini abanengqiqo بَلِ ٱتَّبَعَ ٱلَّذِينَ ظَلَمُوٓاْ أَهۡوَآءَهُم بِغَيۡرِ عِلۡمٍۖ فَمَن يَهۡدِي مَنۡ أَضَلَّ ٱللَّهُۖ وَمَا لَهُم مِّن نَّٰصِرِينَ ٢٩Kodwa abo bagwenxa balandela iminqweno yabo bengenalwazi. Kodwa ngubani na ongakhokela lowo uAllâh Amyekele ekulahlekeni? Yaye kubo akuyi kubakho bancedi فَأَقِمۡ وَجۡهَكَ لِلدِّينِ حَنِيفًاۚ فِطۡرَتَ ٱللَّهِ ٱلَّتِي فَطَرَ ٱلنَّاسَ عَلَيۡهَاۚ لَا تَبۡدِيلَ لِخَلۡقِ ٱللَّهِۚ ذَٰلِكَ ٱلدِّينُ ٱلۡقَيِّمُ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَ ٱلنَّاسِ لَا يَعۡلَمُونَ ٣٠Ngokokewena(Muhammad) bhekisaubusobakhoenkolweni, uthambekele ngasenyanisweni (utshele) kwi’Fitrah’5 (ka- Allâh) Awadala ngayo abantu makungabikho kuguquka enkolweni ka-Allâh. Leyo ke yiNdlela ethe Tye kodwa abantu abaninzi abazi ۞ مُنِيبِينَ إِلَيۡهِ وَٱتَّقُوهُ وَأَقِيمُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَلَا تَكُونُواْ مِنَ ٱلۡمُشۡرِكِينَ ٣١(Hlala ubambelele kuyo), ubuyele kuYe ngenguquko, woyike Yena, umisele umthandazo, ungabi ngomnye wabo bayamanisa abanye kuAllâh مِنَ ٱلَّذِينَ فَرَّقُواْ دِينَهُمۡ وَكَانُواْ شِيَعًاۖ كُلُّ حِزۡبِۭ بِمَا لَدَيۡهِمۡ فَرِحُونَ ٣٢(Okanye) abo bahlulahlule inkolo yabo baba ziimvaba ngeemvaba, imvaba nganye ivuyela oko inako (kwenziwe yiyo) وَإِذَا مَسَّ ٱلنَّاسَ ضُرٌّ دَعَوۡاْ رَبَّهُم مُّنِيبِينَ إِلَيۡهِ ثُمَّ إِذَآ أَذَاقَهُم مِّنۡهُ رَحۡمَةً إِذَا فَرِيقٌ مِّنۡهُم بِرَبِّهِمۡ يُشۡرِكُونَ ٣٣Ke kaloku xa ubunzima buchukumisa abantu, babiza eNkosini yabo, bebuyela kuYo ngenguquko. Ize Ithi Yakubangcamlisa inceba evela kuYo, ngoko nangoko iqela elithile kubo layamanise abanye eNkosini yalo لِيَكۡفُرُواْ بِمَآ ءَاتَيۡنَٰهُمۡۚ فَتَمَتَّعُواْ فَسَوۡفَ تَعۡلَمُونَ ٣٤(Besenzela) ukuba baphike oko bakuphiwe siThi. Ngoko ke zonwabiseni nina [okwethutyana, (kungekudala)] niza kwazi أَمۡ أَنزَلۡنَا عَلَيۡهِمۡ سُلۡطَٰنًا فَهُوَ يَتَكَلَّمُ بِمَا كَانُواْ بِهِۦ يُشۡرِكُونَ ٣٥Ingaba mhlawumbi Sibathumelele igunya (incwadi enika ubungqina), ethetha ngoko bakwayamanisa naYe (uAllâh) وَإِذَآ أَذَقۡنَا ٱلنَّاسَ رَحۡمَةً فَرِحُواْ بِهَاۖ وَإِن تُصِبۡهُمۡ سَيِّئَةُۢ بِمَا قَدَّمَتۡ أَيۡدِيهِمۡ إِذَا هُمۡ يَقۡنَطُونَ ٣٦Ke kaloku Sisakwenza abantu bangcamle inceba bayavuya, kodwa besakuthwaxwa bububi ngenxa yoko kwenziwe zizandla zabo, ngoko nangoko bathi khulubembe أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ أَنَّ ٱللَّهَ يَبۡسُطُ ٱلرِّزۡقَ لِمَن يَشَآءُ وَيَقۡدِرُۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّقَوۡمٍ يُؤۡمِنُونَ ٣٧Ababoni na ukuba uAllâh Wandisela isixhaso sakhe lowo Athande (ukumandisela) Aze Ancitshe (lowo Athande ukumncitsha)? Inene kuko oko kukho imiqondiso kubantu abakholwayo فَـَٔاتِ ذَا ٱلۡقُرۡبَىٰ حَقَّهُۥ وَٱلۡمِسۡكِينَ وَٱبۡنَ ٱلسَّبِيلِۚ ذَٰلِكَ خَيۡرٌ لِّلَّذِينَ يُرِيدُونَ وَجۡهَ ٱللَّهِۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُفۡلِحُونَ ٣٨Ngoko ke nika isizalwana (sakho) ilungelo laso, nabo basweleyo nomhambi. Oko kokona kulungileyo kwabo banqwenelainkxasoka-Allâh, yayengaboabayakuphumelela وَمَآ ءَاتَيۡتُم مِّن رِّبًا لِّيَرۡبُوَاْ فِيٓ أَمۡوَٰلِ ٱلنَّاسِ فَلَا يَرۡبُواْ عِندَ ٱللَّهِۖ وَمَآ ءَاتَيۡتُم مِّن زَكَوٰةٍ تُرِيدُونَ وَجۡهَ ٱللَّهِ فَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُضۡعِفُونَ ٣٩Ke kaloku nantoni na eniya kunikela ngayo yemali nzala6 nisenzela ukwandisa ubutyebi babantu ayiyi kwanda kuAllâh. Kodwa eniya kunikela ngako kwiZakâh, nifuna inkxaso ka- Allâh oko kuya kuba sisandiso ٱللَّهُ ٱلَّذِي خَلَقَكُمۡ ثُمَّ رَزَقَكُمۡ ثُمَّ يُمِيتُكُمۡ ثُمَّ يُحۡيِيكُمۡۖ هَلۡ مِن شُرَكَآئِكُم مَّن يَفۡعَلُ مِن ذَٰلِكُم مِّن شَيۡءٍۚ سُبۡحَٰنَهُۥ وَتَعَٰلَىٰ عَمَّا يُشۡرِكُونَ ٤٠UAllâh nguloWo Wanidalayo, Waza Wanibonelela (ngesixhaso) kwaye Usaya kunenza nife, Aze Aphinde Aninike ubomi. Ingaba likhona na kumahlulelane enu elenza into enjalo? Uzuko malube kuYe Uphakamile Yena koko bakwayamanisa kuYe ظَهَرَ ٱلۡفَسَادُ فِي ٱلۡبَرِّ وَٱلۡبَحۡرِ بِمَا كَسَبَتۡ أَيۡدِي ٱلنَّاسِ لِيُذِيقَهُم بَعۡضَ ٱلَّذِي عَمِلُواْ لَعَلَّهُمۡ يَرۡجِعُونَ ٤١Ukungcola sele kubonakele elizweni lonke naselwandle ngenxa yoko kwenziwe zizandla zabantu, ngoko ke Yena (uAllâh) Angabangcamlisa inxalenye yoko bakwenzileyo, khon’ukuze babuyele (ngenguquko kuAllâh, bacele itarhu kuYe) قُلۡ سِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَٱنظُرُواْ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلُۚ كَانَ أَكۡثَرُهُم مُّشۡرِكِينَ ٤٢Yithi (Muhammad): “Hamba-hambani elizweni nibone ukuba saba njani na isiphelo sabo bangaphambili (kunani)! Uninzi lwabo lwalungabayamanisi (bezithixo kuAllâh) فَأَقِمۡ وَجۡهَكَ لِلدِّينِ ٱلۡقَيِّمِ مِن قَبۡلِ أَن يَأۡتِيَ يَوۡمٌ لَّا مَرَدَّ لَهُۥ مِنَ ٱللَّهِۖ يَوۡمَئِذٍ يَصَّدَّعُونَ ٤٣Ngoko ke wena bhekisa ubuso bakho, kwinkolo elungileyo ingekafiki iMini evela kuAllâh, engenakubuyiselwa mva. Ngaloo Mini, baya kwahlulahlulwa مَن كَفَرَ فَعَلَيۡهِ كُفۡرُهُۥۖ وَمَنۡ عَمِلَ صَٰلِحًا فَلِأَنفُسِهِمۡ يَمۡهَدُونَ ٤٤Lowo ungakholwayo, (iziphumo) zokungakholwa kwakhe ziya kuba phezu kwentloko yakhe. Ke bona abo benza izenzo ezilungileyo, balungiselela iziqu zabo لِيَجۡزِيَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ مِن فَضۡلِهِۦٓۚ إِنَّهُۥ لَا يُحِبُّ ٱلۡكَٰفِرِينَ ٤٥Khon’ukuze (uAllâh) Avuze abo baye bakholwa, benza izenzo ezilungileyo ngobubele baKhe. Inene Yena Akabathandi abangakholwayo وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦٓ أَن يُرۡسِلَ ٱلرِّيَاحَ مُبَشِّرَٰتٍ وَلِيُذِيقَكُم مِّن رَّحۡمَتِهِۦ وَلِتَجۡرِيَ ٱلۡفُلۡكُ بِأَمۡرِهِۦ وَلِتَبۡتَغُواْ مِن فَضۡلِهِۦ وَلَعَلَّكُمۡ تَشۡكُرُونَ ٤٦Omnye wemiqondiso yaKhe kukuba Yena Uthumela imimoya ukuba ibe zizandulela zeendaba ezivuyisayo nokunenza ningcamle inceba yaKhe. (ngokuninika imvula) zize kananjalo neenqanawa ziwize8 (elwandle) ngomyalelo waKhe ukuze nani nifune ububele baKhe, mhlawumbi niya kuba nombulelo وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا مِن قَبۡلِكَ رُسُلًا إِلَىٰ قَوۡمِهِمۡ فَجَآءُوهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِ فَٱنتَقَمۡنَا مِنَ ٱلَّذِينَ أَجۡرَمُواْۖ وَكَانَ حَقًّا عَلَيۡنَا نَصۡرُ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ٤٧Ke kaloku sele Sithumele abaThunywa ngaphambili kunawe kubantu bakubo, yaye beza kubo nemiqondiso ecacileyo; Thina ke Sathabatha impindezelo kwabo benza ulwaphulo- mthetho, kwaza kwaba luxanduva lweThu ukuxhasa amakholwa ٱللَّهُ ٱلَّذِي يُرۡسِلُ ٱلرِّيَٰحَ فَتُثِيرُ سَحَابًا فَيَبۡسُطُهُۥ فِي ٱلسَّمَآءِ كَيۡفَ يَشَآءُ وَيَجۡعَلُهُۥ كِسَفًا فَتَرَى ٱلۡوَدۡقَ يَخۡرُجُ مِنۡ خِلَٰلِهِۦۖ فَإِذَآ أَصَابَ بِهِۦ مَن يَشَآءُ مِنۡ عِبَادِهِۦٓ إِذَا هُمۡ يَسۡتَبۡشِرُونَ ٤٨UAllâh nguYe Othumela imimoya, khon’ukuze iphakamise amafu iwasasaze esibhakabhakeni ngohlobo Athande ngalo, ize iwahlulahlule abe ziingqimba, ude ubone amachaphaza emvula ephuma phakathi kuwo! Aze (amachaphaza lawo) athi esakuwela kwabo (uAllâh) Athande ukuba awele phezu kwabo kwizicaka zaKhe, bavuye وَإِن كَانُواْ مِن قَبۡلِ أَن يُنَزَّلَ عَلَيۡهِم مِّن قَبۡلِهِۦ لَمُبۡلِسِينَ ٤٩Ukanti eneneni phambi kokuba loo (mvula) ithululwe phezu kwabo, bebekade bethe khulubembe فَٱنظُرۡ إِلَىٰٓ ءَاثَٰرِ رَحۡمَتِ ٱللَّهِ كَيۡفَ يُحۡيِ ٱلۡأَرۡضَ بَعۡدَ مَوۡتِهَآۚ إِنَّ ذَٰلِكَ لَمُحۡيِ ٱلۡمَوۡتَىٰۖ وَهُوَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ٥٠Khangela ke iziphumo zenceba ka-Allâh: Indlela Awuvuselela ngayo umhlaba emva kokufa kwawo. Inene, (uAllâh) ngu- loWo Uza kunika ubomi kwabafileyo, yaye Yena Unamandla ngaphezulu kwezinto zonke وَلَئِنۡ أَرۡسَلۡنَا رِيحًا فَرَأَوۡهُ مُصۡفَرًّا لَّظَلُّواْ مِنۢ بَعۡدِهِۦ يَكۡفُرُونَ ٥١Kodwa ukuba beSinokuthumela umoya (ombi) baze babone (izityalo zabo zijike zaba lubhelu, emva koko bebeza kusala bengabangakholwayo) فَإِنَّكَ لَا تُسۡمِعُ ٱلۡمَوۡتَىٰ وَلَا تُسۡمِعُ ٱلصُّمَّ ٱلدُّعَآءَ إِذَا وَلَّوۡاْ مُدۡبِرِينَ ٥٢Ke wena enyanisweni awungekhe wenze abafileyo bave, ungekhe kananjalo wenze izithulu zive ukubizwa xa sele zitshikile zafulathela, zarhoxa وَمَآ أَنتَ بِهَٰدِ ٱلۡعُمۡيِ عَن ضَلَٰلَتِهِمۡۖ إِن تُسۡمِعُ إِلَّا مَن يُؤۡمِنُ بِـَٔايَٰتِنَا فَهُم مُّسۡلِمُونَ ٥٣Kananjalo akungekhe ukhokelele iimfama uzikhuphe ekulahlekeni. Wena uya kwenza kuve abo bakholwayo kwiiVesi zeThu baze babe ngamaMuslim (bazithobe phantsi kwentando ka-Allâh) ۞ ٱللَّهُ ٱلَّذِي خَلَقَكُم مِّن ضَعۡفٍ ثُمَّ جَعَلَ مِنۢ بَعۡدِ ضَعۡفٍ قُوَّةً ثُمَّ جَعَلَ مِنۢ بَعۡدِ قُوَّةٍ ضَعۡفًا وَشَيۡبَةًۚ يَخۡلُقُ مَا يَشَآءُۚ وَهُوَ ٱلۡعَلِيمُ ٱلۡقَدِيرُ ٥٤UAllâh nguloWo Wanidalayo (nikwimo) yobuthathaka, Waza wanenza naba namandla emva kokuba buthathaka (kwenu), neenwele ezingwevu. Yena Udala oko Akuthandileyo yaye Yena nguSolwazi, uSomandla وَيَوۡمَ تَقُومُ ٱلسَّاعَةُ يُقۡسِمُ ٱلۡمُجۡرِمُونَ مَا لَبِثُواْ غَيۡرَ سَاعَةٍۚ كَذَٰلِكَ كَانُواْ يُؤۡفَكُونَ ٥٥NgeMini eya kuvela ngayo iYure izaphula-mthetho ziya kufunga okokuba ziphile iyure (enye emhlabeni). Kuya kuba ngolo hlobo ke ukuziqhatha kwabo وَقَالَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡعِلۡمَ وَٱلۡإِيمَٰنَ لَقَدۡ لَبِثۡتُمۡ فِي كِتَٰبِ ٱللَّهِ إِلَىٰ يَوۡمِ ٱلۡبَعۡثِۖ فَهَٰذَا يَوۡمُ ٱلۡبَعۡثِ وَلَٰكِنَّكُمۡ كُنتُمۡ لَا تَعۡلَمُونَ ٥٦Kodwa bona abo banikwa ulwazi nokholo baya kuthi: “Nina naphila (emhlabeni) kangangexesha elingummiselo ka-Allâh kwada kwaba yiMini yoVuko, le ke yiMini yoVuko, kodwa anizanga niyazi9 nina.” فَيَوۡمَئِذٍ لَّا يَنفَعُ ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ مَعۡذِرَتُهُمۡ وَلَا هُمۡ يُسۡتَعۡتَبُونَ ٥٧Ke kaloku ngaloo Mini ukuzithethelela kwabo akuyi kubanceda nto abo benza ubugwenxa, bengayi kuyalelwa nokuyalelwa ukuba bazicengezelele kuAllâh وَلَقَدۡ ضَرَبۡنَا لِلنَّاسِ فِي هَٰذَا ٱلۡقُرۡءَانِ مِن كُلِّ مَثَلٍۚ وَلَئِن جِئۡتَهُم بِـَٔايَةٍ لَّيَقُولَنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ إِنۡ أَنتُمۡ إِلَّا مُبۡطِلُونَ ٥٨Kananjalo Thina Sinike abantu (zonke iintlobo) zemizekeliso. Kodwa ukuba (wena Muhammad), ungabazisela umqondiso, inene abangakholwayo (kubo) bangathi: “Nina (makholwa) ningabaqambi bobuxoki.” كَذَٰلِكَ يَطۡبَعُ ٱللَّهُ عَلَىٰ قُلُوبِ ٱلَّذِينَ لَا يَعۡلَمُونَ ٥٩Uzitywina kanjalo ke uAllâh iintliziyo zabo bangazi (nto) فَٱصۡبِرۡ إِنَّ وَعۡدَ ٱللَّهِ حَقٌّۖ وَلَا يَسۡتَخِفَّنَّكَ ٱلَّذِينَ لَا يُوقِنُونَ ٦٠Ngoko ke nyamezela (ngomonde), inene, isithembiso sika- Allâh siyinyaniso. Kananjalo ungabavumeli bakutyhafise abo bangaqinisekanga ngokholo (lwabo)

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.