Millat al-Islam

Chapter 32 · 30 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah As-Sajda in Xhosa

Arabic with tafsir Listen to Surah As-Sajda (1273 reciters)
Meccanسورة السجدة30 verses

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

الٓمٓ ١Alif-Lâm-Mîm تَنزِيلُ ٱلۡكِتَٰبِ لَا رَيۡبَ فِيهِ مِن رَّبِّ ٱلۡعَٰلَمِينَ ٢(Esi) sisityhilelo seNcwadi ekungekho ntandabuzo ngayo, sivela kwiNkosi yamaphakade أَمۡ يَقُولُونَ ٱفۡتَرَىٰهُۚ بَلۡ هُوَ ٱلۡحَقُّ مِن رَّبِّكَ لِتُنذِرَ قَوۡمًا مَّآ أَتَىٰهُم مِّن نَّذِيرٍ مِّن قَبۡلِكَ لَعَلَّهُمۡ يَهۡتَدُونَ ٣Okanye mhlawumbi bathi: “UMuhammad Uyiqambe ngokwakhe?” Ukusuka apho yona iyinyaniso evela eNkosini yakho, khon’ukuze ulumkise abantu abangazanga baba naMlumkisi uzayo (kubo) ngaphambili kunawe, ukuze bakhokeleleke ٱللَّهُ ٱلَّذِي خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَمَا بَيۡنَهُمَا فِي سِتَّةِ أَيَّامٍ ثُمَّ ٱسۡتَوَىٰ عَلَى ٱلۡعَرۡشِۖ مَا لَكُم مِّن دُونِهِۦ مِن وَلِيٍّ وَلَا شَفِيعٍۚ أَفَلَا تَتَذَكَّرُونَ ٤NguAllâh Owadala amazulu nomhlaba nako konke okuphakathikwawongeentsukuezintandathu;WazaWazimisa ngentla kweTrone. Nina ngaphandle kwaKhe aninamkhuseli okanye umthetheleli; ngoko ke aniyi kukhumbuzeka na يُدَبِّرُ ٱلۡأَمۡرَ مِنَ ٱلسَّمَآءِ إِلَى ٱلۡأَرۡضِ ثُمَّ يَعۡرُجُ إِلَيۡهِ فِي يَوۡمٍ كَانَ مِقۡدَارُهُۥٓ أَلۡفَ سَنَةٍ مِّمَّا تَعُدُّونَ ٥Yena Ucwangcisa yonke into esemazulwini nasemhlabeni; ukanti iza kuphinda inyukele kuYe ngeMini ebude bayo buyiminyaka eliwaka yaleyo niyibalayo ذَٰلِكَ عَٰلِمُ ٱلۡغَيۡبِ وَٱلشَّهَٰدَةِ ٱلۡعَزِيزُ ٱلرَّحِيمُ ٦LoWo nguMazi wokungabonwayo, nongqinelwayo, uSobunganga, uSozinceba ٱلَّذِيٓ أَحۡسَنَ كُلَّ شَيۡءٍ خَلَقَهُۥۖ وَبَدَأَ خَلۡقَ ٱلۡإِنسَٰنِ مِن طِينٍ ٧Yena Wafezekisa zonke izinto Awazidalayo Waza Wayila indalo yomntu ngodongwe ثُمَّ جَعَلَ نَسۡلَهُۥ مِن سُلَٰلَةٍ مِّن مَّآءٍ مَّهِينٍ ٨Waza Wenza ukwanda kwakhe ngolwelo olunyanyekayo (imbewu yomntu) ثُمَّ سَوَّىٰهُ وَنَفَخَ فِيهِ مِن رُّوحِهِۦۖ وَجَعَلَ لَكُمُ ٱلسَّمۡعَ وَٱلۡأَبۡصَٰرَ وَٱلۡأَفۡـِٔدَةَۚ قَلِيلًا مَّا تَشۡكُرُونَ ٩Wambumba ngomlinganiselo ofanelekileyo, Wamphefumlela umoya wobomi, Wanenzela ukuva nokubona nentliziyo (ingqiqo); kuncinane enibulela ngako وَقَالُوٓاْ أَءِذَا ضَلَلۡنَا فِي ٱلۡأَرۡضِ أَءِنَّا لَفِي خَلۡقٍ جَدِيدِۭۚ بَلۡ هُم بِلِقَآءِ رَبِّهِمۡ كَٰفِرُونَ ١٠Kananjalo bathi: “Sisakuba sele sinyamalele emhlabeni, ingaba ngenene siza (kuphinda sidalwe) sibe kwindalo entsha?” Eneneni bona kwindibano yabo neNkosi yabo abakholwa ۞ قُلۡ يَتَوَفَّىٰكُم مَّلَكُ ٱلۡمَوۡتِ ٱلَّذِي وُكِّلَ بِكُمۡ ثُمَّ إِلَىٰ رَبِّكُمۡ تُرۡجَعُونَ ١١Yithi: “Ingelosi yokufa yona nibekwe phantsi kohoyo lwayo, iza kunithatha. Ke kaloku eNkosini yenu kulapho niza kubuyiselwa khona.” وَلَوۡ تَرَىٰٓ إِذِ ٱلۡمُجۡرِمُونَ نَاكِسُواْ رُءُوسِهِمۡ عِندَ رَبِّهِمۡ رَبَّنَآ أَبۡصَرۡنَا وَسَمِعۡنَا فَٱرۡجِعۡنَا نَعۡمَلۡ صَٰلِحًا إِنَّا مُوقِنُونَ ١٢Akwaba ubungakhe ubone xa abenzi bobubi beza kujingisa iintloko zabo phambi kweNkosi yabo, (besithi): “Nkosi yethu, Sibonile, seva nokuva, ngoko ke sibuyisele (emhlabeni); siya kusebenza imisebenzi yobulungisa. Inene thina ngoku siqinisekile.” وَلَوۡ شِئۡنَا لَأٓتَيۡنَا كُلَّ نَفۡسٍ هُدَىٰهَا وَلَٰكِنۡ حَقَّ ٱلۡقَوۡلُ مِنِّي لَأَمۡلَأَنَّ جَهَنَّمَ مِنَ ٱلۡجِنَّةِ وَٱلنَّاسِ أَجۡمَعِينَ ١٣Ke kaloku ukuba beSithanda, beSinganika umphefumlo ngamnye isiKhokelo sawo, kodwa ke ilizwi elivela kuM liza kwenzeka (elokuba) Mna Ndiya kuzalisa isiHogo ngejinni nabantu ndaweninye فَذُوقُواْ بِمَا نَسِيتُمۡ لِقَآءَ يَوۡمِكُمۡ هَٰذَآ إِنَّا نَسِينَٰكُمۡۖ وَذُوقُواْ عَذَابَ ٱلۡخُلۡدِ بِمَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ ١٤Ngoko ke ngcamlani (isohlwayo) kuba nina naye nalibala ngendibano yangayo le Mini yenu; naThi Silibele ngani. Ngcamlani isohlwayo sanaphakade ke ngenxa yoko nakwenzayo (ehlabathini).” إِنَّمَا يُؤۡمِنُ بِـَٔايَٰتِنَا ٱلَّذِينَ إِذَا ذُكِّرُواْ بِهَا خَرُّواْۤ سُجَّدًاۤ وَسَبَّحُواْ بِحَمۡدِ رَبِّهِمۡ وَهُمۡ لَا يَسۡتَكۡبِرُونَ ۩ ١٥Iya kuba ngabo bakholwa kwiiVesi zeThu kuphela, abathi xa bekhunjuzwa ngazo, bawe baqubude bazukise (uAllâh) ngendumiso yeNkosi yabo, yaye bona abanankukhumalo تَتَجَافَىٰ جُنُوبُهُمۡ عَنِ ٱلۡمَضَاجِعِ يَدۡعُونَ رَبَّهُمۡ خَوۡفًا وَطَمَعًا وَمِمَّا رَزَقۡنَٰهُمۡ يُنفِقُونَ ١٦Amacala abo ashiya iimandlalo zabo, baye kuthandaza eNkosini yabo benoloyiko nethemba, yaye bona bayanikela kumalizo ngoko Sibaphe kona فَلَا تَعۡلَمُ نَفۡسٌ مَّآ أُخۡفِيَ لَهُم مِّن قُرَّةِ أَعۡيُنٍ جَزَآءَۢ بِمَا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ ١٧Akukho mntu waziyo ukuba yintoni na ayifihlelweyo eya kubavuyisa njengomvuzo woko bakwenzayo أَفَمَن كَانَ مُؤۡمِنًا كَمَن كَانَ فَاسِقًاۚ لَّا يَسۡتَوُۥنَ ١٨Ingaba lowo ulikholwa uyafana na nalowo ungumenzi wobubi? (Nakanye) Abafani أَمَّا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ فَلَهُمۡ جَنَّٰتُ ٱلۡمَأۡوَىٰ نُزُلَۢا بِمَا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ ١٩Abo bakholwayo, benza izenzo, ezilungileyo, okwabo iya kuba yiMiyezo yokhuseleko nobubele ngenxa yoko bakwenzayo وَأَمَّا ٱلَّذِينَ فَسَقُواْ فَمَأۡوَىٰهُمُ ٱلنَّارُۖ كُلَّمَآ أَرَادُوٓاْ أَن يَخۡرُجُواْ مِنۡهَآ أُعِيدُواْ فِيهَا وَقِيلَ لَهُمۡ ذُوقُواْ عَذَابَ ٱلنَّارِ ٱلَّذِي كُنتُم بِهِۦ تُكَذِّبُونَ ٢٠Ke bona abo bangabenzi bobubi, ikhaya labo sisiHogo, ngalo lonke ixesha befuna ukuphuncula kuso baya kubuyiselwa kuso kusithiwa kubo: “Ngcamlani isohlwayo soMlilo kaloku eso nanidla ngokusiphika.” وَلَنُذِيقَنَّهُم مِّنَ ٱلۡعَذَابِ ٱلۡأَدۡنَىٰ دُونَ ٱلۡعَذَابِ ٱلۡأَكۡبَرِ لَعَلَّهُمۡ يَرۡجِعُونَ ٢١Ke kaloku Siya kubenza basingcamle isohlwayo esikufuphi , phambi kokufika kwesohlwayo esikhulu khon’ukuze babuyele (eNdleleni) وَمَنۡ أَظۡلَمُ مِمَّن ذُكِّرَ بِـَٔايَٰتِ رَبِّهِۦ ثُمَّ أَعۡرَضَ عَنۡهَآۚ إِنَّا مِنَ ٱلۡمُجۡرِمِينَ مُنتَقِمُونَ ٢٢Ngubaninaowenzaubugwenxaukugqithakulowoukhunjuzwa ngeeVesi zeNkosi yakhe; aze yena azitshikilele? Inene Thina kwizaphula-mthetho siza kuthabatha impindezelo وَلَقَدۡ ءَاتَيۡنَا مُوسَى ٱلۡكِتَٰبَ فَلَا تَكُن فِي مِرۡيَةٍ مِّن لِّقَآئِهِۦۖ وَجَعَلۡنَٰهُ هُدًى لِّبَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ ٢٣Inene Thina Sanika uMûsâ isiBhalo, ngoko ke wena musa ukuba neentandabuzo ngendibano yakhe (nawe). Ke kaloku Thina Senza (isiBhalo iTorah) ukuba ibe sisiKhokelo kubaNtwana bakwaSirayeli وَجَعَلۡنَا مِنۡهُمۡ أَئِمَّةً يَهۡدُونَ بِأَمۡرِنَا لَمَّا صَبَرُواْۖ وَكَانُواْ بِـَٔايَٰتِنَا يُوقِنُونَ ٢٤Kananjalo inene Thina Senza phakathi kwabo (aBantwana bakwaSirayeli) kwabakho iinkokeli ezikhokela ngomyalelo weThu, zabe zinomonde, zaye ziqinisekile ngemiqondiso yeThu إِنَّ رَبَّكَ هُوَ يَفۡصِلُ بَيۡنَهُمۡ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ فِيمَا كَانُواْ فِيهِ يَخۡتَلِفُونَ ٢٥Inene iNkosi yenu Iza kugweba phakathi kwabo ngoMhla woVuko mayela noko babephikisana ngako أَوَلَمۡ يَهۡدِ لَهُمۡ كَمۡ أَهۡلَكۡنَا مِن قَبۡلِهِم مِّنَ ٱلۡقُرُونِ يَمۡشُونَ فِي مَسَٰكِنِهِمۡۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍۚ أَفَلَا يَسۡمَعُونَ ٢٦Kanti akukacaci na kubo okokuba zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo ngaphambili kunabo, (njengoko) zazihamba-hamba phakathi kwemizi yazo? Inene kuko oku kukho imiqondiso; kanti abeva na أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ أَنَّا نَسُوقُ ٱلۡمَآءَ إِلَى ٱلۡأَرۡضِ ٱلۡجُرُزِ فَنُخۡرِجُ بِهِۦ زَرۡعًا تَأۡكُلُ مِنۡهُ أَنۡعَٰمُهُمۡ وَأَنفُسُهُمۡۚ أَفَلَا يُبۡصِرُونَ ٢٧Ababonanga na ukuba Siqhuba amanzi (emafini) Siwase emhlabeni oludlolo Size Sivelise ngawo apho izityalo ethi nemfuyo yabo idle kuzo (kanti) nabo ngokwabo? Ababoni na وَيَقُولُونَ مَتَىٰ هَٰذَا ٱلۡفَتۡحُ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ ٢٨Ke kaloku bathi: “Luya kuba nini na olu loyiso, ukuba nithetha inyaniso قُلۡ يَوۡمَ ٱلۡفَتۡحِ لَا يَنفَعُ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ إِيمَٰنُهُمۡ وَلَا هُمۡ يُنظَرُونَ ٢٩Yithi wena: “NgoMhla woloyiso ukhololo lwabo babengangakholwa (ngaphambili) aluyi kubanceda nto, bengayi kumelwa nokumelwa.” فَأَعۡرِضۡ عَنۡهُمۡ وَٱنتَظِرۡ إِنَّهُم مُّنتَظِرُونَ ٣٠Ngoko ke wena swayela ecaleni kubo, ulinde, inene, nabo oku kwabo balindile

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.