Millat al-Islam

Chapter 91 · 15 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Ash-Shams in Xhosa

Arabic with tafsir Listen to Surah Ash-Shams (1346 reciters)
Meccanسورة الشمس15 verses

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

وَٱلشَّمۡسِ وَضُحَىٰهَا ١Ndifunga ngelanga nangokumenyezela kwalo وَٱلۡقَمَرِ إِذَا تَلَىٰهَا ٢Nangenyanga xa ililandela وَٱلنَّهَارِ إِذَا جَلَّىٰهَا ٣Nangemini xa ibonisa ukukhazimla kwalo (ilanga) وَٱلَّيۡلِ إِذَا يَغۡشَىٰهَا ٤Nangobusuku xa buligquma وَٱلسَّمَآءِ وَمَا بَنَىٰهَا ٥Nangezulu nangaloWo Walakhayo وَٱلۡأَرۡضِ وَمَا طَحَىٰهَا ٦Nangomhlaba nangaloWo Wawandlalayo وَنَفۡسٍ وَمَا سَوَّىٰهَا ٧Nangomphefulo nangaloWo Wawufezekisayo فَأَلۡهَمَهَا فُجُورَهَا وَتَقۡوَىٰهَا ٨Waza kananjalo Wawubonisa okungawulungelanga noko kuwulungeleyo قَدۡ أَفۡلَحَ مَن زَكَّىٰهَا ٩Inene uphumelele lowo uwuhlambululayo وَقَدۡ خَابَ مَن دَسَّىٰهَا ١٠Akaphumelelanga lowo uwungcolisayo كَذَّبَتۡ ثَمُودُ بِطَغۡوَىٰهَآ ١١(Abantu) bakwaThamûd babaphikisa (abaProfeti babo) ngokugabadela kwabo إِذِ ٱنۢبَعَثَ أَشۡقَىٰهَا ١٢Xa oyena mntu wayengcole kakhulu phakathi kwabo waphuma (waya kubulala imazi yenkamela) فَقَالَ لَهُمۡ رَسُولُ ٱللَّهِ نَاقَةَ ٱللَّهِ وَسُقۡيَٰهَا ١٣Kodwa uMthunywa ka-Allâh (uSâlih) wathi kubo: “Ze nilumke! (Noyike isihelegu esiya kunihlela), yimazi yenkamela ka-Allâh le, ningayibulali okanye niyithintele ekuseleni amanzi wayo فَكَذَّبُوهُ فَعَقَرُوهَا فَدَمۡدَمَ عَلَيۡهِمۡ رَبُّهُم بِذَنۢبِهِمۡ فَسَوَّىٰهَا ١٤Bamphikisa ke bayibulala. Ngoko ke iNkosi yabo Yabatshabalalisa ngenxa yesono sabo, Yabenza batshabalala ngokulinganayo (abazizityebi nabangamahlwempu phakathi kwabo abangakholwayo) وَلَا يَخَافُ عُقۡبَٰهَا ١٥Kwaye uAllâh Azanga Abe naloyiko lweziphumo zako oko

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.