Millat al-Islam

Chapter 71 · 28 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Nuh in Xhosa

Arabic with tafsir Listen to Surah Nuh (1276 reciters)
Meccanسورة نوح28 verses

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

إِنَّآ أَرۡسَلۡنَا نُوحًا إِلَىٰ قَوۡمِهِۦٓ أَنۡ أَنذِرۡ قَوۡمَكَ مِن قَبۡلِ أَن يَأۡتِيَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ١Inene, Thina Sathumela uNûh kubantu bakubo, (Sisithi): “Lumkisa abantu bakuni phambi kokuba bafikelwe sisohlwayo esibuhlungu.” قَالَ يَٰقَوۡمِ إِنِّي لَكُمۡ نَذِيرٌ مُّبِينٌ ٢Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Inene mna ndinguMlumkisi ocacileyo kuni أَنِ ٱعۡبُدُواْ ٱللَّهَ وَٱتَّقُوهُ وَأَطِيعُونِ ٣(Ndisithi kuni):‘KhonzaniuAllâh, noyikeYena, nindithobele.’ يَغۡفِرۡ لَكُم مِّن ذُنُوبِكُمۡ وَيُؤَخِّرۡكُمۡ إِلَىٰٓ أَجَلٍ مُّسَمًّىۚ إِنَّ أَجَلَ ٱللَّهِ إِذَا جَآءَ لَا يُؤَخَّرُۚ لَوۡ كُنتُمۡ تَعۡلَمُونَ ٤Wathi, ‘(UAllâh) Uya kunixolela izono zenu Aze Animele (Ngesohlwayo) ixesha elikhethiweyo. Inene ixesha elikhethwe nguAllâh xa sele lifikile, aliyi kubanjezelwa, ukuba benisazi.’” قَالَ رَبِّ إِنِّي دَعَوۡتُ قَوۡمِي لَيۡلًا وَنَهَارًا ٥Wathi: “Nkosi yam inene mna ndibamemile abantu bakuthi ubusuku nemini.” فَلَمۡ يَزِدۡهُمۡ دُعَآءِيٓ إِلَّا فِرَارًا ٦Kodwa ukubamema kwam akubenzelanga nto ngaphandle (kokubongezelela) ukubaleka (enyanisweni) وَإِنِّي كُلَّمَا دَعَوۡتُهُمۡ لِتَغۡفِرَ لَهُمۡ جَعَلُوٓاْ أَصَٰبِعَهُمۡ فِيٓ ءَاذَانِهِمۡ وَٱسۡتَغۡشَوۡاْ ثِيَابَهُمۡ وَأَصَرُّواْ وَٱسۡتَكۡبَرُواْ ٱسۡتِكۡبَارًا ٧Kananjalo maxa onke ndibamema (ndisithi kubo) Uya kuba xolela Wena, (Basuka) bafake iminwe yabo ezindlebeni zabo, bazigqume ngeengubo zabo bale bakhukhumale ngenkukhumalo (enkulu) ثُمَّ إِنِّي دَعَوۡتُهُمۡ جِهَارًا ٨Ndibamemile esidlangalaleni ثُمَّ إِنِّيٓ أَعۡلَنتُ لَهُمۡ وَأَسۡرَرۡتُ لَهُمۡ إِسۡرَارًا ٩Ndaphinda ndenza isibhengezo, (ndathetha) nabo ekhusini فَقُلۡتُ ٱسۡتَغۡفِرُواْ رَبَّكُمۡ إِنَّهُۥ كَانَ غَفَّارًا ١٠Ndisithi (kubo): “Celani itarhu eNkosini yenu. Inene Yona, nguMxoleli wanaphakade يُرۡسِلِ ٱلسَّمَآءَ عَلَيۡكُم مِّدۡرَارًا ١١Yona Iya kunithumelela (imvula) esibhakabhakeni ingumkhumezelo وَيُمۡدِدۡكُم بِأَمۡوَٰلٍ وَبَنِينَ وَيَجۡعَل لَّكُمۡ جَنَّٰتٍ وَيَجۡعَل لَّكُمۡ أَنۡهَٰرًا ١٢Iya kunandisela ubutyebi nabantwana, Ininike izitiya, nemilambo.” مَّا لَكُمۡ لَا تَرۡجُونَ لِلَّهِ وَقَارًا ١٣Yintoni na ngani le nto ningamoyikiyo uAllâh, ningenalo nethemba lomvuzo (ovela kuYe) وَقَدۡ خَلَقَكُمۡ أَطۡوَارًا ١٤Lo gama Yena Wanidala ngokwamanqanaba ahlukeneyo أَلَمۡ تَرَوۡاْ كَيۡفَ خَلَقَ ٱللَّهُ سَبۡعَ سَمَٰوَٰتٍ طِبَاقًا ١٥Aniboni na ukuba uAllâh Wawadala kanjani na amazulu asixhenxe, elinye phezu kwelinye وَجَعَلَ ٱلۡقَمَرَ فِيهِنَّ نُورًا وَجَعَلَ ٱلشَّمۡسَ سِرَاجًا ١٦Wenza inyanga yaba kukukhanya apho, ilanga lona laba sisibane وَٱللَّهُ أَنۢبَتَكُم مِّنَ ٱلۡأَرۡضِ نَبَاتًا ١٧UAllâh Wanikhupha eluthulini lomhlaba ثُمَّ يُعِيدُكُمۡ فِيهَا وَيُخۡرِجُكُمۡ إِخۡرَاجًا ١٨Emva kwethuba Uza kunibuyisela kwakuwo (umhlaba lowo) Aphinde Anibuyise kwakhona (ngeMini yoVuko) وَٱللَّهُ جَعَلَ لَكُمُ ٱلۡأَرۡضَ بِسَاطًا ١٩Kananjalo uAllâh Unenzele umhlaba waphangalala لِّتَسۡلُكُواْ مِنۡهَا سُبُلًا فِجَاجًا ٢٠Khona ukuze nihambe apho kuwo ezindleleni ezivulekileyo قَالَ نُوحٌ رَّبِّ إِنَّهُمۡ عَصَوۡنِي وَٱتَّبَعُواْ مَن لَّمۡ يَزِدۡهُ مَالُهُۥ وَوَلَدُهُۥٓ إِلَّا خَسَارًا ٢١UNûh wathi: “Nkosi yam baye abandithobela mna, balandela lowo ubutyebi bakhe nabantwana bakhe bungamongezeleli nto ngaphandle kwelahleko وَمَكَرُواْ مَكۡرًا كُبَّارًا ٢٢Kananjalo bona baqulunqe iyelenqe elikhulu وَقَالُواْ لَا تَذَرُنَّ ءَالِهَتَكُمۡ وَلَا تَذَرُنَّ وَدًّا وَلَا سُوَاعًا وَلَا يَغُوثَ وَيَعُوقَ وَنَسۡرًا ٢٣Bathi: “Ningabashiyi oothixo benu; ningamshiyi uWadd, uSuwâ, uYagrhûth uYa-’û’k noNasr وَقَدۡ أَضَلُّواْ كَثِيرًاۖ وَلَا تَزِدِ ٱلظَّٰلِمِينَ إِلَّا ضَلَٰلًا ٢٤Kananjalo balahlekise abaninzi. Ke kaloku (Wena Allâh) ‘Ungabandiseli nto abenzi bobubi ngaphandle kokulahleka”’ مِّمَّا خَطِيٓـَٰٔتِهِمۡ أُغۡرِقُواْ فَأُدۡخِلُواْ نَارًا فَلَمۡ يَجِدُواْ لَهُم مِّن دُونِ ٱللَّهِ أَنصَارًا ٢٥Ngenxa yezono zabo baye batshoniswa emanzini baza bangeniswa eMlilweni. Abazanga bafumana mncedi wumbi endaweni ka-Allâh وَقَالَ نُوحٌ رَّبِّ لَا تَذَرۡ عَلَى ٱلۡأَرۡضِ مِنَ ٱلۡكَٰفِرِينَ دَيَّارًا ٢٦Ke kaloku uNûh wathi: “Nkosi yam Ungashiyi namnye kwabangakholwayo phezu komhlaba إِنَّكَ إِن تَذَرۡهُمۡ يُضِلُّواْ عِبَادَكَ وَلَا يَلِدُوٓاْ إِلَّا فَاجِرًا كَفَّارًا ٢٧Ukuba Ubashiyile, baya kulahlekisa izicaka zaKho yaye abayi kuzala nto ngaphandle kwezingcoli (ezinoburheletya), ezingakholwayo رَّبِّ ٱغۡفِرۡ لِي وَلِوَٰلِدَيَّ وَلِمَن دَخَلَ بَيۡتِيَ مُؤۡمِنًا وَلِلۡمُؤۡمِنِينَ وَٱلۡمُؤۡمِنَٰتِۖ وَلَا تَزِدِ ٱلظَّٰلِمِينَ إِلَّا تَبَارَۢا ٢٨Nkosi yam! Ndixolele mna nabazali bam nongena endlwini yamelikholwanamakholwanamakholwakazionke. Kekaloku kubenzi bobubi ungongezi nto ngaphandle kwentshabalalo.”

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.