ملة الإسلام

السورة 46 · 35 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة الأحقاف باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة الأحقاف (1,162 قارئاً)
مكيةسورة الأحقاف٣٥ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

حمٓ ١Hâ - Mîm تَنزِيلُ ٱلۡكِتَٰبِ مِنَ ٱللَّهِ ٱلۡعَزِيزِ ٱلۡحَكِيمِ ٢Ukutyhilwa kweNcwadi i’Kur’ân kuvela kuAllâh, uSobunganga, uSobulumko مَا خَلَقۡنَا ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَمَا بَيۡنَهُمَآ إِلَّا بِٱلۡحَقِّ وَأَجَلٍ مُّسَمًّىۚ وَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ عَمَّآ أُنذِرُواْ مُعۡرِضُونَ ٣ASiwadalanga amazulu nomhlaba nokuphakathi kwawo ngaphandle kwenyaniso, yaye (Siwadalele) ixesha elimisiweyo kodwa abo bangakholwayo koko balunyukiswa ngako bayakufulathela قُلۡ أَرَءَيۡتُم مَّا تَدۡعُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ أَرُونِي مَاذَا خَلَقُواْ مِنَ ٱلۡأَرۡضِ أَمۡ لَهُمۡ شِرۡكٌ فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِۖ ٱئۡتُونِي بِكِتَٰبٍ مِّن قَبۡلِ هَٰذَآ أَوۡ أَثَٰرَةٍ مِّنۡ عِلۡمٍ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ ٤Yithi (Muhammad): “Nibajongile phofu abo nibanqulayo ngaphandle koAllâh? Khanindiboniseni abakudalileyo komhlaba: okanye mhlawumbi babe nobuhlulelane (ekudalweni) kwamazulu? Ndiziseleni isibhalo (esatyhilwa) ngaphambili kunesi (i’Kur’ân) okanye intwana (esaseleyo) yolwazi, ukuba nithetha inyaniso.” وَمَنۡ أَضَلُّ مِمَّن يَدۡعُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ مَن لَّا يَسۡتَجِيبُ لَهُۥٓ إِلَىٰ يَوۡمِ ٱلۡقِيَٰمَةِ وَهُمۡ عَن دُعَآئِهِمۡ غَٰفِلُونَ ٥Ngubani olahleke ngaphezulu kunalowo unqula abo bangekhe bamphendule ngaphandle koAllâh de kube yiMini yoVuko1 babe bona ngonqulo olo lwabo bengenalwazi وَإِذَا حُشِرَ ٱلنَّاسُ كَانُواْ لَهُمۡ أَعۡدَآءً وَكَانُواْ بِعِبَادَتِهِمۡ كَٰفِرِينَ ٦Xa abantu behlanganiswe ndawonye (ngaloo Mini), abo (babenqulwa) baya kuba ziintshaba kubo, yaye baya kuba ngabaphiki bokunqulwa kwabo وَإِذَا تُتۡلَىٰ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتُنَا بَيِّنَٰتٍ قَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لِلۡحَقِّ لَمَّا جَآءَهُمۡ هَٰذَا سِحۡرٌ مُّبِينٌ ٧Naxa iiVesi zeThu zicengcelezwa kubo njengobungqina obucacileyo, abo bangakholwayo bathi inyaniso isakuba ifikile kubo: “Lo ngumlingo ocacileyo.” أَمۡ يَقُولُونَ ٱفۡتَرَىٰهُۖ قُلۡ إِنِ ٱفۡتَرَيۡتُهُۥ فَلَا تَمۡلِكُونَ لِي مِنَ ٱللَّهِ شَيۡـًٔاۖ هُوَ أَعۡلَمُ بِمَا تُفِيضُونَ فِيهِۚ كَفَىٰ بِهِۦ شَهِيدَۢا بَيۡنِي وَبَيۡنَكُمۡۖ وَهُوَ ٱلۡغَفُورُ ٱلرَّحِيمُ ٨Makube mhlawumbi bathi: “Uyiqambe ngokwakhe?” Yithi: “Ukuba ndiyiqambe ngokwam nina aniyi kuba nawo (amandla okundikhusela) ngokuchasene noAllâh. Yena nguYena ukwazi kakuhle enikwenzayo. Wanele Yena ukuba Abe liNgqina phakathi kwam nani, yaye nguMxoleli uSozinceba.” قُلۡ مَا كُنتُ بِدۡعًا مِّنَ ٱلرُّسُلِ وَمَآ أَدۡرِي مَا يُفۡعَلُ بِي وَلَا بِكُمۡۖ إِنۡ أَتَّبِعُ إِلَّا مَا يُوحَىٰٓ إِلَيَّ وَمَآ أَنَا۠ إِلَّا نَذِيرٌ مُّبِينٌ ٩Yithi: “Andifani na nabemveli phakathi kwabaThunywa? Kanti ke mna andikwazi okuza kwenzeka kum okanye kuni. Mna ndilandela okutyhilwe kum kuphela, yaye mna andinto yimbi ngaphandle kokuba nguMlumkisi.” قُلۡ أَرَءَيۡتُمۡ إِن كَانَ مِنۡ عِندِ ٱللَّهِ وَكَفَرۡتُم بِهِۦ وَشَهِدَ شَاهِدٌ مِّنۢ بَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ عَلَىٰ مِثۡلِهِۦ فَـَٔامَنَ وَٱسۡتَكۡبَرۡتُمۡۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلظَّٰلِمِينَ ١٠Yithi: “Niyaqonda na okokuba ukuba yona (i’Kur’ân) ibivela kuAllâh naze nina anakholwa kuyo lo gama ingqina phakathi kwaBatwana bakwaSirayeli langqinayo kwinto efana nayo (i’Kur’ân) laza lakholwa lona lo gama nina nikhukhumele?” Inene uAllâh Akabakhokeli abenzi bobubi وَقَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لِلَّذِينَ ءَامَنُواْ لَوۡ كَانَ خَيۡرًا مَّا سَبَقُونَآ إِلَيۡهِۚ وَإِذۡ لَمۡ يَهۡتَدُواْ بِهِۦ فَسَيَقُولُونَ هَٰذَآ إِفۡكٌ قَدِيمٌ ١١Kananjalo abo bangakholwayo bathi kwabo bakholwayo “Ukuba ngaba (i’Kur’ân) ibilungile, ngebengasandulelanga2 kuyo” ke kaloku xa bengakhokelekekanga yiyo bathi: “Obu bubuxoki bakudala.” وَمِن قَبۡلِهِۦ كِتَٰبُ مُوسَىٰٓ إِمَامًا وَرَحۡمَةًۚ وَهَٰذَا كِتَٰبٌ مُّصَدِّقٌ لِّسَانًا عَرَبِيًّا لِّيُنذِرَ ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ وَبُشۡرَىٰ لِلۡمُحۡسِنِينَ ١٢Ke kaloku ngaphambili kunayo yayisisiTyhilelo sikaMûsâ esasisisiKhokelo nenceba. Le ke yiNcwadi engqinayo ngolwimi lwesiArabhu ukulumkisa abo benze ubugwenxa ibe ziindaba ezivuyisayo kubenzi bokulungileyo إِنَّ ٱلَّذِينَ قَالُواْ رَبُّنَا ٱللَّهُ ثُمَّ ٱسۡتَقَٰمُواْ فَلَا خَوۡفٌ عَلَيۡهِمۡ وَلَا هُمۡ يَحۡزَنُونَ ١٣Inene abo bathi: “INkosi yethu nguAllâh, baza bahlala beseNdleleni elungileyo, akuyi kubakho koyika ngokuphathelene nabo, bengayi kuxhalaba أُوْلَٰٓئِكَ أَصۡحَٰبُ ٱلۡجَنَّةِ خَٰلِدِينَ فِيهَا جَزَآءَۢ بِمَا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ ١٤AbongamadlelaneePaladesi:bayakuhlalaaphongonaphakade njengomvuzo (wabo) ngenxa yoko bakwenzayo وَوَصَّيۡنَا ٱلۡإِنسَٰنَ بِوَٰلِدَيۡهِ إِحۡسَٰنًاۖ حَمَلَتۡهُ أُمُّهُۥ كُرۡهًا وَوَضَعَتۡهُ كُرۡهًاۖ وَحَمۡلُهُۥ وَفِصَٰلُهُۥ ثَلَٰثُونَ شَهۡرًاۚ حَتَّىٰٓ إِذَا بَلَغَ أَشُدَّهُۥ وَبَلَغَ أَرۡبَعِينَ سَنَةً قَالَ رَبِّ أَوۡزِعۡنِيٓ أَنۡ أَشۡكُرَ نِعۡمَتَكَ ٱلَّتِيٓ أَنۡعَمۡتَ عَلَيَّ وَعَلَىٰ وَٰلِدَيَّ وَأَنۡ أَعۡمَلَ صَٰلِحًا تَرۡضَىٰهُ وَأَصۡلِحۡ لِي فِي ذُرِّيَّتِيٓۖ إِنِّي تُبۡتُ إِلَيۡكَ وَإِنِّي مِنَ ٱلۡمُسۡلِمِينَ ١٥Kananjalo emntwini Siyalele impatho elungileyo kubazali. Unina wamthwala kanzima wamzala kanzima emva kokummitha nokumlumla iinyanga ezingamashumi amathathu3 (uye akhule) ade afikelele kwixabiso lokubhadla ade afikelele nakwixabiso lokuba neminyaka engamashumi amane, athi: “Nkosi yam ndenze ndibe nombulelo ngoBabalo lwaKho Owandenzela lona nabazali bam, (undenze) ndisebenze ubulungisa Oya kubamkela Wena, Undenzele nenzala engamalungisa. Inene mna ndiguqukele kuWe yaye mna ndingomnye wamaMuslim.” أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ نَتَقَبَّلُ عَنۡهُمۡ أَحۡسَنَ مَا عَمِلُواْ وَنَتَجَاوَزُ عَن سَيِّـَٔاتِهِمۡ فِيٓ أَصۡحَٰبِ ٱلۡجَنَّةِۖ وَعۡدَ ٱلصِّدۡقِ ٱلَّذِي كَانُواْ يُوعَدُونَ ١٦Bona bangabo kubo Siya kwamkela ezona zilungileyo kwizenzo zabo, Singazihoyi izenzo zabo ezigwenxa. (baya kuba) phakathi kwabemi basePaladesi isithembiso senyaniso, abathenjiswe ngaso وَٱلَّذِي قَالَ لِوَٰلِدَيۡهِ أُفٍّ لَّكُمَآ أَتَعِدَانِنِيٓ أَنۡ أُخۡرَجَ وَقَدۡ خَلَتِ ٱلۡقُرُونُ مِن قَبۡلِي وَهُمَا يَسۡتَغِيثَانِ ٱللَّهَ وَيۡلَكَ ءَامِنۡ إِنَّ وَعۡدَ ٱللَّهِ حَقٌّ فَيَقُولُ مَا هَٰذَآ إِلَّآ أَسَٰطِيرُ ٱلۡأَوَّلِينَ ١٧Kodwa lowo uthi kubazali bakhe: “Uff4 kuni, nindithembisa ukuba ndiza kuphinda ndivuswe (ekufeni) lo gama izizukulwana ezingaphambili kunam sele zadlulayo?” Babe bona (abazali bakhe) bethandazela ukufumana uncedo kuAllâh (besithi kunyana lowo wabo): “Yeha kuwe! Kholwa! Inene isithembiso sika-Allâh siyinyaniso.” Kodwa athi yena, “Akunto yimbi oku ngaphandle kokuba ziintsomi zabantu bakudala أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ حَقَّ عَلَيۡهِمُ ٱلۡقَوۡلُ فِيٓ أُمَمٍ قَدۡ خَلَتۡ مِن قَبۡلِهِم مِّنَ ٱلۡجِنِّ وَٱلۡإِنسِۖ إِنَّهُمۡ كَانُواْ خَٰسِرِينَ ١٨Abo (banjalo) ngabo ilizwi (lommiselo) liye lehla (phezu kwabo) abaya kuba phakathi kwezizwe ezagqithayo ngaphambili kunabo zeejinni nabantu. Inene bonke baba ngabalahlekelwa وَلِكُلٍّ دَرَجَٰتٌ مِّمَّا عَمِلُواْۖ وَلِيُوَفِّيَهُمۡ أَعۡمَٰلَهُمۡ وَهُمۡ لَا يُظۡلَمُونَ ١٩Kubo bonke kukho amanqanaba (omvuzo nawesohlwayo) ngoko bakwenzayo, yaye kunjalo khona ukuze Ababuyekeze ngokugcweleyo ngezenzo zabo kwaye abayi kwenziwa bugwenxa وَيَوۡمَ يُعۡرَضُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ عَلَى ٱلنَّارِ أَذۡهَبۡتُمۡ طَيِّبَٰتِكُمۡ فِي حَيَاتِكُمُ ٱلدُّنۡيَا وَٱسۡتَمۡتَعۡتُم بِهَا فَٱلۡيَوۡمَ تُجۡزَوۡنَ عَذَابَ ٱلۡهُونِ بِمَا كُنتُمۡ تَسۡتَكۡبِرُونَ فِي ٱلۡأَرۡضِ بِغَيۡرِ ٱلۡحَقِّ وَبِمَا كُنتُمۡ تَفۡسُقُونَ ٢٠NgeMini abo bangazanga bakholwe beya kusondezwa eMlilweni (kuya kuthiwa kubo): “Nabufinca bonke ubumnandi benu ngethuba nanisemhlabeni, nabonwabela, Ke naMhla niya kubuyekezwa ngesohlwayo sehlazo ngokuba nanikhukhumele emhlabeni ngokungekho lungelweni ngenxa yokuba naninendelelo, ningenantobeko.” ۞ وَٱذۡكُرۡ أَخَا عَادٍ إِذۡ أَنذَرَ قَوۡمَهُۥ بِٱلۡأَحۡقَافِ وَقَدۡ خَلَتِ ٱلنُّذُرُ مِنۢ بَيۡنِ يَدَيۡهِ وَمِنۡ خَلۡفِهِۦٓ أَلَّا تَعۡبُدُوٓاْ إِلَّا ٱللَّهَ إِنِّيٓ أَخَافُ عَلَيۡكُمۡ عَذَابَ يَوۡمٍ عَظِيمٍ ٢١Yabona, (uHûd) umzalwana wama’Ad xa walumkisa abantu bakubo kwinginqi yase Al-Ah‘kâf, ukanti abalumkisi (abaninzi) babesele bagqitha ngaphambili kunaye nasemva kwakhe (besithi): “Musani ukunqula nto ngaphandle koAllâh. Inene mna ndiyanoyikisela kwisohlwayo seMini embi kunene.” قَالُوٓاْ أَجِئۡتَنَا لِتَأۡفِكَنَا عَنۡ ءَالِهَتِنَا فَأۡتِنَا بِمَا تَعِدُنَآ إِن كُنتَ مِنَ ٱلصَّٰدِقِينَ ٢٢Bathi bona: “Ingaba uze kusiwexula na koothixo bethu? Khawuze ke noko usithembisa ngako ukuba uthetha inyaniso.” قَالَ إِنَّمَا ٱلۡعِلۡمُ عِندَ ٱللَّهِ وَأُبَلِّغُكُم مَّآ أُرۡسِلۡتُ بِهِۦ وَلَٰكِنِّيٓ أَرَىٰكُمۡ قَوۡمًا تَجۡهَلُونَ ٢٣Wathi yena: “Ulwazi lokwenzeka kwako (oko ndinithembisa ngako) lukuAllâh kuphela, mna ndinichazela endikuthunyiweyo; kodwa ndinibona ningabantu abaziphatha ngobudenge.” فَلَمَّا رَأَوۡهُ عَارِضًا مُّسۡتَقۡبِلَ أَوۡدِيَتِهِمۡ قَالُواْ هَٰذَا عَارِضٌ مُّمۡطِرُنَاۚ بَلۡ هُوَ مَا ٱسۡتَعۡجَلۡتُم بِهِۦۖ رِيحٌ فِيهَا عَذَابٌ أَلِيمٌ ٢٤Ke kaloku ukukubona kwabo (oko babethenjiswe ngako5) kunjengelifu elisondela kwiintili zabo, bathi: “Eli lilifu elisizela nemvula!” (UHûd wathi): “Nakanye (oku) koko beningasenamonde ngako, ngumoya ekukho isohlwayo esibuhlungu kuwo.” تُدَمِّرُ كُلَّ شَيۡءِۭ بِأَمۡرِ رَبِّهَا فَأَصۡبَحُواْ لَا يُرَىٰٓ إِلَّا مَسَٰكِنُهُمۡۚ كَذَٰلِكَ نَجۡزِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلۡمُجۡرِمِينَ ٢٥Esitshabalalisa into yonke ngomyalelo weNkosi yaso, baba njalo ke kwaza akwabikho nto yaphinda yabonwa ngaphandle kwamabhodlo abo, Sibabuyekeza kanjalo ke abantu abangabaphuli-mthetho وَلَقَدۡ مَكَّنَّٰهُمۡ فِيمَآ إِن مَّكَّنَّٰكُمۡ فِيهِ وَجَعَلۡنَا لَهُمۡ سَمۡعًا وَأَبۡصَٰرًا وَأَفۡـِٔدَةً فَمَآ أَغۡنَىٰ عَنۡهُمۡ سَمۡعُهُمۡ وَلَآ أَبۡصَٰرُهُمۡ وَلَآ أَفۡـِٔدَتُهُم مِّن شَيۡءٍ إِذۡ كَانُواْ يَجۡحَدُونَ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ وَحَاقَ بِهِم مَّا كَانُواْ بِهِۦ يَسۡتَهۡزِءُونَ ٢٦Ke kaloku Sabamisela (emhlabeni) ngendlela eSinganimiselanga ngayo nina, yaye Sabenzela ukuva nokubona neentliziyo (ingqiqo). Kodwa ukuva nokubona kwabo neentliziyo zabo azizanga zibancede nto xa babesala iiVesi zika-Allâh; yaye baye bagutyungelwa koko babekugculela وَلَقَدۡ أَهۡلَكۡنَا مَا حَوۡلَكُم مِّنَ ٱلۡقُرَىٰ وَصَرَّفۡنَا ٱلۡأٓيَٰتِ لَعَلَّهُمۡ يَرۡجِعُونَ ٢٧Kananjalo Sele Sakutshabalalisa okuningqongileyo (kwezo) zixeko yaye Siyenze ayafana imiqondiso khona ukuze abantu babe nokubuyela (elukholweni) فَلَوۡلَا نَصَرَهُمُ ٱلَّذِينَ ٱتَّخَذُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ قُرۡبَانًا ءَالِهَةَۢۖ بَلۡ ضَلُّواْ عَنۡهُمۡۚ وَذَٰلِكَ إِفۡكُهُمۡ وَمَا كَانُواْ يَفۡتَرُونَ ٢٨Kwakutheni ke abo babebathatha njengoothixo bokubasondeza (kuAllâh) bangabancedi kaloku? Nakanye, babashiya enyanyeni (ngokuba) kakade yayibubuxoki obo nomqambo (njee ongenasihlahla) وَإِذۡ صَرَفۡنَآ إِلَيۡكَ نَفَرًا مِّنَ ٱلۡجِنِّ يَسۡتَمِعُونَ ٱلۡقُرۡءَانَ فَلَمَّا حَضَرُوهُ قَالُوٓاْ أَنصِتُواْۖ فَلَمَّا قُضِيَ وَلَّوۡاْ إِلَىٰ قَوۡمِهِم مُّنذِرِينَ ٢٩Yabona (Muhammad), Sathumela ngakuwe iijinni ezimbalwa, (ukuba zize) kuphulaphula i’Kur’ân. Ekuyiphulaphuleni kwazo zathi (zithetha zodwa): “Phulaphulani nithi cwaka.” Yakugqitywa (ukucengcelezwa i’Kur’ân) zabuyela kwabakuzo njengabalumkisi قَالُواْ يَٰقَوۡمَنَآ إِنَّا سَمِعۡنَا كِتَٰبًا أُنزِلَ مِنۢ بَعۡدِ مُوسَىٰ مُصَدِّقًا لِّمَا بَيۡنَ يَدَيۡهِ يَهۡدِيٓ إِلَى ٱلۡحَقِّ وَإِلَىٰ طَرِيقٍ مُّسۡتَقِيمٍ ٣٠Zathi: “Mawethu, inene thina sive (ucengcelezo) lweNcwadi etyhilwe emva kwekaMûsâ ingqina okwaba ngaphambili kunayo okukhokelela enyanisweni nakwiNdlela ethe Tye.” يَٰقَوۡمَنَآ أَجِيبُواْ دَاعِيَ ٱللَّهِ وَءَامِنُواْ بِهِۦ يَغۡفِرۡ لَكُم مِّن ذُنُوبِكُمۡ وَيُجِرۡكُم مِّنۡ عَذَابٍ أَلِيمٍ ٣١Mawethu, mhoyeni ummemezi (uMthunywa) ka-Allâh nikholwe futhi kuYe (uAllâh), Uya kunixolela izono zenu, Anikhusele kwisohlwayo esibuhlungu وَمَن لَّا يُجِبۡ دَاعِيَ ٱللَّهِ فَلَيۡسَ بِمُعۡجِزٍ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَلَيۡسَ لَهُۥ مِن دُونِهِۦٓ أَوۡلِيَآءُۚ أُوْلَٰٓئِكَ فِي ضَلَٰلٍ مُّبِينٍ ٣٢Lowo ungasabeliyo kummemezi ka-Allâh akayi kumenza Asilele (uAllâh nangantoni na) emhlabeni yaye (loo mntu) akayi kuba namkhuseli ngaphandle kwaKhe. Abo (banjalo) basekulahlekeni okucacileyo.” أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ أَنَّ ٱللَّهَ ٱلَّذِي خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَلَمۡ يَعۡيَ بِخَلۡقِهِنَّ بِقَٰدِرٍ عَلَىٰٓ أَن يُحۡـِۧيَ ٱلۡمَوۡتَىٰۚ بَلَىٰٓۚ إِنَّهُۥ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ٣٣Ababoni na ukuba uAllâh Owadala amazulu nomhlaba Akasileli ekuwadaleni, Uyakwazi ukunika ubomi kwabafileyo? Ewe nje! Yena Unamandla ngaphezulu kweento zonke وَيَوۡمَ يُعۡرَضُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ عَلَى ٱلنَّارِ أَلَيۡسَ هَٰذَا بِٱلۡحَقِّۖ قَالُواْ بَلَىٰ وَرَبِّنَاۚ قَالَ فَذُوقُواْ ٱلۡعَذَابَ بِمَا كُنتُمۡ تَكۡفُرُونَ ٣٤Ke kaloku ngeMini abo bangakholwayo besondezwa eMlilweni (kuya kuthiwa kubo): “Asiyonyani na le?” baya kuthi bona: “Ewe, (yiyo sifunga) ngeNkosi yethu.” Uya kuthi Yena (uAllâh): “Ngcamlani isohlwayo ke kuba nina naye anakholwa.” فَٱصۡبِرۡ كَمَا صَبَرَ أُوْلُواْ ٱلۡعَزۡمِ مِنَ ٱلرُّسُلِ وَلَا تَسۡتَعۡجِل لَّهُمۡۚ كَأَنَّهُمۡ يَوۡمَ يَرَوۡنَ مَا يُوعَدُونَ لَمۡ يَلۡبَثُوٓاْ إِلَّا سَاعَةً مِّن نَّهَارِۭۚ بَلَٰغٌۚ فَهَلۡ يُهۡلَكُ إِلَّا ٱلۡقَوۡمُ ٱلۡفَٰسِقُونَ ٣٥Ngokokeyibanomonde,njengabobabezimiselekubaThunywa ungaphelelwa ngumonde kananjalo ngokuphathelene nabo (bangakholwayo). Iya kuba ngathi (ngaloo) Mini bathenjiswe ngayo azanga baba semhlabeni ngaphandle kweYure yemini. Sisaziso (ke esi). Kodwa ingaba ukhona oza kutshatyalaliswa ngaphandle komntu odelelayo nongenantobeko

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.