بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
يَسۡـَٔلُونَكَ عَنِ ٱلۡأَنفَالِۖ قُلِ ٱلۡأَنفَالُ لِلَّهِ وَٱلرَّسُولِۖ فَٱتَّقُواْ ٱللَّهَ وَأَصۡلِحُواْ ذَاتَ بَيۡنِكُمۡۖ وَأَطِيعُواْ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥٓ إِن كُنتُم مُّؤۡمِنِينَ ١Bayakubuza wena (Muhammad) ngeenzuzo zemfazwe. Yithi: “Iinzuzo zezika-Allâh noMthunywa.” Ke yoyikani uAllâh nilungise yonke imibandela eninembambano ngayo phakathi kwenu, nithobele uAllâh noMthunywa waKhe (uMuhammad) ukuba ningamakholwa إِنَّمَا ٱلۡمُؤۡمِنُونَ ٱلَّذِينَ إِذَا ذُكِرَ ٱللَّهُ وَجِلَتۡ قُلُوبُهُمۡ وَإِذَا تُلِيَتۡ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتُهُۥ زَادَتۡهُمۡ إِيمَٰنًا وَعَلَىٰ رَبِّهِمۡ يَتَوَكَّلُونَ ٢Amakholwa kuphela ngabo bathi xa kukhankanywa uAllâh, bazive benokungcangcazela ezintliziyweni zabo naxa iiVesi zaKhe zicengcelezwa kubo, bande elukholweni; yaye bona babeka ithemba labo eNkosini yabo ٱلَّذِينَ يُقِيمُونَ ٱلصَّلَوٰةَ وَمِمَّا رَزَقۡنَٰهُمۡ يُنفِقُونَ ٣Abenza iSalâh, bachithe (kumalizo) ngoko sibaphe kona أُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ حَقًّاۚ لَّهُمۡ دَرَجَٰتٌ عِندَ رَبِّهِمۡ وَمَغۡفِرَةٌ وَرِزۡقٌ كَرِيمٌ ٤Abanjalo ke ngamakholwa okwenene. Okwabo iya kuba yimigangatho yentlonipheko eNkosini yabo, noxolelo nembonelelo yobubele كَمَآ أَخۡرَجَكَ رَبُّكَ مِنۢ بَيۡتِكَ بِٱلۡحَقِّ وَإِنَّ فَرِيقًا مِّنَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ لَكَٰرِهُونَ ٥Njengoko iNkosi yakho wena (Muhammad) Yakwenza ukuba uphume emzini wakho ngenyaniso; Inene inxalenye phakathi kwabo bakholwayo yayikuchasile oko يُجَٰدِلُونَكَ فِي ٱلۡحَقِّ بَعۡدَ مَا تَبَيَّنَ كَأَنَّمَا يُسَاقُونَ إِلَى ٱلۡمَوۡتِ وَهُمۡ يَنظُرُونَ ٦Bexoxa bephikisana nawe ngenyaniso emva kokuba yayisele yenziwe yacaca kubo, basuka babangathi baqhutyelwa ekufeni bejongile وَإِذۡ يَعِدُكُمُ ٱللَّهُ إِحۡدَى ٱلطَّآئِفَتَيۡنِ أَنَّهَا لَكُمۡ وَتَوَدُّونَ أَنَّ غَيۡرَ ذَاتِ ٱلشَّوۡكَةِ تَكُونُ لَكُمۡ وَيُرِيدُ ٱللَّهُ أَن يُحِقَّ ٱلۡحَقَّ بِكَلِمَٰتِهِۦ وَيَقۡطَعَ دَابِرَ ٱلۡكَٰفِرِينَ ٧Khumbulani kananjalo ngethuba uAllâh Enithembisa ngelinye iqela lomkhosi wotshaba ukuba liya kuba lelenu, kodwa ke uAllâh Wathanda ukumisela inyaniso ngelizwi laKhe, nokuba Anqumle iingcambu zabangakholwayo لِيُحِقَّ ٱلۡحَقَّ وَيُبۡطِلَ ٱلۡبَٰطِلَ وَلَوۡ كَرِهَ ٱلۡمُجۡرِمُونَ ٨Khon’ukuze Enze inyaniso ibe noloyiso Abuyisele (umva) ubuxoki bungabi nto yanto, nangona abenzi bobubi beyichasile nje (inyaniso) إِذۡ تَسۡتَغِيثُونَ رَبَّكُمۡ فَٱسۡتَجَابَ لَكُمۡ أَنِّي مُمِدُّكُم بِأَلۡفٍ مِّنَ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةِ مُرۡدِفِينَ ٩(Nikhumbule) okokuba nina nacela uncedo eNkosini yenu Yaza Yaniphendula (Isithi): “Ndiya kunincedisa ngewaka leengelosi, enye emva kwenye zilandelelana وَمَا جَعَلَهُ ٱللَّهُ إِلَّا بُشۡرَىٰ وَلِتَطۡمَئِنَّ بِهِۦ قُلُوبُكُمۡۚ وَمَا ٱلنَّصۡرُ إِلَّا مِنۡ عِندِ ٱللَّهِۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَزِيزٌ حَكِيمٌ ١٠UAllâh Wakwenza oko ukuba kube ziindaba ezivuyisayo, kwanokuba iintliziyo zenu zibe sekuphumleni ngako oko. Kananjalo alukho uloyiso ngaphandle koluvela kuAllâh. Inene uAllâh nguSomandla, uSobulumko إِذۡ يُغَشِّيكُمُ ٱلنُّعَاسَ أَمَنَةً مِّنۡهُ وَيُنَزِّلُ عَلَيۡكُم مِّنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءً لِّيُطَهِّرَكُم بِهِۦ وَيُذۡهِبَ عَنكُمۡ رِجۡزَ ٱلشَّيۡطَٰنِ وَلِيَرۡبِطَ عَلَىٰ قُلُوبِكُمۡ وَيُثَبِّتَ بِهِ ٱلۡأَقۡدَامَ ١١Nikhumbule kananjalo okokuba Yena Wanigquma ngobuthongo ukuba bube lukhuseleko lwenu, Wenza namanzi (emvula) ukuba ehle phezu kwenu esuka esibhakabhakeni, ukunihlambulula ngawo, Asuse iingcinga zokungcola zikaShaytân kuni, nokunomeleza iintliziyo zenu, Wanomeleza neenyawo zenu إِذۡ يُوحِي رَبُّكَ إِلَى ٱلۡمَلَٰٓئِكَةِ أَنِّي مَعَكُمۡ فَثَبِّتُواْ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْۚ سَأُلۡقِي فِي قُلُوبِ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ ٱلرُّعۡبَ فَٱضۡرِبُواْ فَوۡقَ ٱلۡأَعۡنَاقِ وَٱضۡرِبُواْ مِنۡهُمۡ كُلَّ بَنَانٍ ١٢Khumbulani kananjalo okokuba iNkosi yenu Yatyhila kwiingelosi (Yathi): “Mna Ndikunye nani, ke yomelezani abo bakholwayo. Ndiya kufaka ixhala ezintliziyweni zabo bangakholwayo, bageceni ke ezintanyeni, nibaxabele iminwe yabo yonke neenzwane (zabo).” ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ شَآقُّواْ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥۚ وَمَن يُشَاقِقِ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥ فَإِنَّ ٱللَّهَ شَدِيدُ ٱلۡعِقَابِ ١٣Oku kungenxa yokuba baye badelela abaMthobela uAllâh noMthunywa waKhe. Nabani na ke lowo udelela, angaMthobeli uAllâh noMthunywa waKhe, kulowo Wohlwaya kabuhlungu uAllâh ذَٰلِكُمۡ فَذُوقُوهُ وَأَنَّ لِلۡكَٰفِرِينَ عَذَابَ ٱلنَّارِ ١٤Esi sisohlwayo senu, singcamleni ke; kananjalo inene kwabo bangakholwayo iya kuba sisohlwayo soMlilo يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِذَا لَقِيتُمُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ زَحۡفًا فَلَا تُوَلُّوهُمُ ٱلۡأَدۡبَارَ ١٥Hininaninabakholwayo! Xanihlangenenabobangakholwayo edabini, ningaze nijike nize ngomva kubo وَمَن يُوَلِّهِمۡ يَوۡمَئِذٍ دُبُرَهُۥٓ إِلَّا مُتَحَرِّفًا لِّقِتَالٍ أَوۡ مُتَحَيِّزًا إِلَىٰ فِئَةٍ فَقَدۡ بَآءَ بِغَضَبٍ مِّنَ ٱللَّهِ وَمَأۡوَىٰهُ جَهَنَّمُۖ وَبِئۡسَ ٱلۡمَصِيرُ ١٦Ke lowo uthe wabazela ngomva ngemini enjengaleyo ngaphandle kokuba uya kuba ehlenga-hlengisa ngendlela yemfazwe, okanye ehlehla umva esiya kumabutho (ecala lakhe), uya kuba uzitsalela ingqumbo ka-Allâh. Kanti nekhaya lakhe liya kuba sisiHogo, hayi ububi besiphelo solo hambo فَلَمۡ تَقۡتُلُوهُمۡ وَلَٰكِنَّ ٱللَّهَ قَتَلَهُمۡۚ وَمَا رَمَيۡتَ إِذۡ رَمَيۡتَ وَلَٰكِنَّ ٱللَّهَ رَمَىٰ وَلِيُبۡلِيَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ مِنۡهُ بَلَآءً حَسَنًاۚ إِنَّ ٱللَّهَ سَمِيعٌ عَلِيمٌ ١٧Ayinini enababulalayo koko nguAllâh Owababulalayo. Nawe Wena (Muhammad) kwakungatshuli wena xa wawutshula (iintolo zakho) koko nguAllâh Owayetshula, khon’ukuze Acikide amakholwa ngovavanyo olulungileyo luphuma kuYe. Inene uAllâh nguSokuva, uSolwazi ذَٰلِكُمۡ وَأَنَّ ٱللَّهَ مُوهِنُ كَيۡدِ ٱلۡكَٰفِرِينَ ١٨Le yinyaniso yaye ngenene uAllâh Uyalubhangisa uqulunqo lwenkohliso lwabangakholwayo إِن تَسۡتَفۡتِحُواْ فَقَدۡ جَآءَكُمُ ٱلۡفَتۡحُۖ وَإِن تَنتَهُواْ فَهُوَ خَيۡرٌ لَّكُمۡۖ وَإِن تَعُودُواْ نَعُدۡ وَلَن تُغۡنِيَ عَنكُمۡ فِئَتُكُمۡ شَيۡـًٔا وَلَوۡ كَثُرَتۡ وَأَنَّ ٱللَّهَ مَعَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ١٩Ukubanina(bangakholwayo) benisolokonithandazelauloyiso nomgwebo, umgwebo ufikile ke ngoku kuni; ukanti ukuba niyayeka kobangcono (oko) kuni, ukanti ukuba niphindela kwasedabini naThi Siyaphindela, ukanti imikhosi yenu ayiyi kuninceda nto; enokuba ingaba mikhulu kangakanani na; Inene uAllâh Ukunye nabakholwayo يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ أَطِيعُواْ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥ وَلَا تَوَلَّوۡاْ عَنۡهُ وَأَنتُمۡ تَسۡمَعُونَ ٢٠Hini na nina bakholwayo! Thobelani uAllâh noMthunywa waKhe, ningajiki nimshiye yena nisiva وَلَا تَكُونُواْ كَٱلَّذِينَ قَالُواْ سَمِعۡنَا وَهُمۡ لَا يَسۡمَعُونَ ٢١Kananjalo ningabi njengabo bathi: “Sivile”, kodwa bengevanga nto ۞ إِنَّ شَرَّ ٱلدَّوَآبِّ عِندَ ٱللَّهِ ٱلصُّمُّ ٱلۡبُكۡمُ ٱلَّذِينَ لَا يَعۡقِلُونَ ٢٢Inene! Ezona zidalwa zibi ziphilayo kuAllâh zizithulu nezimumu, ezingaqiqiyo وَلَوۡ عَلِمَ ٱللَّهُ فِيهِمۡ خَيۡرًا لَّأَسۡمَعَهُمۡۖ وَلَوۡ أَسۡمَعَهُمۡ لَتَوَلَّواْ وَّهُم مُّعۡرِضُونَ ٢٣Ukuba uAllâh Ebe nento Ayaziyo elungileyo ngabo, Ebeya kubenza bamamele; ukanti enokuba Ebengabenza bamamele, bebeza kuphinda bajibilike baphikise يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ ٱسۡتَجِيبُواْ لِلَّهِ وَلِلرَّسُولِ إِذَا دَعَاكُمۡ لِمَا يُحۡيِيكُمۡۖ وَٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّ ٱللَّهَ يَحُولُ بَيۡنَ ٱلۡمَرۡءِ وَقَلۡبِهِۦ وَأَنَّهُۥٓ إِلَيۡهِ تُحۡشَرُونَ ٢٤Hini na nina bakholwayo! Mphenduleni uAllâh noMthunywa xa Enibizela koko kuza kuninika ubomi, nazi kananjalo okokuba uAllâh Uyafika phakathi komntu nentliziyo yakhe. Kananjalo inene nina niza kuqokelelwa kuYe nonke وَٱتَّقُواْ فِتۡنَةً لَّا تُصِيبَنَّ ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ مِنكُمۡ خَآصَّةًۖ وَٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّ ٱللَّهَ شَدِيدُ ٱلۡعِقَابِ ٢٥Kananjalo yoyikani isilingo esingachaphazeli nje abo benu benza ububi (koko sichaphazela bonke abalungileyo nabangendawo). Nazi ukuba uAllâh Unesohlwayo esibuhlugu kakhulu وَٱذۡكُرُوٓاْ إِذۡ أَنتُمۡ قَلِيلٌ مُّسۡتَضۡعَفُونَ فِي ٱلۡأَرۡضِ تَخَافُونَ أَن يَتَخَطَّفَكُمُ ٱلنَّاسُ فَـَٔاوَىٰكُمۡ وَأَيَّدَكُم بِنَصۡرِهِۦ وَرَزَقَكُم مِّنَ ٱلطَّيِّبَٰتِ لَعَلَّكُمۡ تَشۡكُرُونَ ٢٦Khumbulani ukuba nanibambalwa ningenamandla elizweni, nisoyika nokuba abantu banganiqweqwedisa, kodwa Yena Wanibonelela ngendawo yokhuseleko, Wanomeleza ngoncedo lwaKhe, Wanibonelela kananjalo ngezinto ezilungileyo khon’ukuze nibe nombulelo يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لَا تَخُونُواْ ٱللَّهَ وَٱلرَّسُولَ وَتَخُونُوٓاْ أَمَٰنَٰتِكُمۡ وَأَنتُمۡ تَعۡلَمُونَ ٢٧Hini na nina bakholwayo! Ningamngcatshi uAllâh noMthunywa waKhe, ningangcatshi nezinto ezigciniswe kuni nisazi وَٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّمَآ أَمۡوَٰلُكُمۡ وَأَوۡلَٰدُكُمۡ فِتۡنَةٌ وَأَنَّ ٱللَّهَ عِندَهُۥٓ أَجۡرٌ عَظِيمٌ ٢٨Yazini kananjalo okokuba izinto zenu nabantwana benu bazizilingo kuni kanti eneneni kuAllâh kukho umvuzo omkhulu يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِن تَتَّقُواْ ٱللَّهَ يَجۡعَل لَّكُمۡ فُرۡقَانًا وَيُكَفِّرۡ عَنكُمۡ سَيِّـَٔاتِكُمۡ وَيَغۡفِرۡ لَكُمۡۗ وَٱللَّهُ ذُو ٱلۡفَضۡلِ ٱلۡعَظِيمِ ٢٩Hini na nina bakholwayo! Ukuba niyathobela noyike uAllâh, Yena Uya kuninika iFur’kân1 Aze Anicamagushele izono zenu, Anixolele; Yaye uAllâh nguMnini buBele oMkhulu وَإِذۡ يَمۡكُرُ بِكَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لِيُثۡبِتُوكَ أَوۡ يَقۡتُلُوكَ أَوۡ يُخۡرِجُوكَۚ وَيَمۡكُرُونَ وَيَمۡكُرُ ٱللَّهُۖ وَٱللَّهُ خَيۡرُ ٱلۡمَٰكِرِينَ ٣٠Ukhumbule ukuba abangakholwayo baqulunqa ngawe (Muhammad) (befuna) ukukubamba, okanye bakubulale, okanye bakugxothe (kowenu); baqulunqa ke naYe uAllâh Waqulunqa, kanti uAllâh nguYena uqulunqa ngaphezulu kunabaqulunqi وَإِذَا تُتۡلَىٰ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتُنَا قَالُواْ قَدۡ سَمِعۡنَا لَوۡ نَشَآءُ لَقُلۡنَا مِثۡلَ هَٰذَآ إِنۡ هَٰذَآ إِلَّآ أَسَٰطِيرُ ٱلۡأَوَّلِينَ ٣١Xa iiVesi zeThu (ze’Kur’ân) zicengcelezwa kubo bathi: “Sivile; nathi sithanda singayitsho into efana nale. Le (‘Kur’ân) asinto yimbi ngaphandle kokuba ziintsomi zabantu bakudala.” وَإِذۡ قَالُواْ ٱللَّهُمَّ إِن كَانَ هَٰذَا هُوَ ٱلۡحَقَّ مِنۡ عِندِكَ فَأَمۡطِرۡ عَلَيۡنَا حِجَارَةً مِّنَ ٱلسَّمَآءِ أَوِ ٱئۡتِنَا بِعَذَابٍ أَلِيمٍ ٣٢Khumbula ukuba bathi: “O Allâh! Ukuba ngaba le ‘Kur’ân iyinyaniso evela kuWe ngenene, Thulula amatye phezu kwethu avela esibhakabhakeni kaloku, kungenjalo Uthobe isohlwayo esibuhlungu phezu kwethu.” وَمَا كَانَ ٱللَّهُ لِيُعَذِّبَهُمۡ وَأَنتَ فِيهِمۡۚ وَمَا كَانَ ٱللَّهُ مُعَذِّبَهُمۡ وَهُمۡ يَسۡتَغۡفِرُونَ ٣٣UAllâh Akayi kubohlwaya lo gama wena (Muhammad) usephakathi kwabo, Engayi kubohlwaya lo gama bezicelela uxolelo lwezono (kuAllâh) وَمَا لَهُمۡ أَلَّا يُعَذِّبَهُمُ ٱللَّهُ وَهُمۡ يَصُدُّونَ عَنِ ٱلۡمَسۡجِدِ ٱلۡحَرَامِ وَمَا كَانُوٓاْ أَوۡلِيَآءَهُۥٓۚ إِنۡ أَوۡلِيَآؤُهُۥٓ إِلَّا ٱلۡمُتَّقُونَ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَهُمۡ لَا يَعۡلَمُونَ ٣٤Uya kuthini ukungabohlwayi uAllah ekubeni bona bethintela abantu ukuba bangangeni eMasjid eNgcwele, ekungekho balindi bayo ngaphandle kwabanyulu. Kodwa uninzi lwabo alwazi وَمَا كَانَ صَلَاتُهُمۡ عِندَ ٱلۡبَيۡتِ إِلَّا مُكَآءً وَتَصۡدِيَةًۚ فَذُوقُواْ ٱلۡعَذَابَ بِمَا كُنتُمۡ تَكۡفُرُونَ ٣٥Imithandazo yabo eNdlwini ka-Allâh yayingento yanto ngaphandle kokusebeza nokuqhwaba izandla. Ke ngoko ngcamlani isohlwayo kuba kaloku nina naye nangakholwa إِنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ يُنفِقُونَ أَمۡوَٰلَهُمۡ لِيَصُدُّواْ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِۚ فَسَيُنفِقُونَهَا ثُمَّ تَكُونُ عَلَيۡهِمۡ حَسۡرَةً ثُمَّ يُغۡلَبُونَۗ وَٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ إِلَىٰ جَهَنَّمَ يُحۡشَرُونَ ٣٦Inene abo bangakholwayo, bade bachithe nobutyebi babo ukwenzela ukuthintela abantu bangangeni eNdleleni ka- Allâh, baza kuqhubeka ukwenza loo nto kodwa ekugqibeleni iza kuphethuka ibazisele imbandezelo phezu kwabo yaye futhi baza koyisakala. Abo bangakholwayo baza kuqundaniswa esiHogweni لِيَمِيزَ ٱللَّهُ ٱلۡخَبِيثَ مِنَ ٱلطَّيِّبِ وَيَجۡعَلَ ٱلۡخَبِيثَ بَعۡضَهُۥ عَلَىٰ بَعۡضٍ فَيَرۡكُمَهُۥ جَمِيعًا فَيَجۡعَلَهُۥ فِي جَهَنَّمَۚ أُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡخَٰسِرُونَ ٣٧Ukuze uAllâh Ahlule abangcolileyo kwabalungileyo, Acumbe abangcolileyo abanye phezu kwabanye, Abafumbe ndaweninye Abajule esiHogweni. Abo ke ngabo baya kuba ngabalahlekelwa قُل لِّلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ إِن يَنتَهُواْ يُغۡفَرۡ لَهُم مَّا قَدۡ سَلَفَ وَإِن يَعُودُواْ فَقَدۡ مَضَتۡ سُنَّتُ ٱلۡأَوَّلِينَ ٣٨Yithi kwabo bangakholwayo, ukuba banokuyeka [ukungakholwa, (izenzo)] zabo zamandulo ziya kuxolelwa. Kodwa ukuba baye babuyela, umzekelo wabo bohlwaywayo bangaphambili kunabo sele ubandulele kakade (ukuba ube sisilumkiso) وَقَٰتِلُوهُمۡ حَتَّىٰ لَا تَكُونَ فِتۡنَةٌ وَيَكُونَ ٱلدِّينُ كُلُّهُۥ لِلَّهِۚ فَإِنِ ٱنتَهَوۡاْ فَإِنَّ ٱللَّهَ بِمَا يَعۡمَلُونَ بَصِيرٌ ٣٩Yilwani nabo kude kuphele intshutshiso ize nenkolo ibe yeka-Allâh Yedwa. Kodwa ukuba bayayeka, Inene uAllâh Ukubona konke oko bakwenzayo وَإِن تَوَلَّوۡاْ فَٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّ ٱللَّهَ مَوۡلَىٰكُمۡۚ نِعۡمَ ٱلۡمَوۡلَىٰ وَنِعۡمَ ٱلنَّصِيرُ ٤٠Ukuba bajibilikile, yazini ke ngoko okokuba uAllâh nguMkhuseli wenu, Onjani Yena ukulunga uMkhuseli! Onjani Yena ukulunga uMncedi
۞ وَٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّمَا غَنِمۡتُم مِّن شَيۡءٍ فَأَنَّ لِلَّهِ خُمُسَهُۥ وَلِلرَّسُولِ وَلِذِي ٱلۡقُرۡبَىٰ وَٱلۡيَتَٰمَىٰ وَٱلۡمَسَٰكِينِ وَٱبۡنِ ٱلسَّبِيلِ إِن كُنتُمۡ ءَامَنتُم بِٱللَّهِ وَمَآ أَنزَلۡنَا عَلَىٰ عَبۡدِنَا يَوۡمَ ٱلۡفُرۡقَانِ يَوۡمَ ٱلۡتَقَى ٱلۡجَمۡعَانِۗ وَٱللَّهُ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ٤١Yazini kananjalo okokuba nantoni na eyeyexhayelo eniyifumeneyo, isinye kwisihlanu (¹/ th) sayo siya kunikelwa kuAllâh, noMthunywa, nabazizizalwana (zoMprofeti) ezisondele kakhulu kuye nakwiinkedama, nakumahlwempu, nakubahambi, ukuba nikholiwe (ngenene) kuAllâh nakoko Sikutyhilileyo (i’Kur’ân) kwisiCaka seThu (uMuhammad) ngomhla ekwahlulwa ngawo okulungileyo kokungendawo. Ngalaa mini kwaqubisana ngayo imikhosi emibini [kwidabi laseBadr (Inene)] uAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke إِذۡ أَنتُم بِٱلۡعُدۡوَةِ ٱلدُّنۡيَا وَهُم بِٱلۡعُدۡوَةِ ٱلۡقُصۡوَىٰ وَٱلرَّكۡبُ أَسۡفَلَ مِنكُمۡۚ وَلَوۡ تَوَاعَدتُّمۡ لَٱخۡتَلَفۡتُمۡ فِي ٱلۡمِيعَٰدِ وَلَٰكِن لِّيَقۡضِيَ ٱللَّهُ أَمۡرًا كَانَ مَفۡعُولًا لِّيَهۡلِكَ مَنۡ هَلَكَ عَنۢ بَيِّنَةٍ وَيَحۡيَىٰ مَنۡ حَيَّ عَنۢ بَيِّنَةٍۗ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَسَمِيعٌ عَلِيمٌ ٤٢Yabonani! ngethuba nina (Mkhosi wamaMuslim) naningasentilini bona bekude kuyo kwelinye icala yabe inqwelo yabo yeempahla ikumhlaba ongezantsi kwenu. Enokuba nanisele nenze idinga lokubonana, Inene naningekhe nibe saphumelela kwelo dinga. Kodwa (nagagana ke nabo) khon’ukuze uAllâh Afezekise into esele yamiselwa kwangaphambili, ukuze abo kwakufuneka betshatyalalisiwe, batshatyalaliswe emva kobungqina obucacileyo, nabo kwakufuneka bedle ubomi, badle ubomi emva kobungqina obucacileyo. Inene uAllâh, nguSokuva, uSolwazi إِذۡ يُرِيكَهُمُ ٱللَّهُ فِي مَنَامِكَ قَلِيلًاۖ وَلَوۡ أَرَىٰكَهُمۡ كَثِيرًا لَّفَشِلۡتُمۡ وَلَتَنَٰزَعۡتُمۡ فِي ٱلۡأَمۡرِ وَلَٰكِنَّ ٱللَّهَ سَلَّمَۚ إِنَّهُۥ عَلِيمُۢ بِذَاتِ ٱلصُّدُورِ ٤٣Khumbula ngethuba uAllâh Wabaveza bembalwa kuwe ephupheni lakho (Muhammad); ukuba Wayebaveze bebaninzi kuwe, inene ngenanityhafile, yaye futhi ngenaxoxa naphikisana ekwenzeni isigqibo. Kodwa uAllâh Wanisindisa. Inene Yena nguMazi wokusezifubeni وَإِذۡ يُرِيكُمُوهُمۡ إِذِ ٱلۡتَقَيۡتُمۡ فِيٓ أَعۡيُنِكُمۡ قَلِيلًا وَيُقَلِّلُكُمۡ فِيٓ أَعۡيُنِهِمۡ لِيَقۡضِيَ ٱللَّهُ أَمۡرًا كَانَ مَفۡعُولًاۗ وَإِلَى ٱللَّهِ تُرۡجَعُ ٱلۡأُمُورُ ٤٤Khumbulani kananjalo ukugagana kwenu (nabo), Yena Wanibonisabonabengathibambalwaemehlwenienu Wanenza nani nabonakala nibambalwa emehlweni abo, khon’ukuze uAllâh Afezekise into eyayisele imiselwe kwangaphambili yaye zonke izinto zibuyela kuAllâh يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِذَا لَقِيتُمۡ فِئَةً فَٱثۡبُتُواْ وَٱذۡكُرُواْ ٱللَّهَ كَثِيرًا لَّعَلَّكُمۡ تُفۡلِحُونَ ٤٥Hini na nina bakholwayo! Xa nihlangana nomkhosi wotshaba, qinani ngokuchasene nabo, nikhumbule igama lika-Allâh kakhulu khon’ukuze nibe nempumelelo وَأَطِيعُواْ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥ وَلَا تَنَٰزَعُواْ فَتَفۡشَلُواْ وَتَذۡهَبَ رِيحُكُمۡۖ وَٱصۡبِرُوٓاْۚ إِنَّ ٱللَّهَ مَعَ ٱلصَّٰبِرِينَ ٤٦Kananjalo thobelani uAllâh noMthunywa waKhe, ningaphikisani, hleze nityhafe nimkelwe nangamandla, yibani nomonde. Inene uAllâh Unabo banomonde (banyamezelayo) وَلَا تَكُونُواْ كَٱلَّذِينَ خَرَجُواْ مِن دِيَٰرِهِم بَطَرًا وَرِئَآءَ ٱلنَّاسِ وَيَصُدُّونَ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِۚ وَٱللَّهُ بِمَا يَعۡمَلُونَ مُحِيطٌ ٤٧Ningabi njengabo baphuma emizini yabo beqhayisa khon’ukuze babonwe ngabantu, bathintele abantu bangangeni eNdleleni ka-Allâh; ukanti uAllâh nguMrhangqeli wako konke oko bakwenzayo وَإِذۡ زَيَّنَ لَهُمُ ٱلشَّيۡطَٰنُ أَعۡمَٰلَهُمۡ وَقَالَ لَا غَالِبَ لَكُمُ ٱلۡيَوۡمَ مِنَ ٱلنَّاسِ وَإِنِّي جَارٌ لَّكُمۡۖ فَلَمَّا تَرَآءَتِ ٱلۡفِئَتَانِ نَكَصَ عَلَىٰ عَقِبَيۡهِ وَقَالَ إِنِّي بَرِيٓءٌ مِّنكُمۡ إِنِّيٓ أَرَىٰ مَا لَا تَرَوۡنَ إِنِّيٓ أَخَافُ ٱللَّهَۚ وَٱللَّهُ شَدِيدُ ٱلۡعِقَابِ ٤٨Yabonani uShaytân wenza izenzo zabo ezingcolileyo zaba ngathi zilungile kubo wathi kubo: “Akukho mntu ebantwini onokunoyisa nina namhlanje. Yaye mna ndingummelwane wenu (ndiya kuba nani ndinincedise).” Kodwa yathi yakujamelana imikhosi yomibini, wabaleka wemka yena esithi: “Inene mna andinanto yakwenza nani. Inene mna ndibona eningakuboniyo nina. Inene mna ndiyamoyika uAllâh kuba uAllâh Ubuhlungu esohlwayweni” إِذۡ يَقُولُ ٱلۡمُنَٰفِقُونَ وَٱلَّذِينَ فِي قُلُوبِهِم مَّرَضٌ غَرَّ هَٰٓؤُلَآءِ دِينُهُمۡۗ وَمَن يَتَوَكَّلۡ عَلَى ٱللَّهِ فَإِنَّ ٱللَّهَ عَزِيزٌ حَكِيمٌ ٤٩Kekalokuabahanahanisibekunyenabobanesifoezintliziyweni zabo, bathi: “Aba bantu (amaMuslim) bakhohliswe yinkolo yabo.” Kodwa lowo ubeka ithemba lakhe kuAllâh, uAllâh, nguSomandla, nguSobulumko وَلَوۡ تَرَىٰٓ إِذۡ يَتَوَفَّى ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ يَضۡرِبُونَ وُجُوهَهُمۡ وَأَدۡبَٰرَهُمۡ وَذُوقُواْ عَذَابَ ٱلۡحَرِيقِ ٥٠Ukuba unokukhe ubukele xa iingelosi zikhupha imiphefumlo kwabo bangakholwayo (xa besifa); zibabetha ebusweni babo nasemiqolo yabo, (zisithi): “Ngcamlani ke isohlwayo soMlilo odwanguzayo.” ذَٰلِكَ بِمَا قَدَّمَتۡ أَيۡدِيكُمۡ وَأَنَّ ٱللَّهَ لَيۡسَ بِظَلَّٰمٍ لِّلۡعَبِيدِ ٥١“Oku kungenxa yoko kwenziwa zizandla zenu, inene uAllâh AkangoMsweli bulungisa kwizicaka zaKhe كَدَأۡبِ ءَالِ فِرۡعَوۡنَ وَٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡۚ كَفَرُواْ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ فَأَخَذَهُمُ ٱللَّهُ بِذُنُوبِهِمۡۚ إِنَّ ٱللَّهَ قَوِيٌّ شَدِيدُ ٱلۡعِقَابِ ٥٢Njengesimilo sabantu bakwaFir’awn, nabo bangaphambili kubo, bazala iiVesi zika-Allâh, Wabohlwaya ke uAllâh ngezono zabo. Inene uAllâh, nguSomandla, Ubuhlungu esohlwayweni ذَٰلِكَ بِأَنَّ ٱللَّهَ لَمۡ يَكُ مُغَيِّرًا نِّعۡمَةً أَنۡعَمَهَا عَلَىٰ قَوۡمٍ حَتَّىٰ يُغَيِّرُواْ مَا بِأَنفُسِهِمۡ وَأَنَّ ٱللَّهَ سَمِيعٌ عَلِيمٌ ٥٣Oku kunjalo kuba uAllâh Akasokuze Aluguqule uBabalo Alunike abantu de abo bantu baguqule okungaphakathi eziqwini zabo. Inene uAllâh nguSokuva, uSolwazi كَدَأۡبِ ءَالِ فِرۡعَوۡنَ وَٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡۚ كَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِ رَبِّهِمۡ فَأَهۡلَكۡنَٰهُم بِذُنُوبِهِمۡ وَأَغۡرَقۡنَآ ءَالَ فِرۡعَوۡنَۚ وَكُلٌّ كَانُواْ ظَٰلِمِينَ ٥٤Njengesimilo sabantu bakwaFir’awn, nabo bangaphambili kunabo bayiphika imiqondiso yeNkosi yabo Sabatshabalalisa ke ngenxa yezono zabo, Sabatshonisa abantu bakwaFir’awn ngokuba babengabagabadeli إِنَّ شَرَّ ٱلدَّوَآبِّ عِندَ ٱللَّهِ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ فَهُمۡ لَا يُؤۡمِنُونَ ٥٥Inene ezona zidalwa zibi kweziphilayo phambi koAllâh ngabo bangakholwayo, yaye futhi abayi kukholwa ٱلَّذِينَ عَٰهَدتَّ مِنۡهُمۡ ثُمَّ يَنقُضُونَ عَهۡدَهُمۡ فِي كُلِّ مَرَّةٍ وَهُمۡ لَا يَتَّقُونَ ٥٦Bona ngabo uthi xa wenze umnqophiso nabo bawaphule umnqophiso wabo maxa onke yaye abamoyiki nokumoyika uAllâh فَإِمَّا تَثۡقَفَنَّهُمۡ فِي ٱلۡحَرۡبِ فَشَرِّدۡ بِهِم مَّنۡ خَلۡفَهُمۡ لَعَلَّهُمۡ يَذَّكَّرُونَ ٥٧Ke ukuba uthe wazuza ulongamelo phezu kwabo emfazweni, bohlwaye kanobom ukuze ugxothe abo basemva kwabo (abangabalandeli babo) ukuze bafunde isifundo وَإِمَّا تَخَافَنَّ مِن قَوۡمٍ خِيَانَةً فَٱنۢبِذۡ إِلَيۡهِمۡ عَلَىٰ سَوَآءٍۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَا يُحِبُّ ٱلۡخَآئِنِينَ ٥٨Ukuba wena (Muhammad) woyikisela ukungcatshwa ngabantu, jula lo mnqophiso wabo (phaya), uwuphindisele kwakubo, ngohlobo olukwafanayo nolo lwabo (kungabikho mnqophiso phakathi kwakho nabo). Inene uAllâhAkabathandi abangcatshi وَلَا يَحۡسَبَنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ سَبَقُوٓاْۚ إِنَّهُمۡ لَا يُعۡجِزُونَ ٥٩Ke kaloku abo bangakholwayo mabangacingi ukuba bangaphuncula esohlwayweni. Inene abasokuze bazisindise (kwisohlwayo sika-Allâh) وَأَعِدُّواْ لَهُم مَّا ٱسۡتَطَعۡتُم مِّن قُوَّةٍ وَمِن رِّبَاطِ ٱلۡخَيۡلِ تُرۡهِبُونَ بِهِۦ عَدُوَّ ٱللَّهِ وَعَدُوَّكُمۡ وَءَاخَرِينَ مِن دُونِهِمۡ لَا تَعۡلَمُونَهُمُ ٱللَّهُ يَعۡلَمُهُمۡۚ وَمَا تُنفِقُواْ مِن شَيۡءٍ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ يُوَفَّ إِلَيۡكُمۡ وَأَنتُمۡ لَا تُظۡلَمُونَ ٦٠Zilungiseleleni ngokuchasene nabo kangangoko ninako, namahashe emfazwe (iinkanunu neentolo-mlilo, neenqwelo zokulwa) nenzele] ukufaka ixhala ezintshabeni zika-Allâh neentshaba zenu, nezinye eningazaziyo, kodwa zisaziwa nguAllâh. Nantoni na ke eniya kuyichitha eNdleleni ka-Allâh iya kubuyekezwa kuni, yaye aniyi kuphathwa ngokungenabulungisa ۞ وَإِن جَنَحُواْ لِلسَّلۡمِ فَٱجۡنَحۡ لَهَا وَتَوَكَّلۡ عَلَى ٱللَّهِۚ إِنَّهُۥ هُوَ ٱلسَّمِيعُ ٱلۡعَلِيمُ ٦١Kodwa ukuba batyekela ngaseluxolweni, tyekela ngakulo nawe, ubeke ithemba (lakho) kuAllâh. Inene, Yena nguSokuva, uSolwazi وَإِن يُرِيدُوٓاْ أَن يَخۡدَعُوكَ فَإِنَّ حَسۡبَكَ ٱللَّهُۚ هُوَ ٱلَّذِيٓ أَيَّدَكَ بِنَصۡرِهِۦ وَبِٱلۡمُؤۡمِنِينَ ٦٢Kekalokuukubabayakukhohlisa, ineneuAllâh, WanelekuWe. NguYe Okuxhasileyo ngoncedo lwaKhe nangamakholwa وَأَلَّفَ بَيۡنَ قُلُوبِهِمۡۚ لَوۡ أَنفَقۡتَ مَا فِي ٱلۡأَرۡضِ جَمِيعًا مَّآ أَلَّفۡتَ بَيۡنَ قُلُوبِهِمۡ وَلَٰكِنَّ ٱللَّهَ أَلَّفَ بَيۡنَهُمۡۚ إِنَّهُۥ عَزِيزٌ حَكِيمٌ ٦٣Kananjalo nguYe Omanyanise iintliziyo zawo (amakholwa), enokuba wena ubungada unikele ngako konke okusemhlabeni, ubungekhe uzimanye iintliziyo zabo, kodwa uAllâh Uzimanyile Yena. Inene Yena nguSolwazi uSobulumko يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّبِيُّ حَسۡبُكَ ٱللَّهُ وَمَنِ ٱتَّبَعَكَ مِنَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ٦٤Hini na Mprofeti uAllâh Wanele kuwe Eyedwa nakumakholwa alandela wena يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّبِيُّ حَرِّضِ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ عَلَى ٱلۡقِتَالِۚ إِن يَكُن مِّنكُمۡ عِشۡرُونَ صَٰبِرُونَ يَغۡلِبُواْ مِاْئَتَيۡنِۚ وَإِن يَكُن مِّنكُم مِّاْئَةٌ يَغۡلِبُوٓاْ أَلۡفًا مِّنَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ بِأَنَّهُمۡ قَوۡمٌ لَّا يَفۡقَهُونَ ٦٥Hini na Mprofeti, khuthaza amakholwa ukuba alwe. Ukuba ngaba kukho abantu abanyanisekileyo abangamashumi amabini phakathi kwenu, baya koyisa amakhulu amabini, ukanti ukuba ngaba kukho abantu abalikhulu phakathi kwenu abanyanisekileyo baya koyisa iwaka labo bangakholwayo ngokuba bangabantu abangenangqiqo ٱلۡـَٰٔنَ خَفَّفَ ٱللَّهُ عَنكُمۡ وَعَلِمَ أَنَّ فِيكُمۡ ضَعۡفًاۚ فَإِن يَكُن مِّنكُم مِّاْئَةٌ صَابِرَةٌ يَغۡلِبُواْ مِاْئَتَيۡنِۚ وَإِن يَكُن مِّنكُمۡ أَلۡفٌ يَغۡلِبُوٓاْ أَلۡفَيۡنِ بِإِذۡنِ ٱللَّهِۗ وَٱللَّهُ مَعَ ٱلصَّٰبِرِينَ ٦٦Ngoku ke uAllâh ulwenze lwalula uxanduva lwenu kuba Uyazi okokuba kukho ubuthathaka kuni. Ke ukuba ngaba kukho abalikhulu abanyamezelayo phakathi kwenu baya koyisa amakhulu amabini, kananjalo ukuba ngaba kukho abaliwaka abanyanisekileyo phakathi kwenu baya koyisa amawaka amabini ngemvume ka-Allâh. Kwaye uAllâh Ukunye nabo bancekelelayo مَا كَانَ لِنَبِيٍّ أَن يَكُونَ لَهُۥٓ أَسۡرَىٰ حَتَّىٰ يُثۡخِنَ فِي ٱلۡأَرۡضِۚ تُرِيدُونَ عَرَضَ ٱلدُّنۡيَا وَٱللَّهُ يُرِيدُ ٱلۡأٓخِرَةَۗ وَٱللَّهُ عَزِيزٌ حَكِيمٌ ٦٧AyikokoMprofeti okokuba abe namabanjwa emfazwe (aze awakhulule ngentlawuliso) engadanga wohlwaya (iintshaba zakhe) kanobom emhlabeni. Nina ninqwenela izinto ezintle zeli hlabathi (imali yentlawuliso yokukhulula abathinjwa), kodwa Yena uAllâh Uninqwenelela uBomi Obuzayo. Kananjalo uAllâh nguSomandla uSobulumko لَّوۡلَا كِتَٰبٌ مِّنَ ٱللَّهِ سَبَقَ لَمَسَّكُمۡ فِيمَآ أَخَذۡتُمۡ عَذَابٌ عَظِيمٌ ٦٨Ukuba kwakungekho ngenxa yommiselo ongenxa engaphambili ovela kuAllâh, isohlwayo esibuhlungu ngesanihlela ngenxa yoko nakuthathayo فَكُلُواْ مِمَّا غَنِمۡتُمۡ حَلَٰلًا طَيِّبًاۚ وَٱتَّقُواْ ٱللَّهَۚ إِنَّ ٱللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ٦٩Konwabeleni ke ngoko oko nikufumeneyo kulixhayelo lemfazwe, kuvumelekileyo kukwalungile nokulunga. Kodwa noyike uAllâh, Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّبِيُّ قُل لِّمَن فِيٓ أَيۡدِيكُم مِّنَ ٱلۡأَسۡرَىٰٓ إِن يَعۡلَمِ ٱللَّهُ فِي قُلُوبِكُمۡ خَيۡرًا يُؤۡتِكُمۡ خَيۡرًا مِّمَّآ أُخِذَ مِنكُمۡ وَيَغۡفِرۡ لَكُمۡۚ وَٱللَّهُ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ٧٠Hini na Mprofeti yithi kubathinjwa abasezandleni zenu! “Ukuba uAllâh Unento elungileyo Ayaziyo ezintliziyweni zenu, Uya kuninika into engcono kunaleyo ithathiweyo kuni, kananjalo Uya kunixolela, yaye uAllâh nguMxoleli uSozinceba وَإِن يُرِيدُواْ خِيَانَتَكَ فَقَدۡ خَانُواْ ٱللَّهَ مِن قَبۡلُ فَأَمۡكَنَ مِنۡهُمۡۗ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمٌ ٧١Kodwa ukuba banenjongo yokukungcatsha wena (Muhammad) bangcatsha uAllâh kwangaphambili. Ke kaloku Yena Unike wena amandla ngaphezu kwabo yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko إِنَّ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَهَاجَرُواْ وَجَٰهَدُواْ بِأَمۡوَٰلِهِمۡ وَأَنفُسِهِمۡ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ وَٱلَّذِينَ ءَاوَواْ وَّنَصَرُوٓاْ أُوْلَٰٓئِكَ بَعۡضُهُمۡ أَوۡلِيَآءُ بَعۡضٍۚ وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَلَمۡ يُهَاجِرُواْ مَا لَكُم مِّن وَلَٰيَتِهِم مِّن شَيۡءٍ حَتَّىٰ يُهَاجِرُواْۚ وَإِنِ ٱسۡتَنصَرُوكُمۡ فِي ٱلدِّينِ فَعَلَيۡكُمُ ٱلنَّصۡرُ إِلَّا عَلَىٰ قَوۡمِۭ بَيۡنَكُمۡ وَبَيۡنَهُم مِّيثَٰقٌۗ وَٱللَّهُ بِمَا تَعۡمَلُونَ بَصِيرٌ ٧٢Inene abo bakholwayo, baza bafuduka bazabalaza ngamandla, balwa ngezinto zabo nangobomi babo eNdleleni ka-Allâh nabo babanika igwiba babancedisa nokubancedisa aba (bonke) ngamadlelane omnye komnye. Ke bona abo bakholwayo kodwa abafuduka (beze kuwe wena Muhammad) akuyi kuba namthwalo wokubakhusela de bafuduke (nabo beze kuwe); kodwa ke xa befuna uncedo lwakho ngenkolo, kuluxanduva lwakho ukubakhusela ngaphandle kwamaxa bechasene nabantu enenze umnqophiso wobumbano nabo. Kananjalo uAllâh Ukubona konke oko nikwenzayo وَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ بَعۡضُهُمۡ أَوۡلِيَآءُ بَعۡضٍۚ إِلَّا تَفۡعَلُوهُ تَكُن فِتۡنَةٌ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَفَسَادٌ كَبِيرٌ ٧٣Abo bangakholwayo balubumbano omnye komnye ukanti ukuba nina anenzi njalo kuya kubakho intshutshiso nengcinezelo emhlabeni, nobutshinga obuninzi nogabadelo وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَهَاجَرُواْ وَجَٰهَدُواْ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ وَٱلَّذِينَ ءَاوَواْ وَّنَصَرُوٓاْ أُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ حَقًّاۚ لَّهُم مَّغۡفِرَةٌ وَرِزۡقٌ كَرِيمٌ ٧٤Ke bona abo bakholwayo, bafuduka, bazabalaza ngamandla eNdleleni ka-Allâh bekunye nabo babanika igwiba noncedo aba ngamakholwa enyaniso, okwabo luxolelo nesixhaso esibubuBele وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مِنۢ بَعۡدُ وَهَاجَرُواْ وَجَٰهَدُواْ مَعَكُمۡ فَأُوْلَٰٓئِكَ مِنكُمۡۚ وَأُوْلُواْ ٱلۡأَرۡحَامِ بَعۡضُهُمۡ أَوۡلَىٰ بِبَعۡضٍ فِي كِتَٰبِ ٱللَّهِۚ إِنَّ ٱللَّهَ بِكُلِّ شَيۡءٍ عَلِيمُۢ ٧٥Nabo bakholwa emva koko, bafuduka, bazabalaza ngamandla ndaweninye nani, bakunye nani. Kodwa zona izizalwana zegazi zisondele omnye komnye (ngokuphathelene nelifa) ngokommiselo omiselwe nguAllâh. Inene uAllâh nguMazi wezinto zonke