ملة الإسلام

السورة 29 · 69 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة العنكبوت باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة العنكبوت (1,216 قارئاً)
مكيةسورة العنكبوت٦٩ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

الٓمٓ ١Alif-Lâm-Mîm أَحَسِبَ ٱلنَّاسُ أَن يُتۡرَكُوٓاْ أَن يَقُولُوٓاْ ءَامَنَّا وَهُمۡ لَا يُفۡتَنُونَ ٢Ingaba abantu (aba) bacinga ukuba baza kuyekwa na kuba besithi: “Siyakholwa”, bangavavanywa وَلَقَدۡ فَتَنَّا ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡۖ فَلَيَعۡلَمَنَّ ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ صَدَقُواْ وَلَيَعۡلَمَنَّ ٱلۡكَٰذِبِينَ ٣Kodwa Sabavavanya abo bangaphambili kunabo, kwaye uAllâh Uza kwenza bacace abo banyanisekileyo, Abenze bacace nabo bangamaxoki أَمۡ حَسِبَ ٱلَّذِينَ يَعۡمَلُونَ ٱلسَّيِّـَٔاتِ أَن يَسۡبِقُونَاۚ سَآءَ مَا يَحۡكُمُونَ ٤Makube mhlawumbi abo benza izenzo zokungcola bacinga ukuba bangaphuncula kuThi? Ingcolile (indlela) abagweba ngayo مَن كَانَ يَرۡجُواْ لِقَآءَ ٱللَّهِ فَإِنَّ أَجَلَ ٱللَّهِ لَأٓتٍۚ وَهُوَ ٱلسَّمِيعُ ٱلۡعَلِيمُ ٥Nabani na onethemba lokudibana noAllâh inene ixesha (elibekwe) nguAllâh liyeza. Yaye Yena nguSokuva, uSolwazi وَمَن جَٰهَدَ فَإِنَّمَا يُجَٰهِدُ لِنَفۡسِهِۦٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَغَنِيٌّ عَنِ ٱلۡعَٰلَمِينَ ٦Ke kaloku lowo uzabalazayo, uzabalazela kuphela ukusindisa isiqu sakhe. Inene uAllâh Akadingi nto emaphakadeni وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ لَنُكَفِّرَنَّ عَنۡهُمۡ سَيِّـَٔاتِهِمۡ وَلَنَجۡزِيَنَّهُمۡ أَحۡسَنَ ٱلَّذِي كَانُواْ يَعۡمَلُونَ ٧Abo bakholwayo benze izenzo ezilungileyo ngenene Thina Siya kuzisusa izenzo zabo ezigwenxa kubo, Sibavuze kananjalo kangangoko kulungileyo bakwezayo وَوَصَّيۡنَا ٱلۡإِنسَٰنَ بِوَٰلِدَيۡهِ حُسۡنًاۖ وَإِن جَٰهَدَاكَ لِتُشۡرِكَ بِي مَا لَيۡسَ لَكَ بِهِۦ عِلۡمٌ فَلَا تُطِعۡهُمَآۚ إِلَيَّ مَرۡجِعُكُمۡ فَأُنَبِّئُكُم بِمَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ ٨Kananjalo Siyalele ukulunga emntwini kubazali (bakhe) kodwa ukuba bakuyalela ukuba wayamanise (amahlulelane) kuM (Mna Allâh) ongenalwazi wena ngawo, ungabathobeli. KukuM apho ukubuyela kwenu kukhoyo, yaye Ndiya kunazisa ngoko nakwenzayo وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ لَنُدۡخِلَنَّهُمۡ فِي ٱلصَّٰلِحِينَ ٩Abo bakholwayo, benze izenzo ezilungileyo Siya kubangenisa ngenene phakathi kwabangamalungisa (ePaladesi) وَمِنَ ٱلنَّاسِ مَن يَقُولُ ءَامَنَّا بِٱللَّهِ فَإِذَآ أُوذِيَ فِي ٱللَّهِ جَعَلَ فِتۡنَةَ ٱلنَّاسِ كَعَذَابِ ٱللَّهِۖ وَلَئِن جَآءَ نَصۡرٌ مِّن رَّبِّكَ لَيَقُولُنَّ إِنَّا كُنَّا مَعَكُمۡۚ أَوَلَيۡسَ ٱللَّهُ بِأَعۡلَمَ بِمَا فِي صُدُورِ ٱلۡعَٰلَمِينَ ١٠Ebantwini kukho abo bathi: “Siyakholwa kuAllâh,” kodwa athi omnye kubo esakuhlelwa bububi ngenxa ka- Allâh, bayithathe loo ntlungu yenziwe ngabantu (kubo) ngokungengathi sisohlwayo sika-Allâh. Kodwa xa uloyiso lufika luvela eNkosini yakho, bathi: “Inene thina besikunye nani.”Ayingo-Allâh na Ongoyena Waziyo ngoko kusezifubeni zezidalwa وَلَيَعۡلَمَنَّ ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَلَيَعۡلَمَنَّ ٱلۡمُنَٰفِقِينَ ١١Ke kaloku uAllâh Uza kwenza bacace abo bakholwayo, kwaye Uza kubenza babonakale nabahanahanisi وَقَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لِلَّذِينَ ءَامَنُواْ ٱتَّبِعُواْ سَبِيلَنَا وَلۡنَحۡمِلۡ خَطَٰيَٰكُمۡ وَمَا هُم بِحَٰمِلِينَ مِنۡ خَطَٰيَٰهُم مِّن شَيۡءٍۖ إِنَّهُمۡ لَكَٰذِبُونَ ١٢Abo bangakholwayo bathi kwabo bakholwayo: “Landelani indlela yethu, thina siya kuzithwala izono zenu.” Kodwa abayi kuthwala nento le kwezo zono zabo. Eneneni bona ngamaxoki وَلَيَحۡمِلُنَّ أَثۡقَالَهُمۡ وَأَثۡقَالًا مَّعَ أَثۡقَالِهِمۡۖ وَلَيُسۡـَٔلُنَّ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ عَمَّا كَانُواْ يَفۡتَرُونَ ١٣Kodwa baza kuthwala eyabo imithwalo neminye imithwalo kunye naloo mithwalo yabo, yaye baza kubuzwa ngokwenene ngeMini yoVuko ngoko bakuqambayo وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا نُوحًا إِلَىٰ قَوۡمِهِۦ فَلَبِثَ فِيهِمۡ أَلۡفَ سَنَةٍ إِلَّا خَمۡسِينَ عَامًا فَأَخَذَهُمُ ٱلطُّوفَانُ وَهُمۡ ظَٰلِمُونَ ١٤Kananjalo Sathumela uNûh kubantu bakubo, waphila phakathi kwabo iminyaka eliwaka uthabathe (kuyo) iminyaka engamashumi amahlanu, waza wabahlasela ke unogumbe besengabenzi bobubi فَأَنجَيۡنَٰهُ وَأَصۡحَٰبَ ٱلسَّفِينَةِ وَجَعَلۡنَٰهَآ ءَايَةً لِّلۡعَٰلَمِينَ ١٥Kodwa yena (Nûh) Samsindisa nababesenqanaweni, kananjalo Thina Sayenza umqondiso emazweni وَإِبۡرَٰهِيمَ إِذۡ قَالَ لِقَوۡمِهِ ٱعۡبُدُواْ ٱللَّهَ وَٱتَّقُوهُۖ ذَٰلِكُمۡ خَيۡرٌ لَّكُمۡ إِن كُنتُمۡ تَعۡلَمُونَ ١٦Ukanti Sathumela uIbrâhîm, owathi kubantu bakubo: “Khonzani uAllâh noyike Yena. Kokona kulungileyo oko kuni ukuba benisazi إِنَّمَا تَعۡبُدُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ أَوۡثَٰنًا وَتَخۡلُقُونَ إِفۡكًاۚ إِنَّ ٱلَّذِينَ تَعۡبُدُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ لَا يَمۡلِكُونَ لَكُمۡ رِزۡقًا فَٱبۡتَغُواْ عِندَ ٱللَّهِ ٱلرِّزۡقَ وَٱعۡبُدُوهُ وَٱشۡكُرُواْ لَهُۥٓۖ إِلَيۡهِ تُرۡجَعُونَ ١٧Nina nikhonza izithixo ngaphandle koAllâh, nize nivelise ubuxoki. Inene abo nibakhonzayo ngaphandle koAllâh abanamandla banawo okunibonelela nganto. Ngoko funani imbonelelo kuAllâh nikhonze Yena, nibe nombulelo kuYe. KukuYe apho niza kubuyela khona وَإِن تُكَذِّبُواْ فَقَدۡ كَذَّبَ أُمَمٌ مِّن قَبۡلِكُمۡۖ وَمَا عَلَى ٱلرَّسُولِ إِلَّا ٱلۡبَلَٰغُ ٱلۡمُبِينُ ١٨Ke kaloku nina (bantu) ukuba niya kuwuphika (umyalezo weIslam) sele zawuphika kakade izizwe ezingaphambili kunani. Kanti akukho xanduva lumbi phezu koMthunywa ngaphandlekoxanduvalokuvakalisaumyalezongokucacileyo أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ كَيۡفَ يُبۡدِئُ ٱللَّهُ ٱلۡخَلۡقَ ثُمَّ يُعِيدُهُۥٓۚ إِنَّ ذَٰلِكَ عَلَى ٱللَّهِ يَسِيرٌ ١٩Ababoni na ukuba uAllâh Uyiqala kanjani na indalo Aze ayiphinde kwakhona? Inene kulula oko kuAllâh قُلۡ سِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَٱنظُرُواْ كَيۡفَ بَدَأَ ٱلۡخَلۡقَۚ ثُمَّ ٱللَّهُ يُنشِئُ ٱلنَّشۡأَةَ ٱلۡأٓخِرَةَۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ٢٠Yithi (Muhammad): “Hamba-hambani ehlabathini nibone ukuba Wayiqala kanjani na indalo. Ke kaloku uAllâh Uza kuvelisa indalo yokugqibela. Inene uAllâh Unamandla ngaphezulu kwezinto zonke.” يُعَذِّبُ مَن يَشَآءُ وَيَرۡحَمُ مَن يَشَآءُۖ وَإِلَيۡهِ تُقۡلَبُونَ ٢١Yena Wohlwaya lowo Athandileyo, Abe nenceba kulowo Athandileyo, ukanti kukuYe apho niza kubuyela khona وَمَآ أَنتُم بِمُعۡجِزِينَ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَلَا فِي ٱلسَّمَآءِۖ وَمَا لَكُم مِّن دُونِ ٱللَّهِ مِن وَلِيٍّ وَلَا نَصِيرٍ ٢٢Kwaye aniyi kumenza Asilele (uAllâh) ehlabathini okanye ezulwini. Kananjalo nina aninaye omnye umkhuseli ngaphandle koAllâh وَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ وَلِقَآئِهِۦٓ أُوْلَٰٓئِكَ يَئِسُواْ مِن رَّحۡمَتِي وَأُوْلَٰٓئِكَ لَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ٢٣Abo bangakholwayo kwiiVesi zika-Allâh nakwindibano naYe abo (sele) balahlekelwa lithemba mayela nenceba yaM. Yaye baya kufumana isohlwayo esibuhlungu فَمَا كَانَ جَوَابَ قَوۡمِهِۦٓ إِلَّآ أَن قَالُواْ ٱقۡتُلُوهُ أَوۡ حَرِّقُوهُ فَأَنجَىٰهُ ٱللَّهُ مِنَ ٱلنَّارِۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّقَوۡمٍ يُؤۡمِنُونَ ٢٤Ke kaloku impendulo yabantu bakubo (uIbrâhîm) yaba kukuthi: “Mbulaleni kungenjalo mtshiseni.” Kodwa uAllâh Wamsindisa Yena emlilweni. Inene kuko oko kukho imiqondiso kubantu abakholwayo وَقَالَ إِنَّمَا ٱتَّخَذۡتُم مِّن دُونِ ٱللَّهِ أَوۡثَٰنًا مَّوَدَّةَ بَيۡنِكُمۡ فِي ٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَاۖ ثُمَّ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ يَكۡفُرُ بَعۡضُكُم بِبَعۡضٍ وَيَلۡعَنُ بَعۡضُكُم بَعۡضًا وَمَأۡوَىٰكُمُ ٱلنَّارُ وَمَا لَكُم مِّن نَّٰصِرِينَ ٢٥Kananjalo (uIbrâhîm) wathi: “Nina nithabathe izithixo ngaphandle koAllâh nazenza unxibelelwaniso lokuthandaza phakathi kwenu kubomi beli hlabathi, ukanti ngeMini yoVuko niza kukhanyelana ize indawo yenu yokubalekela ibe seMlilweni, yaye aniyi kuba namncedi.” ۞ فَـَٔامَنَ لَهُۥ لُوطٌۘ وَقَالَ إِنِّي مُهَاجِرٌ إِلَىٰ رَبِّيٓۖ إِنَّهُۥ هُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ٢٦Ke kaloku uLût wakholwa kuye (uIbrâhîm), wathi: “Inene mna ndiya kufuduka ngenxa yeNkosi yam, inene Yona nguSobunganga, uSobulumko وَوَهَبۡنَا لَهُۥٓ إِسۡحَٰقَ وَيَعۡقُوبَ وَجَعَلۡنَا فِي ذُرِّيَّتِهِ ٱلنُّبُوَّةَ وَٱلۡكِتَٰبَ وَءَاتَيۡنَٰهُ أَجۡرَهُۥ فِي ٱلدُّنۡيَاۖ وَإِنَّهُۥ فِي ٱلۡأٓخِرَةِ لَمِنَ ٱلصَّٰلِحِينَ ٢٧Kananjalo yena (uIbrâhîm) Samnika uIs-hâ’k noYa’kûbh sabeka ubuProfeti nesiBhalo kwihlumelo lakhe. Samnika nomvuzo wakhe kweli hlabathi, inene yena kuBomi oBuzayo ungomnye wamalungisa وَلُوطًا إِذۡ قَالَ لِقَوۡمِهِۦٓ إِنَّكُمۡ لَتَأۡتُونَ ٱلۡفَٰحِشَةَ مَا سَبَقَكُم بِهَا مِنۡ أَحَدٍ مِّنَ ٱلۡعَٰلَمِينَ ٢٨Kanti noLût xa wathi kubantu bakubo: “Inene, nina nenza ukungcola okungafaniyo nokwenziwa nangubani na ongaphambili kunani emaphakadeni أَئِنَّكُمۡ لَتَأۡتُونَ ٱلرِّجَالَ وَتَقۡطَعُونَ ٱلسَّبِيلَ وَتَأۡتُونَ فِي نَادِيكُمُ ٱلۡمُنكَرَۖ فَمَا كَانَ جَوَابَ قَوۡمِهِۦٓ إِلَّآ أَن قَالُواْ ٱئۡتِنَا بِعَذَابِ ٱللَّهِ إِن كُنتَ مِنَ ٱلصَّٰدِقِينَ ٢٩Nina niya emadodeni nivale iindlela1, nenze konke ukungcola ezindibanweni zenu.” Ke kaloku impendulo yabantu bakhe ayizanga ibe yinto yimbi ngaphandle kokuthi: “Sizisele isohlwayo sika-Allâh, ukuba uthetha inyaniso.” قَالَ رَبِّ ٱنصُرۡنِي عَلَى ٱلۡقَوۡمِ ٱلۡمُفۡسِدِينَ ٣٠Wathi yena: Nkosi yam ndincedise ngokuchasene nabantu abazizingcoli.” وَلَمَّا جَآءَتۡ رُسُلُنَآ إِبۡرَٰهِيمَ بِٱلۡبُشۡرَىٰ قَالُوٓاْ إِنَّا مُهۡلِكُوٓاْ أَهۡلِ هَٰذِهِ ٱلۡقَرۡيَةِۖ إِنَّ أَهۡلَهَا كَانُواْ ظَٰلِمِينَ ٣١Ke kaloku ukufika kweziThunywa zethu (iingelosi) kuIbrâhîm neendaba ezivuyisayo, zathi: “Inene thina siya kubatshabalalisa abantu besiyaa sixeko, inene abantu baso baye babangabenzi bobugwenxa.” قَالَ إِنَّ فِيهَا لُوطًاۚ قَالُواْ نَحۡنُ أَعۡلَمُ بِمَن فِيهَاۖ لَنُنَجِّيَنَّهُۥ وَأَهۡلَهُۥٓ إِلَّا ٱمۡرَأَتَهُۥ كَانَتۡ مِنَ ٱلۡغَٰبِرِينَ ٣٢uIbrâhîm wathi: “Inene kuso apho kukho noLût nje.” zathi zona: “Sazi ngcono thina okungaphakathi kuso. Inene siya kumsindisa yena nosapho lwakhe, ngaphandle komkakhe. Yena ungomnye wabo baya kushiywa ngemva.” وَلَمَّآ أَن جَآءَتۡ رُسُلُنَا لُوطًا سِيٓءَ بِهِمۡ وَضَاقَ بِهِمۡ ذَرۡعًاۖ وَقَالُواْ لَا تَخَفۡ وَلَا تَحۡزَنۡ إِنَّا مُنَجُّوكَ وَأَهۡلَكَ إِلَّا ٱمۡرَأَتَكَ كَانَتۡ مِنَ ٱلۡغَٰبِرِينَ ٣٣Ke kaloku ukufika kweziThunywa zeThu kuLût waya wakhathazeka ngenxa yazo waziva exhalabe kakhulu ngazo, zathi zona: “Mûsâ ukoyika, ungaxhalabi nokuxhalaba. Inene thina siya kukusindisa wena nosapho lwakho, ngaphandle komkakho, yena ungomnye wabo baza kushiywa ngemva إِنَّا مُنزِلُونَ عَلَىٰٓ أَهۡلِ هَٰذِهِ ٱلۡقَرۡيَةِ رِجۡزًا مِّنَ ٱلسَّمَآءِ بِمَا كَانُواْ يَفۡسُقُونَ ٣٤Inene thina siza kuhlisa isohlwayo esibhakabhakeni phezu kwabantu besi sixeko ngokuba bona baye babanendelelo abathobela.” وَلَقَد تَّرَكۡنَا مِنۡهَآ ءَايَةَۢ بَيِّنَةً لِّقَوۡمٍ يَعۡقِلُونَ ٣٥Ke kaloku Sayishiya ingumqondiso ocacileyo kubantu abasebenzisa ingqiqo وَإِلَىٰ مَدۡيَنَ أَخَاهُمۡ شُعَيۡبًا فَقَالَ يَٰقَوۡمِ ٱعۡبُدُواْ ٱللَّهَ وَٱرۡجُواْ ٱلۡيَوۡمَ ٱلۡأٓخِرَ وَلَا تَعۡثَوۡاْ فِي ٱلۡأَرۡضِ مُفۡسِدِينَ ٣٦Kanti kwaMidiyan (Sathumela) umntakwabo uShu’aybh wathi: “Hini na bantu bakuthi, khonzani uAllâh, nilindele iMini yokugqibela, ningenzi ukungcola emhlabeni nisasaze ububi.” فَكَذَّبُوهُ فَأَخَذَتۡهُمُ ٱلرَّجۡفَةُ فَأَصۡبَحُواْ فِي دَارِهِمۡ جَٰثِمِينَ ٣٧Kodwa bamphikisa bona, yabahlasela ke yona inyikima, baza baba zizidumbu bawa badunduluza emizini yabo ngentseni وَعَادًا وَثَمُودَاْ وَقَد تَّبَيَّنَ لَكُم مِّن مَّسَٰكِنِهِمۡۖ وَزَيَّنَ لَهُمُ ٱلشَّيۡطَٰنُ أَعۡمَٰلَهُمۡ فَصَدَّهُمۡ عَنِ ٱلسَّبِيلِ وَكَانُواْ مُسۡتَبۡصِرِينَ ٣٨Kananjalo (Satshabalalisa) ama’Ad namaThamûd, kwaye sekucacile kuwe ngamabhodlo ezindlu zabo yaye uShaytân wenza zabonakala zilungile izenzo zabo kubo wabakhupha eNdleleni ukanti babephiwe ingqiqo وَقَٰرُونَ وَفِرۡعَوۡنَ وَهَٰمَٰنَۖ وَلَقَدۡ جَآءَهُم مُّوسَىٰ بِٱلۡبَيِّنَٰتِ فَٱسۡتَكۡبَرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَمَا كَانُواْ سَٰبِقِينَ ٣٩Kanti no’Kârûn (Samtshabalalisa) naye noFir’awn noHâmân. Ukanti uMûsâ wayesele efikile kubo nemiqondiso ecacileyo, baza bona bakhukhumala emhlabeni, kodwa abazanga basoyise Thina فَكُلًّا أَخَذۡنَا بِذَنۢبِهِۦۖ فَمِنۡهُم مَّنۡ أَرۡسَلۡنَا عَلَيۡهِ حَاصِبًا وَمِنۡهُم مَّنۡ أَخَذَتۡهُ ٱلصَّيۡحَةُ وَمِنۡهُم مَّنۡ خَسَفۡنَا بِهِ ٱلۡأَرۡضَ وَمِنۡهُم مَّنۡ أَغۡرَقۡنَاۚ وَمَا كَانَ ٱللَّهُ لِيَظۡلِمَهُمۡ وَلَٰكِن كَانُوٓاْ أَنفُسَهُمۡ يَظۡلِمُونَ ٤٠Ngamnye kubo Samhlasela ke ngezono zakhe; ukanti phakathi kwabo kukho abo Sabathumela izichotho zamatye, kuze phakathi kwabo kubekho abo bahlaselwa ngoqhushumbiso (oluvela esibhakabhakeni), kubekho phakathi kwabo abo Senza umhlaba wabaginya, kuze kubekho nabanye kubo eSabatshonisa (emanzini). Ke kaloku uAllâh Wayengekhe Abenze ubugwenxa koko ngabo ngokwabo abazenza ubugwenxa مَثَلُ ٱلَّذِينَ ٱتَّخَذُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ أَوۡلِيَآءَ كَمَثَلِ ٱلۡعَنكَبُوتِ ٱتَّخَذَتۡ بَيۡتًاۖ وَإِنَّ أَوۡهَنَ ٱلۡبُيُوتِ لَبَيۡتُ ٱلۡعَنكَبُوتِۚ لَوۡ كَانُواْ يَعۡلَمُونَ ٤١Umzekelo wabo bazithabathela bakhuseli bambi ngaphandle koAllâh unjengowesigcawu esizakhela umzi. Inene owona mzi uyacuyacu kunayo yonke imizi ngumzi wesigcawu ukuba bebesazi إِنَّ ٱللَّهَ يَعۡلَمُ مَا يَدۡعُونَ مِن دُونِهِۦ مِن شَيۡءٍۚ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ٤٢Inene uAllâh wazi zonke izinto ababiza kuzo ezingaphandle kwaKhe. Yena ke nguSobunganga, nguSolwazi وَتِلۡكَ ٱلۡأَمۡثَٰلُ نَضۡرِبُهَا لِلنَّاسِۖ وَمَا يَعۡقِلُهَآ إِلَّا ٱلۡعَٰلِمُونَ ٤٣Le mizekeliso Siyenzela abantu, kodwa akukho uya kuyiqiqa ngaphandle kwabo bolwazi خَلَقَ ٱللَّهُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ بِٱلۡحَقِّۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَةً لِّلۡمُؤۡمِنِينَ ٤٤UAllâh Wadala amazulu nomhlaba ngenyaniso. Inene apho kukho umqondiso kwabakholwayo ٱتۡلُ مَآ أُوحِيَ إِلَيۡكَ مِنَ ٱلۡكِتَٰبِ وَأَقِمِ ٱلصَّلَوٰةَۖ إِنَّ ٱلصَّلَوٰةَ تَنۡهَىٰ عَنِ ٱلۡفَحۡشَآءِ وَٱلۡمُنكَرِۗ وَلَذِكۡرُ ٱللَّهِ أَكۡبَرُۗ وَٱللَّهُ يَعۡلَمُ مَا تَصۡنَعُونَ ٤٥Cengceleza ke wena oko kutyhilwe kuwe kuvela eNcwadini, umisele iSalâh (umthandazo). Inene iSalâh ithintela ukuziphatha ngokungcola nokwenziwa kobugwenxa, ukanti inkumbulo ngoAllâh yiyona inkulu. Kananjalo uAllâh Uyakwazi oko nikwenzayo

الجزء الحادي والعشرون

۞ وَلَا تُجَٰدِلُوٓاْ أَهۡلَ ٱلۡكِتَٰبِ إِلَّا بِٱلَّتِي هِيَ أَحۡسَنُ إِلَّا ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ مِنۡهُمۡۖ وَقُولُوٓاْ ءَامَنَّا بِٱلَّذِيٓ أُنزِلَ إِلَيۡنَا وَأُنزِلَ إِلَيۡكُمۡ وَإِلَٰهُنَا وَإِلَٰهُكُمۡ وَٰحِدٌ وَنَحۡنُ لَهُۥ مُسۡلِمُونَ ٤٦Ke kaloku musani ukuphikisana nabantu beNcwadi koko makube ngendlela elungileyo, ngaphandle kokuba ngabo benza intswela bulungisa phakathi kwabo, yithani ke nina (kubo): “Siyakholwa thina koko kutyhilwe kuthi kukwatyhilwe kuni yaye uThixo wethu noThixo wenu Mnye; yaye thina singamaMuslim aKhe.” وَكَذَٰلِكَ أَنزَلۡنَآ إِلَيۡكَ ٱلۡكِتَٰبَۚ فَٱلَّذِينَ ءَاتَيۡنَٰهُمُ ٱلۡكِتَٰبَ يُؤۡمِنُونَ بِهِۦۖ وَمِنۡ هَٰٓؤُلَآءِ مَن يُؤۡمِنُ بِهِۦۚ وَمَا يَجۡحَدُ بِـَٔايَٰتِنَآ إِلَّا ٱلۡكَٰفِرُونَ ٤٧Siyithumele njalo ke iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe ukanti nabo Sasibathumelele isiBhalo ngaphambili kunawe bayakholwa kuyo (i’Kur’ân). Naphakathi kwabo aba bantu kukho abo bakholwayo kuyo. Ukanti akukho namnye ozalayo iiVesi zeThu ngaphandle kwabangakholwayo وَمَا كُنتَ تَتۡلُواْ مِن قَبۡلِهِۦ مِن كِتَٰبٍ وَلَا تَخُطُّهُۥ بِيَمِينِكَۖ إِذًا لَّٱرۡتَابَ ٱلۡمُبۡطِلُونَ ٤٨Ke kaloku wena akuzanga ucengceleze nayiphi na incwadi ngaphambili kunayo, ungazanga ubhale nenye ngesandla sakho sokunene. Ke kaloku abaphikisi bebeya kuba nesizathu (esivakalayo) sokuthandabuza بَلۡ هُوَ ءَايَٰتُۢ بَيِّنَٰتٌ فِي صُدُورِ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡعِلۡمَۚ وَمَا يَجۡحَدُ بِـَٔايَٰتِنَآ إِلَّا ٱلظَّٰلِمُونَ ٤٩Ukusuka apho (i’Kur’ân) iziiVesi ezicacileyo (ezigcinwe) ezifubeni zabo banikwe ulwazi. Ukanti akukho namnye ozalayo iiVesi zeThu ngaphandle kwabenzi bobubi وَقَالُواْ لَوۡلَآ أُنزِلَ عَلَيۡهِ ءَايَٰتٌ مِّن رَّبِّهِۦۚ قُلۡ إِنَّمَا ٱلۡأٓيَٰتُ عِندَ ٱللَّهِ وَإِنَّمَآ أَنَا۠ نَذِيرٌ مُّبِينٌ ٥٠Kodwa bathi: “Kutheni na imiqondiso evela eNkosini yakhe ingathunyelwa nje kuye (uMuhammad)?” Yithi wena: “Imiqondiso ikuAllâh kuphela, mna ndinguMlumkisi ocacileyo.” أَوَلَمۡ يَكۡفِهِمۡ أَنَّآ أَنزَلۡنَا عَلَيۡكَ ٱلۡكِتَٰبَ يُتۡلَىٰ عَلَيۡهِمۡۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَرَحۡمَةً وَذِكۡرَىٰ لِقَوۡمٍ يُؤۡمِنُونَ ٥١Akwanelanga na kubo okokuba Satyhila iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe abayicengcelezelwayo? Inene leyo yinceba nenkumbuzo kubantu abakholwayo قُلۡ كَفَىٰ بِٱللَّهِ بَيۡنِي وَبَيۡنَكُمۡ شَهِيدًاۖ يَعۡلَمُ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۗ وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ بِٱلۡبَٰطِلِ وَكَفَرُواْ بِٱللَّهِ أُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡخَٰسِرُونَ ٥٢Yithi: “Wanele uAllâh phakathi kwam nani ukuba abe liNgqina. Yena Wazi okusemazulwini nokusemhlabeni. Kananjalo abo bakholelwa ebuxokini bangakholwa kuAllâh ngabo abangabalahlekelwa.” وَيَسۡتَعۡجِلُونَكَ بِٱلۡعَذَابِ وَلَوۡلَآ أَجَلٌ مُّسَمًّى لَّجَآءَهُمُ ٱلۡعَذَابُۚ وَلَيَأۡتِيَنَّهُم بَغۡتَةً وَهُمۡ لَا يَشۡعُرُونَ ٥٣Kananjalo bathi kuwe khawuleza nesohlwayo. Ukuba ngaba bekungekho ngenxa (yommiselo) wexesha elikhethiweyo, isohlwayo ngesele safikelela kubo. Kodwa ngokwenene sona siza kufika kubo ngequbuliso lo gama bengaqiqi يَسۡتَعۡجِلُونَكَ بِٱلۡعَذَابِ وَإِنَّ جَهَنَّمَ لَمُحِيطَةُۢ بِٱلۡكَٰفِرِينَ ٥٤Bathi kuwe gxagxamisa ngesohlwayo, inene, isiHogo siya kubagubungela abangakholwayo يَوۡمَ يَغۡشَىٰهُمُ ٱلۡعَذَابُ مِن فَوۡقِهِمۡ وَمِن تَحۡتِ أَرۡجُلِهِمۡ وَيَقُولُ ذُوقُواْ مَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ ٥٥NgeMini isohlwayo siya kubagubungela ngaphezu kwabo nangaphantsi kweenyawo (zabo) kuze kuthiwe kubo: “Ngcamlani ke (iziphumo) zoko nakwenzayo.” يَٰعِبَادِيَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِنَّ أَرۡضِي وَٰسِعَةٌ فَإِيَّٰيَ فَٱعۡبُدُونِ ٥٦Hini na zicaka zaM ezakholwayo, inene umhlaba waM wandlalekile, ngoko khonzani Mna (Ndedwa kuwo) كُلُّ نَفۡسٍ ذَآئِقَةُ ٱلۡمَوۡتِۖ ثُمَّ إِلَيۡنَا تُرۡجَعُونَ ٥٧Umphefumlo ngamnye uza kukungcamla ukufa. KuThi kulapho niza kubuyiselwa khona وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ لَنُبَوِّئَنَّهُم مِّنَ ٱلۡجَنَّةِ غُرَفًا تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَاۚ نِعۡمَ أَجۡرُ ٱلۡعَٰمِلِينَ ٥٨Ke kaloku abo bakholwayo, benza izenzo ezilungileyo Thina Siya kubabela amagumbi ePaladesi ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwawo, baze apho bahlale ngonaphakade. Hayi ukuba mhle komvuzo wabenzi bokulungileyo ٱلَّذِينَ صَبَرُواْ وَعَلَىٰ رَبِّهِمۡ يَتَوَكَّلُونَ ٥٩Abaye baba nomonde, babeka ithemba labo eNkosini yabo (uAllâh) وَكَأَيِّن مِّن دَآبَّةٍ لَّا تَحۡمِلُ رِزۡقَهَا ٱللَّهُ يَرۡزُقُهَا وَإِيَّاكُمۡۚ وَهُوَ ٱلسَّمِيعُ ٱلۡعَلِيمُ ٦٠Zingaphi izidalwa ezingazithwaleli ngokwazo imbonelelo yazo. UAllâh Uyazibonelela zona ndaweninye nani. Yena nguSokuva, nguSolwazi وَلَئِن سَأَلۡتَهُم مَّنۡ خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَسَخَّرَ ٱلشَّمۡسَ وَٱلۡقَمَرَ لَيَقُولُنَّ ٱللَّهُۖ فَأَنَّىٰ يُؤۡفَكُونَ ٦١Ukuba ungababuza: “Ngubani Owadala amazulu nomhlaba, Walawula ilanga nenyanga?” Ngokuqinisekileyo baza kuthi: “NguAllâh.” Baqhatheke njani ke (balahleka eNdleleni) ٱللَّهُ يَبۡسُطُ ٱلرِّزۡقَ لِمَن يَشَآءُ مِنۡ عِبَادِهِۦ وَيَقۡدِرُ لَهُۥٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ بِكُلِّ شَيۡءٍ عَلِيمٌ ٦٢UAllâh Wandisela isixhaso sakhe nabani na lowo Athandileyo kwizicaka zaKhe Amenzele umlinganiselo wakhe. Inene uAllâh kwizinto zonke nguSolwazi وَلَئِن سَأَلۡتَهُم مَّن نَّزَّلَ مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءً فَأَحۡيَا بِهِ ٱلۡأَرۡضَ مِنۢ بَعۡدِ مَوۡتِهَا لَيَقُولُنَّ ٱللَّهُۚ قُلِ ٱلۡحَمۡدُ لِلَّهِۚ بَلۡ أَكۡثَرُهُمۡ لَا يَعۡقِلُونَ ٦٣Kananjalo ukuba ungababuza: “Ngubani Othumela imvula emhlabeni isuka esibhakabhakeni, Anike ubomi ngayo emhlabeni emveni kokuba ubungenabomi?” Ngokungathandabuzekiyo baza kuthi: “NguAllâh.” Yithi wena: “Iindumiso zonke mazibe kuAllâh”; kodwa uninzi lwabo aluqiqi وَمَا هَٰذِهِ ٱلۡحَيَوٰةُ ٱلدُّنۡيَآ إِلَّا لَهۡوٌ وَلَعِبٌۚ وَإِنَّ ٱلدَّارَ ٱلۡأٓخِرَةَ لَهِيَ ٱلۡحَيَوَانُۚ لَوۡ كَانُواْ يَعۡلَمُونَ ٦٤Ke kaloku ubomi balo mhlaba abunto yimbi ngaphandle kokuba kukuphambukisa nokonwabisa. Inene ikhaya loBomi oBuzayo elo lelanaphakade ukuba bebesazi فَإِذَا رَكِبُواْ فِي ٱلۡفُلۡكِ دَعَوُاْ ٱللَّهَ مُخۡلِصِينَ لَهُ ٱلدِّينَ فَلَمَّا نَجَّىٰهُمۡ إِلَى ٱلۡبَرِّ إِذَا هُمۡ يُشۡرِكُونَ ٦٥Kanti xa bekhwela enqanaweni, bayathandaza kuAllâh, banyaniseke kuYe ekukholweni. Kodwa Athi Akubafikisa besindile enxwemeni, ngoko nangoko bayamanise abanye kuYe (uAllâh) لِيَكۡفُرُواْ بِمَآ ءَاتَيۡنَٰهُمۡ وَلِيَتَمَتَّعُواْۚ فَسَوۡفَ يَعۡلَمُونَ ٦٦(Loo nto beyenzela) ukuphika oko Sibaphe kona, baze bazonwabise. Kodwa baza kwazi أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ أَنَّا جَعَلۡنَا حَرَمًا ءَامِنًا وَيُتَخَطَّفُ ٱلنَّاسُ مِنۡ حَوۡلِهِمۡۚ أَفَبِٱلۡبَٰطِلِ يُؤۡمِنُونَ وَبِنِعۡمَةِ ٱللَّهِ يَكۡفُرُونَ ٦٧Ababonanga na okokuba Senza (isixeko saseMakkah) saba yindawo engcwele yokhuseleko lo gama abantu (kwezinye iindawo) ezibangqongileyo bethatyathwa bexhwilwa (ngokugetyengwa)? Bona bakholelwa ebuxokini kusini na, ze kwiinceba zika-Allâh bangakholwa وَمَنۡ أَظۡلَمُ مِمَّنِ ٱفۡتَرَىٰ عَلَى ٱللَّهِ كَذِبًا أَوۡ كَذَّبَ بِٱلۡحَقِّ لَمَّا جَآءَهُۥٓۚ أَلَيۡسَ فِي جَهَنَّمَ مَثۡوًى لِّلۡكَٰفِرِينَ ٦٨Ngubani ke intswela bulungisa egqitha lowo uqamba ubuxoki ngoAllâh okanye aphike inyaniso sele ifikile kuye? Alikho siHogweni na ikhaya elifanele abangakholwayo وَٱلَّذِينَ جَٰهَدُواْ فِينَا لَنَهۡدِيَنَّهُمۡ سُبُلَنَاۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَمَعَ ٱلۡمُحۡسِنِينَ ٦٩Ke bona abo bazabalazela (ukukholisa) Thina Siya kubakhokelela eziNdleleni zeThu. Inene uAllâh Ukunye nabangabenzi bokulungileyo

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.