بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
لَآ أُقۡسِمُ بِهَٰذَا ٱلۡبَلَدِ ١Ndifunga ngesi sixeko (saseMakkah) وَأَنتَ حِلُّۢ بِهَٰذَا ٱلۡبَلَدِ ٢Wena (Muhammad) ungummi okhululekileyo wesi sixeko وَوَالِدٍ وَمَا وَلَدَ ٣Nangomzali nangoko akuzeleyo لَقَدۡ خَلَقۡنَا ٱلۡإِنسَٰنَ فِي كَبَدٍ ٤Inene umntu Simdalele ekubulalekeni أَيَحۡسَبُ أَن لَّن يَقۡدِرَ عَلَيۡهِ أَحَدٌ ٥Ucinga ukuba akakho onamandla ngaphezu kwakhe يَقُولُ أَهۡلَكۡتُ مَالًا لُّبَدًا ٦(Ude) athi (eqhayisa): “Ndichithe ubutyebi (bam) obuninzi!” أَيَحۡسَبُ أَن لَّمۡ يَرَهُۥٓ أَحَدٌ ٧Ucinga ukuba akakho ombonayo na أَلَمۡ نَجۡعَل لَّهُۥ عَيۡنَيۡنِ ٨Asimenzelanga amehlo amabini na وَلِسَانًا وَشَفَتَيۡنِ ٩Nolwimi nemilebe emibini وَهَدَيۡنَٰهُ ٱلنَّجۡدَيۡنِ ١٠Sambonisa iindlela ezimbini (eliqhina nehlayo) فَلَا ٱقۡتَحَمَ ٱلۡعَقَبَةَ ١١Kodwa akazamanga, ukalinyuka iqhina وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا ٱلۡعَقَبَةُ ١٢Yintoni na enokukucacisela okokuba liyintoni na iqhina فَكُّ رَقَبَةٍ ١٣Kukukhulula ikhoboka أَوۡ إِطۡعَٰمٌ فِي يَوۡمٍ ذِي مَسۡغَبَةٍ ١٤Okanye ukondla (abantu) ngemini yendlala يَتِيمًا ذَا مَقۡرَبَةٍ ١٥(Ukondla) inkedama esondeleyo (kuwe ngokuzalana) أَوۡ مِسۡكِينًا ذَا مَتۡرَبَةٍ ١٦Okanye ihlwempu eliqhwanda uthuli. (ngenxa yentlupheko) ثُمَّ كَانَ مِنَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَتَوَاصَوۡاْ بِٱلصَّبۡرِ وَتَوَاصَوۡاْ بِٱلۡمَرۡحَمَةِ ١٧Aze abe ngomnye wabo bakholwayo (kwi-Islam) abathi bakhuthazane ukunyamezela nomonde. Bakhuthazane kananjalo ngokuba nyulu nangokuba nemfesane أُوْلَٰٓئِكَ أَصۡحَٰبُ ٱلۡمَيۡمَنَةِ ١٨Bona abo ngabo bangasekunene (abahlali basePaladesi) وَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ بِـَٔايَٰتِنَا هُمۡ أَصۡحَٰبُ ٱلۡمَشۡـَٔمَةِ ١٩Ke bona abo bangakholwayo kwiiVesi zeThu, (ze`Kur’ân) bona ngabo bangasekhohlo (abahlali basesiHogweni) عَلَيۡهِمۡ نَارٌ مُّؤۡصَدَةُۢ ٢٠UMlilo uya kubagubungela