ملة الإسلام

السورة 22 · 78 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة الحج باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة الحج (1,230 قارئاً)
مدنيةسورة الحج٧٨ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ ٱتَّقُواْ رَبَّكُمۡۚ إِنَّ زَلۡزَلَةَ ٱلسَّاعَةِ شَيۡءٌ عَظِيمٌ ١Hini na nina bantu! Yoyikani iNkosi yenu. Inene ukunyikima kweYure yeyona nto imbi يَوۡمَ تَرَوۡنَهَا تَذۡهَلُ كُلُّ مُرۡضِعَةٍ عَمَّآ أَرۡضَعَتۡ وَتَضَعُ كُلُّ ذَاتِ حَمۡلٍ حَمۡلَهَا وَتَرَى ٱلنَّاسَ سُكَٰرَىٰ وَمَا هُم بِسُكَٰرَىٰ وَلَٰكِنَّ عَذَابَ ٱللَّهِ شَدِيدٌ ٢NgeMini eniya kuyibona ngayo, wonke umama oncancisayo uya kulibala ngokuncancisa kwakhe, yaye wonke omithiyo (ngaloo Mini) uya kuwisa phantsi (loo) mthwalo wakhe, uze ubone abantu bekwimo yokunxila, benganxilanga, kodwa siya kuba buhlungu isohlwayo sika-Allâh وَمِنَ ٱلنَّاسِ مَن يُجَٰدِلُ فِي ٱللَّهِ بِغَيۡرِ عِلۡمٍ وَيَتَّبِعُ كُلَّ شَيۡطَٰنٍ مَّرِيدٍ ٣Ke kaloku phakathi kwabantu kukho lowo unamaphike ngokuphathelele kuAllâh, engenalwazi, elandela wonke uShaytân onobuvukeli كُتِبَ عَلَيۡهِ أَنَّهُۥ مَن تَوَلَّاهُ فَأَنَّهُۥ يُضِلُّهُۥ وَيَهۡدِيهِ إِلَىٰ عَذَابِ ٱلسَّعِيرِ ٤Sele kumiselwe ngaye okokuba nabani na lowo ulandela yena uya kumlahlekisa yena yaye uya kumkhokelela kwisohlwayo seDangatya (loMlilo) يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ إِن كُنتُمۡ فِي رَيۡبٍ مِّنَ ٱلۡبَعۡثِ فَإِنَّا خَلَقۡنَٰكُم مِّن تُرَابٍ ثُمَّ مِن نُّطۡفَةٍ ثُمَّ مِنۡ عَلَقَةٍ ثُمَّ مِن مُّضۡغَةٍ مُّخَلَّقَةٍ وَغَيۡرِ مُخَلَّقَةٍ لِّنُبَيِّنَ لَكُمۡۚ وَنُقِرُّ فِي ٱلۡأَرۡحَامِ مَا نَشَآءُ إِلَىٰٓ أَجَلٍ مُّسَمًّى ثُمَّ نُخۡرِجُكُمۡ طِفۡلًا ثُمَّ لِتَبۡلُغُوٓاْ أَشُدَّكُمۡۖ وَمِنكُم مَّن يُتَوَفَّىٰ وَمِنكُم مَّن يُرَدُّ إِلَىٰٓ أَرۡذَلِ ٱلۡعُمُرِ لِكَيۡلَا يَعۡلَمَ مِنۢ بَعۡدِ عِلۡمٍ شَيۡـًٔاۚ وَتَرَى ٱلۡأَرۡضَ هَامِدَةً فَإِذَآ أَنزَلۡنَا عَلَيۡهَا ٱلۡمَآءَ ٱهۡتَزَّتۡ وَرَبَتۡ وَأَنۢبَتَتۡ مِن كُلِّ زَوۡجِۭ بَهِيجٍ ٥Hini na bantu! Ukuba ningaba neentandabuzo mayela noVuko, yazini okokuba Sanidala ngothuli, emva koko ngeqabaza lembewu yomntu, emva koko ngehlwili, nangesihlunu senyama, esinxalenye yaso ibumbekileyo, enye yaso ingabumbekanga khon’ukuze Sinibonise. Kananjalo Sihlalisa esibelekweni lowo Sithandileyo ixesha elithile, Size Sinikhuphe ngaphandle niziintsana, Siphinde sinikhulise khon’ukuze nifikelele exesheni lenu lokuvuthwa. Kananjalo phakathi kwenu kukho lowo uye athatyathwe kukufa (eselula) ukanti phakathi kwenu kukho lowo uye abuyiselwe ekwaluphaleni okuyimbandezelo, khon’ukuze angazi nento le. Ke kaloku niyawubona umhlaba uludlolo, kodwa uthi SiSakuthulula imvula phezu kwawo uvuseleleke udumbe uhlume zonke (izinto) ezintle (zohlaza) ذَٰلِكَ بِأَنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلۡحَقُّ وَأَنَّهُۥ يُحۡيِ ٱلۡمَوۡتَىٰ وَأَنَّهُۥ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ٦Oko kungenxa yokuba uAllâh: UyiNyaniso, yaye nguYe Onika ubomi kwabafileyo, ikwanguYe Onamandla ngaphezulu kwezinto zonke وَأَنَّ ٱلسَّاعَةَ ءَاتِيَةٌ لَّا رَيۡبَ فِيهَا وَأَنَّ ٱللَّهَ يَبۡعَثُ مَن فِي ٱلۡقُبُورِ ٧Inene yona iYure iyeza, akukho kuthandabuza ngayo; yaye inene, uAllâh Uza kubavusa abo basemangcwabeni وَمِنَ ٱلنَّاسِ مَن يُجَٰدِلُ فِي ٱللَّهِ بِغَيۡرِ عِلۡمٍ وَلَا هُدًى وَلَا كِتَٰبٍ مُّنِيرٍ ٨Ke kaloku phakathi kwabantu kukho lowo uxoxayo ngoAllâh engenalo nolwazi okanye isiKhokelo, okanye iNcwadi emnika ukukhanya (evela kuAllâh) ثَانِيَ عِطۡفِهِۦ لِيُضِلَّ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِۖ لَهُۥ فِي ٱلدُّنۡيَا خِزۡيٌۖ وَنُذِيقُهُۥ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ عَذَابَ ٱلۡحَرِيقِ ٩Ejika intamo yakhe (ngekratshi) elahlekisa (abantu) eNdleleni ka-Allâh. Okwakhe kweli hlabathi lihlazo, yaye Siya kumenza angcamle isohlwayo soMlilo otshisayo ngoMhla woVuko ذَٰلِكَ بِمَا قَدَّمَتۡ يَدَاكَ وَأَنَّ ٱللَّهَ لَيۡسَ بِظَلَّٰمٍ لِّلۡعَبِيدِ ١٠(Kuya kuthiwa kuye): “Oku koko kwenziwa zizandla zakho ngokuba uAllâh Akazanga Wangabi nabulungisa kwizicaka (zaKhe).” وَمِنَ ٱلنَّاسِ مَن يَعۡبُدُ ٱللَّهَ عَلَىٰ حَرۡفٍۖ فَإِنۡ أَصَابَهُۥ خَيۡرٌ ٱطۡمَأَنَّ بِهِۦۖ وَإِنۡ أَصَابَتۡهُ فِتۡنَةٌ ٱنقَلَبَ عَلَىٰ وَجۡهِهِۦ خَسِرَ ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةَۚ ذَٰلِكَ هُوَ ٱلۡخُسۡرَانُ ٱلۡمُبِينُ ١١Kananjalo phakathi kwabantu kukho lowo unqula uAllâh emngciphekweni. Ukuba uthe wachukunyiswa kokulungileyo, uyaqiniseka (ukuMthemba uAllâh) kodwa athi esakufunyanwa yintshutshiso, bujike ubuso bakhe (ayilahle i-Islam). Yena ulahlekelwe kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo. Oko ke yiyona lahleko icacileyo يَدۡعُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ مَا لَا يَضُرُّهُۥ وَمَا لَا يَنفَعُهُۥۚ ذَٰلِكَ هُوَ ٱلضَّلَٰلُ ٱلۡبَعِيدُ ١٢Yena ubiza koko kungekhe kumzuzise nto kungekhe kumonzakalise ngaphandle koAllâh, oko kukulahleka okugqithisileyo يَدۡعُواْ لَمَن ضَرُّهُۥٓ أَقۡرَبُ مِن نَّفۡعِهِۦۚ لَبِئۡسَ ٱلۡمَوۡلَىٰ وَلَبِئۡسَ ٱلۡعَشِيرُ ١٣Yena ubiza kulowo ukonzakala kwakhe kusondeleyo kunenzuzo yakhe: hayi ukungcola komkhuseli (wakhe), hayi ukungcola kukagxa wakhe إِنَّ ٱللَّهَ يُدۡخِلُ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ جَنَّٰتٍ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُۚ إِنَّ ٱللَّهَ يَفۡعَلُ مَا يُرِيدُ ١٤Inene uAllâh Uza kubangenisa abo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo eMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo. Inene, uAllâh Wenza oko Akuthandileyo مَن كَانَ يَظُنُّ أَن لَّن يَنصُرَهُ ٱللَّهُ فِي ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةِ فَلۡيَمۡدُدۡ بِسَبَبٍ إِلَى ٱلسَّمَآءِ ثُمَّ لۡيَقۡطَعۡ فَلۡيَنظُرۡ هَلۡ يُذۡهِبَنَّ كَيۡدُهُۥ مَا يَغِيظُ ١٥Nabani na lowo ucinga ukuba uAllâh Akanakumxhasa (uMuhammad) kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo makolule intambo ibe nde iye kutsho emqadini, anqamle (umphefumlo wakhe), makajonge ke ukuba: ingaba loo nzame yakhe iza kukususa na oko kugqwagqwazela kwakhe (ngumsindo) وَكَذَٰلِكَ أَنزَلۡنَٰهُ ءَايَٰتِۭ بَيِّنَٰتٍ وَأَنَّ ٱللَّهَ يَهۡدِي مَن يُرِيدُ ١٦Ngoko ke Siyithumele kanjalo (le ‘Kur’ân) ukuba ibe ngumqondiso ocacileyo, Inene uAllâh Ukhokela lowo Athandileyo (ukumkhokela) إِنَّ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَٱلَّذِينَ هَادُواْ وَٱلصَّٰبِـِٔينَ وَٱلنَّصَٰرَىٰ وَٱلۡمَجُوسَ وَٱلَّذِينَ أَشۡرَكُوٓاْ إِنَّ ٱللَّهَ يَفۡصِلُ بَيۡنَهُمۡ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ شَهِيدٌ ١٧Inene, abo bakholwayo nabo babengamaYuda namaSabhiya namaKhristu neZazi (ZaseMpumalanga) nabo bayamanisa amahlulelane kuAllâh, uAllâh Uza kugweba phakathi kwabo ngoMhla woVuko. Inene uAllâh UliNgqina ngaphezulu kwezinto zonke أَلَمۡ تَرَ أَنَّ ٱللَّهَ يَسۡجُدُۤ لَهُۥۤ مَن فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَن فِي ٱلۡأَرۡضِ وَٱلشَّمۡسُ وَٱلۡقَمَرُ وَٱلنُّجُومُ وَٱلۡجِبَالُ وَٱلشَّجَرُ وَٱلدَّوَآبُّ وَكَثِيرٌ مِّنَ ٱلنَّاسِۖ وَكَثِيرٌ حَقَّ عَلَيۡهِ ٱلۡعَذَابُۗ وَمَن يُهِنِ ٱللَّهُ فَمَا لَهُۥ مِن مُّكۡرِمٍۚ إِنَّ ٱللَّهَ يَفۡعَلُ مَا يَشَآءُ ۩ ١٨Akuboni na okokuba kuAllâh kuqubuda wonke ubani osemazulwini nasemhlabeni, ilanga, inyanga, iinkwenkwezi, iintaba, imithi, izidalwa ezinyakazayo nabantu abaninzi? Kodwa ke kwabaninzi isohlwayo siya kufaneleka. Kananjalo lowo uya kuhlaziswa nguAllâh akuyi kubakho bani uya kumnika intlonipheko. Inene uAllâh Wenza Akuthandileyo ۞ هَٰذَانِ خَصۡمَانِ ٱخۡتَصَمُواْ فِي رَبِّهِمۡۖ فَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ قُطِّعَتۡ لَهُمۡ ثِيَابٌ مِّن نَّارٍ يُصَبُّ مِن فَوۡقِ رُءُوسِهِمُ ٱلۡحَمِيمُ ١٩Aba ke ngabachasi ababini abaphikisanayo ngeNkosi yabo. Kodwa abo bangakholwayo baya kuba sele bezisikele izambatho zoMlilo. Okuya kugalelwa ezintlokweni zabo iya kuba ngamanzi abuxulayo يُصۡهَرُ بِهِۦ مَا فِي بُطُونِهِمۡ وَٱلۡجُلُودُ ٢٠Ekuya kunyityilikiswa ngawo oko kuseziswini zabo ndawonye nezikhumba zabo وَلَهُم مَّقَٰمِعُ مِنۡ حَدِيدٍ ٢١Kananjalo baya kuba nezinti zeentsimbi abaza kubethwa ngazo كُلَّمَآ أَرَادُوٓاْ أَن يَخۡرُجُواْ مِنۡهَا مِنۡ غَمٍّ أُعِيدُواْ فِيهَا وَذُوقُواْ عَذَابَ ٱلۡحَرِيقِ ٢٢Maxa onke bezama ukuphuncula apho entuthumbeni, baya kubuyiselwa kwakuyo, yaye (kuya kuthiwa): “Ngcamlani ke isohlwayo soMlilo oTshisayo!” إِنَّ ٱللَّهَ يُدۡخِلُ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ جَنَّٰتٍ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ يُحَلَّوۡنَ فِيهَا مِنۡ أَسَاوِرَ مِن ذَهَبٍ وَلُؤۡلُؤًاۖ وَلِبَاسُهُمۡ فِيهَا حَرِيرٌ ٢٣Inene uAllâh Uya kubangenisa abo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo, eMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo. Baya kuhonjiswa apho ngezacholo zegolide nezeperile, kananjalo izambatho zabo apho ziya kuba yisilika وَهُدُوٓاْ إِلَى ٱلطَّيِّبِ مِنَ ٱلۡقَوۡلِ وَهُدُوٓاْ إِلَىٰ صِرَٰطِ ٱلۡحَمِيدِ ٢٤Kaloku bona (ehlabathini) babekhokelwa ziintetho ezilungileyo yaye bona babekhokelwa kwindlela (ka-Allâh) Wokudunyiswa إِنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَيَصُدُّونَ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِ وَٱلۡمَسۡجِدِ ٱلۡحَرَامِ ٱلَّذِي جَعَلۡنَٰهُ لِلنَّاسِ سَوَآءً ٱلۡعَٰكِفُ فِيهِ وَٱلۡبَادِۚ وَمَن يُرِدۡ فِيهِ بِإِلۡحَادِۭ بِظُلۡمٍ نُّذِقۡهُ مِنۡ عَذَابٍ أَلِيمٍ ٢٥Inene abo bangakholwayo baze bathintele abantu (bangangeni) eNdleleni ka-Allâh naseMasjid al-Harâm, (iKa’bha) eSayenzela abantu (bonke) ngokulinganayo, abahlala kuyo nongowangaphandle. Ke kaloku lowo uthe wazimisela ukuphambuka (enkolweni yeIslam) ngaphakathi apho okanye enze ubugwenxa Thina Siya kumenza angcamle isohlwayo esibuhlungu وَإِذۡ بَوَّأۡنَا لِإِبۡرَٰهِيمَ مَكَانَ ٱلۡبَيۡتِ أَن لَّا تُشۡرِكۡ بِي شَيۡـًٔا وَطَهِّرۡ بَيۡتِيَ لِلطَّآئِفِينَ وَٱلۡقَآئِمِينَ وَٱلرُّكَّعِ ٱلسُّجُودِ ٢٦Khumbula ukuba Sabonisa uIbrâhîm isiza seNdlu eNgcwele (iKa’bha) (SiSithi kuye): “Ungayamanisi nantoni na kuM (uyinqule naM), kananjalo hlambulula iNdlu yaM (uyihlambululele) abo benza iTawâf1 ndawonye nabo bema ngeenyawo (bathandaze) nabo bagobayo baqubude kuyo وَأَذِّن فِي ٱلنَّاسِ بِٱلۡحَجِّ يَأۡتُوكَ رِجَالًا وَعَلَىٰ كُلِّ ضَامِرٍ يَأۡتِينَ مِن كُلِّ فَجٍّ عَمِيقٍ ٢٧Vakalisa ebantwini iHajji (uHambo oluNgcwele; baya kuza kuwe ngeenyawo bekhwele zonke iinkamela ezinqinileyo yaye baya kuza bevela kuzo zonke iinyoba) لِّيَشۡهَدُواْ مَنَٰفِعَ لَهُمۡ وَيَذۡكُرُواْ ٱسۡمَ ٱللَّهِ فِيٓ أَيَّامٍ مَّعۡلُومَٰتٍ عَلَىٰ مَا رَزَقَهُم مِّنۢ بَهِيمَةِ ٱلۡأَنۡعَٰمِۖ فَكُلُواْ مِنۡهَا وَأَطۡعِمُواْ ٱلۡبَآئِسَ ٱلۡفَقِيرَ ٢٨Khona ukuze bangqine ngeenzuzo ezizezabo ukhankanye kananjalo igama lika-Allâh ngeentsuku ezaziwayo ngoko Ababonelele ngako kuzizilwanyana (zeminikelo) Yidlani ke kuzo nondle nabaxhwalekileyo nabangamahlwempu ثُمَّ لۡيَقۡضُواْ تَفَثَهُمۡ وَلۡيُوفُواْ نُذُورَهُمۡ وَلۡيَطَّوَّفُواْ بِٱلۡبَيۡتِ ٱلۡعَتِيقِ ٢٩Ke kaloku mabafezekise amaxanduva abo (eHajji) benze izifungo zabo, bajikeleze umzi wakudala iKa’bha ذَٰلِكَۖ وَمَن يُعَظِّمۡ حُرُمَٰتِ ٱللَّهِ فَهُوَ خَيۡرٌ لَّهُۥ عِندَ رَبِّهِۦۗ وَأُحِلَّتۡ لَكُمُ ٱلۡأَنۡعَٰمُ إِلَّا مَا يُتۡلَىٰ عَلَيۡكُمۡۖ فَٱجۡتَنِبُواْ ٱلرِّجۡسَ مِنَ ٱلۡأَوۡثَٰنِ وَٱجۡتَنِبُواْ قَوۡلَ ٱلزُّورِ ٣٠Loo (maxanduva eHajji kunyanzelekile enzelwe ukukholisa uAllâh), kanti nabani na oxabisa izenzo (zonqulo) ezingcwele zika-Allâh kulunge kakhulu oko kuye emehlweni eNkosi yakhe. Kananjalo okuvumelekileyo kuni zizilwanyana ezitya ingca, ngaphandle kwezo zicengceleziweyo kuni2. Ngoko ke kuphepheni ukungcola kwezithixo niyiphephe nentetho ebubuxoki حُنَفَآءَ لِلَّهِ غَيۡرَ مُشۡرِكِينَ بِهِۦۚ وَمَن يُشۡرِكۡ بِٱللَّهِ فَكَأَنَّمَا خَرَّ مِنَ ٱلسَّمَآءِ فَتَخۡطَفُهُ ٱلطَّيۡرُ أَوۡ تَهۡوِي بِهِ ٱلرِّيحُ فِي مَكَانٍ سَحِيقٍ ٣١Tyekelani ngakuAllâh ningayamanisi nto kuYe. Lowo wayamanisa (izithixo) kuAllâh ufana nokuba uwe esibhakabhakeni waza waxhwilwa ziintaka okanye ngumoya wamthwala waya kumbeka ezantsi kwindawo ekude ذَٰلِكَۖ وَمَن يُعَظِّمۡ شَعَٰٓئِرَ ٱللَّهِ فَإِنَّهَا مِن تَقۡوَى ٱلۡقُلُوبِ ٣٢Ngoko ke lowo uxabisa imifuziselo (izenzo zonqulo) ka- Allâh inene, oko kusuka ebunyulwini beentliziyo لَكُمۡ فِيهَا مَنَٰفِعُ إِلَىٰٓ أَجَلٍ مُّسَمًّى ثُمَّ مَحِلُّهَآ إِلَى ٱلۡبَيۡتِ ٱلۡعَتِيقِ ٣٣Kuzo(izilwanyanazeminikelo)kukhoiinzuzozenuokwexesha elimisiweyo, emva koko ziye ziziselwe ukunikelwa eNdlwini yakudala (iHarâm, ummandla oNgcwele eMakkah) وَلِكُلِّ أُمَّةٍ جَعَلۡنَا مَنسَكًا لِّيَذۡكُرُواْ ٱسۡمَ ٱللَّهِ عَلَىٰ مَا رَزَقَهُم مِّنۢ بَهِيمَةِ ٱلۡأَنۡعَٰمِۗ فَإِلَٰهُكُمۡ إِلَٰهٌ وَٰحِدٌ فَلَهُۥٓ أَسۡلِمُواْۗ وَبَشِّرِ ٱلۡمُخۡبِتِينَ ٣٤Ke kaloku kwisizwe ngasinye Simisele amasiko enkolo, khon’ukuze apho kuwo bakhankanye igama lika-Allâh phezu kwesilwanyana (Yena uAllâh) Abanikele ukuba sibe kukudla kubo. Kananjalo uThixo wenu nguThixo oMnye, ngoko ke zinikeleni kuYe, kananjalo wena (Muhammad) nika iindaba ezivuyisayo kwabathobekileyo ٱلَّذِينَ إِذَا ذُكِرَ ٱللَّهُ وَجِلَتۡ قُلُوبُهُمۡ وَٱلصَّٰبِرِينَ عَلَىٰ مَآ أَصَابَهُمۡ وَٱلۡمُقِيمِي ٱلصَّلَوٰةِ وَمِمَّا رَزَقۡنَٰهُمۡ يُنفِقُونَ ٣٥Abantliziyo zabo zizala luloyiko xa kukhankanywa uAllâh, bazebabenomondengokokubathwaxayo, babebengabamiseli beSalâh, nabo bachitha (kumalizo) oko Sibaphe kona وَٱلۡبُدۡنَ جَعَلۡنَٰهَا لَكُم مِّن شَعَٰٓئِرِ ٱللَّهِ لَكُمۡ فِيهَا خَيۡرٌۖ فَٱذۡكُرُواْ ٱسۡمَ ٱللَّهِ عَلَيۡهَا صَوَآفَّۖ فَإِذَا وَجَبَتۡ جُنُوبُهَا فَكُلُواْ مِنۡهَا وَأَطۡعِمُواْ ٱلۡقَانِعَ وَٱلۡمُعۡتَرَّۚ كَذَٰلِكَ سَخَّرۡنَٰهَا لَكُمۡ لَعَلَّكُمۡ تَشۡكُرُونَ ٣٦Ke kaloku iinkamela neenkomo Sizonyulele nina njengeminye yemiqondiso ka-Allâh; kuzo apho kukho okulungileyo. Ngoko ke khankanyani igama lika-Allâh phezu kwazo xa zidweliselwe (ukunikezelwa); naxa sele zifile zilele ngamacala azo, yidlani ke kuzo, nondle nabasweleyo nongqibayo. Ngolo hlobo ke Sizenze zaba phantsi kwenu khona ukuze nibe nombulelo لَن يَنَالَ ٱللَّهَ لُحُومُهَا وَلَا دِمَآؤُهَا وَلَٰكِن يَنَالُهُ ٱلتَّقۡوَىٰ مِنكُمۡۚ كَذَٰلِكَ سَخَّرَهَا لَكُمۡ لِتُكَبِّرُواْ ٱللَّهَ عَلَىٰ مَا هَدَىٰكُمۡۗ وَبَشِّرِ ٱلۡمُحۡسِنِينَ ٣٧Asiyonyama yazo, ingelogazi lazo elifikelela kuAllâh, koko bubunyulu obuvela kuni obufikelelayo kuYe. Ngolo hlobo ke Sizenze zaphantsi kwenu ukuze niMenze Mkhulu uAllâh ngokunikhokela kwaKhe. Nika iindaba ezivuyisayo ke (Muhammad) kubenzi bokulungileyo ۞ إِنَّ ٱللَّهَ يُدَٰفِعُ عَنِ ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْۗ إِنَّ ٱللَّهَ لَا يُحِبُّ كُلَّ خَوَّانٍ كَفُورٍ ٣٨Inene, uAllâh Uyabakhusela abo bakholwayo. Inene, uAllâh Akathandi namnye kwabanobungcatshi abangenambulelo kuAllâh أُذِنَ لِلَّذِينَ يُقَٰتَلُونَ بِأَنَّهُمۡ ظُلِمُواْۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ عَلَىٰ نَصۡرِهِمۡ لَقَدِيرٌ ٣٩Ilungelo lokulwa (ngokuchasene nabangakholwayo) Linikiwe kwabo balwa ngenxa yokuba benziwe ubugwenxa; yaye inene, uAllâh Uyakwazi ukubanika uloyiso ٱلَّذِينَ أُخۡرِجُواْ مِن دِيَٰرِهِم بِغَيۡرِ حَقٍّ إِلَّآ أَن يَقُولُواْ رَبُّنَا ٱللَّهُۗ وَلَوۡلَا دَفۡعُ ٱللَّهِ ٱلنَّاسَ بَعۡضَهُم بِبَعۡضٍ لَّهُدِّمَتۡ صَوَٰمِعُ وَبِيَعٌ وَصَلَوَٰتٌ وَمَسَٰجِدُ يُذۡكَرُ فِيهَا ٱسۡمُ ٱللَّهِ كَثِيرًاۗ وَلَيَنصُرَنَّ ٱللَّهُ مَن يَنصُرُهُۥٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَقَوِيٌّ عَزِيزٌ ٤٠(Bona)ngabobayabakhutshwakumawabokungengabulungisa kodwa ngenxa yokuba besithi: “INkosi yethu nguAllâh.” Kananjalo ukuba ngaba uAllâh Ebengaphenyi abantu ngabanye, bekuya kudilika imizi yokuhlala oonongendi, iicawa, iitempile zamaYuda, neemasjid apho igama lika-Allâh likhankanywa khona kakhulu (lidunyiswe). Kwaye uAllâh Uza kubaxhasa ngenene abo baMxhasayo. Inene uAllâh Unamandla yaye Mkhulu, Unobunganga ٱلَّذِينَ إِن مَّكَّنَّٰهُمۡ فِي ٱلۡأَرۡضِ أَقَامُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَءَاتَوُاْ ٱلزَّكَوٰةَ وَأَمَرُواْ بِٱلۡمَعۡرُوفِ وَنَهَوۡاْ عَنِ ٱلۡمُنكَرِۗ وَلِلَّهِ عَٰقِبَةُ ٱلۡأُمُورِ ٤١Abo bathi xa Sibanike igunya emhlabeni, bamisele iSalâh, banikele ngeZakâh bayalele ukwenziwa kokulungileyo, balele okungalunganga. Kananjalo isiphumo sezinto (zonke) sesika-Allâh وَإِن يُكَذِّبُوكَ فَقَدۡ كَذَّبَتۡ قَبۡلَهُمۡ قَوۡمُ نُوحٍ وَعَادٌ وَثَمُودُ ٤٢Kanti ke ukuba bayakuphikisa wena (Muhammad) benza njalo nabantu bakwaNûh, abakwa’Ad nabakwaThamûd ababengaphambili kunabo وَقَوۡمُ إِبۡرَٰهِيمَ وَقَوۡمُ لُوطٍ ٤٣Nabantu bakwaIbrâhîm nabantu bakwaLût وَأَصۡحَٰبُ مَدۡيَنَۖ وَكُذِّبَ مُوسَىٰۖ فَأَمۡلَيۡتُ لِلۡكَٰفِرِينَ ثُمَّ أَخَذۡتُهُمۡۖ فَكَيۡفَ كَانَ نَكِيرِ ٤٤Nabemi bakwaMidiyani. Kananjalo uMûsâ waye waphikwa, Ndaza ke Mna Ndalolula ulonwabo lwabangakholwayo; Ndabuya Ndabahlasela. Kwaba njani ukuba kubi ke ukubohlwaya kwaM فَكَأَيِّن مِّن قَرۡيَةٍ أَهۡلَكۡنَٰهَا وَهِيَ ظَالِمَةٌ فَهِيَ خَاوِيَةٌ عَلَىٰ عُرُوشِهَا وَبِئۡرٍ مُّعَطَّلَةٍ وَقَصۡرٍ مَّشِيدٍ ٤٥Zingaphi izixeko eSazitshabalalisayo lo gama zazisenza ububi ke kaloku (kungoku nje) zawa zatshabalala. Kanti mangaphi) amaqula ashiywayo? (emangaphi) wona amabhotwe aphakamileyo awayo أَفَلَمۡ يَسِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَتَكُونَ لَهُمۡ قُلُوبٌ يَعۡقِلُونَ بِهَآ أَوۡ ءَاذَانٌ يَسۡمَعُونَ بِهَاۖ فَإِنَّهَا لَا تَعۡمَى ٱلۡأَبۡصَٰرُ وَلَٰكِن تَعۡمَى ٱلۡقُلُوبُ ٱلَّتِي فِي ٱلصُّدُورِ ٤٦Abahamba-hambi na ehlabathini (babone), ingaba banazo iintliziyo zokuqiqa neendlebe zokuva? Inene ayingomehlo aye abe nobumfama, koko ziintliziyo ezisezifubeni eziye zibe nobumfama وَيَسۡتَعۡجِلُونَكَ بِٱلۡعَذَابِ وَلَن يُخۡلِفَ ٱللَّهُ وَعۡدَهُۥۚ وَإِنَّ يَوۡمًا عِندَ رَبِّكَ كَأَلۡفِ سَنَةٍ مِّمَّا تَعُدُّونَ ٤٧Kananjalo bakucela ukuba ukhawulezise ngesohlwayo! Ke Yena uAllâh Akasileli kwesaKhe isithembiso. Kananjalo inene imini (enye) eNkosini yakho injengeminyaka eliwaka yaleyo niyibalayo وَكَأَيِّن مِّن قَرۡيَةٍ أَمۡلَيۡتُ لَهَا وَهِيَ ظَالِمَةٌ ثُمَّ أَخَذۡتُهَا وَإِلَيَّ ٱلۡمَصِيرُ ٤٨Ke kaloku zininzi izixeko eNdazimelayo (aNdazitshabalalisa) lo gama zazizinikele ebugwenxeni. Kodwa ekugqibeleni Ndazihlasela, Ukanti kukuM apho kuza kubuyelwa khona قُلۡ يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ إِنَّمَآ أَنَا۠ لَكُمۡ نَذِيرٌ مُّبِينٌ ٤٩Yithi: “Hini na bantu, Mna ndinguMlumkisi ocacileyo kuphela kuni.” فَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ لَهُم مَّغۡفِرَةٌ وَرِزۡقٌ كَرِيمٌ ٥٠Abo bakholiweyo benza izenzo zobulungisa okwabo luxolelo nembonelelo exabisekileyo وَٱلَّذِينَ سَعَوۡاْ فِيٓ ءَايَٰتِنَا مُعَٰجِزِينَ أُوْلَٰٓئِكَ أَصۡحَٰبُ ٱلۡجَحِيمِ ٥١Kodwa bona abo baya bazabalaza ngokuchasene neeVesi zeThu, (befuna) ukuzenza zingaphumeleli abo ngamadlelane oMlilo wesiHogo وَمَآ أَرۡسَلۡنَا مِن قَبۡلِكَ مِن رَّسُولٍ وَلَا نَبِيٍّ إِلَّآ إِذَا تَمَنَّىٰٓ أَلۡقَى ٱلشَّيۡطَٰنُ فِيٓ أُمۡنِيَّتِهِۦ فَيَنسَخُ ٱللَّهُ مَا يُلۡقِي ٱلشَّيۡطَٰنُ ثُمَّ يُحۡكِمُ ٱللَّهُ ءَايَٰتِهِۦۗ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمٌ ٥٢Kananjalo aSizanga Sithumele nawuphi na uMthunywa okanye umprofeti ngaphambili kunawe Singamthumeleli ukuba athi xa ethetha (okanye ecengceleza) uShaytân ajule (ukungaqondakali kwento ayithethayo). Kodwa uAllâh Uyakutshabalalisa oko kujulwa nguShaytân. Ke kaloku uAllâh Wenza iiVesi zaKhe zithi Ngqo. Yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko لِّيَجۡعَلَ مَا يُلۡقِي ٱلشَّيۡطَٰنُ فِتۡنَةً لِّلَّذِينَ فِي قُلُوبِهِم مَّرَضٌ وَٱلۡقَاسِيَةِ قُلُوبُهُمۡۗ وَإِنَّ ٱلظَّٰلِمِينَ لَفِي شِقَاقِۭ بَعِيدٍ ٥٣Khon’ukuzeYena (uAllâh) EnzeokokujulwanguShaytânkube luvavanyo kwabo bantliziyo zabo zinesifo (sobuhanahanisi) nabantliziyo zabo ziqaqadekileyo. Kananjalo, abenzi bobubi basekuphambukeni okukude (kakhulu) وَلِيَعۡلَمَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡعِلۡمَ أَنَّهُ ٱلۡحَقُّ مِن رَّبِّكَ فَيُؤۡمِنُواْ بِهِۦ فَتُخۡبِتَ لَهُۥ قُلُوبُهُمۡۗ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَهَادِ ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِلَىٰ صِرَٰطٍ مُّسۡتَقِيمٍ ٥٤Khon’ ukuze abo banikwe ulwazi bazi okokuba (le ‘Kur’ân) iyinyaniso evela eNkosini yakho, baze bakholwe kuyo, neentliziyo zabo zizinikele kuyo ngokuzithobileyo. Kananjalo inene, uAllâh nguMkhokeli wabo bakholwayo, (yaye) Ubakhokelela eNdleleni ethe Tye وَلَا يَزَالُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ فِي مِرۡيَةٍ مِّنۡهُ حَتَّىٰ تَأۡتِيَهُمُ ٱلسَّاعَةُ بَغۡتَةً أَوۡ يَأۡتِيَهُمۡ عَذَابُ يَوۡمٍ عَقِيمٍ ٥٥Abo bangakholwayo asokuze bayeke ukuba neentandabuzo ngayo (i’Kur’ân) kude kufike iYure ngequbuliso phezu kwabo, kungenjalo bafikelwe sisohlwayo seMini ekungayi kuphinda kubekho busuku emva kwayo (uMhla woMgwebo) ٱلۡمُلۡكُ يَوۡمَئِذٍ لِّلَّهِ يَحۡكُمُ بَيۡنَهُمۡۚ فَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ فِي جَنَّٰتِ ٱلنَّعِيمِ ٥٦Ulongamelo ngayo loo Mini luya kuba loluka-Allâh. Yena ke Uya kugweba phakathi kwabo. Abo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo baya kuba seMiyezweni yolonwabo وَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَكَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِنَا فَأُوْلَٰٓئِكَ لَهُمۡ عَذَابٌ مُّهِينٌ ٥٧Ke bona abo bangakholwayo baphika nemiqondiso yeThu okwabo iya kuba sisohlwayo esinyelisayo وَٱلَّذِينَ هَاجَرُواْ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ ثُمَّ قُتِلُوٓاْ أَوۡ مَاتُواْ لَيَرۡزُقَنَّهُمُ ٱللَّهُ رِزۡقًا حَسَنًاۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَهُوَ خَيۡرُ ٱلرَّٰزِقِينَ ٥٨Abo bafudukayo ngenxa ka-Allâh baza emva koko babulawa okanye babhubha, inene, uAllâh Uza kubabonelela ngembonelelo elungileyo. Yaye nguAllâh eneneni OngoYena Ulungileyo ukunika iimbonenelelo لَيُدۡخِلَنَّهُم مُّدۡخَلًا يَرۡضَوۡنَهُۥۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَعَلِيمٌ حَلِيمٌ ٥٩Inene,Yena Uyakubangenisangesangoabayakukholisekalilo, yaye inene, uAllâh ngenene nguSolwazi, uSokunyamezela ۞ ذَٰلِكَۖ وَمَنۡ عَاقَبَ بِمِثۡلِ مَا عُوقِبَ بِهِۦ ثُمَّ بُغِيَ عَلَيۡهِ لَيَنصُرَنَّهُ ٱللَّهُۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَعَفُوٌّ غَفُورٌ ٦٠Oko (kunjalo). Yaye lowo uthe waphindisa ngokufana noko waviswa ubuhlungu ngako, aze aphinde kwakhona enziwe ububi, uAllâh Uya kumnceda ngenene yena. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba ذَٰلِكَ بِأَنَّ ٱللَّهَ يُولِجُ ٱلَّيۡلَ فِي ٱلنَّهَارِ وَيُولِجُ ٱلنَّهَارَ فِي ٱلَّيۡلِ وَأَنَّ ٱللَّهَ سَمِيعُۢ بَصِيرٌ ٦١Oko kungenxa yokuba uAllâh Uguqula ubusuku bube yimini, Aguqule imini ibe bubusuku. Inene, uAllâh nguSokuva, uSokubona ذَٰلِكَ بِأَنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلۡحَقُّ وَأَنَّ مَا يَدۡعُونَ مِن دُونِهِۦ هُوَ ٱلۡبَٰطِلُ وَأَنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلۡعَلِيُّ ٱلۡكَبِيرُ ٦٢Oko kungenxa yokuba uAllâh Yena yiNyaniso, ukanti oko babiza kuko ngaphandle kwaKhe bubuxoki, ngenxa yokuba uAllâh Uphakamile Mkhulu أَلَمۡ تَرَ أَنَّ ٱللَّهَ أَنزَلَ مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءً فَتُصۡبِحُ ٱلۡأَرۡضُ مُخۡضَرَّةًۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَطِيفٌ خَبِيرٌ ٦٣Akuboni na ukuba uAllâh Uthumela imvula ivela esibhakabhakeni uze umhlaba ube luhlaza? Inene uAllâh UnobuBele Unolwazi لَّهُۥ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَا فِي ٱلۡأَرۡضِۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَهُوَ ٱلۡغَنِيُّ ٱلۡحَمِيدُ ٦٤KokwaKhe (konke) okusemazulwini nasemhlabeni, inene uAllâh sisiTyebi, (akukho nto Ayisweleyo) Ufanelwe kukudunyiswa أَلَمۡ تَرَ أَنَّ ٱللَّهَ سَخَّرَ لَكُم مَّا فِي ٱلۡأَرۡضِ وَٱلۡفُلۡكَ تَجۡرِي فِي ٱلۡبَحۡرِ بِأَمۡرِهِۦ وَيُمۡسِكُ ٱلسَّمَآءَ أَن تَقَعَ عَلَى ٱلۡأَرۡضِ إِلَّا بِإِذۡنِهِۦٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ بِٱلنَّاسِ لَرَءُوفٌ رَّحِيمٌ ٦٥Akuboni na ukuba uAllâh Wenze yaba ngaphantsi kwenu yonke into esemhlabeni neenqanawa zibaleka zinqumle ulwandle ngomyalelo waKhe? Kwanokuba Ubamba isibhakabhaka ukuba singawi phezu komhlaba, ngaphandle kwemvume yaKhe. Inene, uAllâh kubantu, Unobubele, nguSozinceba وَهُوَ ٱلَّذِيٓ أَحۡيَاكُمۡ ثُمَّ يُمِيتُكُمۡ ثُمَّ يُحۡيِيكُمۡۗ إِنَّ ٱلۡإِنسَٰنَ لَكَفُورٌ ٦٦NguYe, Owaninika ubomi, noza kunenza nife, kwaye Usaya kuphinda Aninike ubomi kwakhona. Inene, umntu akanambulelo لِّكُلِّ أُمَّةٍ جَعَلۡنَا مَنسَكًا هُمۡ نَاسِكُوهُۖ فَلَا يُنَٰزِعُنَّكَ فِي ٱلۡأَمۡرِۚ وَٱدۡعُ إِلَىٰ رَبِّكَۖ إِنَّكَ لَعَلَىٰ هُدًى مُّسۡتَقِيمٍ ٦٧Kwisizwe ngasinye Siyalele iinkonzo zenkolo amabazenze. Ngoko ke (wena Muhammad) bona (abangakholwayo) mabangaphikisani nawe ngombandela (lowo weenkonzo) koko bamemele eNkosini yakho. Inene wena useNdleleni ethe Tye وَإِن جَٰدَلُوكَ فَقُلِ ٱللَّهُ أَعۡلَمُ بِمَا تَعۡمَلُونَ ٦٨Ukuba bayaphikisana nawe ke, yithi: “UAllâh Wazi ngcono ngoko nikwenzayo.” ٱللَّهُ يَحۡكُمُ بَيۡنَكُمۡ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ فِيمَا كُنتُمۡ فِيهِ تَخۡتَلِفُونَ ٦٩UAllâh Uza kugweba phakathi kwenu ngoMhla woVuko ngoko naniphikisana ngako أَلَمۡ تَعۡلَمۡ أَنَّ ٱللَّهَ يَعۡلَمُ مَا فِي ٱلسَّمَآءِ وَٱلۡأَرۡضِۚ إِنَّ ذَٰلِكَ فِي كِتَٰبٍۚ إِنَّ ذَٰلِكَ عَلَى ٱللَّهِ يَسِيرٌ ٧٠Akwazi na ukuba uAllâh Uyakwazi konke okusemazulwini nasemhlabeni? Inene, (konke) kuseNcwadini. Inene kulula oko kuAllâh وَيَعۡبُدُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ مَا لَمۡ يُنَزِّلۡ بِهِۦ سُلۡطَٰنًا وَمَا لَيۡسَ لَهُم بِهِۦ عِلۡمٌۗ وَمَا لِلظَّٰلِمِينَ مِن نَّصِيرٍ ٧١Banqula ngaphandle koAllâh oko Angabathobelanga gunya ngako, noko bangenalwazi ngako; yaye kubenzi bobubi akuyi kubakho mncedi وَإِذَا تُتۡلَىٰ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتُنَا بَيِّنَٰتٍ تَعۡرِفُ فِي وُجُوهِ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ ٱلۡمُنكَرَۖ يَكَادُونَ يَسۡطُونَ بِٱلَّذِينَ يَتۡلُونَ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتِنَاۗ قُلۡ أَفَأُنَبِّئُكُم بِشَرٍّ مِّن ذَٰلِكُمُۚ ٱلنَّارُ وَعَدَهَا ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْۖ وَبِئۡسَ ٱلۡمَصِيرُ ٧٢Ke kaloku xa iiVesi zeThu ezicacileyo zicengcelezwa kubo, uya kuphawula ukuziphika ebusweni babo bangakholwayo! Bona kukancinane nje ukuba basuke bahlasele ngobubhovubhovu babo abo bacengceleza iiVesi zeThu kubo. Yithi ke “Ndinganixelela ngeyona nto imbi kunene kunaleyo? NguMlilo (wesiHogo) lowo uAllâh Athembise ngawo kwabo bangakholwayo, asisesibi ngako eso siphelo sohambo.” يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ ضُرِبَ مَثَلٌ فَٱسۡتَمِعُواْ لَهُۥٓۚ إِنَّ ٱلَّذِينَ تَدۡعُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ لَن يَخۡلُقُواْ ذُبَابًا وَلَوِ ٱجۡتَمَعُواْ لَهُۥۖ وَإِن يَسۡلُبۡهُمُ ٱلذُّبَابُ شَيۡـًٔا لَّا يَسۡتَنقِذُوهُ مِنۡهُۚ ضَعُفَ ٱلطَّالِبُ وَٱلۡمَطۡلُوبُ ٧٣Hini na nina bantu! Umzekeliso sele wenziwe, phulaphulani kuwo ke ngoko. Inene abo nibathandazayo ngaphandle koAllâh abasokuze badale (nento encinane engangayo) nempukane, enokuba bebengade bayihlanganele bonke. Kanti ukuba impukane ingeba intwanana encinane kubo, abangekhe bayifumane kuyo. Abanto yanto abo kuleqekwa emva kwabo nabo baleqa emvakwabo مَا قَدَرُواْ ٱللَّهَ حَقَّ قَدۡرِهِۦٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَقَوِيٌّ عَزِيزٌ ٧٤AbaMxabisanga uAllâh ngexabiso elilungileyo. Inene uAllâh Uqinile, Unamandla ٱللَّهُ يَصۡطَفِي مِنَ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةِ رُسُلًا وَمِنَ ٱلنَّاسِۚ إِنَّ ٱللَّهَ سَمِيعُۢ بَصِيرٌ ٧٥UAllâh Ukhetha izithunywa kwiingelosi. Nakubantu. Inene uAllâh nguSokuva, uSokubona يَعۡلَمُ مَا بَيۡنَ أَيۡدِيهِمۡ وَمَا خَلۡفَهُمۡۚ وَإِلَى ٱللَّهِ تُرۡجَعُ ٱلۡأُمُورُ ٧٦Uyakwazi okungaphambili kubo, nokungemva kubo. Kananjalo kuAllâh kubuyela zonke izinto يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ ٱرۡكَعُواْ وَٱسۡجُدُواْۤ وَٱعۡبُدُواْ رَبَّكُمۡ وَٱفۡعَلُواْ ٱلۡخَيۡرَ لَعَلَّكُمۡ تُفۡلِحُونَ ۩ ٧٧Hini na nina bakholwayo! Qubudani phantsi nikhonze iNkosi yenu, nenze okulungileyo khon’ukuze niphumelele وَجَٰهِدُواْ فِي ٱللَّهِ حَقَّ جِهَادِهِۦۚ هُوَ ٱجۡتَبَىٰكُمۡ وَمَا جَعَلَ عَلَيۡكُمۡ فِي ٱلدِّينِ مِنۡ حَرَجٍۚ مِّلَّةَ أَبِيكُمۡ إِبۡرَٰهِيمَۚ هُوَ سَمَّىٰكُمُ ٱلۡمُسۡلِمِينَ مِن قَبۡلُ وَفِي هَٰذَا لِيَكُونَ ٱلرَّسُولُ شَهِيدًا عَلَيۡكُمۡ وَتَكُونُواْ شُهَدَآءَ عَلَى ٱلنَّاسِۚ فَأَقِيمُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَءَاتُواْ ٱلزَّكَوٰةَ وَٱعۡتَصِمُواْ بِٱللَّهِ هُوَ مَوۡلَىٰكُمۡۖ فَنِعۡمَ ٱلۡمَوۡلَىٰ وَنِعۡمَ ٱلنَّصِيرُ ٧٨Zabalazani kananjalo eNdleleni ka-Allâh njengoko nifanele ukuzabalaza. Yena Unikhethile yaye yena Akanenzelanga bunzima enkolweni. (Ngapha koko le) yinkolo katata wenu, uIbrâhîm. Yena wanithiya ukuba ningama”Muslim” kwamandulo (kwiziBhalo zamandulo) nakwesi (siTyhilelo) khon’ukuze Mthunywa abe liNgqina phezu kwenu, nize nina nibe ngamagqina phezu kwabantu. Ngoko ke yenzani iSalâh. Ninikele ngeZakâh nibambelele nkqi kuAllâh. Yena nguMlondolozi wenu; kananjalo Yena nguMkhuseli Omkhulu noMncedi Ogqibeleleyo

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.