ملة الإسلام

السورة 69 · 52 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة الحاقة باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة الحاقة (1,346 قارئاً)
مكيةسورة الحاقة٥٢ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

ٱلۡحَآقَّةُ ١INyaniso مَا ٱلۡحَآقَّةُ ٢Yintoni na iNyaniso وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا ٱلۡحَآقَّةُ ٣Yintoni na enokukwazisa ukuba iyintoni na iNyaniso كَذَّبَتۡ ثَمُودُ وَعَادُۢ بِٱلۡقَارِعَةِ ٤AmaThamûd nama’Ad ayiphika intlekele ebethayo (ukubetha kweYure yoMgwebo) فَأَمَّا ثَمُودُ فَأُهۡلِكُواْ بِٱلطَّاغِيَةِ ٥Ke kaloku amaThamûd (lawo) atshatyalaliswa sisithonga esongamelayo وَأَمَّا عَادٌ فَأُهۡلِكُواْ بِرِيحٍ صَرۡصَرٍ عَاتِيَةٍ ٦Nama’Ad (nawo) atshatyalaliswa ngumoya ovuthuza ngokutswinayo سَخَّرَهَا عَلَيۡهِمۡ سَبۡعَ لَيَالٍ وَثَمَٰنِيَةَ أَيَّامٍ حُسُومًاۖ فَتَرَى ٱلۡقَوۡمَ فِيهَا صَرۡعَىٰ كَأَنَّهُمۡ أَعۡجَازُ نَخۡلٍ خَاوِيَةٍ ٧Lowo Yena uAllâh Wawunyanzelayo phezu kwabo ubusuku obusixhenxe neemini ezisibhozo zilandelelana, wawungababona abantu apho bedunduluzile bengathi ngamaphanga ezibhukubhuku zemithi yesundu فَهَلۡ تَرَىٰ لَهُم مِّنۢ بَاقِيَةٍ ٨Ukhona ombonayo kubo (osaphilayo) وَجَآءَ فِرۡعَوۡنُ وَمَن قَبۡلَهُۥ وَٱلۡمُؤۡتَفِكَٰتُ بِٱلۡخَاطِئَةِ ٩Kwaza kweza uFir’awn nabo babengaphambili kunaye abazivuyavuyayo izixeko ngesono فَعَصَوۡاْ رَسُولَ رَبِّهِمۡ فَأَخَذَهُمۡ أَخۡذَةً رَّابِيَةً ١٠Baya ababathobela abaProfeti beNkosi yabo, Yabahlasela ke ngohlaselo olumandla إِنَّا لَمَّا طَغَا ٱلۡمَآءُ حَمَلۡنَٰكُمۡ فِي ٱلۡجَارِيَةِ ١١Inene athi amanzi akuphuphuma, Sanithwala nina (ookhokho benu) enqanaweni eyayidada (kaNûh) لِنَجۡعَلَهَا لَكُمۡ تَذۡكِرَةً وَتَعِيَهَآ أُذُنٌ وَٰعِيَةٌ ١٢Khon’ukuze Siyenze ibe sisikhumbuzi kwanokuba indlebe evayo iphaphame ngayo فَإِذَا نُفِخَ فِي ٱلصُّورِ نَفۡخَةٌ وَٰحِدَةٌ ١٣Xa iXilongo livuthelwa ngesithonga esinye وَحُمِلَتِ ٱلۡأَرۡضُ وَٱلۡجِبَالُ فَدُكَّتَا دَكَّةً وَٰحِدَةً ١٤Umhlaba neentaba ziphakanyisiwe zaphinda (zagangathwa) zeetyaba ngesithonga esinye فَيَوۡمَئِذٍ وَقَعَتِ ٱلۡوَاقِعَةُ ١٥Ngaloo Mini ke isehlo (uVuko) siya kuhla وَٱنشَقَّتِ ٱلسَّمَآءُ فَهِيَ يَوۡمَئِذٍ وَاهِيَةٌ ١٦Nezulu liya kucandeka kubini (livuleke) kuba ngayo loo Mini liya kuba yacuyacu libe dlaka-dlaka وَٱلۡمَلَكُ عَلَىٰٓ أَرۡجَآئِهَاۚ وَيَحۡمِلُ عَرۡشَ رَبِّكَ فَوۡقَهُمۡ يَوۡمَئِذٍ ثَمَٰنِيَةٌ ١٧Ke kaloku emacaleni alo kuya kuba kukho iingelosi, ezisibhozo ngalooMini ziya kuba zithwele iTrone yeNkosi yakho phezu kwazo يَوۡمَئِذٍ تُعۡرَضُونَ لَا تَخۡفَىٰ مِنكُمۡ خَافِيَةٌ ١٨Ngayo loo Mini niya kuziswa ekugwetyweni, akukho mfihlo yenu iya kufihlakala فَأَمَّا مَنۡ أُوتِيَ كِتَٰبَهُۥ بِيَمِينِهِۦ فَيَقُولُ هَآؤُمُ ٱقۡرَءُواْ كِتَٰبِيَهۡ ١٩Ke lowo uya kunikwa iNcwadi yakhe esandleni sakhe sokunene uya kuthi: “Nantsi! Fundani iNcwadi yam إِنِّي ظَنَنتُ أَنِّي مُلَٰقٍ حِسَابِيَهۡ ٢٠“Inene mna ndaye ndakholwa ukuba ndiza kudibana nokubhaliweyo (ngam) فَهُوَ فِي عِيشَةٍ رَّاضِيَةٍ ٢١Lowo ke uya kuba sebomini, obumnandi فِي جَنَّةٍ عَالِيَةٍ ٢٢Epaladesi ephakamileyo قُطُوفُهَا دَانِيَةٌ ٢٣Iziqhamo zona ziya kuba ngezipho eziya kuba sezantsi kufutshane esandleni (sakhe) كُلُواْ وَٱشۡرَبُواْ هَنِيٓـَٔۢا بِمَآ أَسۡلَفۡتُمۡ فِي ٱلۡأَيَّامِ ٱلۡخَالِيَةِ ٢٤(Kuya kuthiwa kubo): “Yidlani nizanelise ngenxa yoko nazenzela kona (kwangethuba) ngemihla eyadlulayo.” وَأَمَّا مَنۡ أُوتِيَ كِتَٰبَهُۥ بِشِمَالِهِۦ فَيَقُولُ يَٰلَيۡتَنِي لَمۡ أُوتَ كِتَٰبِيَهۡ ٢٥Ke lowo uya kunikwa iNcwadi yakhe esandleni sakhe sokhohlo, uya kuthi: “Yeha kum, akwaba bendingayinikwanga iNcwadi yam وَلَمۡ أَدۡرِ مَا حِسَابِيَهۡ ٢٦Andayazi kwa ukuyazi into ebhalwe ngam يَٰلَيۡتَهَا كَانَتِ ٱلۡقَاضِيَةَ ٢٧Akwaba (ukufa kwam) bekusisiphelo sobomi bam مَآ أَغۡنَىٰ عَنِّي مَالِيَهۡۜ ٢٨Ubutyebi bam abundincedanga nto هَلَكَ عَنِّي سُلۡطَٰنِيَهۡ ٢٩Igunya lam limkile kum (nokuhlonipheka kuphelile kum)!2” خُذُوهُ فَغُلُّوهُ ٣٠(UAllâh Uya kuthi), “Mbambeni nimkhonkxe ثُمَّ ٱلۡجَحِيمَ صَلُّوهُ ٣١Nimqhubele eDangatyeni loMlilo (wesiHogo) ثُمَّ فِي سِلۡسِلَةٍ ذَرۡعُهَا سَبۡعُونَ ذِرَاعًا فَٱسۡلُكُوهُ ٣٢Nimqamangele ngekhonkco elibude balo buzii kubite ezingamashumi asixhenxe إِنَّهُۥ كَانَ لَا يُؤۡمِنُ بِٱللَّهِ ٱلۡعَظِيمِ ٣٣Inene yena wayengakholwa kuAllâh, Ongoyena Mkhulu.” وَلَا يَحُضُّ عَلَىٰ طَعَامِ ٱلۡمِسۡكِينِ ٣٤Engazanga akhuthaze nokondliwa kwamahlwempu فَلَيۡسَ لَهُ ٱلۡيَوۡمَ هَٰهُنَا حَمِيمٌ ٣٥Ngoko ke akasenaye namhlobo wakhe osenyongweni namhlanje وَلَا طَعَامٌ إِلَّا مِنۡ غِسۡلِينٍ ٣٦Engenakutya kumbi ngaphandle kwencindi ephuma ezilondeni (ububomvu) لَّا يَأۡكُلُهُۥٓ إِلَّا ٱلۡخَٰطِـُٔونَ ٣٧Akukho nabani na oya kuyitya (loo ncindi) ngaphandle kwaboni فَلَآ أُقۡسِمُ بِمَا تُبۡصِرُونَ ٣٨Ndifunga ngoko nikubonayo وَمَا لَا تُبۡصِرُونَ ٣٩Nangoko ningakuboniyo إِنَّهُۥ لَقَوۡلُ رَسُولٍ كَرِيمٍ ٤٠(Okokuba), inene (i’Kur’ân) ililizwi lomthunywa ohloniphekileyo وَمَا هُوَ بِقَوۡلِ شَاعِرٍۚ قَلِيلًا مَّا تُؤۡمِنُونَ ٤١Kananjalo ayilolizwi lembongi, kuncinane enikukholelwayo وَلَا بِقَوۡلِ كَاهِنٍۚ قَلِيلًا مَّا تَذَكَّرُونَ ٤٢Ingelolizwi lomvumisi, kuncinane enikukhumbulayo تَنزِيلٌ مِّن رَّبِّ ٱلۡعَٰلَمِينَ ٤٣(Yona) sisiTyhilelo esivela kwiNkosi yamaphakade وَلَوۡ تَقَوَّلَ عَلَيۡنَا بَعۡضَ ٱلۡأَقَاوِيلِ ٤٤Ukanti ukuba ngaba yena (uMuhammad) ebengaqamba iintetho zobuxoki ngaThi لَأَخَذۡنَا مِنۡهُ بِٱلۡيَمِينِ ٤٥Ke kaloku beSiya kumxhakamfula ngesandla sakhe sokunene ثُمَّ لَقَطَعۡنَا مِنۡهُ ٱلۡوَتِينَ ٤٦Size Simqhawule umthambo (wegazi osuka entliziyweni) فَمَا مِنكُم مِّنۡ أَحَدٍ عَنۡهُ حَٰجِزِينَ ٤٧Kwaye akukho namnye kuni obeya (kuSithintela Thina) kuye وَإِنَّهُۥ لَتَذۡكِرَةٌ لِّلۡمُتَّقِينَ ٤٨Inene yona (i’Kur’ân) isisikhumbuzi kumalungisa وَإِنَّا لَنَعۡلَمُ أَنَّ مِنكُم مُّكَذِّبِينَ ٤٩Kananjalo, Siyazi Thina okokuba phakathi kwenu kukho abaphiki وَإِنَّهُۥ لَحَسۡرَةٌ عَلَى ٱلۡكَٰفِرِينَ ٥٠Ke kaloku yona (i’Kur’ân) iya kuba ngunobangela wokuzisola kwabangakholwayo وَإِنَّهُۥ لَحَقُّ ٱلۡيَقِينِ ٥١Yona ke ngenene iyinyaniso yokwenene فَسَبِّحۡ بِٱسۡمِ رَبِّكَ ٱلۡعَظِيمِ ٥٢(Wena) zukisa igama leNkosi yakho eNkulu

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.