ملة الإسلام

السورة 59 · 24 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة الحشر باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة الحشر (1,236 قارئاً)
مدنيةسورة الحشر٢٤ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

سَبَّحَ لِلَّهِ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَا فِي ٱلۡأَرۡضِۖ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ١(Konke) okusemazulwini nokusemhlabeni kuzukisa uAllâh, yaye Yena nguSobunganga, nguSobulumko هُوَ ٱلَّذِيٓ أَخۡرَجَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ مِنۡ أَهۡلِ ٱلۡكِتَٰبِ مِن دِيَٰرِهِمۡ لِأَوَّلِ ٱلۡحَشۡرِۚ مَا ظَنَنتُمۡ أَن يَخۡرُجُواْۖ وَظَنُّوٓاْ أَنَّهُم مَّانِعَتُهُمۡ حُصُونُهُم مِّنَ ٱللَّهِ فَأَتَىٰهُمُ ٱللَّهُ مِنۡ حَيۡثُ لَمۡ يَحۡتَسِبُواْۖ وَقَذَفَ فِي قُلُوبِهِمُ ٱلرُّعۡبَۚ يُخۡرِبُونَ بُيُوتَهُم بِأَيۡدِيهِمۡ وَأَيۡدِي ٱلۡمُؤۡمِنِينَ فَٱعۡتَبِرُواْ يَٰٓأُوْلِي ٱلۡأَبۡصَٰرِ ٢NguYe kanye Owagxotha abo bangakholwayo phakathi kwaBantu beNcwadi (amaYuda namaKhristu) emakhayeni abo kwindibano yokuqala1 Nina naningayicingi nokuyicinga into yokuba bangahamba, kanti nabo babecinga ukuba iinqaba zemikhosi yabo ziza kubakhusela kuAllâh; Kodwa ummiselo ka-Allâh wabafikela uvela apho babengawulindelanga khona, Wafaka ixhala ezintliziyweni zabo baza batshabalalisa izindlu zabo ngezandla zabo nangezandla zamakholwa. Ngoko ke thabathani isilumkiso nina bantu bakwaziyo ukubona وَلَوۡلَآ أَن كَتَبَ ٱللَّهُ عَلَيۡهِمُ ٱلۡجَلَآءَ لَعَذَّبَهُمۡ فِي ٱلدُّنۡيَاۖ وَلَهُمۡ فِي ٱلۡأٓخِرَةِ عَذَابُ ٱلنَّارِ ٣Ukuba kwakungekho ngenxa yokuba UAllâh Wayesele Emisele kukhutshwa kwabo, ngeWabohlwayayo kweli hlabathi ukanti okwabo kuBomi oBuzayo sisohlwayo soMlilo ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ شَآقُّواْ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥۖ وَمَن يُشَآقِّ ٱللَّهَ فَإِنَّ ٱللَّهَ شَدِيدُ ٱلۡعِقَابِ ٤Oko kungenxa yokuba baphikisa uAllâh noMthunywa waKhe. Ke kaloku lowo uphikisa uAllâh Inene uAllâh Wohlwaya kabuhlungu مَا قَطَعۡتُم مِّن لِّينَةٍ أَوۡ تَرَكۡتُمُوهَا قَآئِمَةً عَلَىٰٓ أُصُولِهَا فَبِإِذۡنِ ٱللَّهِ وَلِيُخۡزِيَ ٱلۡفَٰسِقِينَ ٥Konke enikugawuleyo okuyimithi yabo yesundu neniyishiye imile ngeziqu zayo, (oko) kube ngemvume ka-Allâh kwaye Usaya kubahlaza abadelelayo, abangenantobeko وَمَآ أَفَآءَ ٱللَّهُ عَلَىٰ رَسُولِهِۦ مِنۡهُمۡ فَمَآ أَوۡجَفۡتُمۡ عَلَيۡهِ مِنۡ خَيۡلٍ وَلَا رِكَابٍ وَلَٰكِنَّ ٱللَّهَ يُسَلِّطُ رُسُلَهُۥ عَلَىٰ مَن يَشَآءُۚ وَٱللَّهُ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ٦Nantoni na uAllâh Ayibuyisele kuMthunywa waKhe evela kubo akukho mahashe (kungekho) zinkamela naziphalisela yona. Kodwa uAllâh Unika uMthunywa waKhe amandla ngaphezulu kwalowo athande (ukumnika amandla ngaphezu kwakhe), Yaye uAllâh Unamandla ngaphezu kweento zonke مَّآ أَفَآءَ ٱللَّهُ عَلَىٰ رَسُولِهِۦ مِنۡ أَهۡلِ ٱلۡقُرَىٰ فَلِلَّهِ وَلِلرَّسُولِ وَلِذِي ٱلۡقُرۡبَىٰ وَٱلۡيَتَٰمَىٰ وَٱلۡمَسَٰكِينِ وَٱبۡنِ ٱلسَّبِيلِ كَيۡ لَا يَكُونَ دُولَةَۢ بَيۡنَ ٱلۡأَغۡنِيَآءِ مِنكُمۡۚ وَمَآ ءَاتَىٰكُمُ ٱلرَّسُولُ فَخُذُوهُ وَمَا نَهَىٰكُمۡ عَنۡهُ فَٱنتَهُواْۚ وَٱتَّقُواْ ٱللَّهَۖ إِنَّ ٱللَّهَ شَدِيدُ ٱلۡعِقَابِ ٧Ke kaloku nantoni na uAllâhAyibuyisela kuMthunywa waKhe ivela kubantu bezixeko yeka-Allâh noMthunywa waKhe nezizalwana zaKhe ezizezona zisondeleyo kuye neenkedama nababandezelekileyo nabaseluhambeni khona ukuze ingabi (yonto) iyakwabiwa umphelo phakathi kwabazizityebi naphakathi kwenu. Nantoni na uMthunywa aninika yona yithatheni nantoni na ke analele yona, shenxani kuyo. Noyike uAllâh kananjalo; inene uAllâh Wohlwaya kabuhlungu لِلۡفُقَرَآءِ ٱلۡمُهَٰجِرِينَ ٱلَّذِينَ أُخۡرِجُواْ مِن دِيَٰرِهِمۡ وَأَمۡوَٰلِهِمۡ يَبۡتَغُونَ فَضۡلًا مِّنَ ٱللَّهِ وَرِضۡوَٰنًا وَيَنصُرُونَ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥٓۚ أُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلصَّٰدِقُونَ ٨Kumahlwempu angabafuduki abagxothwa emakhayeni abo nakwimpahla yabo, befuna uBubele buka-Allâh nokwamkeleka kuYe, bexhasa uAllâh noMthunywa waKhe, (banesabo isabelo nabo). Ngabanyanisekileyo ke abo وَٱلَّذِينَ تَبَوَّءُو ٱلدَّارَ وَٱلۡإِيمَٰنَ مِن قَبۡلِهِمۡ يُحِبُّونَ مَنۡ هَاجَرَ إِلَيۡهِمۡ وَلَا يَجِدُونَ فِي صُدُورِهِمۡ حَاجَةً مِّمَّآ أُوتُواْ وَيُؤۡثِرُونَ عَلَىٰٓ أَنفُسِهِمۡ وَلَوۡ كَانَ بِهِمۡ خَصَاصَةٌۚ وَمَن يُوقَ شُحَّ نَفۡسِهِۦ فَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُفۡلِحُونَ ٩(Banesabelo) Nabo babezinzile kumakhaya abo (eMadinah) baza balwamkela ukholo (lweIslam) ngaphambi (kokufika) kwabo (abafuduki), bona bayabathanda abo bafudukela kubo, yaye abanamona ezifubeni zabo ngoko bakunikiweyo (kuphuma kwixhayelo) kananjalo bona bakhetha ukuba kuqalwe (ngabafuduki) kunabo (bona bemi baseMadinah) nangona belifuna (ixhayelo). Nabani na lowo usindisiweyo ekunyolukeni kwakhe, abanjalo ngabo abaya kuphumelela وَٱلَّذِينَ جَآءُو مِنۢ بَعۡدِهِمۡ يَقُولُونَ رَبَّنَا ٱغۡفِرۡ لَنَا وَلِإِخۡوَٰنِنَا ٱلَّذِينَ سَبَقُونَا بِٱلۡإِيمَٰنِ وَلَا تَجۡعَلۡ فِي قُلُوبِنَا غِلًّا لِّلَّذِينَ ءَامَنُواْ رَبَّنَآ إِنَّكَ رَءُوفٌ رَّحِيمٌ ١٠Ke kaloku abo bafika emva kwabo bathi: “Nkosi yethu! Sixolele thina nabazalwana bethu abasandulelayo elukholweni, ungafaki nzondo ezintliziyweni zethu ngokuchasene nabo bakholiweyo. Nkosi yethu inene Wena unguSobubele, uSozinceba ۞ أَلَمۡ تَرَ إِلَى ٱلَّذِينَ نَافَقُواْ يَقُولُونَ لِإِخۡوَٰنِهِمُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ مِنۡ أَهۡلِ ٱلۡكِتَٰبِ لَئِنۡ أُخۡرِجۡتُمۡ لَنَخۡرُجَنَّ مَعَكُمۡ وَلَا نُطِيعُ فِيكُمۡ أَحَدًا أَبَدًا وَإِن قُوتِلۡتُمۡ لَنَنصُرَنَّكُمۡ وَٱللَّهُ يَشۡهَدُ إِنَّهُمۡ لَكَٰذِبُونَ ١١Akubabonanga na abahanahanisi, abathi koogxa babo abangabanye baBantu beNcwadi abangakholwayo: “Sifunga ngoAllâh ukuba nigxothiwe nina, nathi oku kwethu siya kuhamba nani, kwaye ukuba niyahlaselwa, inene siya kunincedisa thina.” Kodwa uAllâh liNgqina Yena lokuba bona ngamaxoki okwenene لَئِنۡ أُخۡرِجُواْ لَا يَخۡرُجُونَ مَعَهُمۡ وَلَئِن قُوتِلُواْ لَا يَنصُرُونَهُمۡ وَلَئِن نَّصَرُوهُمۡ لَيُوَلُّنَّ ٱلۡأَدۡبَٰرَ ثُمَّ لَا يُنصَرُونَ ١٢Inene, ukuba wona (amaYuda) agxothiwe, asokuze bona (abahanahanisi) bahambe nawo, kanti ke nokuba bangawancedisa (amaYuda lawo), (abahanahanisi) baza kuphinda beze ngomva (babaleke) yaye abayi kuba noloyiso لَأَنتُمۡ أَشَدُّ رَهۡبَةً فِي صُدُورِهِم مِّنَ ٱللَّهِۚ ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ قَوۡمٌ لَّا يَفۡقَهُونَ ١٣Inene, nina (bakholwayo) noyikeka kakhulu ezintliziyweni zawo (amaYuda) kunoAllah, oko kungenxa yokuba bangabantu abangenangqiqo لَا يُقَٰتِلُونَكُمۡ جَمِيعًا إِلَّا فِي قُرًى مُّحَصَّنَةٍ أَوۡ مِن وَرَآءِ جُدُرِۭۚ بَأۡسُهُم بَيۡنَهُمۡ شَدِيدٌۚ تَحۡسَبُهُمۡ جَمِيعًا وَقُلُوبُهُمۡ شَتَّىٰۚ ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ قَوۡمٌ لَّا يَعۡقِلُونَ ١٤Abasokuze balwe nani ngaphandle kokuba kungaphakathi kwezixeko ezikhuselekileyo okanye ngaphaya kweendonga. Ukruthakruthano phakathi kwabo luninzi. Nina nicinga ukuba bamanyene kodwa iintliziyo zabo zahlukene. Oko kunjalo ngenxa yukuba bangabantu abangaqiqiyo كَمَثَلِ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡ قَرِيبًاۖ ذَاقُواْ وَبَالَ أَمۡرِهِمۡ وَلَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ١٥Imfano yabo inje ngabo babengaphambi kwabo kwithuba elisandula kugqitha: bona ke bangcamla iziphumo zezenzo zabo, yaye basaza kufumana isohlwayo esibuhlungu كَمَثَلِ ٱلشَّيۡطَٰنِ إِذۡ قَالَ لِلۡإِنسَٰنِ ٱكۡفُرۡ فَلَمَّا كَفَرَ قَالَ إِنِّي بَرِيٓءٌ مِّنكَ إِنِّيٓ أَخَافُ ٱللَّهَ رَبَّ ٱلۡعَٰلَمِينَ ١٦(Abahanahanisi) banjengoShaytân xa esithi emntwini, “Mus’ukukholwa.” Aze athi (umntu lowo) esakungakholwa, (uShaytân athi): “Inene, mna ndiyazikhwebula kuwe. Inene mna ndoyika uAllâh, iNkosi yamaphakade.” فَكَانَ عَٰقِبَتَهُمَآ أَنَّهُمَا فِي ٱلنَّارِ خَٰلِدَيۡنِ فِيهَاۚ وَذَٰلِكَ جَزَٰٓؤُاْ ٱلظَّٰلِمِينَ ١٧Ngoko ke isiphetho ngabo kukuba bekunye (noShaytân lowo wabo) baya kuba seMlilweni, bahlale apho ngonaphakade. Leyo ke yimbuyekezo yabenzi bobugwenxa يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ ٱتَّقُواْ ٱللَّهَ وَلۡتَنظُرۡ نَفۡسٌ مَّا قَدَّمَتۡ لِغَدٍۖ وَٱتَّقُواْ ٱللَّهَۚ إِنَّ ٱللَّهَ خَبِيرُۢ بِمَا تَعۡمَلُونَ ١٨Hini na nina bakholwayo, yoyikani uAllâh. Kananjalo umphefumlo ngamnye mawujonge okwenzileyo ukulungiselela ingomso. Inene uAllâh Unolwazi ngoko nikwenzayo وَلَا تَكُونُواْ كَٱلَّذِينَ نَسُواْ ٱللَّهَ فَأَنسَىٰهُمۡ أَنفُسَهُمۡۚ أُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡفَٰسِقُونَ ١٩Ningabi njengabo baMlibalayo uAllâh, Waza naye Wabenza oku kwabo bazilibala iziqu zabo. Abo ngabadelelayo, abangenantobeko لَا يَسۡتَوِيٓ أَصۡحَٰبُ ٱلنَّارِ وَأَصۡحَٰبُ ٱلۡجَنَّةِۚ أَصۡحَٰبُ ٱلۡجَنَّةِ هُمُ ٱلۡفَآئِزُونَ ٢٠Akafani amadlelane oMlilo namadlelane ePaladesi. Amadlelane ePaladesi ngabazuzi bempumelelo لَوۡ أَنزَلۡنَا هَٰذَا ٱلۡقُرۡءَانَ عَلَىٰ جَبَلٍ لَّرَأَيۡتَهُۥ خَٰشِعًا مُّتَصَدِّعًا مِّنۡ خَشۡيَةِ ٱللَّهِۚ وَتِلۡكَ ٱلۡأَمۡثَٰلُ نَضۡرِبُهَا لِلنَّاسِ لَعَلَّهُمۡ يَتَفَكَّرُونَ ٢١Ukuba le ‘Kur’ân Sasiyithumele entabeni, wawuya kuyibona izithoba idilika ngenxa yokoyika uAllâh. Le mizekeliso Siyinika abantu khon’ukuze bacingisise هُوَ ٱللَّهُ ٱلَّذِي لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَۖ عَٰلِمُ ٱلۡغَيۡبِ وَٱلشَّهَٰدَةِۖ هُوَ ٱلرَّحۡمَٰنُ ٱلرَّحِيمُ ٢٢Yena nguAllâh, ekungekho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, uMazi wokungabonakaliyo nokubonakalayo. Yena nguSozinceba هُوَ ٱللَّهُ ٱلَّذِي لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ ٱلۡمَلِكُ ٱلۡقُدُّوسُ ٱلسَّلَٰمُ ٱلۡمُؤۡمِنُ ٱلۡمُهَيۡمِنُ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡجَبَّارُ ٱلۡمُتَكَبِّرُۚ سُبۡحَٰنَ ٱللَّهِ عَمَّا يُشۡرِكُونَ ٢٣Yena nguAllâh ekungekho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe uKumkani, uSobungcwele, Ongenakusoleka, uMniki wokhuseleko, uMlondolozi wezidalwa zaKhe, uSobunganga, uMyaleli, Omkhulu, uzuko malube kuAllâh, Yena Ungentla lee koko bakwayamanisa naYe هُوَ ٱللَّهُ ٱلۡخَٰلِقُ ٱلۡبَارِئُ ٱلۡمُصَوِّرُۖ لَهُ ٱلۡأَسۡمَآءُ ٱلۡحُسۡنَىٰۚ يُسَبِّحُ لَهُۥ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۖ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ٢٤Yena nguAllâh, uMdali, uMyili, uMbumbi; ngawaKhe onke amagama amnandi. Konke okusemazulwini nasemhlabeni kuzukisa Yena. Kananjalo Yena nguSobunganga, uSobulumko

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.