ملة الإسلام

السورة 3 · 200 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة آل عمران باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة آل عمران (1,417 قارئاً)
مدنيةسورة آل عمران٢٠٠ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

الٓمٓ ١Alif-Lâm-Mîm ٱللَّهُ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ ٱلۡحَيُّ ٱلۡقَيُّومُ ٢UAllâh! Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, Ophila ngonaphakade, OnguMondli, Olondoloza izinto zonke نَزَّلَ عَلَيۡكَ ٱلۡكِتَٰبَ بِٱلۡحَقِّ مُصَدِّقًا لِّمَا بَيۡنَ يَدَيۡهِ وَأَنزَلَ ٱلتَّوۡرَىٰةَ وَٱلۡإِنجِيلَ ٣NguYe Owatyhila iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe ngenyaniso, ingqina oko kwatyhilwa ngaphambili kunayo. Kananjalo Wathoba iTorah neInjîl (iVangeli) مِن قَبۡلُ هُدًى لِّلنَّاسِ وَأَنزَلَ ٱلۡفُرۡقَانَۗ إِنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ لَهُمۡ عَذَابٌ شَدِيدٌۗ وَٱللَّهُ عَزِيزٌ ذُو ٱنتِقَامٍ ٤Kwilixa elingaphambili, ukuba zibe sisiKhokelo eluntwini. Kananjalo Wathoba inqobo (yokwahlula phakathi kokulungileyo nokugwenxa). Inene abo bangakholwayo kwimiqondiso ka-Allâh siya kuba sikhulu isohlwayo sabo. Yaye uAllâh nguSomandla, Othabatha impindezelo إِنَّ ٱللَّهَ لَا يَخۡفَىٰ عَلَيۡهِ شَيۡءٌ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَلَا فِي ٱلسَّمَآءِ ٥Inene akukho nto ifihlakeleyo kuAllâh, emhlabeni nasezulwini هُوَ ٱلَّذِي يُصَوِّرُكُمۡ فِي ٱلۡأَرۡحَامِ كَيۡفَ يَشَآءُۚ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ٦NguYe Onibumbayo ezibelekweni nibe yiloo nto Athanda ukuba nibe yiyo. Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, uSomandla, uSobulumko هُوَ ٱلَّذِيٓ أَنزَلَ عَلَيۡكَ ٱلۡكِتَٰبَ مِنۡهُ ءَايَٰتٌ مُّحۡكَمَٰتٌ هُنَّ أُمُّ ٱلۡكِتَٰبِ وَأُخَرُ مُتَشَٰبِهَٰتٌۖ فَأَمَّا ٱلَّذِينَ فِي قُلُوبِهِمۡ زَيۡغٌ فَيَتَّبِعُونَ مَا تَشَٰبَهَ مِنۡهُ ٱبۡتِغَآءَ ٱلۡفِتۡنَةِ وَٱبۡتِغَآءَ تَأۡوِيلِهِۦۖ وَمَا يَعۡلَمُ تَأۡوِيلَهُۥٓ إِلَّا ٱللَّهُۗ وَٱلرَّٰسِخُونَ فِي ٱلۡعِلۡمِ يَقُولُونَ ءَامَنَّا بِهِۦ كُلٌّ مِّنۡ عِندِ رَبِّنَاۗ وَمَا يَذَّكَّرُ إِلَّآ أُوْلُواْ ٱلۡأَلۡبَٰبِ ٧NguYe Othumele kuwe isiBhalo (i’Kur’ân). Apho kuso kukho iiVesi ezicace gca, zona zisisiseko sesiBhalo kubekho nezinye ezintsonkothileyo. Kodwa abo bantliziyo zabo zineentandabuzo bafuna ezo zintsonkothileyo (kuba) bezama ukwenza iyantlukwano ngokufuna ukuzicacisa. Akukho bani uyaziyoingcacisoyazongaphandlekoAllâhnabobamilenzulu elwazini, abathi: “Siyakholwa kuyo (i’Kur’ân) yaye sikholwa kuyo yonke (iiVesi zayo ezicacileyo nezintsonkothileyo) zivela eNkosini yethu”. Yaye akukho mntu unokufumana ululeko ngaphandle kwabantu bengqiqo رَبَّنَا لَا تُزِغۡ قُلُوبَنَا بَعۡدَ إِذۡ هَدَيۡتَنَا وَهَبۡ لَنَا مِن لَّدُنكَ رَحۡمَةًۚ إِنَّكَ أَنتَ ٱلۡوَهَّابُ ٨(Bathi): “Nkosi yethu! Ungazenzi iintliziyo zethu ziphambuke emva kokuba sele Usinikile isiKhokelo, Senzele inceba evela kuWe. Inene Wena UnguSobubele رَبَّنَآ إِنَّكَ جَامِعُ ٱلنَّاسِ لِيَوۡمٍ لَّا رَيۡبَ فِيهِۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَا يُخۡلِفُ ٱلۡمِيعَادَ ٩NguWe Nkosi yethu, Oza kuhlanganisela ndaweninye abantu bonke ngeMini leyo kungekho ntandabuzo ngayo. Inene uAllâh Azanga Wasaphula isithembiso saKhe.” إِنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لَن تُغۡنِيَ عَنۡهُمۡ أَمۡوَٰلُهُمۡ وَلَآ أَوۡلَٰدُهُم مِّنَ ٱللَّهِ شَيۡـًٔاۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمۡ وَقُودُ ٱلنَّارِ ١٠Inene abo bangakholwayo, ubutyebi babo nabantwana babo abuyi kubanceda nto ngokuchasene noAllâh; kwaye ngabo abaza kuba sisivuthisi soMlilo كَدَأۡبِ ءَالِ فِرۡعَوۡنَ وَٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡۚ كَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِنَا فَأَخَذَهُمُ ٱللَّهُ بِذُنُوبِهِمۡۗ وَٱللَّهُ شَدِيدُ ٱلۡعِقَابِ ١١Njengendlela yokuziphatha yabantu bakwaFir’awn nabo bangaphambili kubo, baziphika iiVesi zeThu, Waza uAllâh Wabatshabalalisa ngenxa yezono zabo, kwaye uAllâh Wohlwaya kabuhlungu قُل لِّلَّذِينَ كَفَرُواْ سَتُغۡلَبُونَ وَتُحۡشَرُونَ إِلَىٰ جَهَنَّمَۖ وَبِئۡسَ ٱلۡمِهَادُ ١٢Yithi kwabo bangakholwayo: “Nina niza koyiswa niqundaniswe ndaweninye, nisiwe esiHogweni, Hayi ukubambi kwaloo ndawo yokuhlala” قَدۡ كَانَ لَكُمۡ ءَايَةٌ فِي فِئَتَيۡنِ ٱلۡتَقَتَاۖ فِئَةٌ تُقَٰتِلُ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ وَأُخۡرَىٰ كَافِرَةٌ يَرَوۡنَهُم مِّثۡلَيۡهِمۡ رَأۡيَ ٱلۡعَيۡنِۚ وَٱللَّهُ يُؤَيِّدُ بِنَصۡرِهِۦ مَن يَشَآءُۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَعِبۡرَةً لِّأُوْلِي ٱلۡأَبۡصَٰرِ ١٣Sele niwufumene umqondiso nina (maYuda) kwimikhosi emibini eyaqubisana (edabini). Omnye wawusilwa eNdleleni ka-Allâh, omnye wawungowabangakholwayo. (Umkhosi wabakholwayo) wabona ngawawo amehlo umkhosi wabangakholwayo (Umkhulu) ngokuphindwe kabini kunowabo. UAllâh Uxhasa lowo Amthandileyo ngoloyiso lwaKhe. Inene apha kule nto kukho isifundo kwabo babonayo زُيِّنَ لِلنَّاسِ حُبُّ ٱلشَّهَوَٰتِ مِنَ ٱلنِّسَآءِ وَٱلۡبَنِينَ وَٱلۡقَنَٰطِيرِ ٱلۡمُقَنطَرَةِ مِنَ ٱلذَّهَبِ وَٱلۡفِضَّةِ وَٱلۡخَيۡلِ ٱلۡمُسَوَّمَةِ وَٱلۡأَنۡعَٰمِ وَٱلۡحَرۡثِۗ ذَٰلِكَ مَتَٰعُ ٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَاۖ وَٱللَّهُ عِندَهُۥ حُسۡنُ ٱلۡمَـَٔابِ ١٤Okuhonjiswe kwakuhle emadodeni luthando lwezinto ezinqwenelekayo kuwo; abafazi, abantwana, igolide nesilivere eninzi, amahashe amahle anemitshiso. Iinkomo namasimi alinyisisiweyo, (konke) oku zizinto ezonwabisayo zeli hlabathi; kodwa Yena uAllâh Uneyona mbuyekezo intle (Ayigcine) kuYe ۞ قُلۡ أَؤُنَبِّئُكُم بِخَيۡرٍ مِّن ذَٰلِكُمۡۖ لِلَّذِينَ ٱتَّقَوۡاْ عِندَ رَبِّهِمۡ جَنَّٰتٌ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَا وَأَزۡوَٰجٌ مُّطَهَّرَةٌ وَرِضۡوَٰنٌ مِّنَ ٱللَّهِۗ وَٱللَّهُ بَصِيرُۢ بِٱلۡعِبَادِ ١٥Yithi: “Ndinixelele ezona zinto zingcono kunezo? Okwamalungisa iya kuba yiMiyezo evela eNkosini yawo, ekumpompoza imilambo phantsi kwayo, elo iya kuba likhaya labo lanaphakade, nabalingane abanyulu, uAllâh Uyazibona izicaka zaKhe” ٱلَّذِينَ يَقُولُونَ رَبَّنَآ إِنَّنَآ ءَامَنَّا فَٱغۡفِرۡ لَنَا ذُنُوبَنَا وَقِنَا عَذَابَ ٱلنَّارِ ١٦Abo bathi: “Nkosi yethu! siyakholwa thina ngenene, sixolele izono zethu, Usisindise esohlwayweni soMlilo” ٱلصَّٰبِرِينَ وَٱلصَّٰدِقِينَ وَٱلۡقَٰنِتِينَ وَٱلۡمُنفِقِينَ وَٱلۡمُسۡتَغۡفِرِينَ بِٱلۡأَسۡحَارِ ١٧(Bona) bangabo banomonde, banyanisekileyo, banentobeko nokuzinikela ngokunyanisekileyo ekunquleni uAllâh. Abo banikela ngeZakâh namalizo eNdleleni ka-Allâh, nabo bathandaza bacele itarhu kuAllâh kwiyure yokugqibela yobusuku شَهِدَ ٱللَّهُ أَنَّهُۥ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ وَٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ وَأُوْلُواْ ٱلۡعِلۡمِ قَآئِمَۢا بِٱلۡقِسۡطِۚ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ١٨UAllâh Uyangqina okokuba akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, kanti neengelosi, nabo banolwazi (banika ubungqina obukwanjalo). UAllâh Ulondoloza indalo yaKhe ngobulungisa. Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, uSomandla, uSobulumko إِنَّ ٱلدِّينَ عِندَ ٱللَّهِ ٱلۡإِسۡلَٰمُۗ وَمَا ٱخۡتَلَفَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡكِتَٰبَ إِلَّا مِنۢ بَعۡدِ مَا جَآءَهُمُ ٱلۡعِلۡمُ بَغۡيَۢا بَيۡنَهُمۡۗ وَمَن يَكۡفُرۡ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ فَإِنَّ ٱللَّهَ سَرِيعُ ٱلۡحِسَابِ ١٩Inene inkolo (eyamkelekileyo) kuAllâh yi-Islam. Abo babenikwe isiBhalo (amaYuda namaKhristu) azanga babe neyantlukwano, ngaphandle kokumonelana, emva kokuba ulwazi lwalusele lufikile kubo. Nabani na ongakholwayo kwiiVesi zika-Allâh, inene uAllâh Uyakhawuleza ukufaka (umntu) embuzweni فَإِنۡ حَآجُّوكَ فَقُلۡ أَسۡلَمۡتُ وَجۡهِيَ لِلَّهِ وَمَنِ ٱتَّبَعَنِۗ وَقُل لِّلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡكِتَٰبَ وَٱلۡأُمِّيِّـۧنَ ءَأَسۡلَمۡتُمۡۚ فَإِنۡ أَسۡلَمُواْ فَقَدِ ٱهۡتَدَواْۖ وَّإِن تَوَلَّوۡاْ فَإِنَّمَا عَلَيۡكَ ٱلۡبَلَٰغُۗ وَٱللَّهُ بَصِيرُۢ بِٱلۡعِبَادِ ٢٠Ke ngoko ukuba bayakuphikisa yithi: “Mna ndizinikezele kuAllâh ndawonye nabo bandilandelayo”. Kananjalo yithi kwabo babenikwe isiBhalo nakwabo bangafundanga: “Ingaba nina niyazinikezela na kuAllâh?” Ukuba benza njalo, ke baya kuba bakhokelelekile eNdleleni eLungileyo, kodwa ukuba bathe bakreqa, owakho umsebenzi kukuvakalisa uMyalezo, uAllâh Uyazibona izicaka (zaKhe) إِنَّ ٱلَّذِينَ يَكۡفُرُونَ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ وَيَقۡتُلُونَ ٱلنَّبِيِّـۧنَ بِغَيۡرِ حَقٍّ وَيَقۡتُلُونَ ٱلَّذِينَ يَأۡمُرُونَ بِٱلۡقِسۡطِ مِنَ ٱلنَّاسِ فَبَشِّرۡهُم بِعَذَابٍ أَلِيمٍ ٢١Inene abo bangakholwayo kwimiqondiso ka-Allâh babulale nabaProfeti ngokungekho lungelweni, babulale nabo (bantu) bayalela ukwenziwa kokulungileyo eluntwini, vakalisa isohlwayo esibuhlungu kubo أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ حَبِطَتۡ أَعۡمَٰلُهُمۡ فِي ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةِ وَمَا لَهُم مِّن نَّٰصِرِينَ ٢٢Bona bangabo imisebenzi yabo iya kulahleka kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo ukanti abayi kufumana bancedi أَلَمۡ تَرَ إِلَى ٱلَّذِينَ أُوتُواْ نَصِيبًا مِّنَ ٱلۡكِتَٰبِ يُدۡعَوۡنَ إِلَىٰ كِتَٰبِ ٱللَّهِ لِيَحۡكُمَ بَيۡنَهُمۡ ثُمَّ يَتَوَلَّىٰ فَرِيقٌ مِّنۡهُمۡ وَهُم مُّعۡرِضُونَ ٢٣Awubabonanga na abo babenikwe inxalenye yesiBhalo? Bamenyelwa kwiNcwadi ka-Allâh ukuphelisa impikiswano, lasuka iqela labo lagwilika langabachasi ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ قَالُواْ لَن تَمَسَّنَا ٱلنَّارُ إِلَّآ أَيَّامًا مَّعۡدُودَٰتٍۖ وَغَرَّهُمۡ فِي دِينِهِم مَّا كَانُواْ يَفۡتَرُونَ ٢٤Oku kungenxa yokuba bathi: “UMlilo awuyi kusichika thina koko uya (kusichika) iintsukwana nje ezimbalwa.” Ke kaloku okuyaa bakuqambayo ngenkolo yabo kubakhohlisile فَكَيۡفَ إِذَا جَمَعۡنَٰهُمۡ لِيَوۡمٍ لَّا رَيۡبَ فِيهِ وَوُفِّيَتۡ كُلُّ نَفۡسٍ مَّا كَسَبَتۡ وَهُمۡ لَا يُظۡلَمُونَ ٢٥Kazi kuya kuba njani na kubo xa Sibahlanganisela ndawonye ngeMini leyo kungekho ntandabuzo ngayo. Kwaye umntu uza kuhlawulwa ngokuzeleyo ngoko akusebenzeleyo. Abazi kuphathwa ngentswela bulungisa قُلِ ٱللَّهُمَّ مَٰلِكَ ٱلۡمُلۡكِ تُؤۡتِي ٱلۡمُلۡكَ مَن تَشَآءُ وَتَنزِعُ ٱلۡمُلۡكَ مِمَّن تَشَآءُ وَتُعِزُّ مَن تَشَآءُ وَتُذِلُّ مَن تَشَآءُۖ بِيَدِكَ ٱلۡخَيۡرُۖ إِنَّكَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ٢٦Yithi: O Allâh! Mnini bukumkani, Wena Unika ubukumkani kulowo Uthande ukuMnika, ukanti Uyabuhlutha ubukumkani kulowo Uthande ukubuhlutha kuye, Unika intlonipheko kulowo Uthande ukumnika, Uhlazise lowo Uthande ukumhlazisa. ESandleni saKho kukho okulungileyo. Inene Wena Uyakwazi ukwenza izinto zonke تُولِجُ ٱلَّيۡلَ فِي ٱلنَّهَارِ وَتُولِجُ ٱلنَّهَارَ فِي ٱلَّيۡلِۖ وَتُخۡرِجُ ٱلۡحَيَّ مِنَ ٱلۡمَيِّتِ وَتُخۡرِجُ ٱلۡمَيِّتَ مِنَ ٱلۡحَيِّۖ وَتَرۡزُقُ مَن تَشَآءُ بِغَيۡرِ حِسَابٍ ٢٧Wena Wenza ubusuku bungene kwimini, Wenze imini ingene kubusuku, Ubuyisa abaphilileyo Ubakhuphe kwabafileyo, Ubuyise abafileyo Ubakhuphe kwabaphilileyo. Wena Unika ubutyebi nesondlo kulowo Uthande ukumnika ngaphandle komlinganiselo لَّا يَتَّخِذِ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ ٱلۡكَٰفِرِينَ أَوۡلِيَآءَ مِن دُونِ ٱلۡمُؤۡمِنِينَۖ وَمَن يَفۡعَلۡ ذَٰلِكَ فَلَيۡسَ مِنَ ٱللَّهِ فِي شَيۡءٍ إِلَّآ أَن تَتَّقُواْ مِنۡهُمۡ تُقَىٰةًۗ وَيُحَذِّرُكُمُ ٱللَّهُ نَفۡسَهُۥۗ وَإِلَى ٱللَّهِ ٱلۡمَصِيرُ ٢٨Abakholwayo mabangathabathi abangakholwayo (babenze) iitshomi endaweni yabakholwayo. Nabani na owenze loo nto akasokuze ancedwe nguAllâh nangantoni na, ngaphandle kokuba woyikisela ubungozi kubo, Ke Yena uAllâh Uyanilumkisa ngaYe. Kwaye ekugqibeleni kukuAllâh apho kuza kubuyelwa khona قُلۡ إِن تُخۡفُواْ مَا فِي صُدُورِكُمۡ أَوۡ تُبۡدُوهُ يَعۡلَمۡهُ ٱللَّهُۗ وَيَعۡلَمُ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَا فِي ٱلۡأَرۡضِۗ وَٱللَّهُ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ٢٩Yithi (Muhammad): “Enokuba ningakufihla okusezifubeni zenu okanye nikuveze, uAllâh Uyakwazi, kwaye Wazi nokusemazulwini nokusemhlabeni. UAllâh Unamandla ngaphezulu kweezinto zonke.” يَوۡمَ تَجِدُ كُلُّ نَفۡسٍ مَّا عَمِلَتۡ مِنۡ خَيۡرٍ مُّحۡضَرًا وَمَا عَمِلَتۡ مِن سُوٓءٍ تَوَدُّ لَوۡ أَنَّ بَيۡنَهَا وَبَيۡنَهُۥٓ أَمَدَۢا بَعِيدًاۗ وَيُحَذِّرُكُمُ ٱللَّهُ نَفۡسَهُۥۗ وَٱللَّهُ رَءُوفُۢ بِٱلۡعِبَادِ ٣٠NgeMini apho wonke umntu aya kujongana nako konke okulungileyo awakwenzayo, nako konke okungcolileyo awakwenzayo, uya kunqwenela ukuba akwaba bekunokubakho umgama omkhulu phakathi kwakhe nezenzo zakhe ezingendawo. UAllâh Uyanilumkisa ngaYe yaye uAllâh Unenceba kwizicaka (zaKhe) قُلۡ إِن كُنتُمۡ تُحِبُّونَ ٱللَّهَ فَٱتَّبِعُونِي يُحۡبِبۡكُمُ ٱللَّهُ وَيَغۡفِرۡ لَكُمۡ ذُنُوبَكُمۡۚ وَٱللَّهُ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ٣١Yithi (ebantwini): “Ukuba niyaMthanda uAllâh landelani mna, uAllâh Uya kunithanda, Anixolele izono zenu. UAllâh nguMxoleli uSozinceba قُلۡ أَطِيعُواْ ٱللَّهَ وَٱلرَّسُولَۖ فَإِن تَوَلَّوۡاْ فَإِنَّ ٱللَّهَ لَا يُحِبُّ ٱلۡكَٰفِرِينَ ٣٢Yithi: “Thobelani uAllâh noMthunywa”. Kodwa ukuba bayatshikila, (bayishiye inkolo) uAllâh Akabathandi abangakholwayo ۞ إِنَّ ٱللَّهَ ٱصۡطَفَىٰٓ ءَادَمَ وَنُوحًا وَءَالَ إِبۡرَٰهِيمَ وَءَالَ عِمۡرَٰنَ عَلَى ٱلۡعَٰلَمِينَ ٣٣UAllâh Wakhetha uAdam, uNûh, nosapho luka’Ibrâhim, nosapho luka’Imrân phezu kwendalo yonke ذُرِّيَّةَۢ بَعۡضُهَا مِنۢ بَعۡضٍۗ وَٱللَّهُ سَمِيعٌ عَلِيمٌ ٣٤Abanye baba ngumnombo wabanye, uAllâh nguSokuva, uSolwazi إِذۡ قَالَتِ ٱمۡرَأَتُ عِمۡرَٰنَ رَبِّ إِنِّي نَذَرۡتُ لَكَ مَا فِي بَطۡنِي مُحَرَّرًا فَتَقَبَّلۡ مِنِّيٓۖ إِنَّكَ أَنتَ ٱلسَّمِيعُ ٱلۡعَلِيمُ ٣٥Khumbula okokuba wathi umka’Imrân: “O Nkosi yam! Ndenze isifungo kuWe sokuba okusesibelekweni sam ndiya kukunikela kuWe, ke ngoko kwamkele oku kum. Inene, Wena unguSokuva, uSolwazi.” فَلَمَّا وَضَعَتۡهَا قَالَتۡ رَبِّ إِنِّي وَضَعۡتُهَآ أُنثَىٰ وَٱللَّهُ أَعۡلَمُ بِمَا وَضَعَتۡ وَلَيۡسَ ٱلذَّكَرُ كَٱلۡأُنثَىٰۖ وَإِنِّي سَمَّيۡتُهَا مَرۡيَمَ وَإِنِّيٓ أُعِيذُهَا بِكَ وَذُرِّيَّتَهَا مِنَ ٱلشَّيۡطَٰنِ ٱلرَّجِيمِ ٣٦Akumzala (uMaryam wakhe) wathi: “O Nkosi yam! Ndizele umntwana oyintombi, uAllâh Ukwazi ngcono Akuvezileyo kananjalo indoda ayifani nowasetyhini, ke ngoko ndimthiye igama lokuba nguMaryam (uMariya), kananjalo ndicela ukhuseleko ngaWe (Allâh), (ndilucelela) yena nenzala yakhe kuShaytân owaqalekiswayo.” فَتَقَبَّلَهَا رَبُّهَا بِقَبُولٍ حَسَنٍ وَأَنۢبَتَهَا نَبَاتًا حَسَنًا وَكَفَّلَهَا زَكَرِيَّاۖ كُلَّمَا دَخَلَ عَلَيۡهَا زَكَرِيَّا ٱلۡمِحۡرَابَ وَجَدَ عِندَهَا رِزۡقًاۖ قَالَ يَٰمَرۡيَمُ أَنَّىٰ لَكِ هَٰذَاۖ قَالَتۡ هُوَ مِنۡ عِندِ ٱللَّهِۖ إِنَّ ٱللَّهَ يَرۡزُقُ مَن يَشَآءُ بِغَيۡرِ حِسَابٍ ٣٧Yamamkela ke iNkosi yakhe (uAllâh) ngolwamkelo olulungileyo. Wamenza ukuba akhule enesimilo esihle. Wamgcina phantsi kohoyo lukaZakariyah. Wayethi qho (uZakariyah) xa engena kwigumbi lakhe lokuthandazela, (uMaryam) amfumane eziselwe ukutya. Athi: “Hini na Maryam: Ukufumene phi na oku?” Athi yena: “Oku kuvela kuAllâh. Inene uAllâh Ubonelela ngesixhaso lowo Athande ukumbonelela ngaphandle komlinganiselo.” هُنَالِكَ دَعَا زَكَرِيَّا رَبَّهُۥۖ قَالَ رَبِّ هَبۡ لِي مِن لَّدُنكَ ذُرِّيَّةً طَيِّبَةًۖ إِنَّكَ سَمِيعُ ٱلدُّعَآءِ ٣٨Ngelo xesha kanye ke uZakariya wathandaza eNkosini yakhe: “O Nkosi yam! Ndiphe inzala elungileyo evela kuWe. Inene Wena UnguMphulaphuli wezicelo” فَنَادَتۡهُ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ وَهُوَ قَآئِمٌ يُصَلِّي فِي ٱلۡمِحۡرَابِ أَنَّ ٱللَّهَ يُبَشِّرُكَ بِيَحۡيَىٰ مُصَدِّقَۢا بِكَلِمَةٍ مِّنَ ٱللَّهِ وَسَيِّدًا وَحَصُورًا وَنَبِيًّا مِّنَ ٱلصَّٰلِحِينَ ٣٩Ke kaloku iingelosi zambiza, esamile, ethandaza kwindawo yokuthandazela. (Zathi kuye): “UAllâh Ukunika iindaba zovuyo zikaYahya (uYohane), oya kungqinela iLizwi lika- Allâh, abe ngohloniphekileyo, azigcine kude ekwabelaneni ngesondo nabafazi, uya kuba nguMprofeti, wakumalungisa” قَالَ رَبِّ أَنَّىٰ يَكُونُ لِي غُلَٰمٌ وَقَدۡ بَلَغَنِيَ ٱلۡكِبَرُ وَٱمۡرَأَتِي عَاقِرٌۖ قَالَ كَذَٰلِكَ ٱللَّهُ يَفۡعَلُ مَا يَشَآءُ ٤٠Wathi: “O Nkosi yam! Ndingaba nomntwana njani na sele ndimdala kangaka, nomfazi wam eludlolo?” (UAllâh Wathi): “Yena uAllâh Uyakwenza Athande ukwenza” قَالَ رَبِّ ٱجۡعَل لِّيٓ ءَايَةًۖ قَالَ ءَايَتُكَ أَلَّا تُكَلِّمَ ٱلنَّاسَ ثَلَٰثَةَ أَيَّامٍ إِلَّا رَمۡزًاۗ وَٱذۡكُر رَّبَّكَ كَثِيرًا وَسَبِّحۡ بِٱلۡعَشِيِّ وَٱلۡإِبۡكَٰرِ ٤١Wathi (uZakariya): “O Nkosi yam! Ndenzele umqondiso” Wathi (uAllâh): “Umqondiso wakho kukuba wena akuyi kuthetha ebantwini iintsuku ezintathu ngaphandle kokuthetha ngezandla. (Ke ngoko wena hlala) ukhumbula iNkosi yakho kakhulu uYizukise ukujika kwelanga. Ngokuhlwa nasekuseni.” وَإِذۡ قَالَتِ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ يَٰمَرۡيَمُ إِنَّ ٱللَّهَ ٱصۡطَفَىٰكِ وَطَهَّرَكِ وَٱصۡطَفَىٰكِ عَلَىٰ نِسَآءِ ٱلۡعَٰلَمِينَ ٤٢Kananjalo iingelosi zathi: “Wena Maryam! Inene, uAllâh ukukhethile wena wakuhlambulula, Wanyula wena phakathi kwabo bonke abafazi يَٰمَرۡيَمُ ٱقۡنُتِي لِرَبِّكِ وَٱسۡجُدِي وَٱرۡكَعِي مَعَ ٱلرَّٰكِعِينَ ٤٣Wena Maryam! Zinikele ngentobeko eNkosini yakho, uqubude kuYo, uzithobe kunye nabo bazithobayo.” ذَٰلِكَ مِنۡ أَنۢبَآءِ ٱلۡغَيۡبِ نُوحِيهِ إِلَيۡكَۚ وَمَا كُنتَ لَدَيۡهِمۡ إِذۡ يُلۡقُونَ أَقۡلَٰمَهُمۡ أَيُّهُمۡ يَكۡفُلُ مَرۡيَمَ وَمَا كُنتَ لَدَيۡهِمۡ إِذۡ يَخۡتَصِمُونَ ٤٤Ezi zezinye zeendaba zoko kungabonwayo, eSizityhila kuwe. Wena (Muhammad) wawungekho kunye nabo, xa babesenza amaqashiso ngamasiba abo okubhala mayela nokuba mayibe ngubani na (phakathi kwabo) oza kuba ngumgcini kaMaryam. Wawungekho kunye nabo xa babephikisana إِذۡ قَالَتِ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ يَٰمَرۡيَمُ إِنَّ ٱللَّهَ يُبَشِّرُكِ بِكَلِمَةٍ مِّنۡهُ ٱسۡمُهُ ٱلۡمَسِيحُ عِيسَى ٱبۡنُ مَرۡيَمَ وَجِيهًا فِي ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةِ وَمِنَ ٱلۡمُقَرَّبِينَ ٤٥Kananjalo iingelosi zathi: “Wena Maryam! Inene, uAllâh Ukunika iindaba zovuyo zelizwi (elingu) nyana kaMaryam, ophuma kuYe (uAllâh), igama lakhe liya kuba nguMesiya, u’Isa (uYesu), oya kuhlonipheka kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo. Yaye uya kuba ngomnye wabo basondeleyo kuAllâh وَيُكَلِّمُ ٱلنَّاسَ فِي ٱلۡمَهۡدِ وَكَهۡلًا وَمِنَ ٱلصَّٰلِحِينَ ٤٦Uya kuthetha ebantwini eseyimveku1 naxa sele eyindoda kwaye uya kuba ngomnye wabangamalungisa.” قَالَتۡ رَبِّ أَنَّىٰ يَكُونُ لِي وَلَدٌ وَلَمۡ يَمۡسَسۡنِي بَشَرٌۖ قَالَ كَذَٰلِكِ ٱللَّهُ يَخۡلُقُ مَا يَشَآءُۚ إِذَا قَضَىٰٓ أَمۡرًا فَإِنَّمَا يَقُولُ لَهُۥ كُن فَيَكُونُ ٤٧Wathi yena (uMaryam) “O Nkosi yam! Ndingaba nomntwana njani na kungekho ndoda indichukumisileyo”. Yathi (enye yazo): “Kuya kuba njalo kuba uAllâh Udala oko Athande ukukudala. Xa Emisela into Usuka Athi kuyo: ‘Yibakho!’ Ibekho وَيُعَلِّمُهُ ٱلۡكِتَٰبَ وَٱلۡحِكۡمَةَ وَٱلتَّوۡرَىٰةَ وَٱلۡإِنجِيلَ ٤٨Kananjalo Yena (uAllâh) Uza kumfundisa (u’Isâ) iNcwadi nobulumko, iTorah neInjîl (iVangeli) وَرَسُولًا إِلَىٰ بَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ أَنِّي قَدۡ جِئۡتُكُم بِـَٔايَةٍ مِّن رَّبِّكُمۡ أَنِّيٓ أَخۡلُقُ لَكُم مِّنَ ٱلطِّينِ كَهَيۡـَٔةِ ٱلطَّيۡرِ فَأَنفُخُ فِيهِ فَيَكُونُ طَيۡرَۢا بِإِذۡنِ ٱللَّهِۖ وَأُبۡرِئُ ٱلۡأَكۡمَهَ وَٱلۡأَبۡرَصَ وَأُحۡيِ ٱلۡمَوۡتَىٰ بِإِذۡنِ ٱللَّهِۖ وَأُنَبِّئُكُم بِمَا تَأۡكُلُونَ وَمَا تَدَّخِرُونَ فِي بُيُوتِكُمۡۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَةً لَّكُمۡ إِن كُنتُم مُّؤۡمِنِينَ ٤٩Amenze (u’Isâ) uMthunywa kuBantwana bakwaSirayeli (aze athi kubo): ‘Mna ndize kuni nomqondiso ovela eNkosini yenu, wokuba ndinixonxele ngodongwe umfuziselo wentaka, ndiphefumle kuwo, ize ibe yintaka ngamandla ka-Allâh; ndiphilise abazelwe beziimfama, nabaneqhenqa, ndize kananjalo ndivuse abafileyo ngamandla ka-Allâh, kwaye ndiya kunixelela eniza kukudla nenikugcinileyo komawenu. Inene, apha koku kukho umqondiso ukuba niyakholwa (ngenene) وَمُصَدِّقًا لِّمَا بَيۡنَ يَدَيَّ مِنَ ٱلتَّوۡرَىٰةِ وَلِأُحِلَّ لَكُم بَعۡضَ ٱلَّذِي حُرِّمَ عَلَيۡكُمۡۚ وَجِئۡتُكُم بِـَٔايَةٍ مِّن رَّبِّكُمۡ فَٱتَّقُواْ ٱللَّهَ وَأَطِيعُونِ ٥٠Kananjalo ndizele ukuza kungqina oko (kwafika) ngaphambili kunam iTorah, nokwenza inxalenye yoko kwakungavumelekanga kuni kuvumeleke. Yaye ndiza (kuni) ndinobungqina obuvela eNkosini yenu, ngoko ke Moyikeni uAllâh nindithobele إِنَّ ٱللَّهَ رَبِّي وَرَبُّكُمۡ فَٱعۡبُدُوهُۚ هَٰذَا صِرَٰطٌ مُّسۡتَقِيمٌ ٥١“Inene! UAllâh yiNkosi yam EkwayiNkosi yenu, ke ngoko khonzani Yena (Yedwa) le yiNdlela ethe Tye.” ۞ فَلَمَّآ أَحَسَّ عِيسَىٰ مِنۡهُمُ ٱلۡكُفۡرَ قَالَ مَنۡ أَنصَارِيٓ إِلَى ٱللَّهِۖ قَالَ ٱلۡحَوَارِيُّونَ نَحۡنُ أَنصَارُ ٱللَّهِ ءَامَنَّا بِٱللَّهِ وَٱشۡهَدۡ بِأَنَّا مُسۡلِمُونَ ٥٢Ke kaloku u’Isâ wathi esakukuqaphela ukungakholwa kwabo wathi (kubo): “Ngobani na abaza kuba ngabancedisi bam eNdleleni ka-Allâh?” Abafundi bakhe bathi: “Sithi abancedisi baka-Allâh; siyakholwa kuAllâh, siyangqina kananjalo okokuba singamaMuslim رَبَّنَآ ءَامَنَّا بِمَآ أَنزَلۡتَ وَٱتَّبَعۡنَا ٱلرَّسُولَ فَٱكۡتُبۡنَا مَعَ ٱلشَّٰهِدِينَ ٥٣Nkosi yethu! Siyakholwa koko Ukutyhilileyo, kwaye silandela uMthunywa (u’Isâ) ke ngoko sibhale ndawonye nabo bangqinayo (okokuba akukho thixo wumbi ngaphandle koAllâh)” وَمَكَرُواْ وَمَكَرَ ٱللَّهُۖ وَٱللَّهُ خَيۡرُ ٱلۡمَٰكِرِينَ ٥٤Baza abangakholwayo baqulunqa iyelenqe lokumbulala u’Isâ, naYe uAllâh Waqulunqa. UAllâh yiNtshatsheli kubaqulunqi إِذۡ قَالَ ٱللَّهُ يَٰعِيسَىٰٓ إِنِّي مُتَوَفِّيكَ وَرَافِعُكَ إِلَيَّ وَمُطَهِّرُكَ مِنَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَجَاعِلُ ٱلَّذِينَ ٱتَّبَعُوكَ فَوۡقَ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ إِلَىٰ يَوۡمِ ٱلۡقِيَٰمَةِۖ ثُمَّ إِلَيَّ مَرۡجِعُكُمۡ فَأَحۡكُمُ بَيۡنَكُمۡ فِيمَا كُنتُمۡ فِيهِ تَخۡتَلِفُونَ ٥٥Kananjalo uAllâh Wathi: “Hini na ‘Isâ! Mna Ndiya kukwenza ufe2, Ndikuhlambulule (kwizityholo) zabo bangakholwayo, Ndenze abo bakulandelayo babe ngentla kunabo bangakholwayo kude kube yiMini yoVuko. Nize nibuyele kuM, Mna Ndigwebe phakathi kwenu mayela noko naniphikisana ngako” فَأَمَّا ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ فَأُعَذِّبُهُمۡ عَذَابًا شَدِيدًا فِي ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةِ وَمَا لَهُم مِّن نَّٰصِرِينَ ٥٦Ngokuphathelene nabo bangakholwayo, Ndiya kubohlwaya ngesohlwayo esibuhlungu kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo yaye abayi kuba nabancedisi” وَأَمَّا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ فَيُوَفِّيهِمۡ أُجُورَهُمۡۗ وَٱللَّهُ لَا يُحِبُّ ٱلظَّٰلِمِينَ ٥٧Ngokuphathelene nabo bakholwayo, benza imisebenzi yobulungisa, uAllâh Uza kubahlawula umvuzo wabo ngokugcweleyo. Ukanti uAllâh Akabathandi abagabadeli ذَٰلِكَ نَتۡلُوهُ عَلَيۡكَ مِنَ ٱلۡأٓيَٰتِ وَٱلذِّكۡرِ ٱلۡحَكِيمِ ٥٨Oku koko Sikucengceleza kuWe (Muhammad) kuziiVesi neSikhumbuzo sobulumko إِنَّ مَثَلَ عِيسَىٰ عِندَ ٱللَّهِ كَمَثَلِ ءَادَمَۖ خَلَقَهُۥ مِن تُرَابٍ ثُمَّ قَالَ لَهُۥ كُن فَيَكُونُ ٥٩Inene, imfano ka’Isâ phambi koAllâh inqwa nemfano ka- Adam. (UAllâh) Wamdala (uAdam) ngothuli, Wathi kuye: “Yibakho!” Wabakho ٱلۡحَقُّ مِن رَّبِّكَ فَلَا تَكُن مِّنَ ٱلۡمُمۡتَرِينَ ٦٠(Le) yinyaniso evela eNkosini yakho, ke wena uze ungabi ngomnye wabo bathandabuzayo فَمَنۡ حَآجَّكَ فِيهِ مِنۢ بَعۡدِ مَا جَآءَكَ مِنَ ٱلۡعِلۡمِ فَقُلۡ تَعَالَوۡاْ نَدۡعُ أَبۡنَآءَنَا وَأَبۡنَآءَكُمۡ وَنِسَآءَنَا وَنِسَآءَكُمۡ وَأَنفُسَنَا وَأَنفُسَكُمۡ ثُمَّ نَبۡتَهِلۡ فَنَجۡعَل لَّعۡنَتَ ٱللَّهِ عَلَى ٱلۡكَٰذِبِينَ ٦١Nabani na ophikisana nawe ngokuphathelene no’Isâ, emveni kokuba ulwazi lufikile kuwe yithi: “Yizani sibize oonyana bethu noonyana benu, abafazi bethu nabafazi benu, thina buqu nani buqu, sithandazeni, sicele (ngokunyanisekileyo) ukuba isiqalekiso sihle phezu kwabo baxokayo” إِنَّ هَٰذَا لَهُوَ ٱلۡقَصَصُ ٱلۡحَقُّۚ وَمَا مِنۡ إِلَٰهٍ إِلَّا ٱللَّهُۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ٦٢Inene! Le yingcaciso eyinyaniso (ngembali ka’Isâ) yaye akukho thixo wumbi ngaphandle koAllâh. Inene uAllâh nguSomandla, uSobulumko فَإِن تَوَلَّوۡاْ فَإِنَّ ٱللَّهَ عَلِيمُۢ بِٱلۡمُفۡسِدِينَ ٦٣Ukuba bayatshikila bemke, Inene uAllâh Wazi konke ngabo benza ubutshinga قُلۡ يَٰٓأَهۡلَ ٱلۡكِتَٰبِ تَعَالَوۡاْ إِلَىٰ كَلِمَةٍ سَوَآءِۭ بَيۡنَنَا وَبَيۡنَكُمۡ أَلَّا نَعۡبُدَ إِلَّا ٱللَّهَ وَلَا نُشۡرِكَ بِهِۦ شَيۡـًٔا وَلَا يَتَّخِذَ بَعۡضُنَا بَعۡضًا أَرۡبَابًا مِّن دُونِ ٱللَّهِۚ فَإِن تَوَلَّوۡاْ فَقُولُواْ ٱشۡهَدُواْ بِأَنَّا مُسۡلِمُونَ ٦٤Yithi: “Hini na Bantu beNcwadi; khanizeni (sihlanganeni) ngelizwi elifanayo phakathi kwethu nani, okokuba singanquli mntu ngaphandle koAllâh (Yedwa), singayamanisi mahlulelane kuYe, kananjalo kungabikho namnye kuthi othabatha abanye abenze iiNkosi ngaphandle koAllâh.” Ukuba bayatshikila bemke, yithani kubo: “Ngqinani ke ukuba thina singamaMuslim” يَٰٓأَهۡلَ ٱلۡكِتَٰبِ لِمَ تُحَآجُّونَ فِيٓ إِبۡرَٰهِيمَ وَمَآ أُنزِلَتِ ٱلتَّوۡرَىٰةُ وَٱلۡإِنجِيلُ إِلَّا مِنۢ بَعۡدِهِۦٓۚ أَفَلَا تَعۡقِلُونَ ٦٥Hini na bantu beNcwadi! Kungani na ukuba niphikisane ngoIbrâhîm kodwa iTorah neInjîl zazingekatyhilwa de kwaba semveni kwakhe? Aninangqiqo na هَٰٓأَنتُمۡ هَٰٓؤُلَآءِ حَٰجَجۡتُمۡ فِيمَا لَكُم بِهِۦ عِلۡمٌ فَلِمَ تُحَآجُّونَ فِيمَا لَيۡسَ لَكُم بِهِۦ عِلۡمٌۚ وَٱللَّهُ يَعۡلَمُ وَأَنتُمۡ لَا تَعۡلَمُونَ ٦٦Inene nina (nifanele) ukuphikisana ngento eninolwazi ngayo. (Kodwa) kutheni na niphikisana ngento eningenalwazi ngayo nje? NguAllâh Owaziyo, nina anazi مَا كَانَ إِبۡرَٰهِيمُ يَهُودِيًّا وَلَا نَصۡرَانِيًّا وَلَٰكِن كَانَ حَنِيفًا مُّسۡلِمًا وَمَا كَانَ مِنَ ٱلۡمُشۡرِكِينَ ٦٧UIbrâhîm wayengengomYuda engenguye noMkhristu kodwa wayeliMuslim lokwenene UmHanîfa3. Yena wayengengomnquli wazithixo إِنَّ أَوۡلَى ٱلنَّاسِ بِإِبۡرَٰهِيمَ لَلَّذِينَ ٱتَّبَعُوهُ وَهَٰذَا ٱلنَّبِيُّ وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْۗ وَٱللَّهُ وَلِيُّ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ٦٨Inene phakathi koluntu abona bantu banebango ngoIbrâhîm ngabo bamlandelayo (uIbrâhîm), nalo Mprofeti (uMuhammad) nabo bakholwayo (amaMuslim) kananjalo uAllâh nguMlondolozi wamakholwa وَدَّت طَّآئِفَةٌ مِّنۡ أَهۡلِ ٱلۡكِتَٰبِ لَوۡ يُضِلُّونَكُمۡ وَمَا يُضِلُّونَ إِلَّآ أَنفُسَهُمۡ وَمَا يَشۡعُرُونَ ٦٩Iqela laBantu beNcwadi linqwenela ukuniwexula, kodwa abayi kulahlekisa namnye ngaphandle kokuzilahlekisa kwabona kwaye abaqondi يَٰٓأَهۡلَ ٱلۡكِتَٰبِ لِمَ تَكۡفُرُونَ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ وَأَنتُمۡ تَشۡهَدُونَ ٧٠“Hini na Bantu beNcwadi kutheni na ningakholwa kwiiVesi zika-Allâh kodwa kwanina ninobungqina (ngenyaniso) yazo يَٰٓأَهۡلَ ٱلۡكِتَٰبِ لِمَ تَلۡبِسُونَ ٱلۡحَقَّ بِٱلۡبَٰطِلِ وَتَكۡتُمُونَ ٱلۡحَقَّ وَأَنتُمۡ تَعۡلَمُونَ ٧١Hini na Bantu beNcwadi! Kutheni na nigquma inyaniso ngobuxoki, nifihle inyaniso niyazi وَقَالَت طَّآئِفَةٌ مِّنۡ أَهۡلِ ٱلۡكِتَٰبِ ءَامِنُواْ بِٱلَّذِيٓ أُنزِلَ عَلَى ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَجۡهَ ٱلنَّهَارِ وَٱكۡفُرُوٓاْ ءَاخِرَهُۥ لَعَلَّهُمۡ يَرۡجِعُونَ ٧٢Iqela laBantu beNcwadi lithi: “Kholwani ekuseni koko kutyhilwe kumakholwa (amaMuslim), nikulahle ekupheleni kwemini khon’ukuze akreqe وَلَا تُؤۡمِنُوٓاْ إِلَّا لِمَن تَبِعَ دِينَكُمۡ قُلۡ إِنَّ ٱلۡهُدَىٰ هُدَى ٱللَّهِ أَن يُؤۡتَىٰٓ أَحَدٌ مِّثۡلَ مَآ أُوتِيتُمۡ أَوۡ يُحَآجُّوكُمۡ عِندَ رَبِّكُمۡۗ قُلۡ إِنَّ ٱلۡفَضۡلَ بِيَدِ ٱللَّهِ يُؤۡتِيهِ مَن يَشَآءُۗ وَٱللَّهُ وَٰسِعٌ عَلِيمٌ ٧٣Kananjalo musani ukukholwa nakubani na ngaphandle kokuba ngolandela inkolo yenu.” Yithi wena (Muhammad): “Inene! IsiKhokelo esilungileyo sisiKhokelo sika-Allâh.” Kananjalo musani ukukholwa kwinto yokuba nabani na ongomnye angakufumana okunjengoko nikufumeneyo nina ngaphandle kokuba ulandela inkolo yenu, ngapha koko baza kunifaka engxoxweni phambi kweNkosi yenu. Yithi (Muhammad): “Zonke iziBele ziseSandleni sika-Allâh; Unika lowo Athande ukumnika kwaye uAllâh nguMlondolozi weentswelo zezidalwa zaKhe ngokwaneleyo, nguSolwazi يَخۡتَصُّ بِرَحۡمَتِهِۦ مَن يَشَآءُۗ وَٱللَّهُ ذُو ٱلۡفَضۡلِ ٱلۡعَظِيمِ ٧٤Ukhetha ukwenzela inceba yaKhe lowo Athande Ukumkhetha kwaye uAllâh nguMnini buBele OMkhulu.” ۞ وَمِنۡ أَهۡلِ ٱلۡكِتَٰبِ مَنۡ إِن تَأۡمَنۡهُ بِقِنطَارٍ يُؤَدِّهِۦٓ إِلَيۡكَ وَمِنۡهُم مَّنۡ إِن تَأۡمَنۡهُ بِدِينَارٍ لَّا يُؤَدِّهِۦٓ إِلَيۡكَ إِلَّا مَا دُمۡتَ عَلَيۡهِ قَآئِمًاۗ ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ قَالُواْ لَيۡسَ عَلَيۡنَا فِي ٱلۡأُمِّيِّـۧنَ سَبِيلٌ وَيَقُولُونَ عَلَى ٱللَّهِ ٱلۡكَذِبَ وَهُمۡ يَعۡلَمُونَ ٧٥Phakathi kwaBantu beNcwadi kukho lowo, uthi ukuba ugciniswe inani elikhulu lobutyebi, alihlawule ngokukhawuleza kalula. Ukanti phakathi kwabo kukho lowo uthi, xa egciniswe ingqekembe enye yesilivere, angayihlawuli ngaphandle kokuba umana uquqa kuye, uyifuna, kuba bathi: “Akukho gxeke kuthi ngokungcatsha, sithabathe ingqwebo yabangafundanga”. Kodwa bathetha ubuxoki ngoAllâh lo gama besazi بَلَىٰۚ مَنۡ أَوۡفَىٰ بِعَهۡدِهِۦ وَٱتَّقَىٰ فَإِنَّ ٱللَّهَ يُحِبُّ ٱلۡمُتَّقِينَ ٧٦Ewe lowo uzalisekisa isibhambathiso sakhe, oyike uAllâh kakhulu, inene uAllâh Uyabathanda abo banyulu إِنَّ ٱلَّذِينَ يَشۡتَرُونَ بِعَهۡدِ ٱللَّهِ وَأَيۡمَٰنِهِمۡ ثَمَنًا قَلِيلًا أُوْلَٰٓئِكَ لَا خَلَٰقَ لَهُمۡ فِي ٱلۡأٓخِرَةِ وَلَا يُكَلِّمُهُمُ ٱللَّهُ وَلَا يَنظُرُ إِلَيۡهِمۡ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ وَلَا يُزَكِّيهِمۡ وَلَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ٧٧Inene abo bathenga inzuzo encinane ngexabiso loMnqophiso ka-Allâh nezifungo zabo, abayi kuba nasabelo kuBomi oBuzayo. Engayi kuthetha nokuthetha nabo uAllâh, Engayi kubajonga kwa-ukubajonga ngoMhla woVuko, Engayi kubahlambulula nokubahlambulula. Yaye baya kufumana isohlwayo esibuhlungu وَإِنَّ مِنۡهُمۡ لَفَرِيقًا يَلۡوُۥنَ أَلۡسِنَتَهُم بِٱلۡكِتَٰبِ لِتَحۡسَبُوهُ مِنَ ٱلۡكِتَٰبِ وَمَا هُوَ مِنَ ٱلۡكِتَٰبِ وَيَقُولُونَ هُوَ مِنۡ عِندِ ٱللَّهِ وَمَا هُوَ مِنۡ عِندِ ٱللَّهِۖ وَيَقُولُونَ عَلَى ٱللَّهِ ٱلۡكَذِبَ وَهُمۡ يَعۡلَمُونَ ٧٨Inene phakathi kwabo, kukho iqela eliqamba iNcwadi ngamalwimi alo, ukuze ucinge ukuba wena (loo nto) bayithethayo bayifumana eNcwadini, baze bathi: “Oku kuvela kuAllâh,” kodwa kube kungaveli kuAllâh, kananjalo bathetha ubuxoki ngoAllâh ngoku besazi مَا كَانَ لِبَشَرٍ أَن يُؤۡتِيَهُ ٱللَّهُ ٱلۡكِتَٰبَ وَٱلۡحُكۡمَ وَٱلنُّبُوَّةَ ثُمَّ يَقُولَ لِلنَّاسِ كُونُواْ عِبَادًا لِّي مِن دُونِ ٱللَّهِ وَلَٰكِن كُونُواْ رَبَّٰنِيِّـۧنَ بِمَا كُنتُمۡ تُعَلِّمُونَ ٱلۡكِتَٰبَ وَبِمَا كُنتُمۡ تَدۡرُسُونَ ٧٩Asinto inokwenziwa nanguwuphi na umntu onikwe iNcwadi nguAllâh nobulumko nobuProfeti ukuba athi ebantwini: “Yibani ngabanquli bam endaweni yokuba ngabaka-Allâh”. Ukusuka apho angasuka athi: “Yibani ngabanquli bokwenene baka-Allâh kuba ningabafundisi beNcwadi nikwangabo nabafundi bayo.” وَلَا يَأۡمُرَكُمۡ أَن تَتَّخِذُواْ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةَ وَٱلنَّبِيِّـۧنَ أَرۡبَابًاۚ أَيَأۡمُرُكُم بِٱلۡكُفۡرِ بَعۡدَ إِذۡ أَنتُم مُّسۡلِمُونَ ٨٠Engekhe aniyalele ukuba nithabathe iingelosi nabaProfeti ukuba babe ziiNkosi [oothixo (benu)]. Anganiyalela ukuba ningakholwa emveni kokuba sele nizinikele entandweni ka- Allâh وَإِذۡ أَخَذَ ٱللَّهُ مِيثَٰقَ ٱلنَّبِيِّـۧنَ لَمَآ ءَاتَيۡتُكُم مِّن كِتَٰبٍ وَحِكۡمَةٍ ثُمَّ جَآءَكُمۡ رَسُولٌ مُّصَدِّقٌ لِّمَا مَعَكُمۡ لَتُؤۡمِنُنَّ بِهِۦ وَلَتَنصُرُنَّهُۥۚ قَالَ ءَأَقۡرَرۡتُمۡ وَأَخَذۡتُمۡ عَلَىٰ ذَٰلِكُمۡ إِصۡرِيۖ قَالُوٓاْ أَقۡرَرۡنَاۚ قَالَ فَٱشۡهَدُواْ وَأَنَا۠ مَعَكُم مِّنَ ٱلشَّٰهِدِينَ ٨١Yabonani! uAllâh Wathabatha uMnqophiso nabaProfeti, othi: “Thabathani nantoni na eNdininika yona, evela esiBhalweni nasebulumkweni4, emva koko kuza kufika kuni uMthunywa oya kungqinela oko kukuni, kufuneka nikholwe ke nina kuye nimncedise”. Wathi uAllâh: “Niyavuma na. Niya kuwuthabatha na uMnqophiso waM?” Bathi bona: “Siyavuma”. Wathi Yena: “Ngqinani ke yaye Mna Ndiya kuba nani phakathi kwamangqina فَمَن تَوَلَّىٰ بَعۡدَ ذَٰلِكَ فَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡفَٰسِقُونَ ٨٢Ke kaloku abaya kukreqa emva kwako oku, baya kuba ngabenzi bobubi.” أَفَغَيۡرَ دِينِ ٱللَّهِ يَبۡغُونَ وَلَهُۥٓ أَسۡلَمَ مَن فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ طَوۡعًا وَكَرۡهًا وَإِلَيۡهِ يُرۡجَعُونَ ٨٣Ingaba bafuna (inkolo) eyiyenye ngaphandle kwenkolo ka- Allâh lo gama zizinikela kuYe zonke izidalwa emazulwini nasemhlabeni, zithanda, zingathandi. Yaye zonke ziza kubuyela kuYe قُلۡ ءَامَنَّا بِٱللَّهِ وَمَآ أُنزِلَ عَلَيۡنَا وَمَآ أُنزِلَ عَلَىٰٓ إِبۡرَٰهِيمَ وَإِسۡمَٰعِيلَ وَإِسۡحَٰقَ وَيَعۡقُوبَ وَٱلۡأَسۡبَاطِ وَمَآ أُوتِيَ مُوسَىٰ وَعِيسَىٰ وَٱلنَّبِيُّونَ مِن رَّبِّهِمۡ لَا نُفَرِّقُ بَيۡنَ أَحَدٍ مِّنۡهُمۡ وَنَحۡنُ لَهُۥ مُسۡلِمُونَ ٨٤Yithi: “Thina sikholwa kuAllâh nakoko kwatyhilwa kuIbrâhîm, kuIsmâ’îl, kuIs-hâk, kuYa’kûb nakwizizwe, nakoko kwatyhilwa kuMûsâ, ku’Isâ nabaProfeti kuvela eNkosini yabo, Asenzi mahluko phakathi komnye nomnye kubo, kananjalo thina sizinikele kuYe. (uAllâh).” وَمَن يَبۡتَغِ غَيۡرَ ٱلۡإِسۡلَٰمِ دِينًا فَلَن يُقۡبَلَ مِنۡهُ وَهُوَ فِي ٱلۡأٓخِرَةِ مِنَ ٱلۡخَٰسِرِينَ ٨٥Lowo uzifunele nkolo yimbi ngaphandle kweIslam, ayiyi kwamkelwa kuye, kananjalo kuBomi oBuzayo uya kuba ngomnye wabalahlekelwa كَيۡفَ يَهۡدِي ٱللَّهُ قَوۡمًا كَفَرُواْ بَعۡدَ إِيمَٰنِهِمۡ وَشَهِدُوٓاْ أَنَّ ٱلرَّسُولَ حَقٌّ وَجَآءَهُمُ ٱلۡبَيِّنَٰتُۚ وَٱللَّهُ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلظَّٰلِمِينَ ٨٦Angabakhokela njani uAllâh abantu abalahla ukholo emva kokukholwa nasemva kokuba bebengqinile okokuba uMthunywa unyanisile nasemva kokuba imiqondiso ecacileyo ibifikile kubo? UAllâh Akabakhokeli abantu abanogabadelo (abakhonzi bezithixo nabenzi bobubi) أُوْلَٰٓئِكَ جَزَآؤُهُمۡ أَنَّ عَلَيۡهِمۡ لَعۡنَةَ ٱللَّهِ وَٱلۡمَلَٰٓئِكَةِ وَٱلنَّاسِ أَجۡمَعِينَ ٨٧Bona ngabo imbuyekezo yabo ikukuba, phezu kwabo kuhlale isiqalekiso sika-Allâh, eseengelosi nesabantu bonke خَٰلِدِينَ فِيهَا لَا يُخَفَّفُ عَنۡهُمُ ٱلۡعَذَابُ وَلَا هُمۡ يُنظَرُونَ ٨٨Baya kuhlala apho ngonaphakade (esiHogweni), isohlwayo sabo asiyi kwenziwa lula, singayi kurhoxiswa إِلَّا ٱلَّذِينَ تَابُواْ مِنۢ بَعۡدِ ذَٰلِكَ وَأَصۡلَحُواْ فَإِنَّ ٱللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ٨٩Ngaphandle kwabo baguqukayo emva kokuba benze loo nto, benze izenzo zobulungisa. Inene, uAllâh nguMxoleli, Onenceba إِنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ بَعۡدَ إِيمَٰنِهِمۡ ثُمَّ ٱزۡدَادُواْ كُفۡرًا لَّن تُقۡبَلَ تَوۡبَتُهُمۡ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلضَّآلُّونَ ٩٠Inene abo bangakholwayo emva kokukholwa kwabo baze baqhubeke nokungakholwa kwabo ayisokuze yamkeleke inguquko yabo yaye bona bangabo balahlekileyo إِنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَمَاتُواْ وَهُمۡ كُفَّارٌ فَلَن يُقۡبَلَ مِنۡ أَحَدِهِم مِّلۡءُ ٱلۡأَرۡضِ ذَهَبًا وَلَوِ ٱفۡتَدَىٰ بِهِۦٓۗ أُوْلَٰٓئِكَ لَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ وَمَا لَهُم مِّن نَّٰصِرِينَ ٩١Inene abo bangakholwayo, bade bafe bengekakholwa. Enokuba banganikela ngegolide ezalise ihlabathi ayiyi kwamkelwa kuye nawuphi na kubo enokuba bebenganikela ngayo njengentlawulo yokuzikhulula. Okwabo bona sisohlwayo esibuhlungu kwaye abayi kuba nabancedisi لَن تَنَالُواْ ٱلۡبِرَّ حَتَّىٰ تُنفِقُواْ مِمَّا تُحِبُّونَۚ وَمَا تُنفِقُواْ مِن شَيۡءٍ فَإِنَّ ٱللَّهَ بِهِۦ عَلِيمٌ ٩٢Nakanye! Ukuba ningazuza ubungcwele ningathanga ninikele kumalizo ngoko nikuthandayo. Kananjalo nantoni na (elungileyo) eninikela ngayo uAllâh Uyazi kakuhle

الجزء الرابع

۞ كُلُّ ٱلطَّعَامِ كَانَ حِلًّا لِّبَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ إِلَّا مَا حَرَّمَ إِسۡرَٰٓءِيلُ عَلَىٰ نَفۡسِهِۦ مِن قَبۡلِ أَن تُنَزَّلَ ٱلتَّوۡرَىٰةُۚ قُلۡ فَأۡتُواْ بِٱلتَّوۡرَىٰةِ فَٱتۡلُوهَآ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ ٩٣Konke ukutya kwakuvumelekile ngokoMthetho kuBantwana bakwaSirayeli, ngaphandle koko kwenziwa kwangavumeleki nguSirayeli buqu ingekatyhilwa iTorah. Yithi: “Yizani neTorah apha, niyicengceleze ukuba ninenyaniso فَمَنِ ٱفۡتَرَىٰ عَلَى ٱللَّهِ ٱلۡكَذِبَ مِنۢ بَعۡدِ ذَٰلِكَ فَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلظَّٰلِمُونَ ٩٤Emva koko nabani na ke oya kuqamba ubuxoki ngoAllâh, abenza loo nto baya kuba ngabenzi bobubi ngenene.” قُلۡ صَدَقَ ٱللَّهُۗ فَٱتَّبِعُواْ مِلَّةَ إِبۡرَٰهِيمَ حَنِيفًاۖ وَمَا كَانَ مِنَ ٱلۡمُشۡرِكِينَ ٩٥Yithi: “UAllâh Uthethe inyaniso; landelani inkolo kaIbrâhîm, uMhanîfa, yena wayengenguye omnye wabakhonzi bezithixo إِنَّ أَوَّلَ بَيۡتٍ وُضِعَ لِلنَّاسِ لَلَّذِي بِبَكَّةَ مُبَارَكًا وَهُدًى لِّلۡعَٰلَمِينَ ٩٦Inene, iNdlu yokuqala yonqulo eyenzelwa uluntu yayiyiBhakkah (iMakkah), ezele ziintsikelelo, nesiKhokelo sendalo yonke فِيهِ ءَايَٰتُۢ بَيِّنَٰتٌ مَّقَامُ إِبۡرَٰهِيمَۖ وَمَن دَخَلَهُۥ كَانَ ءَامِنًاۗ وَلِلَّهِ عَلَى ٱلنَّاسِ حِجُّ ٱلۡبَيۡتِ مَنِ ٱسۡتَطَاعَ إِلَيۡهِ سَبِيلًاۚ وَمَن كَفَرَ فَإِنَّ ٱللَّهَ غَنِيٌّ عَنِ ٱلۡعَٰلَمِينَ ٩٧Kuyo apho kukho imiqondiso ebonakalayo, (umzekelo), iMa’kâm Ibrâhîm5, nabani na lowo ungena kuyo, ufumana ukhuseleko. Ke kaloku iHajji kwindlu ka-Allâh luxanduva olulityala elibanjwa uAllâh luluntu, abo banako ukumelana neendleko zayo. Ke lowo ungakholwayo (kwiHajji) ungongakholwayo kuAllâh, ukanti Yena uAllâh akukho nto Anokuyenzelwa yindalo (yaKhe) قُلۡ يَٰٓأَهۡلَ ٱلۡكِتَٰبِ لِمَ تَكۡفُرُونَ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ وَٱللَّهُ شَهِيدٌ عَلَىٰ مَا تَعۡمَلُونَ ٩٨Yithi: “Hini na Bantu beNcwadi! Kungani na ukuba ningazamkeli iiVesi zika-Allâh lo gama uAllâh EliNgqina loko nina nikwenzayo?” قُلۡ يَٰٓأَهۡلَ ٱلۡكِتَٰبِ لِمَ تَصُدُّونَ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِ مَنۡ ءَامَنَ تَبۡغُونَهَا عِوَجًا وَأَنتُمۡ شُهَدَآءُۗ وَمَا ٱللَّهُ بِغَٰفِلٍ عَمَّا تَعۡمَلُونَ ٩٩Yithi: “Hini na Bantu beNcwadi nibanqandelani na abo bakholwayo, bangangeni eNdleleni ka-Allâh, nisuke nifune ukuyenza ijongeke goso-goso, lo gama ningamangqina (enyaniso) kwaye ayingaba Akakwazi uAllâh oko nina nikwenzayo.” يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِن تُطِيعُواْ فَرِيقًا مِّنَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡكِتَٰبَ يَرُدُّوكُم بَعۡدَ إِيمَٰنِكُمۡ كَٰفِرِينَ ١٠٠Hini na nina bakholwayo! Ukuba ninokuthobela iqela labo babenikwe isiBhalo, inene banganenza nibe ngabangakholwayo emva kokuba nikholiwe وَكَيۡفَ تَكۡفُرُونَ وَأَنتُمۡ تُتۡلَىٰ عَلَيۡكُمۡ ءَايَٰتُ ٱللَّهِ وَفِيكُمۡ رَسُولُهُۥۗ وَمَن يَعۡتَصِم بِٱللَّهِ فَقَدۡ هُدِيَ إِلَىٰ صِرَٰطٍ مُّسۡتَقِيمٍ ١٠١Ningathini ukungakholwa lo gama kucengcelezwa iiVesi zika-Allâh kuni, naphakathi kwenu kukho uMthunywa? Nabani na othe wabambelela nkqi kuAllâh, lowo uya kuba seNdleleni ethe Tye يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ ٱتَّقُواْ ٱللَّهَ حَقَّ تُقَاتِهِۦ وَلَا تَمُوتُنَّ إِلَّا وَأَنتُم مُّسۡلِمُونَ ١٠٢Hini na nina bakholwayo! Yoyikani uAllâh njengoko Efanelwe kukoyikwa, ningafi ningengawo amaMuslim وَٱعۡتَصِمُواْ بِحَبۡلِ ٱللَّهِ جَمِيعًا وَلَا تَفَرَّقُواْۚ وَٱذۡكُرُواْ نِعۡمَتَ ٱللَّهِ عَلَيۡكُمۡ إِذۡ كُنتُمۡ أَعۡدَآءً فَأَلَّفَ بَيۡنَ قُلُوبِكُمۡ فَأَصۡبَحۡتُم بِنِعۡمَتِهِۦٓ إِخۡوَٰنًا وَكُنتُمۡ عَلَىٰ شَفَا حُفۡرَةٍ مِّنَ ٱلنَّارِ فَأَنقَذَكُم مِّنۡهَاۗ كَذَٰلِكَ يُبَيِّنُ ٱللَّهُ لَكُمۡ ءَايَٰتِهِۦ لَعَلَّكُمۡ تَهۡتَدُونَ ١٠٣Bambelelani nkqi, nonke, entanjeni ka-Allâh, ningabi zontlaba zahlukane phakathi kwenu, nikhumbule kananjalo uBabalo luka-Allâh Awanenzela lona, kuba naniziintshaba omnye komnye kodwa Yena Wazimanya iintliziyo zenu (zaba ntonye) khon’ukuze ngobabalo lwaKhe, nibe ngabazalwana, kananjalo nina nanisele nisemngciphekweni wokungena edikeni loMlilo Waza Wanisindisa Yena kuwo. Wenza njalo ke uAllâh ukwenza imiqondiso yaKhe icace kuni, khon’ukuze nikhokeleleke وَلۡتَكُن مِّنكُمۡ أُمَّةٌ يَدۡعُونَ إِلَى ٱلۡخَيۡرِ وَيَأۡمُرُونَ بِٱلۡمَعۡرُوفِ وَيَنۡهَوۡنَ عَنِ ٱلۡمُنكَرِۚ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُفۡلِحُونَ ١٠٤Ke kaloku kuni makuphume iqela labantu elimemela (abantu) kuko konke okulungileyo, liyalele ukwenziwa kokulungileyo lalele ukwenziwa kokungalunganga; ngabo ke abaya kuphumelela وَلَا تَكُونُواْ كَٱلَّذِينَ تَفَرَّقُواْ وَٱخۡتَلَفُواْ مِنۢ بَعۡدِ مَا جَآءَهُمُ ٱلۡبَيِّنَٰتُۚ وَأُوْلَٰٓئِكَ لَهُمۡ عَذَابٌ عَظِيمٌ ١٠٥Ningabi njengabo baba ziintlaba zahlukane, baphikisana emva kokuba imiqondiso ecacileyo (yayisele) ifikile kubo. Ke kaloku ngabo kanye abaza kufumana intuthumbo ebuhlungu يَوۡمَ تَبۡيَضُّ وُجُوهٌ وَتَسۡوَدُّ وُجُوهٌۚ فَأَمَّا ٱلَّذِينَ ٱسۡوَدَّتۡ وُجُوهُهُمۡ أَكَفَرۡتُم بَعۡدَ إِيمَٰنِكُمۡ فَذُوقُواْ ٱلۡعَذَابَ بِمَا كُنتُمۡ تَكۡفُرُونَ ١٠٦NgeMini apho ubuso babanye buya kuba mhlophe buze ubuso babanye bube mnyama, ke kaloku abo ubuso babo buya kuba mnyama (kuya kuthiwa kubo): “Nina nalahla ukholo emveni kokulwamkela? Ke ngoko ngcamlani intuthumbo, yokulahla kwenu ukholo!” وَأَمَّا ٱلَّذِينَ ٱبۡيَضَّتۡ وُجُوهُهُمۡ فَفِي رَحۡمَةِ ٱللَّهِۖ هُمۡ فِيهَا خَٰلِدُونَ ١٠٧Ke kaloku abo ubuso babo buya kuba mhlophe, baya kuba seNcebeni ka-Allâh (ePaladesi), bahlale apho ngonaphakade تِلۡكَ ءَايَٰتُ ٱللَّهِ نَتۡلُوهَا عَلَيۡكَ بِٱلۡحَقِّۗ وَمَا ٱللَّهُ يُرِيدُ ظُلۡمًا لِّلۡعَٰلَمِينَ ١٠٨Ezi ziiVesi zika-Allâh: eSizicengceleza kuwe ngenyaniso, kananjalo uAllâh Akazimiselanga kwenza lugabadelo endalweni yaKhe وَلِلَّهِ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَا فِي ٱلۡأَرۡضِۚ وَإِلَى ٱللَّهِ تُرۡجَعُ ٱلۡأُمُورُ ١٠٩Zezika-Allâh zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni kananjalo zonke izinto zibuyela kuYe كُنتُمۡ خَيۡرَ أُمَّةٍ أُخۡرِجَتۡ لِلنَّاسِ تَأۡمُرُونَ بِٱلۡمَعۡرُوفِ وَتَنۡهَوۡنَ عَنِ ٱلۡمُنكَرِ وَتُؤۡمِنُونَ بِٱللَّهِۗ وَلَوۡ ءَامَنَ أَهۡلُ ٱلۡكِتَٰبِ لَكَانَ خَيۡرًا لَّهُمۚ مِّنۡهُمُ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ وَأَكۡثَرُهُمُ ٱلۡفَٰسِقُونَ ١١٠Nina ningabona bantu balungileyo baveliselwe uluntu, niyalela (ukwenziwa) kokulungileyo nalele (ukwenziwa) kokungalunganga yaye nikholwa kuAllâh. Ukanti ukuba aBantu beNcwadi babekholiwe kwakuya kulunga oko kubo; phakhathi kwabo kukho abo banokholo, kodwa uninzi lwabo ngabenzi bobubi لَن يَضُرُّوكُمۡ إِلَّآ أَذًىۖ وَإِن يُقَٰتِلُوكُمۡ يُوَلُّوكُمُ ٱلۡأَدۡبَارَ ثُمَّ لَا يُنصَرُونَ ١١١Akukho ngozi banokuyenza kuni, (bagxwala nje emswaneni), ukuba bathe balwa nani baza kuphinda kwabona banibonise imiqolo yabo kwaye abayi kuncedwa ضُرِبَتۡ عَلَيۡهِمُ ٱلذِّلَّةُ أَيۡنَ مَا ثُقِفُوٓاْ إِلَّا بِحَبۡلٍ مِّنَ ٱللَّهِ وَحَبۡلٍ مِّنَ ٱلنَّاسِ وَبَآءُو بِغَضَبٍ مِّنَ ٱللَّهِ وَضُرِبَتۡ عَلَيۡهِمُ ٱلۡمَسۡكَنَةُۚ ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ كَانُواْ يَكۡفُرُونَ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ وَيَقۡتُلُونَ ٱلۡأَنۢبِيَآءَ بِغَيۡرِ حَقٍّۚ ذَٰلِكَ بِمَا عَصَواْ وَّكَانُواْ يَعۡتَدُونَ ١١٢Ihlazo lithiwe wambu phezu kwabo naphi na apho bakhoyo, ngaphandle kwamaxa bephantsi komnqophiso wokhuseleko luka-Allâh, nolwabantu; bona bazibizele ingqumbo ka- Allâh nentshabalalo ibekwe phezu kwabo. Oku kungenxa yokuba abakholwa kwiiVesi zika-Allâh, babulala nabaProfeti ngokungekho lungelweni. Oku kungenxa yokuba basuka bangaMthobeli uAllâh, bagabadela, batsiba imida ۞ لَيۡسُواْ سَوَآءًۗ مِّنۡ أَهۡلِ ٱلۡكِتَٰبِ أُمَّةٌ قَآئِمَةٌ يَتۡلُونَ ءَايَٰتِ ٱللَّهِ ءَانَآءَ ٱلَّيۡلِ وَهُمۡ يَسۡجُدُونَ ١١٣Abanjalo bonke; iqela elithile kuBantu beNcwadi limele okulungileyo, bayazicengceleza iiVesi zika-Allâh phakathi kwiiyure zobusuku, baqubude bathandaze يُؤۡمِنُونَ بِٱللَّهِ وَٱلۡيَوۡمِ ٱلۡأٓخِرِ وَيَأۡمُرُونَ بِٱلۡمَعۡرُوفِ وَيَنۡهَوۡنَ عَنِ ٱلۡمُنكَرِ وَيُسَٰرِعُونَ فِي ٱلۡخَيۡرَٰتِۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ مِنَ ٱلصَّٰلِحِينَ ١١٤Bayakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela; Bayalela ukwenziwa kokulungileyo, balele ukwenziwa kokungalunganga baze bangxame ukwenza okulungileyo ke bona bangabanye bamalungisa وَمَا يَفۡعَلُواْ مِنۡ خَيۡرٍ فَلَن يُكۡفَرُوهُۗ وَٱللَّهُ عَلِيمُۢ بِٱلۡمُتَّقِينَ ١١٥Ke kaloku nantoni na elungileyo abayenzayo akukho nto ingayi kwamkelwa kubo; kuba uAllâh Ubazi kakuhle abo bamoyikayo (Yena) إِنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لَن تُغۡنِيَ عَنۡهُمۡ أَمۡوَٰلُهُمۡ وَلَآ أَوۡلَٰدُهُم مِّنَ ٱللَّهِ شَيۡـًٔاۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ أَصۡحَٰبُ ٱلنَّارِۖ هُمۡ فِيهَا خَٰلِدُونَ ١١٦Inene abo bangakholwayo, ubutyebi babo nenzala yabo ayiyi kubanceda (nganto) kuAllâh. Bona ngabahlali baseMlilweni, apho kulapho baya kuhlala khona ngonaphakade مَثَلُ مَا يُنفِقُونَ فِي هَٰذِهِ ٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَا كَمَثَلِ رِيحٍ فِيهَا صِرٌّ أَصَابَتۡ حَرۡثَ قَوۡمٍ ظَلَمُوٓاْ أَنفُسَهُمۡ فَأَهۡلَكَتۡهُۚ وَمَا ظَلَمَهُمُ ٱللَّهُ وَلَٰكِنۡ أَنفُسَهُمۡ يَظۡلِمُونَ ١١٧Imfano yoko bakuchitha (kumalizo kweli hlabathi ifana nomoya obanda ceke; obetha isivuno sabantu abenza ubugwenxa kwiziqu zabo usitshabalalise, uAllâh Azanga Enze bugwenxa kubo, koko ngabo abazenza ubugwenxa (ngokwabo) يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لَا تَتَّخِذُواْ بِطَانَةً مِّن دُونِكُمۡ لَا يَأۡلُونَكُمۡ خَبَالًا وَدُّواْ مَا عَنِتُّمۡ قَدۡ بَدَتِ ٱلۡبَغۡضَآءُ مِنۡ أَفۡوَٰهِهِمۡ وَمَا تُخۡفِي صُدُورُهُمۡ أَكۡبَرُۚ قَدۡ بَيَّنَّا لَكُمُ ٱلۡأٓيَٰتِۖ إِن كُنتُمۡ تَعۡقِلُونَ ١١٨O nina bakholwayo! Musani ukuthabatha abo bangaphandle kwenkolo yenu ukuba babe ngabacebisi benu, njengoko bengasokuze basilele ukwenza konke okusemandleni abo ukunonakalisa. Bona banqwenela ukunonzakalisa ngamandla. Inzondo (yabo) sele izibonakalisile ngemilomo yabo. Ukanti okufihlakele ezifubeni zabo kungcole ngakumbi. Inene Thina Sizicacisile iiVesi kuni ukuba ningabaqondayo هَٰٓأَنتُمۡ أُوْلَآءِ تُحِبُّونَهُمۡ وَلَا يُحِبُّونَكُمۡ وَتُؤۡمِنُونَ بِٱلۡكِتَٰبِ كُلِّهِۦ وَإِذَا لَقُوكُمۡ قَالُوٓاْ ءَامَنَّا وَإِذَا خَلَوۡاْ عَضُّواْ عَلَيۡكُمُ ٱلۡأَنَامِلَ مِنَ ٱلۡغَيۡظِۚ قُلۡ مُوتُواْ بِغَيۡظِكُمۡۗ إِنَّ ٱللَّهَ عَلِيمُۢ بِذَاتِ ٱلصُّدُورِ ١١٩Eneneni! Nini abathanda bona kodwa bona abanithandi, Ukanti nina nikholwa kuso sonke isiBhalo. Bona xa bedibana nani bathi, “Siyakholwa”. Kodwa xa behlangene bodwa, banimuncela iintupha zabo, bezele ngumsindo. Yithi: “Tshabalalani kuloo misindo yenu.” Inene uAllâh Uyakwazi oko kusezifubeni إِن تَمۡسَسۡكُمۡ حَسَنَةٌ تَسُؤۡهُمۡ وَإِن تُصِبۡكُمۡ سَيِّئَةٌ يَفۡرَحُواْ بِهَاۖ وَإِن تَصۡبِرُواْ وَتَتَّقُواْ لَا يَضُرُّكُمۡ كَيۡدُهُمۡ شَيۡـًٔاۗ إِنَّ ٱللَّهَ بِمَا يَعۡمَلُونَ مُحِيطٌ ١٢٠Xa nihlelwe kokulungileyo, iba buhlungu loo nto kubo, ze kuthi nakuhlelwa kokubi kubavuyise oko. Kodwa ukuba ninokuba nomonde nihlale nimoyika uAllâh akukho nento le abanokunenza yona ngamayelenqe abo. Inene uAllâh Ukurhangqele konke oko bakwenzayo وَإِذۡ غَدَوۡتَ مِنۡ أَهۡلِكَ تُبَوِّئُ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ مَقَٰعِدَ لِلۡقِتَالِۗ وَٱللَّهُ سَمِيعٌ عَلِيمٌ ١٢١Ukhumbule kananjalo wena (Muhammad) okokuba washiya umzi wakho ukuya kukhaphela amakholwa kwizikhululo zedabi6 UAllâh Waba nguSokuva uSolwazi إِذۡ هَمَّت طَّآئِفَتَانِ مِنكُمۡ أَن تَفۡشَلَا وَٱللَّهُ وَلِيُّهُمَاۗ وَعَلَى ٱللَّهِ فَلۡيَتَوَكَّلِ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ ١٢٢Kwathi xa amaqela amabini phakathi kwenu ayesele etyhafa, uAllâh Waba nguMkhuseli, kananjalo amakholwa makabeke ithemba lawo kuAllâh وَلَقَدۡ نَصَرَكُمُ ٱللَّهُ بِبَدۡرٍ وَأَنتُمۡ أَذِلَّةٌۖ فَٱتَّقُواْ ٱللَّهَ لَعَلَّكُمۡ تَشۡكُرُونَ ١٢٣UAllâh sele Enenze nanoloyiso eBadr7, ngethuba nina naningumkhosana omncinane ongenamandla. Ke ngoko Moyikeni uAllâh kakhulu ukuze nibe nombulelo إِذۡ تَقُولُ لِلۡمُؤۡمِنِينَ أَلَن يَكۡفِيَكُمۡ أَن يُمِدَّكُمۡ رَبُّكُم بِثَلَٰثَةِ ءَالَٰفٍ مِّنَ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةِ مُنزَلِينَ ١٢٤(Khumbula) wena (Muhammad) wathi kumakholwa, “Ingaba akwanelanga na ukuba iNkosi yenu (uAllâh) Inincedise ngeengelosi ezingamawaka amathathu, Izithobe (zize kuni”) na بَلَىٰٓۚ إِن تَصۡبِرُواْ وَتَتَّقُواْ وَيَأۡتُوكُم مِّن فَوۡرِهِمۡ هَٰذَا يُمۡدِدۡكُمۡ رَبُّكُم بِخَمۡسَةِ ءَالَٰفٍ مِّنَ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةِ مُسَوِّمِينَ ١٢٥“Ewe, ukuba nibambelela ekunyamezeleni nasebungcweleni utshabaluzakuzakunilumbonzelekile; iNkosiyenu Inincedise ngeengelosi ezingamawaka amahlanu, zineempawu (zentshabalaliso).” وَمَا جَعَلَهُ ٱللَّهُ إِلَّا بُشۡرَىٰ لَكُمۡ وَلِتَطۡمَئِنَّ قُلُوبُكُم بِهِۦۗ وَمَا ٱلنَّصۡرُ إِلَّا مِنۡ عِندِ ٱللَّهِ ٱلۡعَزِيزِ ٱلۡحَكِيمِ ١٢٦UAllâh Akakwenzanga ukuba kube yinto yimbi oku ngaphandle kokuba kube ziindaba zovuyo nesiqinisekiso ezintliziyweni zenu, kananjalo alukho olunye uloyiso ngaphandle koluvela kuAllâh, uSomandla, uSobulumko لِيَقۡطَعَ طَرَفًا مِّنَ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ أَوۡ يَكۡبِتَهُمۡ فَيَنقَلِبُواْ خَآئِبِينَ ١٢٧(UAllâh) Usenganqamla inxalenye yabo bangakholwayo, kungenjalo Ababeke ehlazweni, ukuze baphinde emva bedanile لَيۡسَ لَكَ مِنَ ٱلۡأَمۡرِ شَيۡءٌ أَوۡ يَتُوبَ عَلَيۡهِمۡ أَوۡ يُعَذِّبَهُمۡ فَإِنَّهُمۡ ظَٰلِمُونَ ١٢٨Isigqibo ayisosakho koko sesika-Allâh; enokuba ubuya ngenceba na kubo, okanye ubohlwaye; bona ngenene bangabenzi bobubi وَلِلَّهِ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَا فِي ٱلۡأَرۡضِۚ يَغۡفِرُ لِمَن يَشَآءُ وَيُعَذِّبُ مَن يَشَآءُۚ وَٱللَّهُ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ١٢٩Konke okusemazulwini nasemhlabeni kokuka-Allâh. Uxolela lowo Athande ukumxolela, Ohlwaye lowo Athande ukumohlwaya, kwaye uAllâh nguMxoleli, uSozinceba يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لَا تَأۡكُلُواْ ٱلرِّبَوٰٓاْ أَضۡعَٰفًا مُّضَٰعَفَةًۖ وَٱتَّقُواْ ٱللَّهَ لَعَلَّكُمۡ تُفۡلِحُونَ ١٣٠Hini na nina bakholwayo! Musani ukutya iRibâ8 ephindwe kabini nakaninzi, koko yoyikani uAllâh khon’ukuze nibe nempumelelo وَٱتَّقُواْ ٱلنَّارَ ٱلَّتِيٓ أُعِدَّتۡ لِلۡكَٰفِرِينَ ١٣١Kananjalo yoyikani uMlilo, olungiselelwe abangakholwayo وَأَطِيعُواْ ٱللَّهَ وَٱلرَّسُولَ لَعَلَّكُمۡ تُرۡحَمُونَ ١٣٢Ke kaloku thobelani uAllâh noMthunywa (waKhe uMuhammad) ukuze nizuze (ukwenzelwa inceba) ۞ وَسَارِعُوٓاْ إِلَىٰ مَغۡفِرَةٍ مِّن رَّبِّكُمۡ وَجَنَّةٍ عَرۡضُهَا ٱلسَّمَٰوَٰتُ وَٱلۡأَرۡضُ أُعِدَّتۡ لِلۡمُتَّقِينَ ١٣٣Yiyani phambili eNdleleni (ekhokelela) kuxolelo lwezono oluvela eNkosini yenu, nasePaladesi ebubanzi bayo bungangamazulu nomhlaba, ilungiselelwe abamoyikayo uAllâh ٱلَّذِينَ يُنفِقُونَ فِي ٱلسَّرَّآءِ وَٱلضَّرَّآءِ وَٱلۡكَٰظِمِينَ ٱلۡغَيۡظَ وَٱلۡعَافِينَ عَنِ ٱلنَّاسِۗ وَٱللَّهُ يُحِبُّ ٱلۡمُحۡسِنِينَ ١٣٤Abo banikela [ngamalizo (eNdleleni ka-Allâh)], benendyebo naxa bephantsi kwembandezelo. Abacinezela imisindo (yabo), baxolele abantu; inene, uAllâh Uyabathanda abenzi bobulungisa وَٱلَّذِينَ إِذَا فَعَلُواْ فَٰحِشَةً أَوۡ ظَلَمُوٓاْ أَنفُسَهُمۡ ذَكَرُواْ ٱللَّهَ فَٱسۡتَغۡفَرُواْ لِذُنُوبِهِمۡ وَمَن يَغۡفِرُ ٱلذُّنُوبَ إِلَّا ٱللَّهُ وَلَمۡ يُصِرُّواْ عَلَىٰ مَا فَعَلُواْ وَهُمۡ يَعۡلَمُونَ ١٣٥Nabo bathi xa benze ububi okanye bezenze ubugwenxa ngokwenza ukungcola, bakhumbule uAllâh, bacele itarhu ngezono zabo; yaye akukho wumbi onokuxolela izono ngaphandle koAllâh bangaqhubeki nokwenza (obo bubi) babenzileyo, besazi أُوْلَٰٓئِكَ جَزَآؤُهُم مَّغۡفِرَةٌ مِّن رَّبِّهِمۡ وَجَنَّٰتٌ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَاۚ وَنِعۡمَ أَجۡرُ ٱلۡعَٰمِلِينَ ١٣٦Umvuzo wabanjalo luxolelo lwezono oluvela eNkosini yabo, neMiyezo ekumpompoza imilambo phantsi kwayo, baze bahlale apho ngonaphakade. Onjani wona ukuba mhle umvuzo kubenzi (bokulungileyo) قَدۡ خَلَتۡ مِن قَبۡلِكُمۡ سُنَنٌ فَسِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَٱنظُرُواْ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلۡمُكَذِّبِينَ ١٣٧Iimeko9 ezinjengezi zenu, zahlela izizwe ezingaphambili kunani, ke ngoko hamba-hambani umhlaba wonke, nibone ukuba saba yintoni na isiphelo sabo bangakholwayo هَٰذَا بَيَانٌ لِّلنَّاسِ وَهُدًى وَمَوۡعِظَةٌ لِّلۡمُتَّقِينَ ١٣٨Le ‘Kur`ân yinkcazo ecacileyo kubantu, isisiKhokelo nemfundiso kwabo bamoyikayo uAllâh وَلَا تَهِنُواْ وَلَا تَحۡزَنُواْ وَأَنتُمُ ٱلۡأَعۡلَوۡنَ إِن كُنتُم مُّؤۡمِنِينَ ١٣٩Musani ukuba yeke-yeke ke ngoko (ngokuchasene neentshaba zenu), ninganxunguphali yaye niza kuba ngentla (kwazo) ukuba ningamakholwa ngokwenene إِن يَمۡسَسۡكُمۡ قَرۡحٌ فَقَدۡ مَسَّ ٱلۡقَوۡمَ قَرۡحٌ مِّثۡلُهُۥۚ وَتِلۡكَ ٱلۡأَيَّامُ نُدَاوِلُهَا بَيۡنَ ٱلنَّاسِ وَلِيَعۡلَمَ ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَيَتَّخِذَ مِنكُمۡ شُهَدَآءَۗ وَٱللَّهُ لَا يُحِبُّ ٱلظَّٰلِمِينَ ١٤٠Ukuba inxeba linichukumisile nina, qinisekani okokuba inxeba elikwanjalo libachukumisile nabo (enilwa nabo). Kananjalo oko ziintsuku eSizinika abantu ngokubolekisana kwazo, khon’ukuze uAllâh avavanye abo bakholwayo, ukuze uAllâh Athathe abafelukholo phakathi kwenu. Ukanti uAllâh Akabathandi abagabadeli وَلِيُمَحِّصَ ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَيَمۡحَقَ ٱلۡكَٰفِرِينَ ١٤١Kananjalo uAllâh Uvavanya amakholwa, Atshabalalise abangakholwayo أَمۡ حَسِبۡتُمۡ أَن تَدۡخُلُواْ ٱلۡجَنَّةَ وَلَمَّا يَعۡلَمِ ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ جَٰهَدُواْ مِنكُمۡ وَيَعۡلَمَ ٱلصَّٰبِرِينَ ١٤٢Nicinga ukuba niza kungena ePaladesi ningakhanga nilufumane ucikido luka-Allâh na? Abo benu balwayo nabo benu banonyamezelo وَلَقَدۡ كُنتُمۡ تَمَنَّوۡنَ ٱلۡمَوۡتَ مِن قَبۡلِ أَن تَلۡقَوۡهُ فَقَدۡ رَأَيۡتُمُوهُ وَأَنتُمۡ تَنظُرُونَ ١٤٣Inene nina benikunqwenela ukufa (nifele ukholo) ningekadibani nako. Ngoku nikubone ngamehlo enu وَمَا مُحَمَّدٌ إِلَّا رَسُولٌ قَدۡ خَلَتۡ مِن قَبۡلِهِ ٱلرُّسُلُۚ أَفَإِيْن مَّاتَ أَوۡ قُتِلَ ٱنقَلَبۡتُمۡ عَلَىٰٓ أَعۡقَٰبِكُمۡۚ وَمَن يَنقَلِبۡ عَلَىٰ عَقِبَيۡهِ فَلَن يَضُرَّ ٱللَّهَ شَيۡـًٔاۚ وَسَيَجۡزِي ٱللَّهُ ٱلشَّٰكِرِينَ ١٤٤UMuhammad akanto yimbi ngaphandle kokuba nguMthunywa, kananjalo (baninzi) abaThunywa abamandulelayo bafa phambi kwakhe. Ukuba yena uye wabulawa ingaba niza kukreqa? Lowo ubuya umva, akukho nobungakanani na ububi anokubenza kuAllâh; uAllâh Uza kunika umvuzo abo banombulelo وَمَا كَانَ لِنَفۡسٍ أَن تَمُوتَ إِلَّا بِإِذۡنِ ٱللَّهِ كِتَٰبًا مُّؤَجَّلًاۗ وَمَن يُرِدۡ ثَوَابَ ٱلدُّنۡيَا نُؤۡتِهِۦ مِنۡهَا وَمَن يُرِدۡ ثَوَابَ ٱلۡأٓخِرَةِ نُؤۡتِهِۦ مِنۡهَاۚ وَسَنَجۡزِي ٱلشَّٰكِرِينَ ١٤٥Futhi akunakwenzeka ukuthi umuntu afe ngaphandle kwemvume ka Allah esinqumweni esinqunyiwe. Futhi noma ngubani ofisa umvuzo walomhlaba - Sizomnika wona; futhi noma ngubani ofisa umvuzo wakusasa - Sizomnika wona Futhi sizoklomelisa ababongayo وَكَأَيِّن مِّن نَّبِيٍّ قَٰتَلَ مَعَهُۥ رِبِّيُّونَ كَثِيرٌ فَمَا وَهَنُواْ لِمَآ أَصَابَهُمۡ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ وَمَا ضَعُفُواْ وَمَا ٱسۡتَكَانُواْۗ وَٱللَّهُ يُحِبُّ ٱلصَّٰبِرِينَ ١٤٦Kananjalo baninzi abaProfeti abalwayo, ecaleni koMprofeti (ngamnye) kwakuba lihlokondiba lamadoda anemfundo. Kodwa zanga bazenze ethe-ethe ngokungxwelerheka abakufumanayo eNdleleni ka-Allâh, begazanga bazithobe isidima sabo, kwaye uAllâh Uyabathanda abanonyamezelo وَمَا كَانَ قَوۡلَهُمۡ إِلَّآ أَن قَالُواْ رَبَّنَا ٱغۡفِرۡ لَنَا ذُنُوبَنَا وَإِسۡرَافَنَا فِيٓ أَمۡرِنَا وَثَبِّتۡ أَقۡدَامَنَا وَٱنصُرۡنَا عَلَى ٱلۡقَوۡمِ ٱلۡكَٰفِرِينَ ١٤٧Kananjalo ayikho enye into ababeyithetha ngaphandle kokuthi: “O Nkosi yethu! Sixolele izono zethu nezigqitho zethu, yomeleza iinyawo zethu, Usinike uloyiso phezu kwabo bangakholwayo.” فَـَٔاتَىٰهُمُ ٱللَّهُ ثَوَابَ ٱلدُّنۡيَا وَحُسۡنَ ثَوَابِ ٱلۡأٓخِرَةِۗ وَٱللَّهُ يُحِبُّ ٱلۡمُحۡسِنِينَ ١٤٨Ke ngoko uAllâh Wabanika umvuzo weli hlabathi, nowona mvuzo mhle woBomi oBuzayo. UAllâh Uyabathanda abenzi bokulungileyo يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِن تُطِيعُواْ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ يَرُدُّوكُمۡ عَلَىٰٓ أَعۡقَٰبِكُمۡ فَتَنقَلِبُواْ خَٰسِرِينَ ١٤٩Hini na nina bakholwayo! Ukuba ninokuthobela abo bangakholwayo, banganibuyisela umva, kwaye niya kukreqa (elukholweni) nibe ngabalahlekelwa بَلِ ٱللَّهُ مَوۡلَىٰكُمۡۖ وَهُوَ خَيۡرُ ٱلنَّٰصِرِينَ ١٥٠Nakanye, uAllâh nguMlondolozi wenu yaye UngoYena Mncedi Ulungileyo سَنُلۡقِي فِي قُلُوبِ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ ٱلرُّعۡبَ بِمَآ أَشۡرَكُواْ بِٱللَّهِ مَا لَمۡ يُنَزِّلۡ بِهِۦ سُلۡطَٰنًاۖ وَمَأۡوَىٰهُمُ ٱلنَّارُۖ وَبِئۡسَ مَثۡوَى ٱلظَّٰلِمِينَ ١٥١Siya kufaka uloyiko ezintliziyweni zabo bangakholwayo, kuba bona bayamanisa abanye (oothixo) kunqulo luka-Allâh, Angazanga Wabanika gunya ngabo; ikhaya labo liya kuba nguMlilo, hayi ububi bekhaya labenzi bobubi وَلَقَدۡ صَدَقَكُمُ ٱللَّهُ وَعۡدَهُۥٓ إِذۡ تَحُسُّونَهُم بِإِذۡنِهِۦۖ حَتَّىٰٓ إِذَا فَشِلۡتُمۡ وَتَنَٰزَعۡتُمۡ فِي ٱلۡأَمۡرِ وَعَصَيۡتُم مِّنۢ بَعۡدِ مَآ أَرَىٰكُم مَّا تُحِبُّونَۚ مِنكُم مَّن يُرِيدُ ٱلدُّنۡيَا وَمِنكُم مَّن يُرِيدُ ٱلۡأٓخِرَةَۚ ثُمَّ صَرَفَكُمۡ عَنۡهُمۡ لِيَبۡتَلِيَكُمۡۖ وَلَقَدۡ عَفَا عَنكُمۡۗ وَٱللَّهُ ذُو فَضۡلٍ عَلَى ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ١٥٢UAllâh ngenene Wasizalisekisa isithembiso saKhe kuni xa nina nanibabulala ngemvume yaKhe; nada naphelelwa kukuzithemba, nawa kwimpikiswano ngomyalelo, anathobela, Esakuba Enibonise ixhayelo enilithanda kunene. Phakathi kwenu kukho abo banqwenela (izinto) zeli hlabathi kubekho abo banqwenela uBomi oBuzayo. Ke yena Wanenza nabaleka nemka kubo, ukuze Anicikide. Kodwa inene Wanixolela Yena, kwaye uAllâh Unofefe kwabo bakholwayo ۞ إِذۡ تُصۡعِدُونَ وَلَا تَلۡوُۥنَ عَلَىٰٓ أَحَدٍ وَٱلرَّسُولُ يَدۡعُوكُمۡ فِيٓ أُخۡرَىٰكُمۡ فَأَثَٰبَكُمۡ غَمَّۢا بِغَمٍّ لِّكَيۡلَا تَحۡزَنُواْ عَلَىٰ مَا فَاتَكُمۡ وَلَا مَآ أَصَٰبَكُمۡۗ وَٱللَّهُ خَبِيرُۢ بِمَا تَعۡمَلُونَ ١٥٣Yabonani nina nabaleka ninganyeki nokunyeka, waba uMthunywa engemva kwenu, enikhwaza ukuba nibuye. Apho uAllâh Waninika unxunguphalo emva konxunguphalo ngendlela yembuyekezo, Enifundisa ukuba ningabi buhlungu ngoko kuniphosileyo, nangoko kunihleleyo. UAllâh Ukwazi konke oko nikwenzayo ثُمَّ أَنزَلَ عَلَيۡكُم مِّنۢ بَعۡدِ ٱلۡغَمِّ أَمَنَةً نُّعَاسًا يَغۡشَىٰ طَآئِفَةً مِّنكُمۡۖ وَطَآئِفَةٌ قَدۡ أَهَمَّتۡهُمۡ أَنفُسُهُمۡ يَظُنُّونَ بِٱللَّهِ غَيۡرَ ٱلۡحَقِّ ظَنَّ ٱلۡجَٰهِلِيَّةِۖ يَقُولُونَ هَل لَّنَا مِنَ ٱلۡأَمۡرِ مِن شَيۡءٍۗ قُلۡ إِنَّ ٱلۡأَمۡرَ كُلَّهُۥ لِلَّهِۗ يُخۡفُونَ فِيٓ أَنفُسِهِم مَّا لَا يُبۡدُونَ لَكَۖ يَقُولُونَ لَوۡ كَانَ لَنَا مِنَ ٱلۡأَمۡرِ شَيۡءٌ مَّا قُتِلۡنَا هَٰهُنَاۗ قُل لَّوۡ كُنتُمۡ فِي بُيُوتِكُمۡ لَبَرَزَ ٱلَّذِينَ كُتِبَ عَلَيۡهِمُ ٱلۡقَتۡلُ إِلَىٰ مَضَاجِعِهِمۡۖ وَلِيَبۡتَلِيَ ٱللَّهُ مَا فِي صُدُورِكُمۡ وَلِيُمَحِّصَ مَا فِي قُلُوبِكُمۡۚ وَٱللَّهُ عَلِيمُۢ بِذَاتِ ٱلصُّدُورِ ١٥٤Emva konxunguphalo Wanithumelela ukhuseleko. Ubuthongo bongamela abanye benu, lo gama abanye benu babecinga ngeziqu zabo befuna ukuzisindisa, (bengakhathali ngemeko yoMprofeti neyabanye abantu) becinga gwenxa nangoAllâh iingcinga zokungazi, besithi, “Sinanxaxheba ni na thina kulo mcimbi?” Yithi ke wena (Muhammad): “Inene umcimbi wonke ngoka-Allâh.” Bakufihla phakathi kwabo oko bangafuniyo ukuba kwaziwe nguwe, besithi: “Ukuba besinento yokwenza nalo mcimbi ngekungekho namnye kuthi obuleweyo apha”. Yithi: “Nokuba beniye nahlala emizini yenu, abo ukufa kumiselweyo kubo bebeza kuphuma baye endaweni enokufa kwabo kodwa uAllâh Unako ukuku vavanya oko kusezifubeni zenu, Ahlambulule noko kusezintliziyweni zenu. UAllâh nguMazi woko kusezifubeni zenu.” إِنَّ ٱلَّذِينَ تَوَلَّوۡاْ مِنكُمۡ يَوۡمَ ٱلۡتَقَى ٱلۡجَمۡعَانِ إِنَّمَا ٱسۡتَزَلَّهُمُ ٱلشَّيۡطَٰنُ بِبَعۡضِ مَا كَسَبُواْۖ وَلَقَدۡ عَفَا ٱللَّهُ عَنۡهُمۡۗ إِنَّ ٱللَّهَ غَفُورٌ حَلِيمٌ ١٥٥Abo benu baye barhoxa ngemini apho imikhosi emibini yayihlangene, nguShaytân owabenza ukuba babuye umva ngenxa yezono ezithile abazenzayo, kodwa uAllâh Wabaxolela, inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لَا تَكُونُواْ كَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَقَالُواْ لِإِخۡوَٰنِهِمۡ إِذَا ضَرَبُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ أَوۡ كَانُواْ غُزًّى لَّوۡ كَانُواْ عِندَنَا مَا مَاتُواْ وَمَا قُتِلُواْ لِيَجۡعَلَ ٱللَّهُ ذَٰلِكَ حَسۡرَةً فِي قُلُوبِهِمۡۗ وَٱللَّهُ يُحۡيِۦ وَيُمِيتُۗ وَٱللَّهُ بِمَا تَعۡمَلُونَ بَصِيرٌ ١٥٦Hini na nina bakholwayo! Musani ukuba njengabangakholwayo, abathi kubazalwana babo xa beseluhambeni, (becanda amathafa) okanye besiya kulwa: “Ukuba bebethe bahlala nathi, ngebengafanga okanye babulawe,” ukuze uAllâh Enze oko kungunobangela wokuzisola ezintliziyweni zabo. NguAllâh Onika ubomi, Adale ukufa, kananjalo uAllâh Ukubona konke oko nikwenzayo وَلَئِن قُتِلۡتُمۡ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ أَوۡ مُتُّمۡ لَمَغۡفِرَةٌ مِّنَ ٱللَّهِ وَرَحۡمَةٌ خَيۡرٌ مِّمَّا يَجۡمَعُونَ ١٥٧Ke kaloku ukuba niye nabulawa okanye nafa eNdleleni ka- Allâh, uxolelo lwezono nenceba oluvela kuAllâh lulungile kunako konke oko bakuqokelelayo (kububutyebi behlabathi) وَلَئِن مُّتُّمۡ أَوۡ قُتِلۡتُمۡ لَإِلَى ٱللَّهِ تُحۡشَرُونَ ١٥٨Nokuba niye nafa okanye nabulawa, Inene, niza kuhlanganiselwa ndawonye nonke kuAllâh فَبِمَا رَحۡمَةٍ مِّنَ ٱللَّهِ لِنتَ لَهُمۡۖ وَلَوۡ كُنتَ فَظًّا غَلِيظَ ٱلۡقَلۡبِ لَٱنفَضُّواْ مِنۡ حَوۡلِكَۖ فَٱعۡفُ عَنۡهُمۡ وَٱسۡتَغۡفِرۡ لَهُمۡ وَشَاوِرۡهُمۡ فِي ٱلۡأَمۡرِۖ فَإِذَا عَزَمۡتَ فَتَوَكَّلۡ عَلَى ٱللَّهِۚ إِنَّ ٱللَّهَ يُحِبُّ ٱلۡمُتَوَكِّلِينَ ١٥٩Ke kaloku ngeNceba ka-Allâh, wabonisana nabo wena ngenyameko, ukanti ukuba wawuye waba gadalala, waba nentliziyo engqwabalala ngebakreqa bemka kuwe; ke yiba ngathi awuziboni iziphoso zabo, ubacelele itarhu, ubonisane nabo ngemicimbi. Yaye xa uthabatha isigqibo (ngento), beka ithemba lakho kuAllâh, inene, uAllâh Uyabathanda ababeka ithemba labo (kuYe) إِن يَنصُرۡكُمُ ٱللَّهُ فَلَا غَالِبَ لَكُمۡۖ وَإِن يَخۡذُلۡكُمۡ فَمَن ذَا ٱلَّذِي يَنصُرُكُم مِّنۢ بَعۡدِهِۦۗ وَعَلَى ٱللَّهِ فَلۡيَتَوَكَّلِ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ ١٦٠Ukuba nincediswa nguAllâh, akukho bani unokunoyisa; ukanti ukuba Anganishiya Yena, ngubani ongomnye onganinceda? Ke kaloku amakholwa makabeke ithemba lawo kuAllâh وَمَا كَانَ لِنَبِيٍّ أَن يَغُلَّۚ وَمَن يَغۡلُلۡ يَأۡتِ بِمَا غَلَّ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِۚ ثُمَّ تُوَفَّىٰ كُلُّ نَفۡسٍ مَّا كَسَبَتۡ وَهُمۡ لَا يُظۡلَمُونَ ١٦١Akulolungelo lakhe nawuphi na uMprofeti ukuba athabathe inxalenye yexhayelo ngokungemthetho, nabani na okhohlisa oogxa bakhe ngokunxulumene nexhayelo, ngoMhla wokuGqibela uza kukubuyisa (konke) oko wakuthathayo. Ke kaloku umntu ngamnye uza kuhlawulwa ngokugcweleyo ngoko akusebenzeleyo, kwaye abazi kwenzelwa ntswela bulungisa أَفَمَنِ ٱتَّبَعَ رِضۡوَٰنَ ٱللَّهِ كَمَنۢ بَآءَ بِسَخَطٍ مِّنَ ٱللَّهِ وَمَأۡوَىٰهُ جَهَنَّمُۖ وَبِئۡسَ ٱلۡمَصِيرُ ١٦٢Ingaba lowo ulandela intando ka-Allâh uyafana na nalowo uzibizela ingqumbo ka-Allâh? Ikhaya lalowo lisesiHogweni, hayi ububi besiphelo solo hambo lwabo هُمۡ دَرَجَٰتٌ عِندَ ٱللَّهِۗ وَٱللَّهُ بَصِيرُۢ بِمَا يَعۡمَلُونَ ١٦٣Bona baziindidi ngeendidi kuAllâh kananjalo uAllâh Ukubona konke oko bakwenzayo لَقَدۡ مَنَّ ٱللَّهُ عَلَى ٱلۡمُؤۡمِنِينَ إِذۡ بَعَثَ فِيهِمۡ رَسُولًا مِّنۡ أَنفُسِهِمۡ يَتۡلُواْ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتِهِۦ وَيُزَكِّيهِمۡ وَيُعَلِّمُهُمُ ٱلۡكِتَٰبَ وَٱلۡحِكۡمَةَ وَإِن كَانُواْ مِن قَبۡلُ لَفِي ضَلَٰلٍ مُّبِينٍ ١٦٤Inene uAllâh Wenzela amakholwa ubuBele obukhulu ngokuwathumelela uMprofeti ophuma phakathi kwabo, ebacengcelezelaiiVesiezivelakuYe(i’Kur`ân)ebahlambulula, ebafundisa ngeNcwadi (i’Kur`ân) nangobulumko. Lo gama mandulo babesekulahlekeni okucacileyo أَوَلَمَّآ أَصَٰبَتۡكُم مُّصِيبَةٌ قَدۡ أَصَبۡتُم مِّثۡلَيۡهَا قُلۡتُمۡ أَنَّىٰ هَٰذَاۖ قُلۡ هُوَ مِنۡ عِندِ أَنفُسِكُمۡۗ إِنَّ ٱللَّهَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ١٦٥Xa nihlelwe lishwangusha elinye nangona nizibethe (iintshaba zenu) ngokuphindwe kanye nakabini kunokuba zenzile zona, nisuka nithi nina: “Kuvela phi na (ngoku) oku kuthi?” Yithi (kubo), “Kuvela kuni buqu (ngenxa yezenzo zenu ezingcolileyo)” kananjalo uAllâh Unamandla ngaphezu kweento zonke وَمَآ أَصَٰبَكُمۡ يَوۡمَ ٱلۡتَقَى ٱلۡجَمۡعَانِ فَبِإِذۡنِ ٱللَّهِ وَلِيَعۡلَمَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ١٦٦Ubuhlungu enabuvayo ngemini imikhosi emibini yayiqubisene kwakungemvume ka-Allâh, Esenzela ukuvavanya amakholwa وَلِيَعۡلَمَ ٱلَّذِينَ نَافَقُواْۚ وَقِيلَ لَهُمۡ تَعَالَوۡاْ قَٰتِلُواْ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ أَوِ ٱدۡفَعُواْۖ قَالُواْ لَوۡ نَعۡلَمُ قِتَالًا لَّٱتَّبَعۡنَٰكُمۡۗ هُمۡ لِلۡكُفۡرِ يَوۡمَئِذٍ أَقۡرَبُ مِنۡهُمۡ لِلۡإِيمَٰنِۚ يَقُولُونَ بِأَفۡوَٰهِهِم مَّا لَيۡسَ فِي قُلُوبِهِمۡۚ وَٱللَّهُ أَعۡلَمُ بِمَا يَكۡتُمُونَ ١٦٧Nokuvavanya abahanahanisi, kwathiwa kubo: “Yizani kulwa eNdleleni ka-Allâh kungenjalo nize kuzikhusela”. Bathi bona: “Ukuba besazile okokuba kuza kuliwa, ngesikulandele ngenene.” Ngayo loo mini babekufuphi nokungakholwa kunokukholwa, bethetha ngemilomo yabo okungekho zintliziyweni zabo, kwaye uAllâh Unolwazi olupheleleyo ngoko bakufihlayo ٱلَّذِينَ قَالُواْ لِإِخۡوَٰنِهِمۡ وَقَعَدُواْ لَوۡ أَطَاعُونَا مَا قُتِلُواْۗ قُلۡ فَٱدۡرَءُواْ عَنۡ أَنفُسِكُمُ ٱلۡمَوۡتَ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ ١٦٨(Bona) bangabo bathi ngabantakwabo ababuleweyo, lo gama bona babehleli emakhayeni abo: “Akwaba bebesiphulaphulile ngebengabulawanga” Yithi: “Nina nqandani ukufa kungezi kwezenu iziqu kaloku ukuba ninenyaniso” وَلَا تَحۡسَبَنَّ ٱلَّذِينَ قُتِلُواْ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ أَمۡوَٰتَۢاۚ بَلۡ أَحۡيَآءٌ عِندَ رَبِّهِمۡ يُرۡزَقُونَ ١٦٩Musani ukucinga ngabo babulewe eNdleleni ka-Allâh njengabafileyo. Nakanye, bona bayaphila, kunye neNkosi yabo, yaye bayazifumana iimbonelelo zabo فَرِحِينَ بِمَآ ءَاتَىٰهُمُ ٱللَّهُ مِن فَضۡلِهِۦ وَيَسۡتَبۡشِرُونَ بِٱلَّذِينَ لَمۡ يَلۡحَقُواْ بِهِم مِّنۡ خَلۡفِهِمۡ أَلَّا خَوۡفٌ عَلَيۡهِمۡ وَلَا هُمۡ يَحۡزَنُونَ ١٧٠Bona bayavuyiswa koko uAllâh Abapha kona kuvela kwiziBele zaKhe baze bavuyele abo bangekahlanganiswa nabo, ababashiye ngemva (bengekafeli lukholo) kuba kubo akuyi kubakho koyika, kungayi kubakho kuxhalaba ۞ يَسۡتَبۡشِرُونَ بِنِعۡمَةٍ مِّنَ ٱللَّهِ وَفَضۡلٍ وَأَنَّ ٱللَّهَ لَا يُضِيعُ أَجۡرَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ١٧١Bayavuya ngoBabalo nobuBele obuvela kuAllâh, (bevuyiswa) nakukuba uAllâh Akayi kuwusingela phantsi umvuzo wamakholwa ٱلَّذِينَ ٱسۡتَجَابُواْ لِلَّهِ وَٱلرَّسُولِ مِنۢ بَعۡدِ مَآ أَصَابَهُمُ ٱلۡقَرۡحُۚ لِلَّذِينَ أَحۡسَنُواْ مِنۡهُمۡ وَٱتَّقَوۡاْ أَجۡرٌ عَظِيمٌ ١٧٢Abo basabela ubizo luka-Allâh neloMthunywa (waKhe uMuhammad) emveni kokuba bengxwelerhekile, kuba abo ngabo benza izenzo ezilungileyo besoyika uAllâh, uya kuba mkhulu umvuzo wabo ٱلَّذِينَ قَالَ لَهُمُ ٱلنَّاسُ إِنَّ ٱلنَّاسَ قَدۡ جَمَعُواْ لَكُمۡ فَٱخۡشَوۡهُمۡ فَزَادَهُمۡ إِيمَٰنًا وَقَالُواْ حَسۡبُنَا ٱللَّهُ وَنِعۡمَ ٱلۡوَكِيلُ ١٧٣Abo kwathiwa kubo ngabantu: “Inene abantu (abangakholwayo) bahlangene ngani, ke ngoko boyikeni.” Kodwa kwaba kungona oko kubongezelela ukholo, bathi: “UAllâh nguMkhuseli Owaneleyo kuthi.” فَٱنقَلَبُواْ بِنِعۡمَةٍ مِّنَ ٱللَّهِ وَفَضۡلٍ لَّمۡ يَمۡسَسۡهُمۡ سُوٓءٌ وَٱتَّبَعُواْ رِضۡوَٰنَ ٱللَّهِۗ وَٱللَّهُ ذُو فَضۡلٍ عَظِيمٍ ١٧٤Ke ngoko babuya ngoBabalo luka-Allâh nobuBele baKhe. Akukho bubi babachukumisayo, ngokuba bona balandela intando ka-Allâh elungileyo. UAllâh nguMnini buBele, oMkhulu إِنَّمَا ذَٰلِكُمُ ٱلشَّيۡطَٰنُ يُخَوِّفُ أَوۡلِيَآءَهُۥ فَلَا تَخَافُوهُمۡ وَخَافُونِ إِن كُنتُم مُّؤۡمِنِينَ ١٧٥NguShaytân kuphela oninika iingcebiso zokuba noyike abahlobo bakhe. Musani ukuboyika ke ngoko; koko yoyikani Mna, ukuba ningamakholwa وَلَا يَحۡزُنكَ ٱلَّذِينَ يُسَٰرِعُونَ فِي ٱلۡكُفۡرِۚ إِنَّهُمۡ لَن يَضُرُّواْ ٱللَّهَ شَيۡـًٔاۚ يُرِيدُ ٱللَّهُ أَلَّا يَجۡعَلَ لَهُمۡ حَظًّا فِي ٱلۡأٓخِرَةِۖ وَلَهُمۡ عَذَابٌ عَظِيمٌ ١٧٦Ke kaloku ungazidubi umphefumlo wakho ngabo bagxalathelana ngokungakholwa; Inene akukho nobungakanani na ububi abanokubenza kuAllâh Ozimisele ukungabaniki sabelo kuBomi oBuzayo. Kananjalo siya kuba buhlungu kakhulu isohlwayo sabo إِنَّ ٱلَّذِينَ ٱشۡتَرَوُاْ ٱلۡكُفۡرَ بِٱلۡإِيمَٰنِ لَن يَضُرُّواْ ٱللَّهَ شَيۡـًٔاۖ وَلَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ١٧٧Inene, abo bathenga ukungakholwa ngexabiso lokholo, akukho nobungakanani na ububi abanokubenza kuAllâh okwabo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu وَلَا يَحۡسَبَنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ أَنَّمَا نُمۡلِي لَهُمۡ خَيۡرٌ لِّأَنفُسِهِمۡۚ إِنَّمَا نُمۡلِي لَهُمۡ لِيَزۡدَادُوٓاْ إِثۡمًاۖ وَلَهُمۡ عَذَابٌ مُّهِينٌ ١٧٨Abangakholwayo mabangacingi ukuba ukurhoxiswa kwesohlwayo kuyinto elungileyo kubo. Siyasirhoxisa isohlwayo kuphela khon’ukuze baye benyukela ekwenzeni izono, kananjalo siya kuba sikhulu isohlwayo sabo مَّا كَانَ ٱللَّهُ لِيَذَرَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ عَلَىٰ مَآ أَنتُمۡ عَلَيۡهِ حَتَّىٰ يَمِيزَ ٱلۡخَبِيثَ مِنَ ٱلطَّيِّبِۗ وَمَا كَانَ ٱللَّهُ لِيُطۡلِعَكُمۡ عَلَى ٱلۡغَيۡبِ وَلَٰكِنَّ ٱللَّهَ يَجۡتَبِي مِن رُّسُلِهِۦ مَن يَشَآءُۖ فَـَٔامِنُواْ بِٱللَّهِ وَرُسُلِهِۦۚ وَإِن تُؤۡمِنُواْ وَتَتَّقُواْ فَلَكُمۡ أَجۡرٌ عَظِيمٌ ١٧٩UAllâh Akanakuze Awayeke amakholwa kule meko nikuyo ngoku, de Abahlule abo bazizingcoli kwabanyulu. Engekhe uAllâh Atyhile kuni iimfihlelo zokungabonwayo kodwa uAllâh ukhetha kubaThunywa baKhe lowo Athande ukumkhetha. Ke ngoko kholwani kuAllâh nakubaThunywa baKhe. Kananjalo ukuba niyakholwa niMoyike uAllâh; uya kubamkhulu umvuzo wenu وَلَا يَحۡسَبَنَّ ٱلَّذِينَ يَبۡخَلُونَ بِمَآ ءَاتَىٰهُمُ ٱللَّهُ مِن فَضۡلِهِۦ هُوَ خَيۡرًا لَّهُمۖ بَلۡ هُوَ شَرٌّ لَّهُمۡۖ سَيُطَوَّقُونَ مَا بَخِلُواْ بِهِۦ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِۗ وَلِلَّهِ مِيرَٰثُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۗ وَٱللَّهُ بِمَا تَعۡمَلُونَ خَبِيرٌ ١٨٠Abo bankonya ngokunyoluka oko uAllâh Abaphe kona kuvela kwiziBele zaKhe mabangacingi okokuba (obo) bugogotya (babo buyinto) elungileyo. Nakanye, buya kuba bubi gqitha, izinto ababezibambile, bekhukhusheka nazo ngokunyoluka, ziza kubotshelelwa ezintanyeni zabo njengekhola ngoMhla woVuko. Kananjalo ilifa lamazulu nomhlaba lelika-Allâh; kwaye uAllâh Ukwazi kakuhle konke oko nikwenzayo لَّقَدۡ سَمِعَ ٱللَّهُ قَوۡلَ ٱلَّذِينَ قَالُوٓاْ إِنَّ ٱللَّهَ فَقِيرٌ وَنَحۡنُ أَغۡنِيَآءُۘ سَنَكۡتُبُ مَا قَالُواْ وَقَتۡلَهُمُ ٱلۡأَنۢبِيَآءَ بِغَيۡرِ حَقٍّ وَنَقُولُ ذُوقُواْ عَذَابَ ٱلۡحَرِيقِ ١٨١Inene uAllâh Uyivile intetho yaloo (maYuda) athi: “UAllâh lihlwempu, ukanti thina sizizityebi!” Siya kubhala phantsi oko bakutshoyo ndawonye nokugwinta kwabo abaProfeti ngokungemthetho, Siya kuthi: “Ngcamlani ke intuthumbo (yoMlilo) odwanguzayo.” ذَٰلِكَ بِمَا قَدَّمَتۡ أَيۡدِيكُمۡ وَأَنَّ ٱللَّهَ لَيۡسَ بِظَلَّامٍ لِّلۡعَبِيدِ ١٨٢Oku kungenxa yoko kungcola kwenziwa zizandla zabo ngaphambili kunani. Inene uAllâh Azanga (Wenza) lugabadelo kwizicaka zaKhe ٱلَّذِينَ قَالُوٓاْ إِنَّ ٱللَّهَ عَهِدَ إِلَيۡنَآ أَلَّا نُؤۡمِنَ لِرَسُولٍ حَتَّىٰ يَأۡتِيَنَا بِقُرۡبَانٍ تَأۡكُلُهُ ٱلنَّارُۗ قُلۡ قَدۡ جَآءَكُمۡ رُسُلٌ مِّن قَبۡلِي بِٱلۡبَيِّنَٰتِ وَبِٱلَّذِي قُلۡتُمۡ فَلِمَ قَتَلۡتُمُوهُمۡ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ ١٨٣Loo (maYuda) athi: “Inene uAllâh Usamkele isithembiso sethu sokuba singakholwa nakuwuphi na uMthumnywa ngaphandle kokuba azise idini eliza kuthi lidliwe ngumlilo ovela ezulwini, (lizivuthele, litshe ngokwalo lingaphenjelwanga ngumntu)”. Yithi: “Inene, bafika abaThunywa kuni phambi kwam, benemiqondiso ecacileyo, Nditsho nalo nithetha ngawo; kwathini ke ukuze nibabulale bona ukuba nithetha inyaniso?” فَإِن كَذَّبُوكَ فَقَدۡ كُذِّبَ رُسُلٌ مِّن قَبۡلِكَ جَآءُو بِٱلۡبَيِّنَٰتِ وَٱلزُّبُرِ وَٱلۡكِتَٰبِ ٱلۡمُنِيرِ ١٨٤Ukuba baye abakwamkela ke wena (Muhammad); baba njalo nakubaProfeti abangaphambili kunawe, ababefike nobungqina, nesiBhalo neNcwadi yokhanyiselo كُلُّ نَفۡسٍ ذَآئِقَةُ ٱلۡمَوۡتِۗ وَإِنَّمَا تُوَفَّوۡنَ أُجُورَكُمۡ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِۖ فَمَن زُحۡزِحَ عَنِ ٱلنَّارِ وَأُدۡخِلَ ٱلۡجَنَّةَ فَقَدۡ فَازَۗ وَمَا ٱلۡحَيَوٰةُ ٱلدُّنۡيَآ إِلَّا مَتَٰعُ ٱلۡغُرُورِ ١٨٥Wonke umntu uza kukungcamla ukufa, kuya kuba ngoMhla woVuko kuphela apho niza kuhlawulwa umvuzo wenu ngokugcweleyo. Nabani na lowo uya kusindiswa eMlilweni angeniswe ePaladesi, lowo ngokwenene uya kuba usempumelelweni. Ubomi beli hlabathi lulonwabo lwenkohliso ۞ لَتُبۡلَوُنَّ فِيٓ أَمۡوَٰلِكُمۡ وَأَنفُسِكُمۡ وَلَتَسۡمَعُنَّ مِنَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡكِتَٰبَ مِن قَبۡلِكُمۡ وَمِنَ ٱلَّذِينَ أَشۡرَكُوٓاْ أَذًى كَثِيرًاۚ وَإِن تَصۡبِرُواْ وَتَتَّقُواْ فَإِنَّ ذَٰلِكَ مِنۡ عَزۡمِ ٱلۡأُمُورِ ١٨٦Niya kucikidwa ngokwenene, nivavanywe ngobutyebi benu nezinto zenu neziqu zenu, kananjalo niya kuva okuninzi okuya kuninxunguphalisa (imiphefumlo) kuvela kwabo bafumana isiBhalo ngaphambili kunani, nakwabo bayamanisa amahlulelane kuAllâh; kodwa ukuba ninyamezele ngomonde naba ngabamoyikayo uAllâh, inene oko kuya kuba yinqobo yokugweba yonke imicimbi وَإِذۡ أَخَذَ ٱللَّهُ مِيثَٰقَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡكِتَٰبَ لَتُبَيِّنُنَّهُۥ لِلنَّاسِ وَلَا تَكۡتُمُونَهُۥ فَنَبَذُوهُ وَرَآءَ ظُهُورِهِمۡ وَٱشۡتَرَوۡاْ بِهِۦ ثَمَنًا قَلِيلًاۖ فَبِئۡسَ مَا يَشۡتَرُونَ ١٨٧Yabonani! UAllâh Wathabatha uMnqophiso kwabo babenikwe isiBhalo ukuba bawenze waziwe, ucace eluntwini hayi ukuba ufihlwe, kodwa basuka bawulahla emva kwabo, bathenga iinzuzwana ezingephi ngawo; inene kubi ngakumbi abakuthengayo لَا تَحۡسَبَنَّ ٱلَّذِينَ يَفۡرَحُونَ بِمَآ أَتَواْ وَّيُحِبُّونَ أَن يُحۡمَدُواْ بِمَا لَمۡ يَفۡعَلُواْ فَلَا تَحۡسَبَنَّهُم بِمَفَازَةٍ مِّنَ ٱلۡعَذَابِۖ وَلَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ١٨٨Ke kaloku musani ukucinga ukuba abo bavuyayo ngoko bakwenzileyo, bathande ukunconywa ngoko kungenziwanga ngabo musani ukucinga ukuba basindile esohlwayweni, kwaye siya kuba sikhulu isohlwayo sabo وَلِلَّهِ مُلۡكُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۗ وَٱللَّهُ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ١٨٩Ulongamelo lwamazulu nomhlaba loluka-Allâh, uAllâh Unamandla ngaphezulu kweento zonke إِنَّ فِي خَلۡقِ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَٱخۡتِلَٰفِ ٱلَّيۡلِ وَٱلنَّهَارِ لَأٓيَٰتٍ لِّأُوْلِي ٱلۡأَلۡبَٰبِ ١٩٠Inene ekudalweni kwamazulu nomhlaba nasekubolekisaneni kwemini nobusuku, kwezo (zinto) kukho imiqondiso kwabo banengqiqo ٱلَّذِينَ يَذۡكُرُونَ ٱللَّهَ قِيَٰمًا وَقُعُودًا وَعَلَىٰ جُنُوبِهِمۡ وَيَتَفَكَّرُونَ فِي خَلۡقِ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ رَبَّنَا مَا خَلَقۡتَ هَٰذَا بَٰطِلًا سُبۡحَٰنَكَ فَقِنَا عَذَابَ ٱلنَّارِ ١٩١Abo bakhumbula uAllâh, bemi ngeenyawo, behleli phantsi okanye bengqengqe ngamacala, baze bacamngce nzulu ngendalo yamazulu nomhlaba (bathi): “O Nkosi yethu! Wena Awukudalanga konke oku ngaphandle kwenjongo. Uzuko malube kuWe! Siphe usindiso kwintuthumbo yoMlilo رَبَّنَآ إِنَّكَ مَن تُدۡخِلِ ٱلنَّارَ فَقَدۡ أَخۡزَيۡتَهُۥۖ وَمَا لِلظَّٰلِمِينَ مِنۡ أَنصَارٍ ١٩٢Nkosi yethu! Inene, lowo Umngenise eMlilweni, uhlazekile; kananjalo abenzi bobubi asokuze bafumane bancedi رَّبَّنَآ إِنَّنَا سَمِعۡنَا مُنَادِيًا يُنَادِي لِلۡإِيمَٰنِ أَنۡ ءَامِنُواْ بِرَبِّكُمۡ فَـَٔامَنَّاۚ رَبَّنَا فَٱغۡفِرۡ لَنَا ذُنُوبَنَا وَكَفِّرۡ عَنَّا سَيِّـَٔاتِنَا وَتَوَفَّنَا مَعَ ٱلۡأَبۡرَارِ ١٩٣Nkosi yethu! Inene thina siluvile ubizo lwakhe (uMuhammad) lowo ubizele abantu elukholweni (esithi): ‘Kholwani eNkosini yenu.’ Kananjalo sikholiwe thina. Nkosi yethu! Sixolele izono zethu, Usihlambulule kwizenzo zethu ezingcolileyo, Usenze sife nabo bamkelekileyo (kuWe) رَبَّنَا وَءَاتِنَا مَا وَعَدتَّنَا عَلَىٰ رُسُلِكَ وَلَا تُخۡزِنَا يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِۖ إِنَّكَ لَا تُخۡلِفُ ٱلۡمِيعَادَ ١٩٤Nkosi yethu! Siphe oko Wasithembisa ngako ngabaThunywa baKho, Ungasibeki ehlazweni ngoMhla woVuko, kuba Wena Awuzanga Usaphule isithembiso saKho.” فَٱسۡتَجَابَ لَهُمۡ رَبُّهُمۡ أَنِّي لَآ أُضِيعُ عَمَلَ عَٰمِلٍ مِّنكُم مِّن ذَكَرٍ أَوۡ أُنثَىٰۖ بَعۡضُكُم مِّنۢ بَعۡضٍۖ فَٱلَّذِينَ هَاجَرُواْ وَأُخۡرِجُواْ مِن دِيَٰرِهِمۡ وَأُوذُواْ فِي سَبِيلِي وَقَٰتَلُواْ وَقُتِلُواْ لَأُكَفِّرَنَّ عَنۡهُمۡ سَيِّـَٔاتِهِمۡ وَلَأُدۡخِلَنَّهُمۡ جَنَّٰتٍ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ ثَوَابًا مِّنۡ عِندِ ٱللَّهِۚ وَٱللَّهُ عِندَهُۥ حُسۡنُ ٱلثَّوَابِ ١٩٥Ke kaloku INkosi yabo yasamkela isicelo sabo (Yathi): “Andisokuze nakanye Ndivumele umsebenzi wakhe nawuphi na kuni ukuba ulahleke. Oyindoda nokuba ngongowasetyhini na kuni. Omnye ngowomnye kuni, ke abo bafudukayo (ngenxa yokuba) babegxothiwe emizini yabo, bava ubunzima ngenxa yaM, nabo balwayo, babulawa (ngenxa yaM), inene, Mna Ndiya kubahlambulula ezonweni zabo Ndibangenise eMiyezweni ekumpompoza amanzi ngaphantsi kwayo; umvuzo ovela kuAllâh kananjalo kuAllâh kukho eyona mihle imivuzo” لَا يَغُرَّنَّكَ تَقَلُّبُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ فِي ٱلۡبِلَٰدِ ١٩٦Ubunewunewu babo bangakholwayo mabunganikhohlisi ezweni مَتَٰعٌ قَلِيلٌ ثُمَّ مَأۡوَىٰهُمۡ جَهَنَّمُۖ وَبِئۡسَ ٱلۡمِهَادُ ١٩٧(Obo bunewunewu babo) bululonwabo lwexeshana; isiphelo (sabo) sisiHogo; hayi ukubambi kwaloo ndawo (baya) kuphumla kuyo لَٰكِنِ ٱلَّذِينَ ٱتَّقَوۡاْ رَبَّهُمۡ لَهُمۡ جَنَّٰتٌ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَا نُزُلًا مِّنۡ عِندِ ٱللَّهِۗ وَمَا عِندَ ٱللَّهِ خَيۡرٌ لِّلۡأَبۡرَارِ ١٩٨Kodwa abo bayoyikayo iNkosi yabo, baya kuba seMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, baya kuhlala apho ngonaphakade besonwatyiswa nguAllâh; ke kaloku oko kukuAllâh; kokona kulungileyo kwabanyulu وَإِنَّ مِنۡ أَهۡلِ ٱلۡكِتَٰبِ لَمَن يُؤۡمِنُ بِٱللَّهِ وَمَآ أُنزِلَ إِلَيۡكُمۡ وَمَآ أُنزِلَ إِلَيۡهِمۡ خَٰشِعِينَ لِلَّهِ لَا يَشۡتَرُونَ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ ثَمَنًا قَلِيلًاۚ أُوْلَٰٓئِكَ لَهُمۡ أَجۡرُهُمۡ عِندَ رَبِّهِمۡۗ إِنَّ ٱللَّهَ سَرِيعُ ٱلۡحِسَابِ ١٩٩Inene phakathi kwaBantu beNcwadi kukho abo bakholwayo kuAllâh nakoko kutyhilwe kuwe (wena Muhammad) nakoko kwatyhilwa kubo, bayazithoba phambi koAllâh. Abathengisi ngeeVesi zika-Allâh ngexabiso elincinane, okwabo iya kuba ngumvuzo ovela eNkosini yabo. Inene uAllâh Uyakhawuleza ukufaka embuzweni يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ ٱصۡبِرُواْ وَصَابِرُواْ وَرَابِطُواْ وَٱتَّقُواْ ٱللَّهَ لَعَلَّكُمۡ تُفۡلِحُونَ ٢٠٠Hini na nina bakholwayo! Nyamezelani, nibe nomonde ngakumbi, nilondoloze ummandla wenu ngokubeka imikhosi yenu ime isigxina kwiindawo utshaba olunokunihlasela kuyo, Moyikeni uAllâh, khon’ukuze nibe nempumelelo

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.