بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
طسٓۚ تِلۡكَ ءَايَٰتُ ٱلۡقُرۡءَانِ وَكِتَابٍ مُّبِينٍ ١Tâ-Sîn. Ezi ziiVesi ze’Kur’ân, yaye ziyiNcwadi ecacileyo هُدًى وَبُشۡرَىٰ لِلۡمُؤۡمِنِينَ ٢SisiKhokelo neendaba ezivuyisayo kwabakholwayo ٱلَّذِينَ يُقِيمُونَ ٱلصَّلَوٰةَ وَيُؤۡتُونَ ٱلزَّكَوٰةَ وَهُم بِٱلۡأٓخِرَةِ هُمۡ يُوقِنُونَ ٣Abamisela iSalâh, banikele ngeZakâh, yaye bona banengqiniseko ngoBomi oBuzayo إِنَّ ٱلَّذِينَ لَا يُؤۡمِنُونَ بِٱلۡأٓخِرَةِ زَيَّنَّا لَهُمۡ أَعۡمَٰلَهُمۡ فَهُمۡ يَعۡمَهُونَ ٤Inene, abo bangakholwayo kuBomi oBuzayo, Thina Sizenze izenzo zabo zabonakala zilungile kubo, khon’ukuze bafathule ngobumfama أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ لَهُمۡ سُوٓءُ ٱلۡعَذَابِ وَهُمۡ فِي ٱلۡأٓخِرَةِ هُمُ ٱلۡأَخۡسَرُونَ ٥Bona bangabo okwabo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu, yaye kuBomi oBuzayo baya kuba ngabalahlekelwa وَإِنَّكَ لَتُلَقَّى ٱلۡقُرۡءَانَ مِن لَّدُنۡ حَكِيمٍ عَلِيمٍ ٦Kananjalo wena Muhmmad ufumene i’Kur’ân kuloWo UnguSobulumko, uSolwazi إِذۡ قَالَ مُوسَىٰ لِأَهۡلِهِۦٓ إِنِّيٓ ءَانَسۡتُ نَارًا سَـَٔاتِيكُم مِّنۡهَا بِخَبَرٍ أَوۡ ءَاتِيكُم بِشِهَابٍ قَبَسٍ لَّعَلَّكُمۡ تَصۡطَلُونَ ٧Ke kaloku xa uMûsâ wathi kusapho lwakhe: “Inene mna ndibone umlilo; (ngoko ke) ndiza kuniphathela inkcazelo, okanye isikhuni esivuthayo khon’ukuze nizifudumeze ngaso (nani).” فَلَمَّا جَآءَهَا نُودِيَ أَنۢ بُورِكَ مَن فِي ٱلنَّارِ وَمَنۡ حَوۡلَهَا وَسُبۡحَٰنَ ٱللَّهِ رَبِّ ٱلۡعَٰلَمِينَ ٨Kodwa wathi esakusondela kuwo, wabizwa, (kwathiwa) “Usikelelekile loWo Usemlilweni nalowo ungakuwo. Kananjalo uzuko malube kuAllâh, iNkosi yamaphakade يَٰمُوسَىٰٓ إِنَّهُۥٓ أَنَا ٱللَّهُ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ٩“Hini na Mûsâ! Inene NdiM, uAllâh, uSomandla, uSobulumko.” وَأَلۡقِ عَصَاكَۚ فَلَمَّا رَءَاهَا تَهۡتَزُّ كَأَنَّهَا جَآنٌّ وَلَّىٰ مُدۡبِرًا وَلَمۡ يُعَقِّبۡۚ يَٰمُوسَىٰ لَا تَخَفۡ إِنِّي لَا يَخَافُ لَدَيَّ ٱلۡمُرۡسَلُونَ ١٠kwathiwa kuye: “Jula intonga yakho!” wathi ke akuyibona inyubuluza oku kwenyoka, wajika wabaleka, akanyeka nokunyeka. Kwathiwa kuye: “Hini na Mûsâ! Musa ukoyika kuba inene uMthunywa akoyiki nto phambi kwaM إِلَّا مَن ظَلَمَ ثُمَّ بَدَّلَ حُسۡنَۢا بَعۡدَ سُوٓءٍ فَإِنِّي غَفُورٌ رَّحِيمٌ ١١Ngapha koko lowo wonayo aze enze okulungileyo emva kokungcolileyo inene Mna NdinguMxoleli uSozinceba وَأَدۡخِلۡ يَدَكَ فِي جَيۡبِكَ تَخۡرُجۡ بَيۡضَآءَ مِنۡ غَيۡرِ سُوٓءٍۖ فِي تِسۡعِ ءَايَٰتٍ إِلَىٰ فِرۡعَوۡنَ وَقَوۡمِهِۦٓۚ إِنَّهُمۡ كَانُواْ قَوۡمًا فَٰسِقِينَ ١٢Kananjalo faka isandla sakho esifubeni sakho, siya kubuya simhlophe (kodwa) singenasifo. (Le) yeminye yemiqondiso kwelithoba (oza kuyibonisa) uFir’awn nabantu bakhe. Inene, bona baye baba ngabantu abadelelayo nabaqaqadekileyo.” فَلَمَّا جَآءَتۡهُمۡ ءَايَٰتُنَا مُبۡصِرَةً قَالُواْ هَٰذَا سِحۡرٌ مُّبِينٌ ١٣Kodwa yathi imiqondiso yeThu isakufika kubo, icacile ukuba ibonakale, basuka bathi bona: “Lo ngumlingo ocacileyo.” وَجَحَدُواْ بِهَا وَٱسۡتَيۡقَنَتۡهَآ أَنفُسُهُمۡ ظُلۡمًا وَعُلُوًّاۚ فَٱنظُرۡ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلۡمُفۡسِدِينَ ١٤Yaye bayiphikisa, (imiqondiso leyo) lo gama (ingaphakathi) leziqu zabo lalicacelwe (ngumyalezo) lowo, ngenxa yentswela bulungisa nenkukhumalo. Jonga ke ukuba saba yintoni na isiphelo sabenzi bobugwenxa وَلَقَدۡ ءَاتَيۡنَا دَاوُۥدَ وَسُلَيۡمَٰنَ عِلۡمًاۖ وَقَالَا ٱلۡحَمۡدُ لِلَّهِ ٱلَّذِي فَضَّلَنَا عَلَىٰ كَثِيرٍ مِّنۡ عِبَادِهِ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ١٥Kananjalo Sanika ulwazi uDâwûd noSulaymân baza bathi bona: “Iindumiso mazibe kuAllâh, Othe Wasibabala ngaphezulu kunezicaka zaKhe ezininzi ezikholwayo.” وَوَرِثَ سُلَيۡمَٰنُ دَاوُۥدَۖ وَقَالَ يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ عُلِّمۡنَا مَنطِقَ ٱلطَّيۡرِ وَأُوتِينَا مِن كُلِّ شَيۡءٍۖ إِنَّ هَٰذَا لَهُوَ ٱلۡفَضۡلُ ٱلۡمُبِينُ ١٦Yaye uSulaymân waba yindlalifa kaDâwûd. Wathi: “Hini na bantu! Thina sifundiswe ukuthetha ulwimi lweentaka, yaye thina siphiwe izinto zonke. Inene oku kububungqina boBabalo وَحُشِرَ لِسُلَيۡمَٰنَ جُنُودُهُۥ مِنَ ٱلۡجِنِّ وَٱلۡإِنسِ وَٱلطَّيۡرِ فَهُمۡ يُوزَعُونَ ١٧Kwaqokelelana imikhosi yeejinni1 zikaSulymân neyabantu neyeentaka, yaza yamatsha ngokwemigca حَتَّىٰٓ إِذَآ أَتَوۡاْ عَلَىٰ وَادِ ٱلنَّمۡلِ قَالَتۡ نَمۡلَةٌ يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّمۡلُ ٱدۡخُلُواْ مَسَٰكِنَكُمۡ لَا يَحۡطِمَنَّكُمۡ سُلَيۡمَٰنُ وَجُنُودُهُۥ وَهُمۡ لَا يَشۡعُرُونَ ١٨Yada yafika entilini yeembovane, ke kaloku enye yeembovane yathi: “Hini na zimbovane! Ngenani ezindlwini zenu ukuze ninganyathelwa nguSulaymân nemikhosi yakhe, ibe inganiboni yona.” فَتَبَسَّمَ ضَاحِكًا مِّن قَوۡلِهَا وَقَالَ رَبِّ أَوۡزِعۡنِيٓ أَنۡ أَشۡكُرَ نِعۡمَتَكَ ٱلَّتِيٓ أَنۡعَمۡتَ عَلَيَّ وَعَلَىٰ وَٰلِدَيَّ وَأَنۡ أَعۡمَلَ صَٰلِحًا تَرۡضَىٰهُ وَأَدۡخِلۡنِي بِرَحۡمَتِكَ فِي عِبَادِكَ ٱلصَّٰلِحِينَ ١٩Usulaymân ke ngoko wancuma yintetho yayo, wathi: “Nkosi yam ndenze ndikwazi ukuba nombulelo ngeziBele Ondenzele zona nozenzele abazali bam nokwenza izenzo ezilungileyo Oya kuzamkela Wena. Undingenise kananjalo ngenceba yakho (kwibandla) leziCaka zakho ezingamalungisa وَتَفَقَّدَ ٱلطَّيۡرَ فَقَالَ مَالِيَ لَآ أَرَى ٱلۡهُدۡهُدَ أَمۡ كَانَ مِنَ ٱلۡغَآئِبِينَ ٢٠Ke kaloku wathabatha umalusi weentaka wathi kuye: Yintoni na ebangela ukuba ndingamboni uhud-hud?2 Okanye mhlawumbi ukunye nabo bangekhoyo (apha) لَأُعَذِّبَنَّهُۥ عَذَابًا شَدِيدًا أَوۡ لَأَاْذۡبَحَنَّهُۥٓ أَوۡ لَيَأۡتِيَنِّي بِسُلۡطَٰنٍ مُّبِينٍ ٢١“Yena ndiya kumohlwaya ngokwenene ngesohlwayo esibuhlungu, okanye ndimxhele, ngaphandle kokuba uye waNdizela nesizathu esicacileyo.” فَمَكَثَ غَيۡرَ بَعِيدٍ فَقَالَ أَحَطتُ بِمَا لَمۡ تُحِطۡ بِهِۦ وَجِئۡتُكَ مِن سَبَإِۭ بِنَبَإٍ يَقِينٍ ٢٢Kodwa uhud-hud azanga ahlale isidala: (wafika), wathi: “Mna ndiqulethe (elwazini lwam) oko wena ungakuqulathanga, yaye mna ndivela eShebha neendaba zenyaniso إِنِّي وَجَدتُّ ٱمۡرَأَةً تَمۡلِكُهُمۡ وَأُوتِيَتۡ مِن كُلِّ شَيۡءٍ وَلَهَا عَرۡشٌ عَظِيمٌ ٢٣Ndifumene umfazi olawulayo kubo: unazo zonke izinto ezinokuba zezakhe nawuphi na umlawuli emhlabeni, kwaye unetrone enkulu وَجَدتُّهَا وَقَوۡمَهَا يَسۡجُدُونَ لِلشَّمۡسِ مِن دُونِ ٱللَّهِ وَزَيَّنَ لَهُمُ ٱلشَّيۡطَٰنُ أَعۡمَٰلَهُمۡ فَصَدَّهُمۡ عَنِ ٱلسَّبِيلِ فَهُمۡ لَا يَهۡتَدُونَ ٢٤Ndimfumene yena nabantu bakhe bekhonza ilanga endaweni ka-Allâh, yaye uShaytân wenze izenzo zabo zabonakala zilungile kubo, kwaye ubathintele eNdleleni ka-Allâh: ngoko ke abanasikhokelo أَلَّاۤ يَسۡجُدُواْۤ لِلَّهِ ٱلَّذِي يُخۡرِجُ ٱلۡخَبۡءَ فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَيَعۡلَمُ مَا تُخۡفُونَ وَمَا تُعۡلِنُونَ ٢٥Kananjalo abaqubudi bona kuAllâh, Ovelisa okufihlakele emazulwini nasemhlabeni Ekwazi noko nikufihlayo noko nikuvezayo ٱللَّهُ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ رَبُّ ٱلۡعَرۡشِ ٱلۡعَظِيمِ ۩ ٢٦UAllâh Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, iNkosi yeTrone eNkulu.” ۞ قَالَ سَنَنظُرُ أَصَدَقۡتَ أَمۡ كُنتَ مِنَ ٱلۡكَٰذِبِينَ ٢٧USulaymân wathi: “Siza kubona ke ukuba unyanisile na nokuba ungomnye wabo baxokayo kusini na ٱذۡهَب بِّكِتَٰبِي هَٰذَا فَأَلۡقِهۡ إِلَيۡهِمۡ ثُمَّ تَوَلَّ عَنۡهُمۡ فَٱنظُرۡ مَاذَا يَرۡجِعُونَ ٢٨Hamba ke nale ncwadi3 yam uyise kubo. Ubayeke ujonge ukuba mpendulo ni na abaza kuza nayo.” قَالَتۡ يَٰٓأَيُّهَا ٱلۡمَلَؤُاْ إِنِّيٓ أُلۡقِيَ إِلَيَّ كِتَٰبٌ كَرِيمٌ ٢٩Wathi yena (ukumkanikazi waseShebha): Hini na nina bahloniphekileyo! Inene mna ndiziselwe incwadi ehloniphekileyo إِنَّهُۥ مِن سُلَيۡمَٰنَ وَإِنَّهُۥ بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ ٣٠Inene yona ivela kuSulaymân, yaye yona (ithetha: “eGameni lika-Allâh, uSolubabalo, uSozinceba) أَلَّا تَعۡلُواْ عَلَيَّ وَأۡتُونِي مُسۡلِمِينَ ٣١Ungakhukhumali kum koko yiza kum ngokuzinikela (njengamaMuslim),” قَالَتۡ يَٰٓأَيُّهَا ٱلۡمَلَؤُاْ أَفۡتُونِي فِيٓ أَمۡرِي مَا كُنتُ قَاطِعَةً أَمۡرًا حَتَّىٰ تَشۡهَدُونِ ٣٢Wathi (ukumkanikazi): “Hini na nina bahloniphekileyo, ndicebiseni kulo mbandela. Andingethandi ukuthabatha isigqibo ngaphandle kokuba nina nibe ngamangqina am.” قَالُواْ نَحۡنُ أُوْلُواْ قُوَّةٍ وَأُوْلُواْ بَأۡسٍ شَدِيدٍ وَٱلۡأَمۡرُ إِلَيۡكِ فَٱنظُرِي مَاذَا تَأۡمُرِينَ ٣٣Bathi bona: “Thina singamadoda anamandla, nanamandla amakhulu omkhosi, kodwa ke umyalelo ngowakho, bona wena omawuyalele kona.” قَالَتۡ إِنَّ ٱلۡمُلُوكَ إِذَا دَخَلُواْ قَرۡيَةً أَفۡسَدُوهَا وَجَعَلُوٓاْ أَعِزَّةَ أَهۡلِهَآ أَذِلَّةًۚ وَكَذَٰلِكَ يَفۡعَلُونَ ٣٤Wathi yena: “Inene ookumkani xa bengena esixekweni, bayasitshabalalisa benze abantu abahloniphekileyo balapho babe ngabathotyiweyo. Leyo yiyona nto bayenzayo وَإِنِّي مُرۡسِلَةٌ إِلَيۡهِم بِهَدِيَّةٍ فَنَاظِرَةُۢ بِمَ يَرۡجِعُ ٱلۡمُرۡسَلُونَ ٣٥Kodwa mna ndiya kubathumelela isipho ndize ndijonge ukuba mpendulo ni na eza kubuya nesithunywa.” فَلَمَّا جَآءَ سُلَيۡمَٰنَ قَالَ أَتُمِدُّونَنِ بِمَالٍ فَمَآ ءَاتَىٰنِۦَ ٱللَّهُ خَيۡرٌ مِّمَّآ ءَاتَىٰكُمۚ بَلۡ أَنتُم بِهَدِيَّتِكُمۡ تَفۡرَحُونَ ٣٦Bathi ke besakufika kuSulaymân, wathi: “Nindibonelela ngobutyebi na? Kodwa oko uAllâh Andinike kona kungcono kunoko aninike kona nina. Ukusuka apho ikwanini nje abavuyiswa zizipho zenu ٱرۡجِعۡ إِلَيۡهِمۡ فَلَنَأۡتِيَنَّهُم بِجُنُودٍ لَّا قِبَلَ لَهُم بِهَا وَلَنُخۡرِجَنَّهُم مِّنۡهَآ أَذِلَّةً وَهُمۡ صَٰغِرُونَ ٣٧Buyelani kubo, kuba thina inene siza kuza kubo ngomkhosi baze bona bangabi namandla okuphikisana nawo, yaye thina siya kubagxotha baphume benyelekile, yaye baya kuthotyiselwa.” قَالَ يَٰٓأَيُّهَا ٱلۡمَلَؤُاْ أَيُّكُمۡ يَأۡتِينِي بِعَرۡشِهَا قَبۡلَ أَن يَأۡتُونِي مُسۡلِمِينَ ٣٨Wathi (uSulaymân): “Hini na nina zinkosi nguwuphi na kuni oya kundizela netrone yakhe bengekazi kuza kuzithoba kum?” قَالَ عِفۡرِيتٌ مِّنَ ٱلۡجِنِّ أَنَا۠ ءَاتِيكَ بِهِۦ قَبۡلَ أَن تَقُومَ مِن مَّقَامِكَۖ وَإِنِّي عَلَيۡهِ لَقَوِيٌّ أَمِينٌ ٣٩Eyona inamandla kuzo iiJinni yathi: “Ndiya kuza nayo mna ungekaphakami nakwindawo yakho, yaye mna inene kuwo lo msebenzi ndinamandla yaye ndithembekile.” قَالَ ٱلَّذِي عِندَهُۥ عِلۡمٌ مِّنَ ٱلۡكِتَٰبِ أَنَا۠ ءَاتِيكَ بِهِۦ قَبۡلَ أَن يَرۡتَدَّ إِلَيۡكَ طَرۡفُكَۚ فَلَمَّا رَءَاهُ مُسۡتَقِرًّا عِندَهُۥ قَالَ هَٰذَا مِن فَضۡلِ رَبِّي لِيَبۡلُوَنِيٓ ءَأَشۡكُرُ أَمۡ أَكۡفُرُۖ وَمَن شَكَرَ فَإِنَّمَا يَشۡكُرُ لِنَفۡسِهِۦۖ وَمَن كَفَرَ فَإِنَّ رَبِّي غَنِيٌّ كَرِيمٌ ٤٠Eyayinolwazi lweziBhalo yathi: Mna ndiya kuyizisa kuwe ngokuphanyaza kweliso!” Wathi (uSulaymân) esakuyibona ibekwe phambi kwakhe, wathi: “Oku kuvela kuBabalo lweNkosi yam (Isenzela) ukundivavanya ukuba ndinawo na umbulelo okanye andibuleli na! Lowo ubulelayo, inene ukubulela kwakhe (ukwenzela ukuzinceda) isiqu sakhe. Ke lowo ungabuleliyo inene iNkosi yam ayidingi nto yaye nguSobubele.” قَالَ نَكِّرُواْ لَهَا عَرۡشَهَا نَنظُرۡ أَتَهۡتَدِيٓ أَمۡ تَكُونُ مِنَ ٱلَّذِينَ لَا يَهۡتَدُونَ ٤١(Wathi): “Mtshintsheleni imbonakalo yetrone yakhe sibone ukuba uya kukhokeleka na okanye uya kuba ngongakhokelelekanga na.” فَلَمَّا جَآءَتۡ قِيلَ أَهَٰكَذَا عَرۡشُكِۖ قَالَتۡ كَأَنَّهُۥ هُوَۚ وَأُوتِينَا ٱلۡعِلۡمَ مِن قَبۡلِهَا وَكُنَّا مُسۡلِمِينَ ٤٢Ke kaloku ukufika kwakhe kwathiwa kuye: “Ingaba itrone yakho iyafana na nale?” Wathi yena: “Ingengathi yiyo.” (USulaymân wathi) Thina saphiwa ulwazi ngaphambili kunaye, yaye sibe ngamaMuslim (sazithoba phantsi kwentando ka-Allâh) وَصَدَّهَا مَا كَانَت تَّعۡبُدُ مِن دُونِ ٱللَّهِۖ إِنَّهَا كَانَتۡ مِن قَوۡمٍ كَٰفِرِينَ ٤٣Yena ke oko abe ekukhonza kumphambukisile (ekuzinikeleni kuAllâh). Inene, yena usuka kubantu abangakholwayo.” قِيلَ لَهَا ٱدۡخُلِي ٱلصَّرۡحَۖ فَلَمَّا رَأَتۡهُ حَسِبَتۡهُ لُجَّةً وَكَشَفَتۡ عَن سَاقَيۡهَاۚ قَالَ إِنَّهُۥ صَرۡحٌ مُّمَرَّدٌ مِّن قَوَارِيرَۗ قَالَتۡ رَبِّ إِنِّي ظَلَمۡتُ نَفۡسِي وَأَسۡلَمۡتُ مَعَ سُلَيۡمَٰنَ لِلَّهِ رَبِّ ٱلۡعَٰلَمِينَ ٤٤Kwathiwa kuye: “Ngena ebhotwe.” Kodwa wathi akulibona (ibhotwe), wacinga ukuba lichibi lamanzi wazinyusa iilokwe zakhe (ukuze awele). Wathi (uSulaymân): “Eneneni (wena) libhotwe eli (elimgangatho walo) wenziwe ngegilasi.” Wathi yena: “Nkosi yam, inene mna ndizonile yaye ndiyazinikela noSulaymân kuAllâh, iNkosi yamaphakade.” وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَآ إِلَىٰ ثَمُودَ أَخَاهُمۡ صَٰلِحًا أَنِ ٱعۡبُدُواْ ٱللَّهَ فَإِذَا هُمۡ فَرِيقَانِ يَخۡتَصِمُونَ ٤٥Inene Thina Sathumela kumaThamûd umntakwabo uSâlih, owathi (kubo): “Khonzani uAllâh (Yedwa)”, Khangela ke! Basuka bangamaqela amabini aphikisanayo (elikholwayo nelingakholwayo) قَالَ يَٰقَوۡمِ لِمَ تَسۡتَعۡجِلُونَ بِٱلسَّيِّئَةِ قَبۡلَ ٱلۡحَسَنَةِۖ لَوۡلَا تَسۡتَغۡفِرُونَ ٱللَّهَ لَعَلَّكُمۡ تُرۡحَمُونَ ٤٦Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Kutheni na nifuna ukuba isohlwayo sifike ngokukhawuleza ngaphambili kokulungileyo (inceba ka-Allâh)? Kutheni ningaceli itarhu kuAllâh, khon’ukuze nifumane ukwenzelwa inceba?” قَالُواْ ٱطَّيَّرۡنَا بِكَ وَبِمَن مَّعَكَۚ قَالَ طَٰٓئِرُكُمۡ عِندَ ٱللَّهِۖ بَلۡ أَنتُمۡ قَوۡمٌ تُفۡتَنُونَ ٤٧Bathi bona: “Thina sikucingela ukuba wena uhlolela okubi, wena ndawonye nabo bakunye nawe.” Wathi yena: “Ukuhlolela okubi oko kwenu kukuAllâh. Ngapha koko nina ningabantu abavavanywayo وَكَانَ فِي ٱلۡمَدِينَةِ تِسۡعَةُ رَهۡطٍ يُفۡسِدُونَ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَلَا يُصۡلِحُونَ ٤٨Ke kaloku kweso sixeko kwakukho iintsapho ezisithoba ezazisenza ubutshinga emhlabeni zaye zingaguquki zilungise (ihambo yazo) قَالُواْ تَقَاسَمُواْ بِٱللَّهِ لَنُبَيِّتَنَّهُۥ وَأَهۡلَهُۥ ثُمَّ لَنَقُولَنَّ لِوَلِيِّهِۦ مَا شَهِدۡنَا مَهۡلِكَ أَهۡلِهِۦ وَإِنَّا لَصَٰدِقُونَ ٤٩Zathi zona: “Thabathani isifungo ngoAllâh sokuba siza kumbulala (uSâlih) ngobusuku yena nosapho lwakhe. Sakusuka sithi kwisizalwane sakhe esisondele kakhulu kuye, ‘Asikhanga siyibone intshabalalo yosapho lwakhe, yaye thina sithetha inyaniso’” وَمَكَرُواْ مَكۡرًا وَمَكَرۡنَا مَكۡرًا وَهُمۡ لَا يَشۡعُرُونَ ٥٠Baqulunqa icebo ke, naThi Saqulunqa icebo, lo gama babengaqondi فَٱنظُرۡ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ مَكۡرِهِمۡ أَنَّا دَمَّرۡنَٰهُمۡ وَقَوۡمَهُمۡ أَجۡمَعِينَ ٥١Khangela ke ukuba sabanjani na isiphumo seyelenqe labo ukubatshabalalisa kweThu bona nabantu bakubo bonke فَتِلۡكَ بُيُوتُهُمۡ خَاوِيَةَۢ بِمَا ظَلَمُوٓاْۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَةً لِّقَوۡمٍ يَعۡلَمُونَ ٥٢Ke ngoko leyo yimizi yabo eyatshabalala nya kuba benza ubugwenxa. Inene kuko oku kukho umqondiso kubantu abanolwazi وَأَنجَيۡنَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَكَانُواْ يَتَّقُونَ ٥٣Sabasindisa ke abo bakholwayo, babemoyika uAllâh, begcina amaxanduva abo kuYe وَلُوطًا إِذۡ قَالَ لِقَوۡمِهِۦٓ أَتَأۡتُونَ ٱلۡفَٰحِشَةَ وَأَنتُمۡ تُبۡصِرُونَ ٥٤Kanajalo khankanya uLût xa wathi kubantu bakubo, nenza ukungcola na lo gama nibona أَئِنَّكُمۡ لَتَأۡتُونَ ٱلرِّجَالَ شَهۡوَةً مِّن دُونِ ٱلنِّسَآءِۚ بَلۡ أَنتُمۡ قَوۡمٌ تَجۡهَلُونَ ٥٥Niya kumadoda ngeenkanuko endaweni yabafazi na? Inene nina ningabantu abaziphethe ngokungenangqondo.”
۞ فَمَا كَانَ جَوَابَ قَوۡمِهِۦٓ إِلَّآ أَن قَالُوٓاْ أَخۡرِجُوٓاْ ءَالَ لُوطٍ مِّن قَرۡيَتِكُمۡۖ إِنَّهُمۡ أُنَاسٌ يَتَطَهَّرُونَ ٥٦Kodwa impendulo yabantu bakubo ayizanga ibe nto yimbi ngaphandle kokuthi: “Lugxotheni usapho lukaLût (luphume) esixekweni senu. Inene bona ngabantu abafuna ukuzigcina msulwa.” فَأَنجَيۡنَٰهُ وَأَهۡلَهُۥٓ إِلَّا ٱمۡرَأَتَهُۥ قَدَّرۡنَٰهَا مِنَ ٱلۡغَٰبِرِينَ ٥٧Samsindisa ke Thina yena nosapho lwakhe, ngaphandle komkakhe; Sammisela ukuba abe ngomnye wabo baza kushiyeka ngemva وَأَمۡطَرۡنَا عَلَيۡهِم مَّطَرًاۖ فَسَآءَ مَطَرُ ٱلۡمُنذَرِينَ ٥٨Saza Sathoba imvula yamatye (omlilo) phezu kwabo, hayi ukungcola kwentshabalalo yabo babelunyukisiwe قُلِ ٱلۡحَمۡدُ لِلَّهِ وَسَلَٰمٌ عَلَىٰ عِبَادِهِ ٱلَّذِينَ ٱصۡطَفَىٰٓۗ ءَآللَّهُ خَيۡرٌ أَمَّا يُشۡرِكُونَ ٥٩Yithi (Muhammad): “Iindumiso mazibe kuAllâh, uxolo phezu kwezicaka zaKhe Awazikhethayo. Ingaba nguAllâh Olungileyo na okanye ngabo babayamanisa naYe?” أَمَّنۡ خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَأَنزَلَ لَكُم مِّنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءً فَأَنۢبَتۡنَا بِهِۦ حَدَآئِقَ ذَاتَ بَهۡجَةٍ مَّا كَانَ لَكُمۡ أَن تُنۢبِتُواْ شَجَرَهَآۗ أَءِلَٰهٌ مَّعَ ٱللَّهِۚ بَلۡ هُمۡ قَوۡمٌ يَعۡدِلُونَ ٦٠AyinguYe na Owadala amazulu nomhlaba, nonithobela amanzi (emvula) evela esibhakabhakeni, eSithi ngawo Senze kukhule izitiya ezingummangaliso zizele bubuhle nokuyolisa eningekhe nina ngokwenu nikwazi ukukhulisa imithi yazo? Ukhona na omnye uthixo ngaphandle koAllâh? Kodwa bona ngabantu abayamanisa (amahlulelane) bawalinganise (naYe) أَمَّن جَعَلَ ٱلۡأَرۡضَ قَرَارًا وَجَعَلَ خِلَٰلَهَآ أَنۡهَٰرًا وَجَعَلَ لَهَا رَوَٰسِيَ وَجَعَلَ بَيۡنَ ٱلۡبَحۡرَيۡنِ حَاجِزًاۗ أَءِلَٰهٌ مَّعَ ٱللَّهِۚ بَلۡ أَكۡثَرُهُمۡ لَا يَعۡلَمُونَ ٦١Ingaba loWo Wenza ihlabathi laba ngumhlaba ozinzileyo Waza Wabeka kuwo apho imilambo, Wawenzela iintaba eziqinileyo, Wabeka phakathi kweelwandle ezimbini umsantsa? Ukhona omnye uthixo na ngaphandle koAllâh? Kodwa uninzi lwabo alwazi أَمَّن يُجِيبُ ٱلۡمُضۡطَرَّ إِذَا دَعَاهُ وَيَكۡشِفُ ٱلسُّوٓءَ وَيَجۡعَلُكُمۡ خُلَفَآءَ ٱلۡأَرۡضِۗ أَءِلَٰهٌ مَّعَ ٱللَّهِۚ قَلِيلًا مَّا تَذَكَّرُونَ ٦٢AyinguYe na ophendula lowo uxhwalekileyo xa ebiza kuYe Aze asuse okungcolileyo, Anenze nibe ziindla-lifa zehlabathi izizukulwana emva kwezizukulwana? Ukhona na omnye uthixo ngaphandle koAllâh? Kuncinane enikukhumbulayo أَمَّن يَهۡدِيكُمۡ فِي ظُلُمَٰتِ ٱلۡبَرِّ وَٱلۡبَحۡرِ وَمَن يُرۡسِلُ ٱلرِّيَٰحَ بُشۡرَۢا بَيۡنَ يَدَيۡ رَحۡمَتِهِۦٓۗ أَءِلَٰهٌ مَّعَ ٱللَّهِۚ تَعَٰلَى ٱللَّهُ عَمَّا يُشۡرِكُونَ ٦٣AyinguYe na Onikhokelayo Anikhuphe ebumnyameni bomhlaba nolwandle nothumela imimoya eba ziindaba ezivuyisayo phambi kwenceba yaKhe? Ukhona na omnye uthixo ngaphandle koAllâh? Uphakamile uAllâh ngaphezulu kwayo yonke into abayayamanisa naYe أَمَّن يَبۡدَؤُاْ ٱلۡخَلۡقَ ثُمَّ يُعِيدُهُۥ وَمَن يَرۡزُقُكُم مِّنَ ٱلسَّمَآءِ وَٱلۡأَرۡضِۗ أَءِلَٰهٌ مَّعَ ٱللَّهِۚ قُلۡ هَاتُواْ بُرۡهَٰنَكُمۡ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ ٦٤AyinguYe na Oqalisa indalo Aze Aphinde ayiphinde nonibonelelayo ngokusuka emazulwini nasemhlabeni? Ukhona na omnye uthixo okunye noAllâh? Yithi: “Vezani ubungqina kaloku ukuba ninenyaniso.” قُل لَّا يَعۡلَمُ مَن فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ ٱلۡغَيۡبَ إِلَّا ٱللَّهُۚ وَمَا يَشۡعُرُونَ أَيَّانَ يُبۡعَثُونَ ٦٥Yithi: “Akukho namnye emazulwini nasemhlabeni owazi okungabonwayo ngaphandle koAllâh, yaye abazi nokwazi ukuba baza kuvuswa nini na.” بَلِ ٱدَّٰرَكَ عِلۡمُهُمۡ فِي ٱلۡأٓخِرَةِۚ بَلۡ هُمۡ فِي شَكٍّ مِّنۡهَاۖ بَلۡ هُم مِّنۡهَا عَمُونَ ٦٦Ukusuka apho ulwazi lwabo lulinganiselwe mayela noBomi oBuzayo. Ngapha koko bayathandabuza ngokumayela nabo. Kananjalo bona mayela nabo, (uBomi oBuzayo) baziimfama وَقَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ أَءِذَا كُنَّا تُرَٰبًا وَءَابَآؤُنَآ أَئِنَّا لَمُخۡرَجُونَ ٦٧Ke kaloku abo bangakholwayo bathi: “Ingaba xa sele siluthuli kunye nookhokho bethu, siza kubuyiswa (sikhutshwe emangcwabeni) لَقَدۡ وُعِدۡنَا هَٰذَا نَحۡنُ وَءَابَآؤُنَا مِن قَبۡلُ إِنۡ هَٰذَآ إِلَّآ أَسَٰطِيرُ ٱلۡأَوَّلِينَ ٦٨Sathenjiswa ngako oku, thina nookhokho bethu ngaphambili. Oku akunto yimbi ngaphandle kokuba ziintsomi zabantu bakudala قُلۡ سِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَٱنظُرُواْ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلۡمُجۡرِمِينَ ٦٩Yithi kubo: “Tyhutyha-tyhutyhani ilizwe, nibone okokuba saba njani na isiphelo sezaphula-mthetho.” وَلَا تَحۡزَنۡ عَلَيۡهِمۡ وَلَا تَكُن فِي ضَيۡقٍ مِّمَّا يَمۡكُرُونَ ٧٠Musa ukukhathazeka ngabo okanye ube buhlungu ngoko bakuqulunqayo وَيَقُولُونَ مَتَىٰ هَٰذَا ٱلۡوَعۡدُ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ ٧١Kananjalo bathi: “Inini na (inzaliseko) yesi sithembiso, ukuba nithetha inyaniso?” قُلۡ عَسَىٰٓ أَن يَكُونَ رَدِفَ لَكُم بَعۡضُ ٱلَّذِي تَسۡتَعۡجِلُونَ ٧٢Yithi wena: “Mhlawumbi sele ikufuphi emva kwenu inxalenye yoko ningenamonde ngako.” وَإِنَّ رَبَّكَ لَذُو فَضۡلٍ عَلَى ٱلنَّاسِ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَهُمۡ لَا يَشۡكُرُونَ ٧٣Inene iNkosi yenu Izele buBubele ngabantu kodwa uninzi lwabo abanambulelo.” وَإِنَّ رَبَّكَ لَيَعۡلَمُ مَا تُكِنُّ صُدُورُهُمۡ وَمَا يُعۡلِنُونَ ٧٤Kananjalo iNkosi yenu Iyakwazi oko kufihlwe zizifuba zenu noko zikuvezayo وَمَا مِنۡ غَآئِبَةٍ فِي ٱلسَّمَآءِ وَٱلۡأَرۡضِ إِلَّا فِي كِتَٰبٍ مُّبِينٍ ٧٥Yaye akukho nto ifihlakeleyo ezulwini nasemhlabeni koko iseNcwadini ecacileyo إِنَّ هَٰذَا ٱلۡقُرۡءَانَ يَقُصُّ عَلَىٰ بَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ أَكۡثَرَ ٱلَّذِي هُمۡ فِيهِ يَخۡتَلِفُونَ ٧٦Inene le ‘Kur’ân ibalisela aBantwana bakwaSirayeli okuninzi koko baphikisana ngako وَإِنَّهُۥ لَهُدًى وَرَحۡمَةٌ لِّلۡمُؤۡمِنِينَ ٧٧Inene yona isisiKhokelo nenceba kumakholwa إِنَّ رَبَّكَ يَقۡضِي بَيۡنَهُم بِحُكۡمِهِۦۚ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡعَلِيمُ ٧٨Inene iNkosi yenu Iza kugweba phakathi kwabo ngogwebo lwaYo. Yona nguSobunganga, uSolwazi فَتَوَكَّلۡ عَلَى ٱللَّهِۖ إِنَّكَ عَلَى ٱلۡحَقِّ ٱلۡمُبِينِ ٧٩Ngoko ke thembela ngoAllâh; inene wena usenyanisweni ecacileyo إِنَّكَ لَا تُسۡمِعُ ٱلۡمَوۡتَىٰ وَلَا تُسۡمِعُ ٱلصُّمَّ ٱلدُّعَآءَ إِذَا وَلَّوۡاْ مُدۡبِرِينَ ٨٠Inene wena akungekhe wenze abafileyo beve, ungekhe wenze izithulu ziluve ubizo xa sele zibuye umva zijibilikile وَمَآ أَنتَ بِهَٰدِي ٱلۡعُمۡيِ عَن ضَلَٰلَتِهِمۡۖ إِن تُسۡمِعُ إِلَّا مَن يُؤۡمِنُ بِـَٔايَٰتِنَا فَهُم مُّسۡلِمُونَ ٨١Yaye akungekhe ukhokele iimfama uzikhuphe ekulahlekeni kwazo. Uya kwenza kuve kuphela abo bakholwayo kwiiVesi zeThu, abo ke ngamaMuslim ۞ وَإِذَا وَقَعَ ٱلۡقَوۡلُ عَلَيۡهِمۡ أَخۡرَجۡنَا لَهُمۡ دَآبَّةً مِّنَ ٱلۡأَرۡضِ تُكَلِّمُهُمۡ أَنَّ ٱلنَّاسَ كَانُواْ بِـَٔايَٰتِنَا لَا يُوقِنُونَ ٨٢Kananjalo xa iLizwi (elingummiselo) liwile phezu kwabo, Siya kuzisa kubo isilo sivela emhlabeni sithethe nabo, kuba abantu abazanga bakholwe ngokunyanisekileyo kwiiVesi zeThu وَيَوۡمَ نَحۡشُرُ مِن كُلِّ أُمَّةٍ فَوۡجًا مِّمَّن يُكَذِّبُ بِـَٔايَٰتِنَا فَهُمۡ يُوزَعُونَ ٨٣Yaye ngaloo Mini xa Siya kubaqokelela kwisizwe ngasinye, iqela labo babephika iiVesi zeThu liya kuqhutywa luyimikrozo حَتَّىٰٓ إِذَا جَآءُو قَالَ أَكَذَّبۡتُم بِـَٔايَٰتِي وَلَمۡ تُحِيطُواْ بِهَا عِلۡمًا أَمَّاذَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ ٨٤Bade baye kufika kwindawo yoMgwebo, Aze Athi (uAllâh): “Nayiphika na nina imiqondiso yaM lo gama naningayiqiqi elwazini (lwenu) kanti yintoni kanye le naniyenza?” وَوَقَعَ ٱلۡقَوۡلُ عَلَيۡهِم بِمَا ظَلَمُواْ فَهُمۡ لَا يَنطِقُونَ ٨٥Lize iLizwi lizaliseke kubo, ngokuba benza ubugwenxa, yaye abayi (kukwazi) ukuthetha أَلَمۡ يَرَوۡاْ أَنَّا جَعَلۡنَا ٱلَّيۡلَ لِيَسۡكُنُواْ فِيهِ وَٱلنَّهَارَ مُبۡصِرًاۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّقَوۡمٍ يُؤۡمِنُونَ ٨٦Ababoni na bona ukuba Senza ubusuku khona ukuze baphumle ngabo nemini ebanika ukubona? Inene kuko oku kukho imiqondiso kubantu abakholwayo وَيَوۡمَ يُنفَخُ فِي ٱلصُّورِ فَفَزِعَ مَن فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَن فِي ٱلۡأَرۡضِ إِلَّا مَن شَآءَ ٱللَّهُۚ وَكُلٌّ أَتَوۡهُ دَٰخِرِينَ ٨٧NgeMini ekuya kuvuthelwa iXilongo ngayo, yaye wonke osezulwini naye wonke osemhlabeni uya kunkwantya ngaphandle kwabo uAllâh Aya kuthanda (ukuba bangoyiki). Yaye bonke baza kuza kuYe bethobekile وَتَرَى ٱلۡجِبَالَ تَحۡسَبُهَا جَامِدَةً وَهِيَ تَمُرُّ مَرَّ ٱلسَّحَابِۚ صُنۡعَ ٱللَّهِ ٱلَّذِيٓ أَتۡقَنَ كُلَّ شَيۡءٍۚ إِنَّهُۥ خَبِيرُۢ بِمَا تَفۡعَلُونَ ٨٨Ke kaloku uzibona iintaba uzicingele ukuba ziqinile, lo gama ziya kudlula njengokudlula kwamafu. Ngumsebenzi ka-Allâh, Owafezekisa izinto zonke. Inene Yena Unolwazi ngoko nikwenzayo مَن جَآءَ بِٱلۡحَسَنَةِ فَلَهُۥ خَيۡرٌ مِّنۡهَا وَهُم مِّن فَزَعٍ يَوۡمَئِذٍ ءَامِنُونَ ٨٩Nabani na lowo uya kuza nesenzo esilungileyo (ngeMini yoMgwebo), uya kufumana umvuzo ongcono kunaso (isenzo eso) yaye bona (abanjalo) kuloyiko lwaloo Mini baya kukhuseleka وَمَن جَآءَ بِٱلسَّيِّئَةِ فَكُبَّتۡ وُجُوهُهُمۡ فِي ٱلنَّارِ هَلۡ تُجۡزَوۡنَ إِلَّا مَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ ٩٠Kananjalo nabani na oya kuza nesenzo esikukungcola ubuso babo (banjalo) buya kujulelwa ezantsi eMlilweni. (Kuze kuthiwe) Ingaba nihlawulelwe enye into ngaphandle koko nanidla ngokukwenza na?” إِنَّمَآ أُمِرۡتُ أَنۡ أَعۡبُدَ رَبَّ هَٰذِهِ ٱلۡبَلۡدَةِ ٱلَّذِي حَرَّمَهَا وَلَهُۥ كُلُّ شَيۡءٍۖ وَأُمِرۡتُ أَنۡ أَكُونَ مِنَ ٱلۡمُسۡلِمِينَ ٩١(Yithi Muhammad): “Mna ndiyalelwe kuphela ukuba ndinqule iNkosi yesi sixeko, Eyasenza saNgcwele ekuyiYo ezizezaYo izinto zonke. Yaye kananjalo ndiyalelwe ukuba ndibe ngomnye wamaMuslim وَأَنۡ أَتۡلُوَاْ ٱلۡقُرۡءَانَۖ فَمَنِ ٱهۡتَدَىٰ فَإِنَّمَا يَهۡتَدِي لِنَفۡسِهِۦۖ وَمَن ضَلَّ فَقُلۡ إِنَّمَآ أَنَا۠ مِنَ ٱلۡمُنذِرِينَ ٩٢Nokuba ndicengceleze i’Kur’ân. Nabani na ke okhokelweyo yena ukhokelelwe inzuzo yakhe kuphela; kwaye nabani na lowo ulahlekayo yithi (kuye), “Kuphela mna ndingomnye wabalumkisi.” وَقُلِ ٱلۡحَمۡدُ لِلَّهِ سَيُرِيكُمۡ ءَايَٰتِهِۦ فَتَعۡرِفُونَهَاۚ وَمَا رَبُّكَ بِغَٰفِلٍ عَمَّا تَعۡمَلُونَ ٩٣Kananjalo yithi: “Iindumiso zonke mazibe kuAllâh. Yena Uya kunibonisa imiqondiso yaKhe, yaye niya kuyazi. Kananjalo iNkosi yenu akungaba Ayikwazi enikwenzayo.”