ملة الإسلام

السورة 24 · 64 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة النور باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة النور (1,228 قارئاً)
مدنيةسورة النور٦٤ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

سُورَةٌ أَنزَلۡنَٰهَا وَفَرَضۡنَٰهَا وَأَنزَلۡنَا فِيهَآ ءَايَٰتِۭ بَيِّنَٰتٍ لَّعَلَّكُمۡ تَذَكَّرُونَ ١(Esi) sisahluko se’Kur’ân eSisithumele phantsi Saza Senza (okuphakathi kuso) kwaba sisinyanzelo Saza kananjalo Satyhila phakathi apho iiVesi eziyimiqondiso ecacileyo ukuze nikhumbule ٱلزَّانِيَةُ وَٱلزَّانِي فَٱجۡلِدُواْ كُلَّ وَٰحِدٍ مِّنۡهُمَا مِاْئَةَ جَلۡدَةٍۖ وَلَا تَأۡخُذۡكُم بِهِمَا رَأۡفَةٌ فِي دِينِ ٱللَّهِ إِن كُنتُمۡ تُؤۡمِنُونَ بِٱللَّهِ وَٱلۡيَوۡمِ ٱلۡأٓخِرِۖ وَلۡيَشۡهَدۡ عَذَابَهُمَا طَآئِفَةٌ مِّنَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ٢Owasetyhini (ongatshatanga) okanye oyindoda (ongatshanga). Ofunyenwe enetyala lokwabelana ngesondo, mtywatyusheni ngamnye kubo bobabini imivumbo elikhulu, kananjalo ningathatyathwa lusizi ngabo enkolweni ka- Allâh ukuba ngaba phofu niyakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela. Kananjalo makubekho iqela lamakholwa aza kuba ngamangqina ngesohlwayo sabo ٱلزَّانِي لَا يَنكِحُ إِلَّا زَانِيَةً أَوۡ مُشۡرِكَةً وَٱلزَّانِيَةُ لَا يَنكِحُهَآ إِلَّا زَانٍ أَوۡ مُشۡرِكٌۚ وَحُرِّمَ ذَٰلِكَ عَلَى ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ٣Umkrexezi akamtshati (omnye umntu) ngaphandle kongumkrexezikazi okanye umkhonzikazi wezithixo, kanti (naye) umkrexezikazi akatshatwa mntu ngaphandle komkrexezi okanye umkhonzi wezithixo. Ke kaloku (ukutshata abanjalo) akuvumelekanga kwabakholwayo وَٱلَّذِينَ يَرۡمُونَ ٱلۡمُحۡصَنَٰتِ ثُمَّ لَمۡ يَأۡتُواْ بِأَرۡبَعَةِ شُهَدَآءَ فَٱجۡلِدُوهُمۡ ثَمَٰنِينَ جَلۡدَةً وَلَا تَقۡبَلُواْ لَهُمۡ شَهَٰدَةً أَبَدًاۚ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡفَٰسِقُونَ ٤Abo batyhola abafazi abanyulu (ngokukrexeza bexoka) baze bangezi namangqina amane batywatyusheni ngemivumbo engamashumi asibhozo ningaphindi namkele bungqina kubo nanini na emva koko. Yaye abo ngabaqaqadeki abangenantobeko إِلَّا ٱلَّذِينَ تَابُواْ مِنۢ بَعۡدِ ذَٰلِكَ وَأَصۡلَحُواْ فَإِنَّ ٱللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ٥Ngaphandle kwabo baguqukayo emva koko baze baphucule isimilo sabo, kuba ngenene, uAllâh nguMxoleli, nguSozinceba وَٱلَّذِينَ يَرۡمُونَ أَزۡوَٰجَهُمۡ وَلَمۡ يَكُن لَّهُمۡ شُهَدَآءُ إِلَّآ أَنفُسُهُمۡ فَشَهَٰدَةُ أَحَدِهِمۡ أَرۡبَعُ شَهَٰدَٰتِۭ بِٱللَّهِ إِنَّهُۥ لَمِنَ ٱلصَّٰدِقِينَ ٦Abo batyhola abafazi babo (ngokukrexeza) babe bengenamangqina ngaphandle kweziqu zabo ke kaloku ingqina lakhe ngamnye kubo (iya kuba) kukungqina kane (befunga) ngoAllâh okokuba, ngenene, yena lowo (ufungayo) ungothetha inyaniso وَٱلۡخَٰمِسَةُ أَنَّ لَعۡنَتَ ٱللَّهِ عَلَيۡهِ إِن كَانَ مِنَ ٱلۡكَٰذِبِينَ ٧Isifungo sesihlanu sona (iya kuba) kukuba isiqalekiso sika-Allâh sibe phezu kwakhe ukuba ngaba ufumaniseke engomnye wamaxoki وَيَدۡرَؤُاْ عَنۡهَا ٱلۡعَذَابَ أَن تَشۡهَدَ أَرۡبَعَ شَهَٰدَٰتِۭ بِٱللَّهِ إِنَّهُۥ لَمِنَ ٱلۡكَٰذِبِينَ ٨Kodwa ke oko kuya kuthintela isohlwayo kuye (owasetyhini) ukuba uthe wanika ubungqina kwaba kane (efunga) ngoAllâh ukuba ngenene yena (oyindoda yakhe) ungothetha ubuxoki وَٱلۡخَٰمِسَةَ أَنَّ غَضَبَ ٱللَّهِ عَلَيۡهَآ إِن كَانَ مِنَ ٱلصَّٰدِقِينَ ٩Esesihlanu (isifungo) iya kuba kukuba ingqumbo ka-Allâh ibe phezu kwakhe (umfazi lowo) ukuba yena (oyindoda) uthetha inyaniso وَلَوۡلَا فَضۡلُ ٱللَّهِ عَلَيۡكُمۡ وَرَحۡمَتُهُۥ وَأَنَّ ٱللَّهَ تَوَّابٌ حَكِيمٌ ١٠Ukuba bekungekho ngenxa yobabalo luka-Allâh kuni nenceba yaKhe (UAllâh Ebeza kungxama ukuthoba isohlwayo phezu kwenu kodwa ke akunjalo) kuba kakade (eneneni) uAllâh UnguMamkeli, wenguquko nguSobulumko إِنَّ ٱلَّذِينَ جَآءُو بِٱلۡإِفۡكِ عُصۡبَةٌ مِّنكُمۡۚ لَا تَحۡسَبُوهُ شَرًّا لَّكُمۖ بَلۡ هُوَ خَيۡرٌ لَّكُمۡۚ لِكُلِّ ٱمۡرِيٍٕ مِّنۡهُم مَّا ٱكۡتَسَبَ مِنَ ٱلۡإِثۡمِۚ وَٱلَّذِي تَوَلَّىٰ كِبۡرَهُۥ مِنۡهُمۡ لَهُۥ عَذَابٌ عَظِيمٌ ١١Inene, abo beza nobuxoki baliqela eliphakathi kwenu. Musani ukucinga ukuba kubi oko kuni; ukusuka apho kulungile kuni kuba wonke umntu kubo uya kuzuza oko akusebenzeleyo kusisono, ke yena othe wathabathela kuye isahlulo esikhulu saso okwakhe sisohlwayo esikhulu (nguMlilo wesiHogo) لَّوۡلَآ إِذۡ سَمِعۡتُمُوهُ ظَنَّ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ وَٱلۡمُؤۡمِنَٰتُ بِأَنفُسِهِمۡ خَيۡرًا وَقَالُواْ هَٰذَآ إِفۡكٌ مُّبِينٌ ١٢Kwakutheni na ukuyiva kwenu (into enje) amakholwa namakholwakazi angacingi kakuhle ngeziqu zawo (oko kukuthi, omnye ngomnye) athi, “Obu bubuxoki obuzicaceleyo?” لَّوۡلَا جَآءُو عَلَيۡهِ بِأَرۡبَعَةِ شُهَدَآءَۚ فَإِذۡ لَمۡ يَأۡتُواْ بِٱلشُّهَدَآءِ فَأُوْلَٰٓئِكَ عِندَ ٱللَّهِ هُمُ ٱلۡكَٰذِبُونَ ١٣Kwakungani na ukuba (abo babehambisa iindaba zokunyelisa) bangavelisi amangqina amane ngayo (le nto)? Ke kaloku ukuba ngaba abavelisi mangqina, ngabo kanye phambi koAllâh abangamaxoki وَلَوۡلَا فَضۡلُ ٱللَّهِ عَلَيۡكُمۡ وَرَحۡمَتُهُۥ فِي ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةِ لَمَسَّكُمۡ فِي مَآ أَفَضۡتُمۡ فِيهِ عَذَابٌ عَظِيمٌ ١٤Kananjalo ukuba bekungekho ngenxa yoBabalo luka-Allâh kuni nenceba yaKhe kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo, beniya kurhecwa sisohlwayo esikhulu ngenxa yabo obo (buxoki) enanibandakanyeka kubo إِذۡ تَلَقَّوۡنَهُۥ بِأَلۡسِنَتِكُمۡ وَتَقُولُونَ بِأَفۡوَاهِكُم مَّا لَيۡسَ لَكُم بِهِۦ عِلۡمٌ وَتَحۡسَبُونَهُۥ هَيِّنًا وَهُوَ عِندَ ٱللَّهِ عَظِيمٌ ١٥Ekubamkeleni kwenu (obo buxoki) ngamalwimi enu naza nathetha ngemilomo yenu eningenalwazi ngako, nicinga ukuba yinto engengakanani leyo lo gama phambi koAllâh yayiyinto enkulu وَلَوۡلَآ إِذۡ سَمِعۡتُمُوهُ قُلۡتُم مَّا يَكُونُ لَنَآ أَن نَّتَكَلَّمَ بِهَٰذَا سُبۡحَٰنَكَ هَٰذَا بُهۡتَٰنٌ عَظِيمٌ ١٦Kananjalo kwakutheni ukuyiva kwenu ningathi, “Ayikokwethu ukuthetha ngale nto. Umkhulu Wena (Allâh); le yintlebendwane enkulu?” يَعِظُكُمُ ٱللَّهُ أَن تَعُودُواْ لِمِثۡلِهِۦٓ أَبَدًا إِن كُنتُم مُّؤۡمِنِينَ ١٧UAllâh Uyanilumkisa ngokuchasene nokubuyela kwisimilo esifana nesi, nanini na ukuba ningamakholwa وَيُبَيِّنُ ٱللَّهُ لَكُمُ ٱلۡأٓيَٰتِۚ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمٌ ١٨Kananjalo uAllâh Wenza zicace kuni iiVesi (zaKhe), kananjalo uAllâh nguSolwazi, uSobulumko إِنَّ ٱلَّذِينَ يُحِبُّونَ أَن تَشِيعَ ٱلۡفَٰحِشَةُ فِي ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ فِي ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةِۚ وَٱللَّهُ يَعۡلَمُ وَأَنتُمۡ لَا تَعۡلَمُونَ ١٩Inene abo bathanda ukuba ukuziphatha ngokungcolileyo kunwenwe (okanye kuthiwe pahaha) phakathi kwabo bakholwayo, baya kufumana isohlwayo esibuhlungu kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo. Yaye uAllâh Uyazi, nina ke anazi وَلَوۡلَا فَضۡلُ ٱللَّهِ عَلَيۡكُمۡ وَرَحۡمَتُهُۥ وَأَنَّ ٱللَّهَ رَءُوفٌ رَّحِيمٌ ٢٠Kwaye ukuba bekungekho ngenxa yoBabalo luka-Allâh kuni, (uAllâh ngekhawulezise ngesohlwayo kuni). Yaye uAllâh nguSobubele, nguSozinceba ۞ يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لَا تَتَّبِعُواْ خُطُوَٰتِ ٱلشَّيۡطَٰنِۚ وَمَن يَتَّبِعۡ خُطُوَٰتِ ٱلشَّيۡطَٰنِ فَإِنَّهُۥ يَأۡمُرُ بِٱلۡفَحۡشَآءِ وَٱلۡمُنكَرِۚ وَلَوۡلَا فَضۡلُ ٱللَّهِ عَلَيۡكُمۡ وَرَحۡمَتُهُۥ مَا زَكَىٰ مِنكُم مِّنۡ أَحَدٍ أَبَدًا وَلَٰكِنَّ ٱللَّهَ يُزَكِّي مَن يَشَآءُۗ وَٱللَّهُ سَمِيعٌ عَلِيمٌ ٢١Hini na nina bakholwayo! Ningalandeli ikhondo likaShaytân. Nabani na ke kuni olandela ikhondo likaShaytân, inene yena (uShaytân) uyalela ukungcola nokwenziwa kobugwenxa. Kananjalo ukuba bekungekho ngenxa yoBabalo luka-Allâh nenceba yaKhe kuni, bekungayi kubakho namnye kuni obeza kuba nyulu, kodwa Yena uAllâh uhlambulula lowo Athande (ukumhlambulula), yaye uAllâh nguSokuva, nguSolwazi وَلَا يَأۡتَلِ أُوْلُواْ ٱلۡفَضۡلِ مِنكُمۡ وَٱلسَّعَةِ أَن يُؤۡتُوٓاْ أُوْلِي ٱلۡقُرۡبَىٰ وَٱلۡمَسَٰكِينَ وَٱلۡمُهَٰجِرِينَ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِۖ وَلۡيَعۡفُواْ وَلۡيَصۡفَحُوٓاْۗ أَلَا تُحِبُّونَ أَن يَغۡفِرَ ٱللَّهُ لَكُمۡۚ وَٱللَّهُ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ٢٢Kananjalo abo phakathi kwenu bababalwe ngobutyebi mabangafungeli ukuba abanakunika (luncedo) kwizizalwana zabo, amahlwempu, nabo bashiya amakhaya abo ngenxa ka- Allâh mababaxolele balibale. Anithandi na ukuba uAllâh Anixolele nina? Yena ke uAllâh nguMxoleli, uSozinceba إِنَّ ٱلَّذِينَ يَرۡمُونَ ٱلۡمُحۡصَنَٰتِ ٱلۡغَٰفِلَٰتِ ٱلۡمُؤۡمِنَٰتِ لُعِنُواْ فِي ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةِ وَلَهُمۡ عَذَابٌ عَظِيمٌ ٢٣Inene abo batyhola abafazi abanyulu, abangacingi nokucinga ngokuchukumisa ubunyulu babo bekwangawo namakholwa baqalekisiwe kobu bomi nakuBomi oBuzayo, yaye okwabo iya kuba sisohlwayo esikhulu يَوۡمَ تَشۡهَدُ عَلَيۡهِمۡ أَلۡسِنَتُهُمۡ وَأَيۡدِيهِمۡ وَأَرۡجُلُهُم بِمَا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ ٢٤NgeMini apho amalwimi abo, izandla zabo neenyawo zabo ziya kungqina ngokuchasene nabo ngoko bakwenzayo يَوۡمَئِذٍ يُوَفِّيهِمُ ٱللَّهُ دِينَهُمُ ٱلۡحَقَّ وَيَعۡلَمُونَ أَنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلۡحَقُّ ٱلۡمُبِينُ ٢٥Ngayo loo Mini, uAllâh Uya kubahlawula ngokugcweleyo umvuzo wabo (obafaneleyo), yaye baza kwazi okokuba nguAllâh OyiNyaniso ecacileyo ٱلۡخَبِيثَٰتُ لِلۡخَبِيثِينَ وَٱلۡخَبِيثُونَ لِلۡخَبِيثَٰتِۖ وَٱلطَّيِّبَٰتُ لِلطَّيِّبِينَ وَٱلطَّيِّبُونَ لِلطَّيِّبَٰتِۚ أُوْلَٰٓئِكَ مُبَرَّءُونَ مِمَّا يَقُولُونَۖ لَهُم مَّغۡفِرَةٌ وَرِزۡقٌ كَرِيمٌ ٢٦Intetho engcolileyo yeyabantu abangcolileyo, abantu abangcolileyo ngabentetho engcolileyo. Ukanti intetho enyulu yeyabantu abanyulu, nabantu abanyulu ngabentetho enyulu. Abo bantu banyulu baziswa njengabamsulwa mayela noko kutshiwoyo ngabo (ziintlebi). Okwabo luxolelo lwezono neembonelelo ezixabisekileyo يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لَا تَدۡخُلُواْ بُيُوتًا غَيۡرَ بُيُوتِكُمۡ حَتَّىٰ تَسۡتَأۡنِسُواْ وَتُسَلِّمُواْ عَلَىٰٓ أَهۡلِهَاۚ ذَٰلِكُمۡ خَيۡرٌ لَّكُمۡ لَعَلَّكُمۡ تَذَكَّرُونَ ٢٧Hini na nina bakholwayo, Musani ukungena ezindlwini ezingezizo ezenu ngaphandle kokuba niqinisekile ngokwamkeleka (kuzo), kananjalo bulisani abangaphakathi (apho). Kokona kulungileyo oko kuni; mhlawumbi niya kukhumbuzeka فَإِن لَّمۡ تَجِدُواْ فِيهَآ أَحَدًا فَلَا تَدۡخُلُوهَا حَتَّىٰ يُؤۡذَنَ لَكُمۡۖ وَإِن قِيلَ لَكُمُ ٱرۡجِعُواْ فَٱرۡجِعُواْۖ هُوَ أَزۡكَىٰ لَكُمۡۚ وَٱللَّهُ بِمَا تَعۡمَلُونَ عَلِيمٌ ٢٨Ke kaloku ukuba anifumani mntu ngaphakathi apho, musani ukungena nide ninikwe imvume. Ukanti ukuba kuthiwe kuni, buyelani apho benivela, buyelani ke apho benivela. Bobona bunyulu obo kuni. Yaye uAllâh nguMazi woko nikwenzayo لَّيۡسَ عَلَيۡكُمۡ جُنَاحٌ أَن تَدۡخُلُواْ بُيُوتًا غَيۡرَ مَسۡكُونَةٍ فِيهَا مَتَٰعٌ لَّكُمۡۚ وَٱللَّهُ يَعۡلَمُ مَا تُبۡدُونَ وَمَا تَكۡتُمُونَ ٢٩Akukho sono kuni ngokungena ezindlwini ezingahlelwanga ngabantu ekukho kuzo apho inzuzo kuni. Kananjalo uAllâh Uyakwazi oko nikuvezayo noko nikufihlayo قُل لِّلۡمُؤۡمِنِينَ يَغُضُّواْ مِنۡ أَبۡصَٰرِهِمۡ وَيَحۡفَظُواْ فُرُوجَهُمۡۚ ذَٰلِكَ أَزۡكَىٰ لَهُمۡۚ إِنَّ ٱللَّهَ خَبِيرُۢ بِمَا يَصۡنَعُونَ ٣٠Xelela amakholwa namakholwakazi ukuba ehlise ukujonga kwawo (izinto ezithile)2, anonophele kananjalo iindawo zawo ezinqabileyo. Obo bobona bunyulu kubo. Inene uAllâh Uyakwazi oko bakwenzayo وَقُل لِّلۡمُؤۡمِنَٰتِ يَغۡضُضۡنَ مِنۡ أَبۡصَٰرِهِنَّ وَيَحۡفَظۡنَ فُرُوجَهُنَّ وَلَا يُبۡدِينَ زِينَتَهُنَّ إِلَّا مَا ظَهَرَ مِنۡهَاۖ وَلۡيَضۡرِبۡنَ بِخُمُرِهِنَّ عَلَىٰ جُيُوبِهِنَّۖ وَلَا يُبۡدِينَ زِينَتَهُنَّ إِلَّا لِبُعُولَتِهِنَّ أَوۡ ءَابَآئِهِنَّ أَوۡ ءَابَآءِ بُعُولَتِهِنَّ أَوۡ أَبۡنَآئِهِنَّ أَوۡ أَبۡنَآءِ بُعُولَتِهِنَّ أَوۡ إِخۡوَٰنِهِنَّ أَوۡ بَنِيٓ إِخۡوَٰنِهِنَّ أَوۡ بَنِيٓ أَخَوَٰتِهِنَّ أَوۡ نِسَآئِهِنَّ أَوۡ مَا مَلَكَتۡ أَيۡمَٰنُهُنَّ أَوِ ٱلتَّٰبِعِينَ غَيۡرِ أُوْلِي ٱلۡإِرۡبَةِ مِنَ ٱلرِّجَالِ أَوِ ٱلطِّفۡلِ ٱلَّذِينَ لَمۡ يَظۡهَرُواْ عَلَىٰ عَوۡرَٰتِ ٱلنِّسَآءِۖ وَلَا يَضۡرِبۡنَ بِأَرۡجُلِهِنَّ لِيُعۡلَمَ مَا يُخۡفِينَ مِن زِينَتِهِنَّۚ وَتُوبُوٓاْ إِلَى ٱللَّهِ جَمِيعًا أَيُّهَ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ لَعَلَّكُمۡ تُفۡلِحُونَ ٣١Kananjalo xelela amakholwakazi ukuba ekhlise ukujonga kwawo izinto (ezithile), anonophele iindawo zawo ezinqabileyo, angaqhayisi ngezihombiso zawo ngaphandle koko kufanele ukuba kuvele kuwo, kananjalo makabeke izigqubuthelo zawo ziwathi wambu ukuya kutsho ezifubeni zawo, angaqhayisi ngezihombiso zawo (ubuhle bawo) ngaphandle kwakubayeni bawo, ooyise bawo, oobawozala bawo, oonyana bawo, oonyana babayeni bawo, kubanakwawo, oonyana babanakwawo, oonyana boodade bawo, nakubafazi bawo abo izandla zawo zokunene zibabambileyo (amakhoboka), nabo baqeshwa babo bangamadoda angenazinkanuko zasondo (amathenwa), nabantwana abangekabi nalwazi ngeendawo ezinqabileyo zabasetyhini, kananjalo mabangabethi unyawo (xa behamba) besenzela ukuba kubonwe oko bakufihlileyo kuzizihombiso zabo. Kananjalo nibuyele kuAllâh ngenguquko, ninonke, hini na nina makholwa, khon’ukuze niphumelele وَأَنكِحُواْ ٱلۡأَيَٰمَىٰ مِنكُمۡ وَٱلصَّٰلِحِينَ مِنۡ عِبَادِكُمۡ وَإِمَآئِكُمۡۚ إِن يَكُونُواْ فُقَرَآءَ يُغۡنِهِمُ ٱللَّهُ مِن فَضۡلِهِۦۗ وَٱللَّهُ وَٰسِعٌ عَلِيمٌ ٣٢Kananjalo tshatani abangatshatanga phakathi kwenu nabangamalungisa kumakhoboka namakhobokazana. Ukuba ngaba bangamahlwempu, uAllâh Uza kubatyebisa ngokuphuma kubuBele baKhe, yaye uAllâh Ubanzi Unolwazi وَلۡيَسۡتَعۡفِفِ ٱلَّذِينَ لَا يَجِدُونَ نِكَاحًا حَتَّىٰ يُغۡنِيَهُمُ ٱللَّهُ مِن فَضۡلِهِۦۗ وَٱلَّذِينَ يَبۡتَغُونَ ٱلۡكِتَٰبَ مِمَّا مَلَكَتۡ أَيۡمَٰنُكُمۡ فَكَاتِبُوهُمۡ إِنۡ عَلِمۡتُمۡ فِيهِمۡ خَيۡرًاۖ وَءَاتُوهُم مِّن مَّالِ ٱللَّهِ ٱلَّذِيٓ ءَاتَىٰكُمۡۚ وَلَا تُكۡرِهُواْ فَتَيَٰتِكُمۡ عَلَى ٱلۡبِغَآءِ إِنۡ أَرَدۡنَ تَحَصُّنًا لِّتَبۡتَغُواْ عَرَضَ ٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَاۚ وَمَن يُكۡرِههُّنَّ فَإِنَّ ٱللَّهَ مِنۢ بَعۡدِ إِكۡرَٰهِهِنَّ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ٣٣Abo bangafumani ndlela ngokwasezimalini yokutshata mabazigcine benyulu, Ade uAllâh Abanike kubuBele baKhe. Nabo bangamakhoboka enu bafuna ukutyikitya (amaxwebhu okukhululeka ebukhobokeni); bavumeleni batyikitye abo izandla zenu zokunene zibabambileyo. Ke kaloku yenzani isibhambathiso nabo ukuba niyayazi into yokuba kukho okulungileyo kubo nibaphe kananjalo kubutyebi buka-Allâh Aniphe bona. Kananjalo ningawanyanzeli amakhobokazana enuenzeubuhenyu(athengisengomzimba),xaefunaubunyulu, (nibe nina) nifuna iinzuzwana zokwexeshana zobomi balo mhlaba. Ke kaloku ukuba ubani uye wawanyanzela (amakhobokazana lawo), inene uAllâh, (kuwo)3 emva kokunyanzelwa kwawo, nguMxoleli, nguSozinceba وَلَقَدۡ أَنزَلۡنَآ إِلَيۡكُمۡ ءَايَٰتٍ مُّبَيِّنَٰتٍ وَمَثَلًا مِّنَ ٱلَّذِينَ خَلَوۡاْ مِن قَبۡلِكُمۡ وَمَوۡعِظَةً لِّلۡمُتَّقِينَ ٣٤Kananjalo ngenene Thina Sithumele kuwe iiVesi ezicacileyo nemizekelo yabo bagqithayo ngaphambili kunawe nesilumkiso kwabo bamoyikayo uAllâh ۞ ٱللَّهُ نُورُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۚ مَثَلُ نُورِهِۦ كَمِشۡكَوٰةٍ فِيهَا مِصۡبَاحٌۖ ٱلۡمِصۡبَاحُ فِي زُجَاجَةٍۖ ٱلزُّجَاجَةُ كَأَنَّهَا كَوۡكَبٌ دُرِّيٌّ يُوقَدُ مِن شَجَرَةٍ مُّبَٰرَكَةٍ زَيۡتُونَةٍ لَّا شَرۡقِيَّةٍ وَلَا غَرۡبِيَّةٍ يَكَادُ زَيۡتُهَا يُضِيٓءُ وَلَوۡ لَمۡ تَمۡسَسۡهُ نَارٌۚ نُّورٌ عَلَىٰ نُورٍۚ يَهۡدِي ٱللَّهُ لِنُورِهِۦ مَن يَشَآءُۚ وَيَضۡرِبُ ٱللَّهُ ٱلۡأَمۡثَٰلَ لِلنَّاسِۗ وَٱللَّهُ بِكُلِّ شَيۡءٍ عَلِيمٌ ٣٥UAllâh kukukhanya kwamazulu nomhlaba. Umzekelo wokukhanya kwaKhe unjengegolonxa ekukho phakathi kwalo isibane; isibane sona siphakathi eglasini, iglasi engathi yinkwenkwezi emhlophe buperile elunyekwe (kwi-oli) yomthi womnquma osikelelekileyo, ongengowaseMpuma ingengowaseNtshona, o-oli yawo ephantsela ukukhanyisa nokuba ayilunyekwanga ngomlilo. Ukukhanya phezu kokukhanya. UAllâh Ukhokelela ekukhanyeni kwaKhe lowo Athande (ukumkhokelela). Yaye uAllâh Wenza imizekelo ebantwini, kwaye uAllâh nguMazi wezinto zonke فِي بُيُوتٍ أَذِنَ ٱللَّهُ أَن تُرۡفَعَ وَيُذۡكَرَ فِيهَا ٱسۡمُهُۥ يُسَبِّحُ لَهُۥ فِيهَا بِٱلۡغُدُوِّ وَٱلۡأٓصَالِ ٣٦Ezindlwini(zonquloiimasajid) uAllâhAyalele ukubazakhiwe, apho kuzo igama laKhe liyakhunjulwa, Uyadunyiswa apho ngeentseni nangeemvakweemini okanye ngamarhatya رِجَالٌ لَّا تُلۡهِيهِمۡ تِجَٰرَةٌ وَلَا بَيۡعٌ عَن ذِكۡرِ ٱللَّهِ وَإِقَامِ ٱلصَّلَوٰةِ وَإِيتَآءِ ٱلزَّكَوٰةِ يَخَافُونَ يَوۡمًا تَتَقَلَّبُ فِيهِ ٱلۡقُلُوبُ وَٱلۡأَبۡصَٰرُ ٣٧(IGama lika-Allâh likhunjulwa lidunyiswe) ngamadoda angarhwebiyo, angaphambukiswayo nakukushishina kwinkumbulo ka-Allâh nokwenza iSalâh nokunikela ngeZakâh. Bona boyika iMini iintliziyo namehlo ziya kubhedululwa. (ngenxa yokoyika) لِيَجۡزِيَهُمُ ٱللَّهُ أَحۡسَنَ مَا عَمِلُواْ وَيَزِيدَهُم مِّن فَضۡلِهِۦۗ وَٱللَّهُ يَرۡزُقُ مَن يَشَآءُ بِغَيۡرِ حِسَابٍ ٣٨Ke kaloku uAllâh Uza kuwavuza kangangezona zenzo zawo zilungileyo, Aze abongeze nangaphezulu kunoko ngokuvela kuBabalo lwaKhe. Yaye uAllâh Upha lowo Athandileyo ngaphezulu kunomlinganiselo وَٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ أَعۡمَٰلُهُمۡ كَسَرَابِۭ بِقِيعَةٍ يَحۡسَبُهُ ٱلظَّمۡـَٔانُ مَآءً حَتَّىٰٓ إِذَا جَآءَهُۥ لَمۡ يَجِدۡهُ شَيۡـًٔا وَوَجَدَ ٱللَّهَ عِندَهُۥ فَوَفَّىٰهُ حِسَابَهُۥۗ وَٱللَّهُ سَرِيعُ ٱلۡحِسَابِ ٣٩Ke bona abangakholwayo izenzo zabo zinjengenkohliso kummandla ophantsi athi umntu onxaniweyo acinge ukuba ngamanzi, athi akufika kuwo, angafumani nto koko afumane uAllâh phambi kwakhe, yaye Uza kumhlawula ngokugcweleyo ngoko kumfaneleyo أَوۡ كَظُلُمَٰتٍ فِي بَحۡرٍ لُّجِّيٍّ يَغۡشَىٰهُ مَوۡجٌ مِّن فَوۡقِهِۦ مَوۡجٌ مِّن فَوۡقِهِۦ سَحَابٌۚ ظُلُمَٰتُۢ بَعۡضُهَا فَوۡقَ بَعۡضٍ إِذَآ أَخۡرَجَ يَدَهُۥ لَمۡ يَكَدۡ يَرَىٰهَاۗ وَمَن لَّمۡ يَجۡعَلِ ٱللَّهُ لَهُۥ نُورًا فَمَا لَهُۥ مِن نُّورٍ ٤٠Okanye (izenzo ezo zabo) zinjengobumnyama obukulwandle olukhulu nanzulu, olonganyelwe ngamaza, alekwe ngamanye amaza, alekwa nangamafu amnyama, yaba bubumnyama phezu kobumnyama: (athi) ukuba umntu wolula isandla sakhe, kube nzima ukuba angasibona! Ke kaloku lowo uAllâh angamenzelanga kukhanya akanakukhanya أَلَمۡ تَرَ أَنَّ ٱللَّهَ يُسَبِّحُ لَهُۥ مَن فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَٱلطَّيۡرُ صَٰٓفَّٰتٍۖ كُلٌّ قَدۡ عَلِمَ صَلَاتَهُۥ وَتَسۡبِيحَهُۥۗ وَٱللَّهُ عَلِيمُۢ بِمَا يَفۡعَلُونَ ٤١Awuboni na wena (Muhammad) okokuba uAllâh, Uzukiswa nguye wonke osemazulwini nasemhlabeni naziintaka ngamaphiko eziwavulayo? Nganye kuzo uAllâh Uyazi ngeSalâh yayo nangokuMzukisa kwayo yaye uAllâh Wazi konke ezikwenzayo وَلِلَّهِ مُلۡكُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۖ وَإِلَى ٱللَّهِ ٱلۡمَصِيرُ ٤٢Kananjalo loluka-Allâh ulongamelo lwamazulu nomhlaba, yaye kuAllâh kulapho kuza kubuyelwa khona أَلَمۡ تَرَ أَنَّ ٱللَّهَ يُزۡجِي سَحَابًا ثُمَّ يُؤَلِّفُ بَيۡنَهُۥ ثُمَّ يَجۡعَلُهُۥ رُكَامًا فَتَرَى ٱلۡوَدۡقَ يَخۡرُجُ مِنۡ خِلَٰلِهِۦ وَيُنَزِّلُ مِنَ ٱلسَّمَآءِ مِن جِبَالٍ فِيهَا مِنۢ بَرَدٍ فَيُصِيبُ بِهِۦ مَن يَشَآءُ وَيَصۡرِفُهُۥ عَن مَّن يَشَآءُۖ يَكَادُ سَنَا بَرۡقِهِۦ يَذۡهَبُ بِٱلۡأَبۡصَٰرِ ٤٣Akuboni na ukuba uAllâh Uqhuba amafu ngobunono, Aze awahlanganise, Aphinde Awenze imfumba eyalekeneyo, uze ubone imvula iphuma ivela kuwo. Yaye Yena Uthoba esibhakabhakeni, iintaba (zamafu) ekukho kuzo isichotho, Abethe ngaso lowo Athande (ukumbetha) Asishenxise kuye nabani na lowo Athande (ukusishenxisa) kuye. Ukulanyaza kombane aso kuphantse kuthabathe ukubona kwamehlo (abo) يُقَلِّبُ ٱللَّهُ ٱلَّيۡلَ وَٱلنَّهَارَۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَعِبۡرَةً لِّأُوْلِي ٱلۡأَبۡصَٰرِ ٤٤UAllâh Uguqula ubusuku nemini. Inene kuloo nto kukho isifundo kwabo babonayo وَٱللَّهُ خَلَقَ كُلَّ دَآبَّةٍ مِّن مَّآءٍۖ فَمِنۡهُم مَّن يَمۡشِي عَلَىٰ بَطۡنِهِۦ وَمِنۡهُم مَّن يَمۡشِي عَلَىٰ رِجۡلَيۡنِ وَمِنۡهُم مَّن يَمۡشِي عَلَىٰٓ أَرۡبَعٍۚ يَخۡلُقُ ٱللَّهُ مَا يَشَآءُۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ٤٥UAllâh Udale yonke into ephilayo ngamanzi. Yaye kuzo apho kukho ezo zirhubuluza ngezisu zazo, kuze kwakuzo apho kubekho ezo zihamba ngeenyawo zazo ezimbini, kanti nezo zihamba ngamanqina amane. UAllâh Udala oko Akuthandileyo. Inene yena uAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke لَّقَدۡ أَنزَلۡنَآ ءَايَٰتٍ مُّبَيِّنَٰتٍۚ وَٱللَّهُ يَهۡدِي مَن يَشَآءُ إِلَىٰ صِرَٰطٍ مُّسۡتَقِيمٍ ٤٦nene Thina Sithumele (kule ‘Kur’ân) iiVesi ezicacileyo. Yaye uAllâh Ukhokelela lowo Athandileyo (ukumkhokela) eNdleleni ethe Tye وَيَقُولُونَ ءَامَنَّا بِٱللَّهِ وَبِٱلرَّسُولِ وَأَطَعۡنَا ثُمَّ يَتَوَلَّىٰ فَرِيقٌ مِّنۡهُم مِّنۢ بَعۡدِ ذَٰلِكَۚ وَمَآ أُوْلَٰٓئِكَ بِٱلۡمُؤۡمِنِينَ ٤٧Kodwa bona (abahanahanisi) bathi: “Sikholiwe kuAllâh nakuMthunywa, yaye siyathobela”; lize iqela labo ligwilike emva koko. Abanjalo ke abangawo amakholwa وَإِذَا دُعُوٓاْ إِلَى ٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦ لِيَحۡكُمَ بَيۡنَهُمۡ إِذَا فَرِيقٌ مِّنۡهُم مُّعۡرِضُونَ ٤٨Kananjalo xa bebizelwa kumazwi ka-Allâh noMthunywa waKhe ukuba kugwetywe phakathi kwabo, ngoko nangoko iqela elithile kubo liyatshikila (lale) وَإِن يَكُن لَّهُمُ ٱلۡحَقُّ يَأۡتُوٓاْ إِلَيۡهِ مُذۡعِنِينَ ٤٩Kodwa ukuba ngawabo amalungelo (ekuza kuthethwa ngawo), beza kuye ngentobeko engummangaliso أَفِي قُلُوبِهِم مَّرَضٌ أَمِ ٱرۡتَابُوٓاْ أَمۡ يَخَافُونَ أَن يَحِيفَ ٱللَّهُ عَلَيۡهِمۡ وَرَسُولُهُۥۚ بَلۡ أُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلظَّٰلِمُونَ ٥٠Ingaba banesifo ezintliziyweni zabo na? Okanye baneentandabuzo? Okanye boyikisela ukuba uAllâh hleze Abe nentswelabulungisa kubo okanye uMthunywa waKhe? Ingabo nje abangabenzi bobubi (neentswela bulungisa) إِنَّمَا كَانَ قَوۡلَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ إِذَا دُعُوٓاْ إِلَى ٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦ لِيَحۡكُمَ بَيۡنَهُمۡ أَن يَقُولُواْ سَمِعۡنَا وَأَطَعۡنَاۚ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُفۡلِحُونَ ٥١Intetho ekukuphela kwayo yamakholwa (okwenene) xa ebizelwa kuAllâh nakuMthunywa waKhe ukuba kugwetywe phakathi kwawo iba kukuba athi: “Siyeva, sithobele.” Abo ke ngabona bangabaphumeleleyo وَمَن يُطِعِ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥ وَيَخۡشَ ٱللَّهَ وَيَتَّقۡهِ فَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡفَآئِزُونَ ٥٢Ke kaloku lowo uthobela uAllâh noMthunywa waKhe, amoyike uAllâh abe kwakhona ehleli ecinga ngaYe abanjalo ngabona baphumeleleyo ۞ وَأَقۡسَمُواْ بِٱللَّهِ جَهۡدَ أَيۡمَٰنِهِمۡ لَئِنۡ أَمَرۡتَهُمۡ لَيَخۡرُجُنَّۖ قُل لَّا تُقۡسِمُواْۖ طَاعَةٌ مَّعۡرُوفَةٌۚ إِنَّ ٱللَّهَ خَبِيرُۢ بِمَا تَعۡمَلُونَ ٥٣Kananjalo bafunga ngoAllâh izifungo ezimandla zokuba ukuba ungabayalela, bangaya phambili (edabini). Yithi wena: “Musani ukufunga. (Intobeko) enjalo ayizanga ibonwe (kuni). Inene uAllâh Ukwazi kakuhle oko nikwenzayo.” قُلۡ أَطِيعُواْ ٱللَّهَ وَأَطِيعُواْ ٱلرَّسُولَۖ فَإِن تَوَلَّوۡاْ فَإِنَّمَا عَلَيۡهِ مَا حُمِّلَ وَعَلَيۡكُم مَّا حُمِّلۡتُمۡۖ وَإِن تُطِيعُوهُ تَهۡتَدُواْۚ وَمَا عَلَى ٱلرَّسُولِ إِلَّا ٱلۡبَلَٰغُ ٱلۡمُبِينُ ٥٤Yithi: “Thobelani uAllâh noMthunywa; kodwa ukuba nithe najibilika ke kaloku kowenze loo nto iya kuba lolo xanduva ebebekelwe lona, kanti nakuni iya kuba lolo xanduva lwenu benilubekelwe. Kanti ke ukuba niyaMthobela Yena, niya kukhokeleleka (eNdleleni engqalileyo) Yaye akukho mthwalo (wumbi) kuMthunywa ngaphandle (koxanduva) lokwazisa ngokucacilelyo (umyalezo ka-Allâh.”) وَعَدَ ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مِنكُمۡ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ لَيَسۡتَخۡلِفَنَّهُمۡ فِي ٱلۡأَرۡضِ كَمَا ٱسۡتَخۡلَفَ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡ وَلَيُمَكِّنَنَّ لَهُمۡ دِينَهُمُ ٱلَّذِي ٱرۡتَضَىٰ لَهُمۡ وَلَيُبَدِّلَنَّهُم مِّنۢ بَعۡدِ خَوۡفِهِمۡ أَمۡنًاۚ يَعۡبُدُونَنِي لَا يُشۡرِكُونَ بِي شَيۡـًٔاۚ وَمَن كَفَرَ بَعۡدَ ذَٰلِكَ فَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡفَٰسِقُونَ ٥٥UAllâh Ubathembisile abo bakholwayo phakathi kwenu, benza nezenzo ezilungileyo okokuba Yena ngokwenene Uza kubanika ukungena esikhundleni (ngolawulo) emhlabeni njengoko wabanikayo abo bangaphambili kubo. Kwanokuba ngenene Uza kubamisela inkolo yabo Ayikhethele bona yaye ngokwenene Uza kubafakela ukhuseleko emva koloyiko lwabo ngenxa yokuba bona banqula Mna, abayamanisi mahlulelane kuM. Kodwa lowo ungakholwayo emva koko abo ngabadeleli abangenantobeko bokwenene وَأَقِيمُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَءَاتُواْ ٱلزَّكَوٰةَ وَأَطِيعُواْ ٱلرَّسُولَ لَعَلَّكُمۡ تُرۡحَمُونَ ٥٦Yenzani iSalâh ninikele ngeZakâh nithobele uMthunywa khon’ukuze nizuze ukwenzelwa inceba لَا تَحۡسَبَنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ مُعۡجِزِينَ فِي ٱلۡأَرۡضِۚ وَمَأۡوَىٰهُمُ ٱلنَّارُۖ وَلَبِئۡسَ ٱلۡمَصِيرُ ٥٧Ningaze nicinge ukuba abangakholwayo babangela ukungaphumeleli kuAllâh emhlabeni. Ikhaya labo liya kuba nguMlilo asisesibi ngako isiphelo (sabo) sohambo يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لِيَسۡتَـٔۡذِنكُمُ ٱلَّذِينَ مَلَكَتۡ أَيۡمَٰنُكُمۡ وَٱلَّذِينَ لَمۡ يَبۡلُغُواْ ٱلۡحُلُمَ مِنكُمۡ ثَلَٰثَ مَرَّٰتٍۚ مِّن قَبۡلِ صَلَوٰةِ ٱلۡفَجۡرِ وَحِينَ تَضَعُونَ ثِيَابَكُم مِّنَ ٱلظَّهِيرَةِ وَمِنۢ بَعۡدِ صَلَوٰةِ ٱلۡعِشَآءِۚ ثَلَٰثُ عَوۡرَٰتٍ لَّكُمۡۚ لَيۡسَ عَلَيۡكُمۡ وَلَا عَلَيۡهِمۡ جُنَاحُۢ بَعۡدَهُنَّۚ طَوَّٰفُونَ عَلَيۡكُم بَعۡضُكُمۡ عَلَىٰ بَعۡضٍۚ كَذَٰلِكَ يُبَيِّنُ ٱللَّهُ لَكُمُ ٱلۡأٓيَٰتِۗ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمٌ ٥٨Hini na nina bakholwayo, abo izandla zenu zokunene zibabambileyo nabo bangekafikeleli exabisweni lobudala phakathi kwenu mabacele imvume yenu [phambi kokuba bangene kumagumbi wenu (okulala) Mabankqonkqoze] kube kathathu: phambi komthandazo wasekuseni naxa nikhulule iimpahla zenu niza kulala emva kwemini nasemva komthandazo wangokuhlwa. (La) ngamaxesha amathathu enu okuba umntu abe yedwa bucala. Akuyi kubakho sono kuni nakubo (kumaxesha) angaphaya kwala, kuba kakade bona baqhele ukuhamba-hamba phakathi kwenu ngokusebenzisana kwenu nabo. Wenza njalo ke uAllâh ukucacisa kwaKhe iiVesi zaKhe kuni yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko وَإِذَا بَلَغَ ٱلۡأَطۡفَٰلُ مِنكُمُ ٱلۡحُلُمَ فَلۡيَسۡتَـٔۡذِنُواْ كَمَا ٱسۡتَـٔۡذَنَ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡۚ كَذَٰلِكَ يُبَيِّنُ ٱللَّهُ لَكُمۡ ءَايَٰتِهِۦۗ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمٌ ٥٩Xa abantwana benu befikelela exabisweni lokuba ngabantu mabacele imvume (maxa onke) njengoko abo bangaphambili kunabo babesenza. Wenza njalo ke uAllâh ukucacisa iiVesi zaKhe kuni; yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko وَٱلۡقَوَٰعِدُ مِنَ ٱلنِّسَآءِ ٱلَّٰتِي لَا يَرۡجُونَ نِكَاحًا فَلَيۡسَ عَلَيۡهِنَّ جُنَاحٌ أَن يَضَعۡنَ ثِيَابَهُنَّ غَيۡرَ مُتَبَرِّجَٰتِۭ بِزِينَةٍۖ وَأَن يَسۡتَعۡفِفۡنَ خَيۡرٌ لَّهُنَّۗ وَٱللَّهُ سَمِيعٌ عَلِيمٌ ٦٠Ke kaloku kubafazi abasele begqithile kwixabiso lokuya exesheni abangasenamdla wakutshata akukho gxeke kubo ngokubeka bucala iingubo zabo abazithi wambu ngaphezulu xa [bephuma ngaphandle kwemizi yabo (kodwa)] mabangabonisi ngezihombiso zabo. Ngenxa yokuzihlonipha mabangakwenzi oko. kokona kulungileyo oko kubo. Yaye uAllâh Uyeva, Uyazi لَّيۡسَ عَلَى ٱلۡأَعۡمَىٰ حَرَجٌ وَلَا عَلَى ٱلۡأَعۡرَجِ حَرَجٌ وَلَا عَلَى ٱلۡمَرِيضِ حَرَجٌ وَلَا عَلَىٰٓ أَنفُسِكُمۡ أَن تَأۡكُلُواْ مِنۢ بُيُوتِكُمۡ أَوۡ بُيُوتِ ءَابَآئِكُمۡ أَوۡ بُيُوتِ أُمَّهَٰتِكُمۡ أَوۡ بُيُوتِ إِخۡوَٰنِكُمۡ أَوۡ بُيُوتِ أَخَوَٰتِكُمۡ أَوۡ بُيُوتِ أَعۡمَٰمِكُمۡ أَوۡ بُيُوتِ عَمَّٰتِكُمۡ أَوۡ بُيُوتِ أَخۡوَٰلِكُمۡ أَوۡ بُيُوتِ خَٰلَٰتِكُمۡ أَوۡ مَا مَلَكۡتُم مَّفَاتِحَهُۥٓ أَوۡ صَدِيقِكُمۡۚ لَيۡسَ عَلَيۡكُمۡ جُنَاحٌ أَن تَأۡكُلُواْ جَمِيعًا أَوۡ أَشۡتَاتًاۚ فَإِذَا دَخَلۡتُم بُيُوتًا فَسَلِّمُواْ عَلَىٰٓ أَنفُسِكُمۡ تَحِيَّةً مِّنۡ عِندِ ٱللَّهِ مُبَٰرَكَةً طَيِّبَةًۚ كَذَٰلِكَ يُبَيِّنُ ٱللَّهُ لَكُمُ ٱلۡأٓيَٰتِ لَعَلَّكُمۡ تَعۡقِلُونَ ٦١Akukho tyala koyimfama kungekho tyala nakosisilima kungekho tyala nakogulayo kanti nakuni buqu (akukho tyala) ukuba nidla ezindlwini zenu okanye kwizindlu zootata benu okanye kwizindlu zoomama benu okanye kwizindlu zabantakwenu, okanye kwizindlu zoodadewenu okanye kwizindluzoobawokazibenu,okanyekwizindluzoodadobawo benu, okanye kwizindlu zoomalume benu, okanye kwizindlu zoomakazi benu, okanye kwizindlu izitshixo zazo zikuni (okanye kwizindlu) zabahlobo benu. Akukho sono kuni nokuba nidla kunye na okanye ngokwahlukeneyo na. Kodwa xa ningena ezindlwini, bulisanani ngombuliso woxolo4 umbuliso ovela kuAllâh, osikelelekileyo nolungileyo. Wenza njalo ke uAllâh ukucacisa iiVesi zaKhe kuni khon’ukuze niqonde إِنَّمَا ٱلۡمُؤۡمِنُونَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ بِٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦ وَإِذَا كَانُواْ مَعَهُۥ عَلَىٰٓ أَمۡرٍ جَامِعٍ لَّمۡ يَذۡهَبُواْ حَتَّىٰ يَسۡتَـٔۡذِنُوهُۚ إِنَّ ٱلَّذِينَ يَسۡتَـٔۡذِنُونَكَ أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ يُؤۡمِنُونَ بِٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦۚ فَإِذَا ٱسۡتَـٔۡذَنُوكَ لِبَعۡضِ شَأۡنِهِمۡ فَأۡذَن لِّمَن شِئۡتَ مِنۡهُمۡ وَٱسۡتَغۡفِرۡ لَهُمُ ٱللَّهَۚ إِنَّ ٱللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ٦٢AmakholwaokwenenengabobakholwakuAllâhnoMthunywa waKhe kuphela, naxa bedibana naye ngemicimbi eyinzuzo kuye nakubo, bangahambi bengacelanga imvume kuye kuqala. Inene, abo bacela imvume yakho, wena (Muhammad) abo ngabo bakholwa (ngokwenene) kuAllâh nakuMthunywa waKhe. Ke kaloku xa becela imvume kuwe yemicimbi eyiyeyabo, banike. Nika imvume kulowo uthande ukumnika kubo uze ubacelele itarhu kuAllâh. Inene uAllâh nguMxoleli yaye Unenceba لَّا تَجۡعَلُواْ دُعَآءَ ٱلرَّسُولِ بَيۡنَكُمۡ كَدُعَآءِ بَعۡضِكُم بَعۡضًاۚ قَدۡ يَعۡلَمُ ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ يَتَسَلَّلُونَ مِنكُمۡ لِوَاذًاۚ فَلۡيَحۡذَرِ ٱلَّذِينَ يُخَالِفُونَ عَنۡ أَمۡرِهِۦٓ أَن تُصِيبَهُمۡ فِتۡنَةٌ أَوۡ يُصِيبَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ٦٣Musani ukwenza ukubiza kwenu uMthunywa kube njengokubizanakwenu.UAllâhseleEbaziabobaphambukayo, befihlwa ngabanye. Kananjalo mabalumke abo bakreqayo kumyalelo wakhe (uMprofeti), hleze ishwangusha libabethe kungenjalo (bafunyanwe) sisohlwayo esibuhlungu أَلَآ إِنَّ لِلَّهِ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۖ قَدۡ يَعۡلَمُ مَآ أَنتُمۡ عَلَيۡهِ وَيَوۡمَ يُرۡجَعُونَ إِلَيۡهِ فَيُنَبِّئُهُم بِمَا عَمِلُواْۗ وَٱللَّهُ بِكُلِّ شَيۡءٍ عَلِيمُۢ ٦٤Inene, kokuka-Allah (konke) okusemazulwini nasemhlabeni. Uyakwazi oko nime phezu kwako, Eyazi neMini abaza kubuyiselwa ngayo, yaye Uza kubaxelela ngoko bakwenzayo. Yaye uAllâh nguMazi wezinto zonke

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.