ملة الإسلام

السورة 13 · 43 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة الرعد باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة الرعد (1,277 قارئاً)
مدنيةسورة الرعد٤٣ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

الٓمٓرۚ تِلۡكَ ءَايَٰتُ ٱلۡكِتَٰبِۗ وَٱلَّذِيٓ أُنزِلَ إِلَيۡكَ مِن رَّبِّكَ ٱلۡحَقُّ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَ ٱلنَّاسِ لَا يُؤۡمِنُونَ ١Alif-Lâm-Mîm-Râ. Ezi ziiVesi zeNcwadi (i’Kur’ân), Kananjalo oko kutyhilwe kuwe (Muhammad) kuvela eNkosini yakho, kuyinyaniso, kodwa uninzi lwabantu alukholwa ٱللَّهُ ٱلَّذِي رَفَعَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ بِغَيۡرِ عَمَدٍ تَرَوۡنَهَاۖ ثُمَّ ٱسۡتَوَىٰ عَلَى ٱلۡعَرۡشِۖ وَسَخَّرَ ٱلشَّمۡسَ وَٱلۡقَمَرَۖ كُلٌّ يَجۡرِي لِأَجَلٍ مُّسَمًّىۚ يُدَبِّرُ ٱلۡأَمۡرَ يُفَصِّلُ ٱلۡأٓيَٰتِ لَعَلَّكُم بِلِقَآءِ رَبِّكُمۡ تُوقِنُونَ ٢UAllâh nguloWo Waphakamisa amazulu ngaphandle kweentsika eninokuzibona. Waza Wanyukela ngentla kweTrone. Yena Wenze ilanga nenyanga ukuba nganye kuzo ijikeleze kweyayo indlela isithuba sexesha elimisiweyo. Yena Ulungelelanisa, Alawule izinto zonke, Acacise iiVesi ngokwengcombolo, khon’ukuze nikholwe ngokuqinisekileyo kwindibano (yenu) neNkosi yenu وَهُوَ ٱلَّذِي مَدَّ ٱلۡأَرۡضَ وَجَعَلَ فِيهَا رَوَٰسِيَ وَأَنۡهَٰرًاۖ وَمِن كُلِّ ٱلثَّمَرَٰتِ جَعَلَ فِيهَا زَوۡجَيۡنِ ٱثۡنَيۡنِۖ يُغۡشِي ٱلَّيۡلَ ٱلنَّهَارَۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّقَوۡمٍ يَتَفَكَّرُونَ ٣Kananjalo nguYe Owandlale umhlaba Wabeka apho iintaba eziqinileyo nemilambo nazo zonke iintlobo zeziqhamo. Wenza izibini (inkunzi nemazi). Yena Ubuyisa ubusuku bube sisigqumathelo semini. Inene kwezi zinto kukho imiqondiso kubantu abazikisayo ukucinga وَفِي ٱلۡأَرۡضِ قِطَعٌ مُّتَجَٰوِرَٰتٌ وَجَنَّٰتٌ مِّنۡ أَعۡنَٰبٍ وَزَرۡعٌ وَنَخِيلٌ صِنۡوَانٌ وَغَيۡرُ صِنۡوَانٍ يُسۡقَىٰ بِمَآءٍ وَٰحِدٍ وَنُفَضِّلُ بَعۡضَهَا عَلَىٰ بَعۡضٍ فِي ٱلۡأُكُلِۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّقَوۡمٍ يَعۡقِلُونَ ٤Emhlabeni kukho iindlela (imizila) ezimeleneyo, nezidiliya, nezityalo eziluhlaza, nemithi yeedatilisi, ekhula ibe mibini okanye ibe mithathu, ihluma ezingcanjini zesiqu somthi omnye, ngapha koko zinkcenkceshelwa ngamanzi afanayo, kodwa ezinye zazo Sizenza zibe mnandi ngaphezulu kunezinye xa zityiwa. Inene kwezi zinto kukho imiqondiso kubantu abaqondayo ۞ وَإِن تَعۡجَبۡ فَعَجَبٌ قَوۡلُهُمۡ أَءِذَا كُنَّا تُرَٰبًا أَءِنَّا لَفِي خَلۡقٍ جَدِيدٍۗ أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ بِرَبِّهِمۡۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ ٱلۡأَغۡلَٰلُ فِيٓ أَعۡنَاقِهِمۡۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ أَصۡحَٰبُ ٱلنَّارِۖ هُمۡ فِيهَا خَٰلِدُونَ ٥Ke kaloku ukuba wena (Muhammad) ukhwankqisiwe (kukungakholwa kwabantu kwi’Kur’ân), okukhwankqisa (ngakumbi) yintetho yabo ethi: “Sisakuba sifile, sele siluthuli, siza kuvuswa ngenene na sibe kwindalo entsha?” Abo ngabo bangakholwayo eNkosini yabo! Bona ngabo baza kuqanyangelwa izandla zabo kuye kutsho ezintanyeni zabo ngamatyathanga entsimbi. Baya kuba ngabahlali baseMlilweni, baya kuhlala apho kuwo وَيَسۡتَعۡجِلُونَكَ بِٱلسَّيِّئَةِ قَبۡلَ ٱلۡحَسَنَةِ وَقَدۡ خَلَتۡ مِن قَبۡلِهِمُ ٱلۡمَثُلَٰتُۗ وَإِنَّ رَبَّكَ لَذُو مَغۡفِرَةٍ لِّلنَّاسِ عَلَىٰ ظُلۡمِهِمۡۖ وَإِنَّ رَبَّكَ لَشَدِيدُ ٱلۡعِقَابِ ٦Bakucela ukuba ukhawulezise ngobubi (isohlwayo) phambi kokulungileyo lo gama (zingaka ukubaninzi) izohlwayo ezingumzekelo ezehla ngaphambili kunabo. Kodwa iNkosi yakho Inenceba ebantwini, nangona benezenzo ezigwenxa. Ke kaloku iNkosi yakho Yohlwaya kabuhlungu وَيَقُولُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لَوۡلَآ أُنزِلَ عَلَيۡهِ ءَايَةٌ مِّن رَّبِّهِۦٓۗ إِنَّمَآ أَنتَ مُنذِرٌۖ وَلِكُلِّ قَوۡمٍ هَادٍ ٧Kananjalo abangakholwayo bathi: “Kutheni kungekho mqondiso uthunyelwayo kuye (uMuhammad) osuka eNkosini yakhe!” Wena (Muhammad) into oyiyo unguMlumkisi, yaye (iqela) ngalinye labantu linomkhokeli walo ٱللَّهُ يَعۡلَمُ مَا تَحۡمِلُ كُلُّ أُنثَىٰ وَمَا تَغِيضُ ٱلۡأَرۡحَامُ وَمَا تَزۡدَادُۚ وَكُلُّ شَيۡءٍ عِندَهُۥ بِمِقۡدَارٍ ٨UAllâh Uyakwazi okuqulethwe (eziswini) zabasetyhini, (Wazi) nokuba kukangakanani na okudingwa zizibeleko, okanye okugqithisileyo. Zonke izinto kuYe zingomlinganiselo (ofanelekileyo) عَٰلِمُ ٱلۡغَيۡبِ وَٱلشَّهَٰدَةِ ٱلۡكَبِيرُ ٱلۡمُتَعَالِ ٩USolwazi wokungabonwayo nokubonwayo, Omkhulu, Ophakamileyo سَوَآءٌ مِّنكُم مَّنۡ أَسَرَّ ٱلۡقَوۡلَ وَمَن جَهَرَ بِهِۦ وَمَنۡ هُوَ مُسۡتَخۡفِۭ بِٱلَّيۡلِ وَسَارِبُۢ بِٱلنَّهَارِ ١٠Kuyafana (kuYe) nokuba nawuphi na kuni uyakufihla akuthethayo okanye akutsho elubala, nokuba angazifihla ebusuku okanye ahambe emini ngokukhululekileyo لَهُۥ مُعَقِّبَٰتٌ مِّنۢ بَيۡنِ يَدَيۡهِ وَمِنۡ خَلۡفِهِۦ يَحۡفَظُونَهُۥ مِنۡ أَمۡرِ ٱللَّهِۗ إِنَّ ٱللَّهَ لَا يُغَيِّرُ مَا بِقَوۡمٍ حَتَّىٰ يُغَيِّرُواْ مَا بِأَنفُسِهِمۡۗ وَإِذَآ أَرَادَ ٱللَّهُ بِقَوۡمٍ سُوٓءًا فَلَا مَرَدَّ لَهُۥۚ وَمَا لَهُم مِّن دُونِهِۦ مِن وَالٍ ١١(Kumntu ngamnye), kukho (iingelosi) ngokulandelelana (kwazo) ngaphambili nangemva kwakhe. Ziyamlondoloza ngokoMyalelo ka-Allâh. Inene uAllâh Akayi kuyiguqula imeko yabantu ukuba nabo abayiguquli imeko yabo ngokwabo. Kodwa ukuba uAllâh Uthande ukuthoba isohlwayo ebantwini, akukho nto inokusibuyisa umva, yaye abayi kufumanamkhuseli ngaphandle kwaKhe هُوَ ٱلَّذِي يُرِيكُمُ ٱلۡبَرۡقَ خَوۡفًا وَطَمَعًا وَيُنشِئُ ٱلسَّحَابَ ٱلثِّقَالَ ١٢NguYe Onibonisa ukubaneka njengento eyoyikisayo, nethemba. Kananjalo nguYe Ovelisa amafu, asindwa (ngamanzi) وَيُسَبِّحُ ٱلرَّعۡدُ بِحَمۡدِهِۦ وَٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ مِنۡ خِيفَتِهِۦ وَيُرۡسِلُ ٱلصَّوَٰعِقَ فَيُصِيبُ بِهَا مَن يَشَآءُ وَهُمۡ يُجَٰدِلُونَ فِي ٱللَّهِ وَهُوَ شَدِيدُ ٱلۡمِحَالِ ١٣Ke kaloku iindudumo1 zizukisa, zidumise Yena, zenze njalo neengelosi ngenxa yobungangamsha baKhe. Aze Athumele isithonga, ngaso Abethe lowo Athande ukumbetha, kodwa ngoko kunjalo abangakholwayo basaphikisana (nani) ngoAllâh. Yena Unamandla kakhulu, Wohlwaya kanobom لَهُۥ دَعۡوَةُ ٱلۡحَقِّۚ وَٱلَّذِينَ يَدۡعُونَ مِن دُونِهِۦ لَا يَسۡتَجِيبُونَ لَهُم بِشَيۡءٍ إِلَّا كَبَٰسِطِ كَفَّيۡهِ إِلَى ٱلۡمَآءِ لِيَبۡلُغَ فَاهُ وَمَا هُوَ بِبَٰلِغِهِۦۚ وَمَا دُعَآءُ ٱلۡكَٰفِرِينَ إِلَّا فِي ضَلَٰلٍ ١٤LelaKhe iLizwi lenyaniso, ke bona (abakhonzi bezithixo), abo babiza kubo, ababaphenduli banjengomntu owolula isandla sakhe efuna amanzi ukuba afikelele emlonyeni wakhe, kodwa asuke angafikeleli kuye; ke kaloku imithandazo yabangakholwayo ayinto yimbi ngaphandle kokuba kukulahleka وَلِلَّهِۤ يَسۡجُدُۤ مَن فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ طَوۡعًا وَكَرۡهًا وَظِلَٰلُهُم بِٱلۡغُدُوِّ وَٱلۡأٓصَالِ ۩ ١٥Kananjalo (phambi) koAllâh kuwa, kuqubude wonke osezulwini nasemhlabeni, ethanda, engagathandi, kanti zenza njalo nezithunzi zabo ekuseni nasemva kwemini قُلۡ مَن رَّبُّ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ قُلِ ٱللَّهُۚ قُلۡ أَفَٱتَّخَذۡتُم مِّن دُونِهِۦٓ أَوۡلِيَآءَ لَا يَمۡلِكُونَ لِأَنفُسِهِمۡ نَفۡعًا وَلَا ضَرًّاۚ قُلۡ هَلۡ يَسۡتَوِي ٱلۡأَعۡمَىٰ وَٱلۡبَصِيرُ أَمۡ هَلۡ تَسۡتَوِي ٱلظُّلُمَٰتُ وَٱلنُّورُۗ أَمۡ جَعَلُواْ لِلَّهِ شُرَكَآءَ خَلَقُواْ كَخَلۡقِهِۦ فَتَشَٰبَهَ ٱلۡخَلۡقُ عَلَيۡهِمۡۚ قُلِ ٱللَّهُ خَٰلِقُ كُلِّ شَيۡءٍ وَهُوَ ٱلۡوَٰحِدُ ٱلۡقَهَّٰرُ ١٦Yithi (Muhammad): “Ngubani OyiNkosi yamazulu nomhlaba?” Yithi: “NguAllâh.” Yithi: “Ingaba nina nizithabathela bakhuseli bambi na ngaphandle kwaKhe, abangenamandla okuzinceda okanye awokuzenza ububi eziqwini zabo?” Yithi: “Ingaba ongaboniyo uyafana na nobonayo?” Okanye bayamanisa kuAllâh amahlulelane adale indalo efana nqwa neyaKhe, kangangokuba loo ndalo (yabo) ibonakale ifana kubo?” Yithi: “UAllâh nguMdali wezinto zonke; yaye Yena Ungongaphikisekiyo.” أَنزَلَ مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءً فَسَالَتۡ أَوۡدِيَةُۢ بِقَدَرِهَا فَٱحۡتَمَلَ ٱلسَّيۡلُ زَبَدًا رَّابِيًاۖ وَمِمَّا يُوقِدُونَ عَلَيۡهِ فِي ٱلنَّارِ ٱبۡتِغَآءَ حِلۡيَةٍ أَوۡ مَتَٰعٍ زَبَدٌ مِّثۡلُهُۥۚ كَذَٰلِكَ يَضۡرِبُ ٱللَّهُ ٱلۡحَقَّ وَٱلۡبَٰطِلَۚ فَأَمَّا ٱلزَّبَدُ فَيَذۡهَبُ جُفَآءًۖ وَأَمَّا مَا يَنفَعُ ٱلنَّاسَ فَيَمۡكُثُ فِي ٱلۡأَرۡضِۚ كَذَٰلِكَ يَضۡرِبُ ٱللَّهُ ٱلۡأَمۡثَالَ ١٧Yena Uthumela amanzi emhlabeni evela esibhakabhakeni, neentili ziphuphuma ngokomlinganiselo wazo, kodwa isikhukulasonasenzaigwebueliphakamalibephezukomhlaba kanti (nentsimbi ekrwada) leyo bayitshisayo emlilweni ukuze benze izihombiso, nezixhobo, ivelisa igwebu njengaso, (isikhukula). Wenza njalo ke uAllâh ukubonisa inyaniso nobuxoki. Ke lona igwebu liyahamba limke ngamanxweme, lo gama oko kuluncedo eluntwini kushiyeka emhlabeni. Uyibeka ngolo hlobo ke uAllâh imizekeliso لِلَّذِينَ ٱسۡتَجَابُواْ لِرَبِّهِمُ ٱلۡحُسۡنَىٰۚ وَٱلَّذِينَ لَمۡ يَسۡتَجِيبُواْ لَهُۥ لَوۡ أَنَّ لَهُم مَّا فِي ٱلۡأَرۡضِ جَمِيعًا وَمِثۡلَهُۥ مَعَهُۥ لَٱفۡتَدَوۡاْ بِهِۦٓۚ أُوْلَٰٓئِكَ لَهُمۡ سُوٓءُ ٱلۡحِسَابِ وَمَأۡوَىٰهُمۡ جَهَنَّمُۖ وَبِئۡسَ ٱلۡمِهَادُ ١٨KebonaabobalusabelayoubizolweNkosiyabo(ngokwamkela i-Islam) okwabo iya kuba kokulungileyo (iPaladesi) kodwa abo bangazanga balusabele ubizo lwaKhe (uAllâh), enokuba konke okusehlabathini ibingaba kokwabo, baze bafune ukunikela ngako konke befuna ukuzisindisa (esohlwayweni bekungayi kwamkelwa). Okwabo iza kuba sisiHogo; Hayi ukuba mbi kwaloo ndawo yokuphumla ۞ أَفَمَن يَعۡلَمُ أَنَّمَآ أُنزِلَ إِلَيۡكَ مِن رَّبِّكَ ٱلۡحَقُّ كَمَنۡ هُوَ أَعۡمَىٰٓۚ إِنَّمَا يَتَذَكَّرُ أُوْلُواْ ٱلۡأَلۡبَٰبِ ١٩Ingaba lowo ukwaziyo okutyhilwe kuwe (Muhammad) kuvela eNkosini yakho, okokuba kuyinyaniso, uyafana na nalowo uyimfama? Kodwa (inene) ngabantu abanengqiqo kuphela abaphulaphulayo ٱلَّذِينَ يُوفُونَ بِعَهۡدِ ٱللَّهِ وَلَا يَنقُضُونَ ٱلۡمِيثَٰقَ ٢٠Abo bazalisekisa uMnqophiso ka-Allâh, bangasaphuli isithembiso وَٱلَّذِينَ يَصِلُونَ مَآ أَمَرَ ٱللَّهُ بِهِۦٓ أَن يُوصَلَ وَيَخۡشَوۡنَ رَبَّهُمۡ وَيَخَافُونَ سُوٓءَ ٱلۡحِسَابِ ٢١Nabo badibanisa oko uAllâh Ayalele ukuba kudityaniswe, baze boyike iNkosi yabo, besoyika nesohlwayo esibuhlungu وَٱلَّذِينَ صَبَرُواْ ٱبۡتِغَآءَ وَجۡهِ رَبِّهِمۡ وَأَقَامُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَأَنفَقُواْ مِمَّا رَزَقۡنَٰهُمۡ سِرًّا وَعَلَانِيَةً وَيَدۡرَءُونَ بِٱلۡحَسَنَةِ ٱلسَّيِّئَةَ أُوْلَٰٓئِكَ لَهُمۡ عُقۡبَى ٱلدَّارِ ٢٢Nabo bahlala benomonde bafune inkxaso, benze iSalâh, banikele kumalizo ngoko Sibaphe kona ekhusini nasekuhleni, bathintele okubi ngokulungileyo, abanjalo okwabo sisiphelo esilungileyo جَنَّٰتُ عَدۡنٍ يَدۡخُلُونَهَا وَمَن صَلَحَ مِنۡ ءَابَآئِهِمۡ وَأَزۡوَٰجِهِمۡ وَذُرِّيَّٰتِهِمۡۖ وَٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ يَدۡخُلُونَ عَلَيۡهِم مِّن كُلِّ بَابٍ ٢٣YiPaladesi iEden abaza kungena kuyo bekunye nabo benza okulungileyo, koyise babo, nabafazi babo, nabantwana babo. Ke kaloku iingelosi ziza kungena zize kubo ngamasango onke (zisithi) سَلَٰمٌ عَلَيۡكُم بِمَا صَبَرۡتُمۡۚ فَنِعۡمَ عُقۡبَى ٱلدَّارِ ٢٤“Salâmu ‘alykum (uxolo malube nani) ngokuba nanyamezelayo ngomonde! Lihle ngokwenene iKhaya (lenu) lokugqibela.” وَٱلَّذِينَ يَنقُضُونَ عَهۡدَ ٱللَّهِ مِنۢ بَعۡدِ مِيثَٰقِهِۦ وَيَقۡطَعُونَ مَآ أَمَرَ ٱللَّهُ بِهِۦٓ أَن يُوصَلَ وَيُفۡسِدُونَ فِي ٱلۡأَرۡضِ أُوْلَٰٓئِكَ لَهُمُ ٱللَّعۡنَةُ وَلَهُمۡ سُوٓءُ ٱلدَّارِ ٢٥Ke bona abo baphula uMnqophiso ka-Allâh, emva kokumiselwa kwawo, bahlula oko uAllâh Wayalela ukuba kudityaniswe, benze ubutshinga emhlabeni, isiqalekiso siphezu kwabo, yaye okwabo likhaya ekungekho konwaba kulo (esiHogweni) ٱللَّهُ يَبۡسُطُ ٱلرِّزۡقَ لِمَن يَشَآءُ وَيَقۡدِرُۚ وَفَرِحُواْ بِٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَا وَمَا ٱلۡحَيَوٰةُ ٱلدُّنۡيَا فِي ٱلۡأٓخِرَةِ إِلَّا مَتَٰعٌ ٢٦UAllâh Uyasandisa isixhaso salowo Athande ukumandisela, Aze Ancitshe lowo Athande ukumncitsha. Kananjalo bona bonwabile kubomi balo mhlaba lo gama ubomi balo mhlaba xa buthelekiswa nobo Buzayo bubufuthsane, bululonwabo oludlulayo وَيَقُولُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لَوۡلَآ أُنزِلَ عَلَيۡهِ ءَايَةٌ مِّن رَّبِّهِۦۚ قُلۡ إِنَّ ٱللَّهَ يُضِلُّ مَن يَشَآءُ وَيَهۡدِيٓ إِلَيۡهِ مَنۡ أَنَابَ ٢٧Abo bangakholwayo bathi: “Kutheni kungekho mqondiso uthunyelwayo kuye (uMuhammad) ovela eNkosini yakhe! Yithi wena: “Inene uAllâh Uyekela ekulahlekeni lowo Athandileyo Aze Akhokelele kuYe abo babuyela kuYe ngenguquko.” ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَتَطۡمَئِنُّ قُلُوبُهُم بِذِكۡرِ ٱللَّهِۗ أَلَا بِذِكۡرِ ٱللَّهِ تَطۡمَئِنُّ ٱلۡقُلُوبُ ٢٨Abo bakholwayo (kuAllâh) abantliziyo zabo zifumana ukuphumla xa bekhumbula uAllâh; inene kwinkumbulo ka- Allâh iintliziyo zifumana ukuphumla ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ طُوبَىٰ لَهُمۡ وَحُسۡنُ مَـَٔابٍ ٢٩Abo bakholwa kuAllâh, basebenze imisebenzi yezenzo ezilungileyo, zonke iintlobo zolonwabo ziya kuba zezabo nendawo eyiyeyona intle yokubuyela كَذَٰلِكَ أَرۡسَلۡنَٰكَ فِيٓ أُمَّةٍ قَدۡ خَلَتۡ مِن قَبۡلِهَآ أُمَمٌ لِّتَتۡلُوَاْ عَلَيۡهِمُ ٱلَّذِيٓ أَوۡحَيۡنَآ إِلَيۡكَ وَهُمۡ يَكۡفُرُونَ بِٱلرَّحۡمَٰنِۚ قُلۡ هُوَ رَبِّي لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ عَلَيۡهِ تَوَكَّلۡتُ وَإِلَيۡهِ مَتَابِ ٣٠Sikuthumele ngolo hlobo wena (Muhammad) kuluntu olwandulelwa lolunye uluntu ngaphambili kwalo, khon’ukuze ube nokubacengcelezela oko Sikutyhile kuwe, lo gama bona bengakholwa kuSolubabalo (uAllâh), yithi: “Yena yiNkosi yam! Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe (yaye) elam ithemba likuYe, kananjalo mna ndiya kubuyela kuYe ngenguquko.” وَلَوۡ أَنَّ قُرۡءَانًا سُيِّرَتۡ بِهِ ٱلۡجِبَالُ أَوۡ قُطِّعَتۡ بِهِ ٱلۡأَرۡضُ أَوۡ كُلِّمَ بِهِ ٱلۡمَوۡتَىٰۗ بَل لِّلَّهِ ٱلۡأَمۡرُ جَمِيعًاۗ أَفَلَمۡ يَاْيۡـَٔسِ ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ أَن لَّوۡ يَشَآءُ ٱللَّهُ لَهَدَى ٱلنَّاسَ جَمِيعًاۗ وَلَا يَزَالُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ تُصِيبُهُم بِمَا صَنَعُواْ قَارِعَةٌ أَوۡ تَحُلُّ قَرِيبًا مِّن دَارِهِمۡ حَتَّىٰ يَأۡتِيَ وَعۡدُ ٱللَّهِۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَا يُخۡلِفُ ٱلۡمِيعَادَ ٣١Ke kaloku ukuba bekukho i’Kur’ân ebeziya kuthi iintaba zisuke ngayo (ezindaweni zazo) okanye umhlaba wahlukane kubini ngayo, okanye abafileyo benziwe bathethe, (ibingenakuba yenye i’Kur’ân ngaphandle kwale). Kodwa isigqibo ngezinto zonke inene sesika-Allâh. Ingaba abo bakholwayo abakayazi na into yokuba, ukuba uAllâh Ebethanda, Ebengabakhokela bonke abantu? Kananjalo intlekele ibingazi kuyeka ukubathwaxa abo bangakholwayo ngenxa yezenzo zabo (ezingcolileyo) kungenjalo (intlekele leyo) isuke izinze emizini yabo, kude kufike isithembiso, sika-Allâh. Inene uAllâh Akasaphuli isithembiso saKhe وَلَقَدِ ٱسۡتُهۡزِئَ بِرُسُلٍ مِّن قَبۡلِكَ فَأَمۡلَيۡتُ لِلَّذِينَ كَفَرُواْ ثُمَّ أَخَذۡتُهُمۡۖ فَكَيۡفَ كَانَ عِقَابِ ٣٢Inene (baninzi) abaThunywa abagculelwayo ngaphambili kunawe (Muhammad) kodwa Ndasirhoxisa isohlwayo kwabo bangakholwayo, Ndaza ekugqibeleni Ndabohlwaya. Sabanjani ke isohlwayo saM أَفَمَنۡ هُوَ قَآئِمٌ عَلَىٰ كُلِّ نَفۡسِۭ بِمَا كَسَبَتۡۗ وَجَعَلُواْ لِلَّهِ شُرَكَآءَ قُلۡ سَمُّوهُمۡۚ أَمۡ تُنَبِّـُٔونَهُۥ بِمَا لَا يَعۡلَمُ فِي ٱلۡأَرۡضِ أَم بِظَٰهِرٍ مِّنَ ٱلۡقَوۡلِۗ بَلۡ زُيِّنَ لِلَّذِينَ كَفَرُواْ مَكۡرُهُمۡ وَصُدُّواْ عَنِ ٱلسَّبِيلِۗ وَمَن يُضۡلِلِ ٱللَّهُ فَمَا لَهُۥ مِنۡ هَادٍ ٣٣Ingaba loWo Uthabathele kuYe ulondolozo lwabantu bonke, Okwazi konke okwenziwayo [ngabantu (Angafana nazo naziphi na izithixo ezingazi nto)]? Kodwa ngoko kunjalo bayamanisa amahlulelane kuAllâh. Yithi: “Khanibatsho ngamagama abo! Ingaba niza kuchazela (uAllâh) into Angenalwazi ngayo emhlabeni okanye nenza nje umboniso wamazwi obuxoki?” Nakanye abo bangakholwayo, iyelenqe labo lenziwe lakhangeleka lilihle kubo, yaye bathintelekile (ukuba bangene) kwiNdlela ethe Tye; ke lowo uAllâh Ambeke ekulahlekeni akukho mkhokeli kuye لَّهُمۡ عَذَابٌ فِي ٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَاۖ وَلَعَذَابُ ٱلۡأٓخِرَةِ أَشَقُّۖ وَمَا لَهُم مِّنَ ٱللَّهِ مِن وَاقٍ ٣٤Okwabo sisohlwayo kubomi beli hlabathi, yaye inene sinzima isohlwayo soBomi Obuzayo yaye abanamkhuseli ngaphandle koAllâh ۞ مَّثَلُ ٱلۡجَنَّةِ ٱلَّتِي وُعِدَ ٱلۡمُتَّقُونَۖ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُۖ أُكُلُهَا دَآئِمٌ وَظِلُّهَاۚ تِلۡكَ عُقۡبَى ٱلَّذِينَ ٱتَّقَواْۚ وَّعُقۡبَى ٱلۡكَٰفِرِينَ ٱلنَّارُ ٣٥Ingcaciso yePaladesi yileyo abamoyikayo uAllâh bayibekelweyo ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, imbonelelo yayo ingunaphakade ube njalo nomthunzi wayo; esi sisiphelo sabamoyikayo uAllâh ukanti isiphelo sabangakholwayo nguMlilo وَٱلَّذِينَ ءَاتَيۡنَٰهُمُ ٱلۡكِتَٰبَ يَفۡرَحُونَ بِمَآ أُنزِلَ إِلَيۡكَۖ وَمِنَ ٱلۡأَحۡزَابِ مَن يُنكِرُ بَعۡضَهُۥۚ قُلۡ إِنَّمَآ أُمِرۡتُ أَنۡ أَعۡبُدَ ٱللَّهَ وَلَآ أُشۡرِكَ بِهِۦٓۚ إِلَيۡهِ أَدۡعُواْ وَإِلَيۡهِ مَـَٔابِ ٣٦Abo Sabanika iNcwadi bayavuyiswa koko Sikutyhile kuwe (i’Kur’ân) Kodwa phakathi kwabo balubumbano (AmaYuda nabahedeni) kukho abaphika inxalenye yako. Yithi (Muhammad): “Mna ndiyalelwe ukuba ndinqule uAllâh Yedwa, ndingayamanisi mahlulelane kuYe. Ndibiza kuYe (Yedwa) yaye kukuYe apho ndiza kubuyela khona.” وَكَذَٰلِكَ أَنزَلۡنَٰهُ حُكۡمًا عَرَبِيًّاۚ وَلَئِنِ ٱتَّبَعۡتَ أَهۡوَآءَهُم بَعۡدَ مَا جَآءَكَ مِنَ ٱلۡعِلۡمِ مَا لَكَ مِنَ ٱللَّهِ مِن وَلِيٍّ وَلَا وَاقٍ ٣٧Ke kaloku Siyithumele ngolo hlobo (i’Kur’ân) ukuba ibe lugwebo olusemagunyeni ngesiArabhu. Ukuba wena (Muhammad) unokulandela iminqweno yabo engento yanto, emva kokuba ulwazi lufikile kuwe, akuyi kuba namkhuseli ngokuchasene noAllâh وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا رُسُلًا مِّن قَبۡلِكَ وَجَعَلۡنَا لَهُمۡ أَزۡوَٰجًا وَذُرِّيَّةًۚ وَمَا كَانَ لِرَسُولٍ أَن يَأۡتِيَ بِـَٔايَةٍ إِلَّا بِإِذۡنِ ٱللَّهِۗ لِكُلِّ أَجَلٍ كِتَابٌ ٣٨Eneneni Sathumela abaThunywa phambi kwakho, Sabenzela abafazi nabantwana. Kananjalo yayingekokoMthunywa ukuza nomqondiso ngaphandle kweMvume ka-Allâh. Into nganye inommiselo (ovela kuAllâh) يَمۡحُواْ ٱللَّهُ مَا يَشَآءُ وَيُثۡبِتُۖ وَعِندَهُۥٓ أُمُّ ٱلۡكِتَٰبِ ٣٩UAllâh Ucima okoAthande ukukucima,Angqine okoAthande ukukungqina. Yaye kuYe kukho unozala weeNcwadi وَإِن مَّا نُرِيَنَّكَ بَعۡضَ ٱلَّذِي نَعِدُهُمۡ أَوۡ نَتَوَفَّيَنَّكَ فَإِنَّمَا عَلَيۡكَ ٱلۡبَلَٰغُ وَعَلَيۡنَا ٱلۡحِسَابُ ٤٠Enokuba Siyakubonisa na (Muhammad) inxalenye yoko Sibathembise ngako okanye Sikwenze ubhubhe, owakho umsebenzi kukuvakalisa (uMyalezo) kuphela, kuxhomekeke kuThi ukubamisa ematyaleni أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ أَنَّا نَأۡتِي ٱلۡأَرۡضَ نَنقُصُهَا مِنۡ أَطۡرَافِهَاۚ وَٱللَّهُ يَحۡكُمُ لَا مُعَقِّبَ لِحُكۡمِهِۦۚ وَهُوَ سَرِيعُ ٱلۡحِسَابِ ٤١Ababoni na ukuba Siyawunciphisa ngokuwunciphisa umhlaba (wabangakholwayo, ngokuthi Siwunike abakholwayo ngendlela yoloyiso kwiimfazwe) kwimida yawo. NguAllâh Ogwebayo, akukho mntu unokusibuyisela emva isigwebo saKhe, yaye Uyakhawuleza ukumisa ematyaleni وَقَدۡ مَكَرَ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡ فَلِلَّهِ ٱلۡمَكۡرُ جَمِيعًاۖ يَعۡلَمُ مَا تَكۡسِبُ كُلُّ نَفۡسٍۗ وَسَيَعۡلَمُ ٱلۡكُفَّٰرُ لِمَنۡ عُقۡبَى ٱلدَّارِ ٤٢Inene abo bangaphambili kunabo, bawaqulunqa amayelenqe, kodwa zonke izicwangciso zezika-Allâh, Nguye Okwaziyo okuza kuzuzwa ngumntu ngamnye, kwaye abangakholwayo baza kwazi okokuba iza kuba lelikabani na ikhaya (lokugqibela) elihle وَيَقُولُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لَسۡتَ مُرۡسَلًاۚ قُلۡ كَفَىٰ بِٱللَّهِ شَهِيدَۢا بَيۡنِي وَبَيۡنَكُمۡ وَمَنۡ عِندَهُۥ عِلۡمُ ٱلۡكِتَٰبِ ٤٣Kananjalo abo bangakholwayo bathi: “Wena (Muhammad) awungoMthunywa.” Yithi: “Ingqina Elanelyo phakathi kwam nani nguAllâh nabo banolwazi lweziBhalo

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.