بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
سَبَّحَ لِلَّهِ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَا فِي ٱلۡأَرۡضِۖ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ١(Konke) okusemazulwini nasemhlabeni kuzukisa uAllâh kananjalo Yena nguSobunganga, uSobulumko يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لِمَ تَقُولُونَ مَا لَا تَفۡعَلُونَ ٢Hini na nina bakholwayo, kungani na ukuba nithethe into ningayenziyo كَبُرَ مَقۡتًا عِندَ ٱللَّهِ أَن تَقُولُواْ مَا لَا تَفۡعَلُونَ ٣Ichaseke kakhulu phambi koAllâh into yokuba nithethe into eningayenziyo إِنَّ ٱللَّهَ يُحِبُّ ٱلَّذِينَ يُقَٰتِلُونَ فِي سَبِيلِهِۦ صَفًّا كَأَنَّهُم بُنۡيَٰنٌ مَّرۡصُوصٌ ٤Ke kaloku uAllâh Uyabathanda abo balwa eNdleleni yaKhe (bemi) belihlelo (umgca) babengathi basisiqu esinye esidityaniswe ngokuqinileyo وَإِذۡ قَالَ مُوسَىٰ لِقَوۡمِهِۦ يَٰقَوۡمِ لِمَ تُؤۡذُونَنِي وَقَد تَّعۡلَمُونَ أَنِّي رَسُولُ ٱللَّهِ إِلَيۡكُمۡۖ فَلَمَّا زَاغُوٓاْ أَزَاغَ ٱللَّهُ قُلُوبَهُمۡۚ وَٱللَّهُ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلۡفَٰسِقِينَ ٥Yabona uMûsâ wathi kubantu bakubo: “Hini na bantu bakuthi, nindikhubekiselani na nisazi ngokuqinisekileyo nje okokuba mna ndinguMthunywa ka-Allâh kuni?” Ke kaloku bathi besakuphambuka, uAllâh Wenza iintliziyo zabo zaphambuka. Ke kaloku uAllâh Akabakhokeli abadelelayo, abangenantobeko وَإِذۡ قَالَ عِيسَى ٱبۡنُ مَرۡيَمَ يَٰبَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ إِنِّي رَسُولُ ٱللَّهِ إِلَيۡكُم مُّصَدِّقًا لِّمَا بَيۡنَ يَدَيَّ مِنَ ٱلتَّوۡرَىٰةِ وَمُبَشِّرَۢا بِرَسُولٍ يَأۡتِي مِنۢ بَعۡدِي ٱسۡمُهُۥٓ أَحۡمَدُۖ فَلَمَّا جَآءَهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِ قَالُواْ هَٰذَا سِحۡرٌ مُّبِينٌ ٦Yabona xa u’Isâ, unyana ka Maryam, wathi: “Hini na Bantwana bakwaSirayeli, inene mna ndinguMthunywa ka- Allâh kuni, ndingqina oko kwafika ngaphambili kunam kukwiTorah, ndiniphathele iindaba ezivuyisayo zoMthunywa oza kufika emveni kwam, ogama lakhe linguAhmad.” Kodwa wathi esakufika kubo, bathi bona: “Lo ngumlingo ocacileyo.” وَمَنۡ أَظۡلَمُ مِمَّنِ ٱفۡتَرَىٰ عَلَى ٱللَّهِ ٱلۡكَذِبَ وَهُوَ يُدۡعَىٰٓ إِلَى ٱلۡإِسۡلَٰمِۚ وَٱللَّهُ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلظَّٰلِمِينَ ٧Ngubaninaintswelabulungisaegqithaoqambaokungeyonyani ngoAllâh lo gama emenyelwa kwi-Islam. Ke kaloku uAllâh Akabakhokeli abantu abangabenzi bobugwenxa يُرِيدُونَ لِيُطۡفِـُٔواْ نُورَ ٱللَّهِ بِأَفۡوَٰهِهِمۡ وَٱللَّهُ مُتِمُّ نُورِهِۦ وَلَوۡ كَرِهَ ٱلۡكَٰفِرُونَ ٨Banqwenela ukucima ukukhanya kuka-Allah, Uza kukufezekisa ukukhanya kwaKhe Yena, enokuba abangakholwayo bakuchase kangakanani na oko هُوَ ٱلَّذِيٓ أَرۡسَلَ رَسُولَهُۥ بِٱلۡهُدَىٰ وَدِينِ ٱلۡحَقِّ لِيُظۡهِرَهُۥ عَلَى ٱلدِّينِ كُلِّهِۦ وَلَوۡ كَرِهَ ٱلۡمُشۡرِكُونَ ٩NguYe Othumele uMthunywa waKhe nesiKhokelo nenkolo yenyaniso ukuba ayibonakalise ngaphezulu kweenkolo zonke, enokuba abo bangabanquli zithixo bakuchase kangakanani na oko يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ هَلۡ أَدُلُّكُمۡ عَلَىٰ تِجَٰرَةٍ تُنجِيكُم مِّنۡ عَذَابٍ أَلِيمٍ ١٠Hini na nina bakholwayo ndinganikhokeleli kunaniselwano oluya kunisindisa esohlwayweni esibuhlungu تُؤۡمِنُونَ بِٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦ وَتُجَٰهِدُونَ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ بِأَمۡوَٰلِكُمۡ وَأَنفُسِكُمۡۚ ذَٰلِكُمۡ خَيۡرٌ لَّكُمۡ إِن كُنتُمۡ تَعۡلَمُونَ ١١Kholwani kuAllâh noMthunywa waKhe nizabalaze eNdleleni ka-Allâh ngobutyebi benu nangobomi benu. Oko kokona kulungileyo kuni, ukuba benisazi يَغۡفِرۡ لَكُمۡ ذُنُوبَكُمۡ وَيُدۡخِلۡكُمۡ جَنَّٰتٍ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ وَمَسَٰكِنَ طَيِّبَةً فِي جَنَّٰتِ عَدۡنٍۚ ذَٰلِكَ ٱلۡفَوۡزُ ٱلۡعَظِيمُ ١٢Yena Uya kunixolela izono zenu, Aningenise eMiyezweni ekumpompoza imilambo phantsi kwayo nemizi emihle eMiyezweni yokuhlala ngonaphakade. Leyo ke yimpumelelo enkulu وَأُخۡرَىٰ تُحِبُّونَهَاۖ نَصۡرٌ مِّنَ ٱللَّهِ وَفَتۡحٌ قَرِيبٌۗ وَبَشِّرِ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ ١٣Kananjalo niya kuzuza olunye uBabalo kuAllâh eniya kuluthanda noloyiso, vakalisa (Muhammad) iindaba ezivuyisayo kumakholwa يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ كُونُوٓاْ أَنصَارَ ٱللَّهِ كَمَا قَالَ عِيسَى ٱبۡنُ مَرۡيَمَ لِلۡحَوَارِيِّـۧنَ مَنۡ أَنصَارِيٓ إِلَى ٱللَّهِۖ قَالَ ٱلۡحَوَارِيُّونَ نَحۡنُ أَنصَارُ ٱللَّهِۖ فَـَٔامَنَت طَّآئِفَةٌ مِّنۢ بَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ وَكَفَرَت طَّآئِفَةٌۖ فَأَيَّدۡنَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ عَلَىٰ عَدُوِّهِمۡ فَأَصۡبَحُواْ ظَٰهِرِينَ ١٤Hini na nina bakholwayo, yibani ngabancedisi baka-Allah, njengangoko u’Isâ, unyana kaMaryam wathi kubafundi bakhe: “Ngoobani na abancedisi bam kuAllâh?” Abafundi bathi: “Thina singabo abancedisi baka-Allah.” Ke kaloku iqela (elithile) kuBantwana bakwaSirayeli laya alakholwa. Thina ke Sancedisa abo bakholwayo ngokuchasene neentshaba zabo, baza baba nolongamelo