بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
يُسَبِّحُ لِلَّهِ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَا فِي ٱلۡأَرۡضِۖ لَهُ ٱلۡمُلۡكُ وَلَهُ ٱلۡحَمۡدُۖ وَهُوَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ١(Konke) okusemazulwini nasemhlabeni kuzukisa uAllâh, lolwaKhe ulongamelo kananjalo ukudunyiswa kokwaKhe, yaye Unamandla ngaphezulu kwezinto zonke هُوَ ٱلَّذِي خَلَقَكُمۡ فَمِنكُمۡ كَافِرٌ وَمِنكُم مُّؤۡمِنٌۚ وَٱللَّهُ بِمَا تَعۡمَلُونَ بَصِيرٌ ٢NguYe Owanidalayo, ukanti phakathi kwenu kukho abangakholwayo kwalapho phakathi kwenu kubekho abakholwayo. Kanti ke Yena uAllâh Uyakubona enikwenzayo خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ بِٱلۡحَقِّ وَصَوَّرَكُمۡ فَأَحۡسَنَ صُوَرَكُمۡۖ وَإِلَيۡهِ ٱلۡمَصِيرُ ٣Yena Wadala amazulu nomhlaba ngenyaniso, Wanibumba Wazifezekisa izimo zenu kwaye kukuYe apho kuza kuphelelwa khona يَعۡلَمُ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَيَعۡلَمُ مَا تُسِرُّونَ وَمَا تُعۡلِنُونَۚ وَٱللَّهُ عَلِيمُۢ بِذَاتِ ٱلصُّدُورِ ٤Uyakwazi okusemazulwini nasemhlabeni, Ekwazi kananjalo enikufihlayo nenikuchazayo, kwaye uAllâh nguMazi wokusezifubeni أَلَمۡ يَأۡتِكُمۡ نَبَؤُاْ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ مِن قَبۡلُ فَذَاقُواْ وَبَالَ أَمۡرِهِمۡ وَلَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ٥Azifikanga na iindaba zabo babengakholwa ngaphambili kunani? Bona bazingcamla iziphumo zomcimbi wabo, yaye baza kufumana isohlwayo esibuhlungu ذَٰلِكَ بِأَنَّهُۥ كَانَت تَّأۡتِيهِمۡ رُسُلُهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِ فَقَالُوٓاْ أَبَشَرٌ يَهۡدُونَنَا فَكَفَرُواْ وَتَوَلَّواْۖ وَّٱسۡتَغۡنَى ٱللَّهُۚ وَٱللَّهُ غَنِيٌّ حَمِيدٌ ٦Oko kungenxa yokuba abaThunywa babo babeye beze kubo benobungqina obucacileyo, kodwa bona bathi: “Singakhokelwa ngabantu thina kakade?” Baya abakholwa ke batshikila. Kodwa Yena uAllâh Wayengenamfuno yabo, uAllâh sisiTyebi, Ufanelwe zizo zonke iindumiso زَعَمَ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ أَن لَّن يُبۡعَثُواْۚ قُلۡ بَلَىٰ وَرَبِّي لَتُبۡعَثُنَّ ثُمَّ لَتُنَبَّؤُنَّ بِمَا عَمِلۡتُمۡۚ وَذَٰلِكَ عَلَى ٱللَّهِ يَسِيرٌ ٧Abo bangakholwayo babanga ukuba abasokuze bavuswe. Yithi wena, “Ewe, ndifunga ngeNkosi yam, niya kuvuswa ngenene, kwaye niza kuxelelwa ngokwenene ngako (konke) enakwenzayo. Kulula oko kuAllâh. Sûrah 64 At-Tagrhâbun (ILahleko nenzuzo yamacal ‘omabini) ISahluko فَـَٔامِنُواْ بِٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦ وَٱلنُّورِ ٱلَّذِيٓ أَنزَلۡنَاۚ وَٱللَّهُ بِمَا تَعۡمَلُونَ خَبِيرٌ ٨Ke kaloku kholwani kuAllâh nakuMthunywa waKhe nasekukhanyeni (i’Kur’ân) eSinithumelele kona. Kananjalo uAllâh Unolwazi ngoko nikwenzayo يَوۡمَ يَجۡمَعُكُمۡ لِيَوۡمِ ٱلۡجَمۡعِۖ ذَٰلِكَ يَوۡمُ ٱلتَّغَابُنِۗ وَمَن يُؤۡمِنۢ بِٱللَّهِ وَيَعۡمَلۡ صَٰلِحًا يُكَفِّرۡ عَنۡهُ سَيِّـَٔاتِهِۦ وَيُدۡخِلۡهُ جَنَّٰتٍ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَآ أَبَدًاۚ ذَٰلِكَ ٱلۡفَوۡزُ ٱلۡعَظِيمُ ٩NgeMini Aya kunidibanisela iMini yendibano Leyo yiMini yembandezelo. Nabani na okholwayo kuAllâh, enze izenzo ezilungileyo Yena (uAllâh) Uya kumsusela izenzo ezigwenxa kuye, Amngenise naseMiyezweni ekumpompoza kuyo imilambo ngaphantsi kwayo, apho baya kuhlala khona ngonaphakade. Leyo yiyona mpumelelo inkulu وَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَكَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِنَآ أُوْلَٰٓئِكَ أَصۡحَٰبُ ٱلنَّارِ خَٰلِدِينَ فِيهَاۖ وَبِئۡسَ ٱلۡمَصِيرُ ١٠Ke bona abo bangakholwayo baphika iiVesi zeThu abo ngamadlelane oMlilo, baya kuhlala apho kuwo ngonaphakade, hayi ububi besiphelo sabo مَآ أَصَابَ مِن مُّصِيبَةٍ إِلَّا بِإِذۡنِ ٱللَّهِۗ وَمَن يُؤۡمِنۢ بِٱللَّهِ يَهۡدِ قَلۡبَهُۥۚ وَٱللَّهُ بِكُلِّ شَيۡءٍ عَلِيمٌ ١١Akukho ntlekele ihlayo ingehli ngemvume ka-Allâh. Nabani na ke okholwayo kuAllâh uya kumkhokelela intliziyo yakhe, ke kaloku uAllâh ngumazi weento zonke وَأَطِيعُواْ ٱللَّهَ وَأَطِيعُواْ ٱلرَّسُولَۚ فَإِن تَوَلَّيۡتُمۡ فَإِنَّمَا عَلَىٰ رَسُولِنَا ٱلۡبَلَٰغُ ٱلۡمُبِينُ ١٢Thobelani uAllâh nithobele noMthunywa; kodwa ukuba niye nabuya umva ke (uxanduva) olusemagxeni oMthunywa weThu kukuvakalisa (umyalezo) ngokucacileyo ٱللَّهُ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَۚ وَعَلَى ٱللَّهِ فَلۡيَتَوَكَّلِ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ ١٣UAllâh akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Kananjalo kukuAllâh apho amakholwa makabeke ithemba lowo khona يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِنَّ مِنۡ أَزۡوَٰجِكُمۡ وَأَوۡلَٰدِكُمۡ عَدُوًّا لَّكُمۡ فَٱحۡذَرُوهُمۡۚ وَإِن تَعۡفُواْ وَتَصۡفَحُواْ وَتَغۡفِرُواْ فَإِنَّ ٱللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ١٤Hini na nina bakholwayo, inene phakathi kwabafazi benu nabantwana benu kukho abazintshaba kuni, ngoko ke balumkeleni kodwa ke ukuba niyabaxolela ninge aniboni, inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba إِنَّمَآ أَمۡوَٰلُكُمۡ وَأَوۡلَٰدُكُمۡ فِتۡنَةٌۚ وَٱللَّهُ عِندَهُۥٓ أَجۡرٌ عَظِيمٌ ١٥Ubutyebi nabantwana benu buluvavanyo (kuni) ukanti uAllâh Yena Unomvuzo omkhulu فَٱتَّقُواْ ٱللَّهَ مَا ٱسۡتَطَعۡتُمۡ وَٱسۡمَعُواْ وَأَطِيعُواْ وَأَنفِقُواْ خَيۡرًا لِّأَنفُسِكُمۡۗ وَمَن يُوقَ شُحَّ نَفۡسِهِۦ فَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُفۡلِحُونَ ١٦Yoyikani uAllâh ke kangangoko ninako, niphulaphule nithobele, ninikele (eNdleleni ka-Allâh); kuya kulunga emiphefumlweni yenu (oko). Kananjalo lowo ukhuselekileyo ebugqolweni bomphefumlo wakhe, Abanjalo ngabo abaya kuphumelela إِن تُقۡرِضُواْ ٱللَّهَ قَرۡضًا حَسَنًا يُضَٰعِفۡهُ لَكُمۡ وَيَغۡفِرۡ لَكُمۡۚ وَٱللَّهُ شَكُورٌ حَلِيمٌ ١٧Ukuba niboleke uAllâh, imboleko entle, Yena Uya (kuyibuyisa) ngokuphindeneyo kuni, Anixolele futhi. Ke kaloku uAllâh ngoYena Unombulelo noYena Unyamezelayo عَٰلِمُ ٱلۡغَيۡبِ وَٱلشَّهَٰدَةِ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ١٨UMazi wokungabonwayo, nokubonwayo, uSobunganga, uSobulumko