ملة الإسلام

السورة 102 · 8 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة التكاثر باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة التكاثر (1,279 قارئاً)
مكيةسورة التكاثر٨ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

أَلۡهَىٰكُمُ ٱلتَّكَاثُرُ ١Ukukhuphisana ngokuwanqa ubutyebi kuyaniphambukisa (ekukhonzeni uAllâh) حَتَّىٰ زُرۡتُمُ ٱلۡمَقَابِرَ ٢Nide niye kubekwa emangcwabeni كـَلَّا سَوۡفَ تَعۡلَمُونَ ٣Yeha! Kungekudala niza kwazi ثُمَّ كـَلَّا سَوۡفَ تَعۡلَمُونَ ٤Kwakhona yeha! Kungekudala niza kwazi كـَلَّا لَوۡ تَعۡلَمُونَ عِلۡمَ ٱلۡيَقِينِ ٥Yeha! Ukuba benisazi ngolwazi oluqinisekileyo (iziphumo zokuzilibazisa ngokuqokelela ubutyebi beniya kurhoxa kuloo nto, nizixakekise ngokukhonza uAllâh) لَتَرَوُنَّ ٱلۡجَحِيمَ ٦Inene niza kuwubona uMlilo odwanguzayo (wesiHogo) ثُمَّ لَتَرَوُنَّهَا عَيۡنَ ٱلۡيَقِينِ ٧Kwakhona, niya kuwubona ngamehlo okwenyani ثُمَّ لَتُسۡـَٔلُنَّ يَوۡمَئِذٍ عَنِ ٱلنَّعِيمِ ٨Kananjalo ngaloo Mini niza kubuzwa ngobumnandi (enabuxhamlayo)

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.