ملة الإسلام

السورة 19 · 98 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة مريم باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة مريم (1,467 قارئاً)
مكيةسورة مريم٩٨ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

كٓهيعٓصٓ ١Kâf-Hâ-Yâ-’Aîn-Sâd ذِكۡرُ رَحۡمَتِ رَبِّكَ عَبۡدَهُۥ زَكَرِيَّآ ٢Oku kukukhankanywa kwenceba yeNkosi yakho kwisiCaka sayo (uZakariyyâ) إِذۡ نَادَىٰ رَبَّهُۥ نِدَآءً خَفِيًّا ٣Xa wakhalayo eNkosini yakhe (uAllâh) isikhalo sasemfihlakalweni قَالَ رَبِّ إِنِّي وَهَنَ ٱلۡعَظۡمُ مِنِّي وَٱشۡتَعَلَ ٱلرَّأۡسُ شَيۡبًا وَلَمۡ أَكُنۢ بِدُعَآئِكَ رَبِّ شَقِيًّا ٤Wathi: “Nkosi yam! Inene amathambo am aluphele, neenwele ezingwevu (zandile entlokweni yam), yaye andizanga ndiphoxeke emthandazweni wam kuWe Nkosi yam وَإِنِّي خِفۡتُ ٱلۡمَوَٰلِيَ مِن وَرَآءِي وَكَانَتِ ٱمۡرَأَتِي عَاقِرًا فَهَبۡ لِي مِن لَّدُنكَ وَلِيًّا ٥Inene ndoyika abaya kulandela emva kwam, ukanti umfazi wam ludlolo, ngoko ke ndiphe indlalifa evela kuWe يَرِثُنِي وَيَرِثُ مِنۡ ءَالِ يَعۡقُوبَۖ وَٱجۡعَلۡهُ رَبِّ رَضِيًّا ٦Eza kuba yindlalifa yam, ibe yindlalifa yekhaya lam, indlu kaYa’kûb. Umenze athandeke (kuWe) Nkosi yam.” يَٰزَكَرِيَّآ إِنَّا نُبَشِّرُكَ بِغُلَٰمٍ ٱسۡمُهُۥ يَحۡيَىٰ لَمۡ نَجۡعَل لَّهُۥ مِن قَبۡلُ سَمِيًّا ٧(Kwathiwa kuye): “Hini na Zakariyyâ, Inene wena Sikunika iindaba ezivuyisayo zomntwana oyinkwenkwe ogama lakhe liya kuba nguYahyâ (uYohane). ESingazanga salinika nabani na ngaphambili kunaye (eli) gama.” قَالَ رَبِّ أَنَّىٰ يَكُونُ لِي غُلَٰمٌ وَكَانَتِ ٱمۡرَأَتِي عَاقِرًا وَقَدۡ بَلَغۡتُ مِنَ ٱلۡكِبَرِ عِتِيًّا ٨Wathi yena, “Nkosi yam, ndingaba nomntwana oyinkwenkwe njani na umfazi wam eludlolo nje, ndibe mna ndifikelele ekwaluphaleni okungaka?” قَالَ كَذَٰلِكَ قَالَ رَبُّكَ هُوَ عَلَيَّ هَيِّنٌ وَقَدۡ خَلَقۡتُكَ مِن قَبۡلُ وَلَمۡ تَكُ شَيۡـًٔا ٩(Ingelosi) yathi: “Kuya kuba njalo; Itsho iNkosi yakho, (Ithi): “Kulula kum, ngokuba Ndakudala wena ngaphambili, wabe ungento yanto.” قَالَ رَبِّ ٱجۡعَل لِّيٓ ءَايَةًۖ قَالَ ءَايَتُكَ أَلَّا تُكَلِّمَ ٱلنَّاسَ ثَلَٰثَ لَيَالٍ سَوِيًّا ١٠(UZakariyyâ) wathi, “Nkosi yam, Ndenzele umqondiso.” Wathi Yena (uAllâh), “Umqondiso wakho kukuba wena akuyi kuthetha ebantwini iintsuku ezintathu, (ngoku) uphilileyo, (ungaguli) فَخَرَجَ عَلَىٰ قَوۡمِهِۦ مِنَ ٱلۡمِحۡرَابِ فَأَوۡحَىٰٓ إِلَيۡهِمۡ أَن سَبِّحُواْ بُكۡرَةً وَعَشِيًّا ١١Waphuma ke waya kubantu bakubo esuka egumbini lakhe lokuthandazela wathetha ngezandla kubo ebaxelela ukuba mabadumise (uAllâh) ekuseni nangokuhlwa يَٰيَحۡيَىٰ خُذِ ٱلۡكِتَٰبَ بِقُوَّةٍۖ وَءَاتَيۡنَٰهُ ٱلۡحُكۡمَ صَبِيًّا ١٢(UAllâh Wathi): “Hini na Yahyâ, thabatha isiBhalo ngenyameko.” Saza Samnika (amandla) okugweba eseyinkwenkwana وَحَنَانًا مِّن لَّدُنَّا وَزَكَوٰةًۖ وَكَانَ تَقِيًّا ١٣Wathandeka (ebantwini) evela kuThi enobunyulu, emoyika uAllâh وَبَرَّۢا بِوَٰلِدَيۡهِ وَلَمۡ يَكُن جَبَّارًا عَصِيًّا ١٤Wayenenkathalongabazalibakhe,yayewayengengomgabadeli oyinjubaqa وَسَلَٰمٌ عَلَيۡهِ يَوۡمَ وُلِدَ وَيَوۡمَ يَمُوتُ وَيَوۡمَ يُبۡعَثُ حَيًّا ١٥Uxolo malube phezu kwakhe ukususela mhla wazalwa nangomhla wokubhubha kwakhe nangomhla aya kuvuswa abuyele ebomini ngawo وَٱذۡكُرۡ فِي ٱلۡكِتَٰبِ مَرۡيَمَ إِذِ ٱنتَبَذَتۡ مِنۡ أَهۡلِهَا مَكَانًا شَرۡقِيًّا ١٦Khankanya kananjalo, (Muhammad), eNcwadini [i’Kur’ân (ibali lika)] Maryam xa wamkayo kowabo waya kwindawo engaseMpuma فَٱتَّخَذَتۡ مِن دُونِهِمۡ حِجَابًا فَأَرۡسَلۡنَآ إِلَيۡهَا رُوحَنَا فَتَمَثَّلَ لَهَا بَشَرًا سَوِيًّا ١٧Ke kaloku, wathabatha umkhusane wazahlula kubo. Saza Thina Sathumela ingelosi yeThu kuye, yafika kuye ingesimo somntu oyindoda osulungekileyo قَالَتۡ إِنِّيٓ أَعُوذُ بِٱلرَّحۡمَٰنِ مِنكَ إِن كُنتَ تَقِيًّا ١٨Wathi yena: “Inene mna ndicela ukhuseleko ngoSozinceba kuwe, (hamba umke kum) ukuba uyaMoyika (ngenene) uAllâh.” قَالَ إِنَّمَآ أَنَا۠ رَسُولُ رَبِّكِ لِأَهَبَ لَكِ غُلَٰمًا زَكِيًّا ١٩Yathi yona (ingelosi): “Mna ndisiSithunywa esivela eNkosini yakho ukuza kukunika iindaba ezivuyisayo zomntwana oyinkwenkwe, onyulu.” قَالَتۡ أَنَّىٰ يَكُونُ لِي غُلَٰمٌ وَلَمۡ يَمۡسَسۡنِي بَشَرٌ وَلَمۡ أَكُ بَغِيًّا ٢٠Wathi yena, “Ndingaba nomntwana oyinkwenkwe njani na kungekho ndoda indichukumisileyo, yaye mna andizanga ndiziphathe kakubi.” قَالَ كَذَٰلِكِ قَالَ رَبُّكِ هُوَ عَلَيَّ هَيِّنٌۖ وَلِنَجۡعَلَهُۥٓ ءَايَةً لِّلنَّاسِ وَرَحۡمَةً مِّنَّاۚ وَكَانَ أَمۡرًا مَّقۡضِيًّا ٢١Yathi yona, “Kuza kuba njalo; iNkosi yakho ithi: “Kulula oko kuM, yaye Siya kumenza umqondiso ebantwini nenceba evela kuThi. Yaye (lo) ngumcimbi osele umiselwe (kwangaphambili).” ۞ فَحَمَلَتۡهُ فَٱنتَبَذَتۡ بِهِۦ مَكَانًا قَصِيًّا ٢٢Wakhawulwa, ke waza wamka waya kwindawo ekude فَأَجَآءَهَا ٱلۡمَخَاضُ إِلَىٰ جِذۡعِ ٱلنَّخۡلَةِ قَالَتۡ يَٰلَيۡتَنِي مِتُّ قَبۡلَ هَٰذَا وَكُنتُ نَسۡيًا مَّنسِيًّا ٢٣Ke kaloku iintlungu zenimba zamqhubela kwisiqu somthi wesundu. Wathi, “Yeha ke kum akwaba bendifile phambi kwako oku ndalityalwa.” فَنَادَىٰهَا مِن تَحۡتِهَآ أَلَّا تَحۡزَنِي قَدۡ جَعَلَ رَبُّكِ تَحۡتَكِ سَرِيًّا ٢٤Kodwa yena wambiza ngaphantsi kwakhe (wathi), “Musa ukuxhalaba; iNkosi yakho ikubonelele ngomlambo ezantsi kwakho وَهُزِّيٓ إِلَيۡكِ بِجِذۡعِ ٱلنَّخۡلَةِ تُسَٰقِطۡ عَلَيۡكِ رُطَبًا جَنِيًّا ٢٥Vuthululela ngakuwe isiqu somthi wesundu; uya kukuwisela iidatilisi ezintsha ezivuthiweyo phambi kwakho فَكُلِي وَٱشۡرَبِي وَقَرِّي عَيۡنًاۖ فَإِمَّا تَرَيِنَّ مِنَ ٱلۡبَشَرِ أَحَدًا فَقُولِيٓ إِنِّي نَذَرۡتُ لِلرَّحۡمَٰنِ صَوۡمًا فَلَنۡ أُكَلِّمَ ٱلۡيَوۡمَ إِنسِيًّا ٢٦Ngoko ke yitya, usele waneliseke. Ke kaloku ukuba ubonene naye nokuba ngubani na kubantu, uya kuthi: “Inene mna ndithabathe isifungo kuSozinceba sokuzila, ke andiyi kuthetha namntu namhlanje.’” فَأَتَتۡ بِهِۦ قَوۡمَهَا تَحۡمِلُهُۥۖ قَالُواْ يَٰمَرۡيَمُ لَقَدۡ جِئۡتِ شَيۡـًٔا فَرِيًّا ٢٧Waza weza naye (umntwana) kubantu bakubo, emphethe. Bathi bona, “Hini na Maryam, (Mariya) inene wenze into engenakufaniswa nanto يَٰٓأُخۡتَ هَٰرُونَ مَا كَانَ أَبُوكِ ٱمۡرَأَ سَوۡءٍ وَمَا كَانَتۡ أُمُّكِ بَغِيًّا ٢٨Hini na dade boHârûn, utata wakho wayengeyondoda yakungcola, nomama wakho wayengengomntu uziphethe kakubi.” فَأَشَارَتۡ إِلَيۡهِۖ قَالُواْ كَيۡفَ نُكَلِّمُ مَن كَانَ فِي ٱلۡمَهۡدِ صَبِيًّا ٢٩Yena wabakhombisa kuye (umntwana). Bathi bona, “Siza kuthetha njani na nosana olukwi’cradle1?’” قَالَ إِنِّي عَبۡدُ ٱللَّهِ ءَاتَىٰنِيَ ٱلۡكِتَٰبَ وَجَعَلَنِي نَبِيًّا ٣٠U’Isâ, (uYesu)] wathi, “Mna ndisisiCaka sika-Allâh. Undinike isiBhalo, Wandenza uMprofeti وَجَعَلَنِي مُبَارَكًا أَيۡنَ مَا كُنتُ وَأَوۡصَٰنِي بِٱلصَّلَوٰةِ وَٱلزَّكَوٰةِ مَا دُمۡتُ حَيًّا ٣١Kananjalo Undenze ndasikeleleka naphi na apho ndikhoyo Waza Wayalela umthandazo kum namalizo (ebomini bam) ndisaphila وَبَرَّۢا بِوَٰلِدَتِي وَلَمۡ يَجۡعَلۡنِي جَبَّارًا شَقِيًّا ٣٢Undenze ndanenkathalo kumama wam, yaye Akandenzanga ndaba sisingcoli somgabadeli وَٱلسَّلَٰمُ عَلَيَّ يَوۡمَ وُلِدتُّ وَيَوۡمَ أَمُوتُ وَيَوۡمَ أُبۡعَثُ حَيًّا ٣٣Uxolo luphezu kwam mhla ndazalwa namhla ndifayo namhla ndiya kuvuselwa ebomini.” ذَٰلِكَ عِيسَى ٱبۡنُ مَرۡيَمَۖ قَوۡلَ ٱلۡحَقِّ ٱلَّذِي فِيهِ يَمۡتَرُونَ ٣٤Lowo ngu’Isâ (uYesu) unyana kaMaryam lilizwi lenyaniso elo baphikisana ngalo مَا كَانَ لِلَّهِ أَن يَتَّخِذَ مِن وَلَدٍۖ سُبۡحَٰنَهُۥٓۚ إِذَا قَضَىٰٓ أَمۡرًا فَإِنَّمَا يَقُولُ لَهُۥ كُن فَيَكُونُ ٣٥Ayikokuka-Allâh ukuba Athabathe (Azale) unyana, Makazukiswe Yena. Xa emisela into Usuka Athi kuyo, “Yibakho”, ibekho وَإِنَّ ٱللَّهَ رَبِّي وَرَبُّكُمۡ فَٱعۡبُدُوهُۚ هَٰذَا صِرَٰطٌ مُّسۡتَقِيمٌ ٣٦(U’Isâ wathi), “Inene, uAllâh yiNkosi yam ekwayiNkosi yenu, ngoko ke khonzani Yena. Leyo yiNdlela ethe Tye فَٱخۡتَلَفَ ٱلۡأَحۡزَابُ مِنۢ بَيۡنِهِمۡۖ فَوَيۡلٌ لِّلَّذِينَ كَفَرُواْ مِن مَّشۡهَدِ يَوۡمٍ عَظِيمٍ ٣٧Zaza iimvaba zahlukana phakathi kwazo (ngokunxulumene no’Isâ), Yeha ke kwabo bangakholwayo kwindibano yeMini eNkulu أَسۡمِعۡ بِهِمۡ وَأَبۡصِرۡ يَوۡمَ يَأۡتُونَنَا لَٰكِنِ ٱلظَّٰلِمُونَ ٱلۡيَوۡمَ فِي ضَلَٰلٍ مُّبِينٍ ٣٨Baya kuva babone ngokucace gca. Mini baya kuza kuThi, kodwa abenzi bobugwenxa namhlanje basekulahlekeni ngokucacileyo وَأَنذِرۡهُمۡ يَوۡمَ ٱلۡحَسۡرَةِ إِذۡ قُضِيَ ٱلۡأَمۡرُ وَهُمۡ فِي غَفۡلَةٍ وَهُمۡ لَا يُؤۡمِنُونَ ٣٩Balumkise ke ngoko (Muhammad) ngeMini yonxunguphalo nokuzisola, usakuba umcimbi sele kugqityiwe ngawo, okwakaloku nje basekwimo yokungakhathali yaye abakholwa إِنَّا نَحۡنُ نَرِثُ ٱلۡأَرۡضَ وَمَنۡ عَلَيۡهَا وَإِلَيۡنَا يُرۡجَعُونَ ٤٠Inene Thina Siya kuwudla ilifa umhlaba nako konke okuphezu kwawo Yaye kukuThi apho baza kubuyela khona bonke وَٱذۡكُرۡ فِي ٱلۡكِتَٰبِ إِبۡرَٰهِيمَۚ إِنَّهُۥ كَانَ صِدِّيقًا نَّبِيًّا ٤١Khankanya eNcwadini (i’Kur’ân) uIbrâhîm (uAbraham). Inene yena waye eyindoda enenyaniso, enguMprofeti إِذۡ قَالَ لِأَبِيهِ يَٰٓأَبَتِ لِمَ تَعۡبُدُ مَا لَا يَسۡمَعُ وَلَا يُبۡصِرُ وَلَا يُغۡنِي عَنكَ شَيۡـًٔا ٤٢Xa wathi kutata wakhe, “Hini na tata wam! Kungani na ukuba ukhonze into engevayo, engaboniyo nakubona يَٰٓأَبَتِ إِنِّي قَدۡ جَآءَنِي مِنَ ٱلۡعِلۡمِ مَا لَمۡ يَأۡتِكَ فَٱتَّبِعۡنِيٓ أَهۡدِكَ صِرَٰطًا سَوِيًّا ٤٣Hini na tata wam, inene kufike ulwazi kum olungafikanga kuwe, ngoko ke landela mna; Mna ndiya kukukhokelela eNdleleni ethe Tye يَٰٓأَبَتِ لَا تَعۡبُدِ ٱلشَّيۡطَٰنَۖ إِنَّ ٱلشَّيۡطَٰنَ كَانَ لِلرَّحۡمَٰنِ عَصِيًّا ٤٤Hini na tata wam, musa ukunqula (ukuthobela) uShaytân (uSathana). Inene uShaytân wahlala kuSozinceba engongathobeliyo يَٰٓأَبَتِ إِنِّيٓ أَخَافُ أَن يَمَسَّكَ عَذَابٌ مِّنَ ٱلرَّحۡمَٰنِ فَتَكُونَ لِلشَّيۡطَٰنِ وَلِيًّا ٤٥Hini na tata wam, inene ndinoloyiko lokuba ngahle isohlwayo esivela kuSozinceba sikufumane, ukuze ube ngumhlobo kaShaytân (eMlilweni wesiHogo).” قَالَ أَرَاغِبٌ أَنتَ عَنۡ ءَالِهَتِي يَٰٓإِبۡرَٰهِيمُۖ لَئِن لَّمۡ تَنتَهِ لَأَرۡجُمَنَّكَۖ وَٱهۡجُرۡنِي مَلِيًّا ٤٦(Uyise) wathi, “Ingaba uyabala na oothixo bam, Hini na Ibrâhîm? Ukuba awuyiyeki loo nto, inene mna ndiya kukuxuluba ngamatye, ngoko ke hamba umke kum usasindile (ndingekade ndikohlwaye).” قَالَ سَلَٰمٌ عَلَيۡكَۖ سَأَسۡتَغۡفِرُ لَكَ رَبِّيٓۖ إِنَّهُۥ كَانَ بِي حَفِيًّا ٤٧UIbrâhîm wathi, “Uxolo malube nawe! Ndiya kukucelela itarhu eNkosini yam. Inene Yona kum Ihlala InguSozinceba وَأَعۡتَزِلُكُمۡ وَمَا تَدۡعُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ وَأَدۡعُواْ رَبِّي عَسَىٰٓ أَلَّآ أَكُونَ بِدُعَآءِ رَبِّي شَقِيًّا ٤٨Kananjalo ndiya kumka kuwe nakwabo ubanqulayo ngaphandle koAllâh. Yaye ndiya kuthandaza eNkosini yam ndithemba kananjalo okokuba andiyi kuphoxakala kwisicelo sam eNkosini yam.” فَلَمَّا ٱعۡتَزَلَهُمۡ وَمَا يَعۡبُدُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ وَهَبۡنَا لَهُۥٓ إِسۡحَٰقَ وَيَعۡقُوبَۖ وَكُلًّا جَعَلۡنَا نَبِيًّا ٤٩Wathi ke esakuba emkile kubo nakwabo babebanqula ngaphandle koAllâh, Samnika uIs-hâ’k (uIsake) noYa’kûb (uYakobi) yaye ngamnye kubo simenze waba nguMprofeti وَوَهَبۡنَا لَهُم مِّن رَّحۡمَتِنَا وَجَعَلۡنَا لَهُمۡ لِسَانَ صِدۡقٍ عَلِيًّا ٥٠Kananjalo sabenzela inceba yeThu, Sabapha intlonipheko ezilwimini (zabantu bonke) وَٱذۡكُرۡ فِي ٱلۡكِتَٰبِ مُوسَىٰٓۚ إِنَّهُۥ كَانَ مُخۡلَصًا وَكَانَ رَسُولًا نَّبِيًّا ٥١Ukhankanye kananjalo eNcwadini, uMûsâ (uMoses), inene yena wayonyuliwe, yaye waye enguMthunywa enguMprofeti وَنَٰدَيۡنَٰهُ مِن جَانِبِ ٱلطُّورِ ٱلۡأَيۡمَنِ وَقَرَّبۡنَٰهُ نَجِيًّا ٥٢Ke kaloku yena Sambiza kwicala elingasekunene lentaba, Samsondezela, kufutshane kuThi ukuze Sithethe naye وَوَهَبۡنَا لَهُۥ مِن رَّحۡمَتِنَآ أَخَاهُ هَٰرُونَ نَبِيًّا ٥٣Kananjalo Samnika ngenceba yeThu umntakwabo uHârûn (uAron) ukuba abe nguMprofeti وَٱذۡكُرۡ فِي ٱلۡكِتَٰبِ إِسۡمَٰعِيلَۚ إِنَّهُۥ كَانَ صَادِقَ ٱلۡوَعۡدِ وَكَانَ رَسُولًا نَّبِيًّا ٥٤Ukhankanye kananjalo eNcwadini (i’Kur’ân), uIsmâ’îl. Inene yena wayenyaniseka kwisithembiso sakhe, kanti wayenguMthunywa enguye noMprofeti وَكَانَ يَأۡمُرُ أَهۡلَهُۥ بِٱلصَّلَوٰةِ وَٱلزَّكَوٰةِ وَكَانَ عِندَ رَبِّهِۦ مَرۡضِيًّا ٥٥Wayedla ngokuyalela umthandazo kubantu bakubo neZakâh ukanti wayethandeka eNkosini yakhe وَٱذۡكُرۡ فِي ٱلۡكِتَٰبِ إِدۡرِيسَۚ إِنَّهُۥ كَانَ صِدِّيقًا نَّبِيًّا ٥٦Khankanya kananjalo eNcwadini (i’Kur’ân) uIdrîs (uEnoki), inene yena waye eyindoda enenyaniso, enguMprofeti وَرَفَعۡنَٰهُ مَكَانًا عَلِيًّا ٥٧Ke kaloku Samphakamisela kumgangatho ophakamileyo أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ أَنۡعَمَ ٱللَّهُ عَلَيۡهِم مِّنَ ٱلنَّبِيِّـۧنَ مِن ذُرِّيَّةِ ءَادَمَ وَمِمَّنۡ حَمَلۡنَا مَعَ نُوحٍ وَمِن ذُرِّيَّةِ إِبۡرَٰهِيمَ وَإِسۡرَٰٓءِيلَ وَمِمَّنۡ هَدَيۡنَا وَٱجۡتَبَيۡنَآۚ إِذَا تُتۡلَىٰ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتُ ٱلرَّحۡمَٰنِ خَرُّواْۤ سُجَّدًاۤ وَبُكِيًّا ۩ ٥٨Abo ke ngabo uAllâh Wathululela phezu kwabo uBabalo lwaKhe phakathi kwabaProfeti abayinzala ka-Adam nabo bathwalwa yinqanawa bekunye noNûh (uNowa) nabayinzala kaIbrâhîm (uAbraham) noSirayeli (UYa’kûb), neyabo Sabakhokelayo Sabakhetha. Zazisithi iiVesi zikaSozinceba zisakucengcelezwa kubo, bawe baqubude balile ۞ فَخَلَفَ مِنۢ بَعۡدِهِمۡ خَلۡفٌ أَضَاعُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَٱتَّبَعُواْ ٱلشَّهَوَٰتِۖ فَسَوۡفَ يَلۡقَوۡنَ غَيًّا ٥٩Kodwa kwavela emva kwabo abalandeli (izizukulwana zamva) abaye abayinonophela iSalâh basuka balandela iinkanuko (zabo) ngenxa yoko ke baza kugagana nokungcola إِلَّا مَن تَابَ وَءَامَنَ وَعَمِلَ صَٰلِحًا فَأُوْلَٰٓئِكَ يَدۡخُلُونَ ٱلۡجَنَّةَ وَلَا يُظۡلَمُونَ شَيۡـًٔا ٦٠Ngaphandle kwabo baguqukayo, bakholwe, benze izenzo zobulungisa; okwabo iya kuba kukungeniswa ePaladesi yaye abayi kwenziwa bugwenxa konke- konke جَنَّٰتِ عَدۡنٍ ٱلَّتِي وَعَدَ ٱلرَّحۡمَٰنُ عِبَادَهُۥ بِٱلۡغَيۡبِۚ إِنَّهُۥ كَانَ وَعۡدُهُۥ مَأۡتِيًّا ٦١(Apho kukho) iMiyezo yokuhlala ngonaphakade leyo ingabonakaliyo uSozinceba Athembise ngayo izicaka zaKhe. Inene esaKhe isithembiso kunyanzelekile sizaliseke لَّا يَسۡمَعُونَ فِيهَا لَغۡوًا إِلَّا سَلَٰمًاۖ وَلَهُمۡ رِزۡقُهُمۡ فِيهَا بُكۡرَةً وَعَشِيًّا ٦٢Abayi kuva ntetho yakungcola apho ngaphandle (kombuliso) woxolo yaye baza kufumana isixhaso sabo apho, ekuseni nasemva kwemini تِلۡكَ ٱلۡجَنَّةُ ٱلَّتِي نُورِثُ مِنۡ عِبَادِنَا مَن كَانَ تَقِيًّا ٦٣Leyo ke yiPaladesi, eSiphisa ngayo njengelifa kwabo bazizicaka zeThu abaMoyikayo uAllâh وَمَا نَتَنَزَّلُ إِلَّا بِأَمۡرِ رَبِّكَۖ لَهُۥ مَا بَيۡنَ أَيۡدِينَا وَمَا خَلۡفَنَا وَمَا بَيۡنَ ذَٰلِكَۚ وَمَا كَانَ رَبُّكَ نَسِيًّا ٦٤(UJibrîl wathi): “Ke thina asihli (size emhlabeni) ngaphandle kwemvume yeNkosi yakho. OkwaYo koko kuphambi kwethu noko kungemva kwethu nokuphakathi apho. Ukanti iNkosi yakho Ayikhe Ilibale رَّبُّ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَمَا بَيۡنَهُمَا فَٱعۡبُدۡهُ وَٱصۡطَبِرۡ لِعِبَٰدَتِهِۦۚ هَلۡ تَعۡلَمُ لَهُۥ سَمِيًّا ٦٥INkosi yamazulu nomhlaba noko kungaphakathi kwawo Ke ngoko nqula Yona ube nomonde kunqulo lwaYo. Ingaba ikhona into oyaziyo efana naYo kusini na?” وَيَقُولُ ٱلۡإِنسَٰنُ أَءِذَا مَا مِتُّ لَسَوۡفَ أُخۡرَجُ حَيًّا ٦٦Ke kaloku umntu (ongakholwayo) uthi, “Ndisakuba ndifile, ingaba ndiza kuphinda ndibuyiselwe ebomini?” أَوَلَا يَذۡكُرُ ٱلۡإِنسَٰنُ أَنَّا خَلَقۡنَٰهُ مِن قَبۡلُ وَلَمۡ يَكُ شَيۡـًٔا ٦٧Kanti umntu lo akakhumbuli na ukuba Samdala ngaphambili, lo gama wayengeyonto فَوَرَبِّكَ لَنَحۡشُرَنَّهُمۡ وَٱلشَّيَٰطِينَ ثُمَّ لَنُحۡضِرَنَّهُمۡ حَوۡلَ جَهَنَّمَ جِثِيًّا ٦٨Ngoko (Ndifunga) ngeNkosi yakho, ngokuqinisekileyo Siya kubaqokelela nooSathana, Size sibenze babekhona bajikeleze isiHogo ngamadolo abo ثُمَّ لَنَنزِعَنَّ مِن كُلِّ شِيعَةٍ أَيُّهُمۡ أَشَدُّ عَلَى ٱلرَّحۡمَٰنِ عِتِيًّا ٦٩Ke kaloku Siya kukhupha kwimvaba nganye abo yayingabona babengcole kakhulu ngokuchasene noSozinceba benendelelo ثُمَّ لَنَحۡنُ أَعۡلَمُ بِٱلَّذِينَ هُمۡ أَوۡلَىٰ بِهَا صِلِيًّا ٧٠Inene SiThi ababazi kakhulu abo bafanelwe kukutsha apho وَإِن مِّنكُمۡ إِلَّا وَارِدُهَاۚ كَانَ عَلَىٰ رَبِّكَ حَتۡمًا مَّقۡضِيًّا ٧١Yaye akukho namnye kuni (ongumenzi wobubi) ongazi kudlula kuwo (uMlilo)4 Oku kuxhomekeke eNkosini yakho yaye sele kumiselwe kungenakubuya kujike ثُمَّ نُنَجِّي ٱلَّذِينَ ٱتَّقَواْ وَّنَذَرُ ٱلظَّٰلِمِينَ فِيهَا جِثِيًّا ٧٢Kekaloku SiyakubasindisaabobaMoyikayouAllâh, Sibayeke abenzi bobubi apho phakathi kuwo, beguqe ngamadolo وَإِذَا تُتۡلَىٰ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتُنَا بَيِّنَٰتٍ قَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لِلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ أَيُّ ٱلۡفَرِيقَيۡنِ خَيۡرٌ مَّقَامًا وَأَحۡسَنُ نَدِيًّا ٧٣Xa iivesi zeThu zicengcelezwa kubo njengobungqina obucacileyo, abo bangakholwayo, (basuke bathi): “Liliphi kula maqela (ethu) mabini elilelona linezinto (ubutyebi) nelilelona likhulu ngokwabalandeli وَكَمۡ أَهۡلَكۡنَا قَبۡلَهُم مِّن قَرۡنٍ هُمۡ أَحۡسَنُ أَثَٰثًا وَرِءۡيًا ٧٤Kanti zingaphi izizukulwana eSazitshabalisayo ngaphambili kunabo ezazinezinto ngcono kunabo (nezazingcono kunabo) ngembonakalo قُلۡ مَن كَانَ فِي ٱلضَّلَٰلَةِ فَلۡيَمۡدُدۡ لَهُ ٱلرَّحۡمَٰنُ مَدًّاۚ حَتَّىٰٓ إِذَا رَأَوۡاْ مَا يُوعَدُونَ إِمَّا ٱلۡعَذَابَ وَإِمَّا ٱلسَّاعَةَ فَسَيَعۡلَمُونَ مَنۡ هُوَ شَرٌّ مَّكَانًا وَأَضۡعَفُ جُندًا ٧٥Yithi (Muhammad) Nabani na lowo uphambukileyo, uSozincebamakamolulele(ngokumandiselaubutyebinexesha lokuphila) bade bakubone oko babesoloko bethenjiswa ngako okungaba sisohlwayo okanye ibe yiYure, baza kwazi okokuba ngubani na okwimeko emaxongo, ingubani na ekungekho yakhe ngokwemikhosi وَيَزِيدُ ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ ٱهۡتَدَوۡاْ هُدًىۗ وَٱلۡبَٰقِيَٰتُ ٱلصَّٰلِحَٰتُ خَيۡرٌ عِندَ رَبِّكَ ثَوَابًا وَخَيۡرٌ مَّرَدًّا ٧٦Ke Yena uAllâh Wandisela isiKhokelo abo bahamba ngokulungileyo. Ke kaloku imisebenzi yobulungisa engaphelelwayo ingcono eNkosini yakho, ngokomvuzo yaye kungcono ukubhenela (kuYo) أَفَرَءَيۡتَ ٱلَّذِي كَفَرَ بِـَٔايَٰتِنَا وَقَالَ لَأُوتَيَنَّ مَالًا وَوَلَدًا ٧٧Umbonile na lowo ungakholwayo kwiiVesi zeThu, xa esithi, “Inene mna ndiya kunikwa ubutyebi nabantwana (kuBomi oBuzayo)?” أَطَّلَعَ ٱلۡغَيۡبَ أَمِ ٱتَّخَذَ عِندَ ٱلرَّحۡمَٰنِ عَهۡدًا ٧٨Ingaba ebekhe wakroba kokungabonwayo na, okanye uthabathe isithembiso kuSozinceba كـَلَّاۚ سَنَكۡتُبُ مَا يَقُولُ وَنَمُدُّ لَهُۥ مِنَ ٱلۡعَذَابِ مَدًّا ٧٩Nakanye! Siya kukubhala oko akuthethayo Size Simongezelele isohlwayo eside وَنَرِثُهُۥ مَا يَقُولُ وَيَأۡتِينَا فَرۡدًا ٨٠Yaye Siya kumaba (okwelifa ukubhubha kwakhe) [uza kushiya] konke oko athetha ngako (ubutyebi nabantwana eSimnike bona kweli hlabathi), aze afike eyedwa (jwi) kuThi وَٱتَّخَذُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ ءَالِهَةً لِّيَكُونُواْ لَهُمۡ عِزًّا ٨١Kananjalo bazithabathele (oothixo bobuxoki) ngaphandle koAllâh ukwenzela ukuba oko kubanike intlonipheko كـَلَّاۚ سَيَكۡفُرُونَ بِعِبَادَتِهِمۡ وَيَكُونُونَ عَلَيۡهِمۡ ضِدًّا ٨٢Nakanye! (abo thixo babo) baza kuluphika unqulo lwabo baze bachasane nabo (ngoMhla wokuGqibela) أَلَمۡ تَرَ أَنَّآ أَرۡسَلۡنَا ٱلشَّيَٰطِينَ عَلَى ٱلۡكَٰفِرِينَ تَؤُزُّهُمۡ أَزًّا ٨٣Akuboni na ukuba Sithumele amaShayâtini (ooSathana) kwabangakholwayo, ababaphembelela ukwenza ukungcola ngempembelelo (eyenzeka rhoqo) فَلَا تَعۡجَلۡ عَلَيۡهِمۡۖ إِنَّمَا نَعُدُّ لَهُمۡ عَدًّا ٨٤Ke wena musa ukungxama ngabo. Thina Sibabalela inani (elingephi leminyaka yokuphela kobomi babo kweli hlabathi) يَوۡمَ نَحۡشُرُ ٱلۡمُتَّقِينَ إِلَى ٱلرَّحۡمَٰنِ وَفۡدًا ٨٥NgeMini esiya kuqokelela amalungisa kuSozinceba abe ligqiza وَنَسُوقُ ٱلۡمُجۡرِمِينَ إِلَىٰ جَهَنَّمَ وِرۡدًا ٨٦Ke kaloku Siya kuqhubela abaphuli-mthetho esiHogweni benxaniwe (okweenkomo ezindilelwa emanzini ukuba ziye kusela) لَّا يَمۡلِكُونَ ٱلشَّفَٰعَةَ إِلَّا مَنِ ٱتَّخَذَ عِندَ ٱلرَّحۡمَٰنِ عَهۡدًا ٨٧Akukho namnye oya kuba (namandla) akucenga ngaphandle kwalowo uthabathe umnqophiso kuSozinceba وَقَالُواْ ٱتَّخَذَ ٱلرَّحۡمَٰنُ وَلَدًا ٨٨Kananjalo bathi, “USozinceba Uthabathe (uzele) unyana.” لَّقَدۡ جِئۡتُمۡ شَيۡـًٔا إِدًّا ٨٩Inene, nenze eyona nto imbi تَكَادُ ٱلسَّمَٰوَٰتُ يَتَفَطَّرۡنَ مِنۡهُ وَتَنشَقُّ ٱلۡأَرۡضُ وَتَخِرُّ ٱلۡجِبَالُ هَدًّا ٩٠Amazulu anga angakrazuka, nomhlaba unga ungahlukana neentaba zidilike ziphasalake أَن دَعَوۡاْ لِلرَّحۡمَٰنِ وَلَدًا ٩١Into yokuba babalele unyana kuSozinceba (uAllâh) وَمَا يَنۢبَغِي لِلرَّحۡمَٰنِ أَن يَتَّخِذَ وَلَدًا ٩٢Kodwa asinto ifanelekileyo kuSozinceba ukuba Abe nonyana إِن كُلُّ مَن فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ إِلَّآ ءَاتِي ٱلرَّحۡمَٰنِ عَبۡدًا ٩٣Akukho namnye emazulwini nasemhlabeni ongazi kuSozinceba ukuba abe sisicaka (saKhe) لَّقَدۡ أَحۡصَىٰهُمۡ وَعَدَّهُمۡ عَدًّا ٩٤Inene (uAllâh) Wazi umntu ngamnye kubo, yaye Ubabalile ngobalo olupheleleyo وَكُلُّهُمۡ ءَاتِيهِ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ فَرۡدًا ٩٥Yaye ngamnye kubo uya kuza kuYe (uAllâh ) eyedwa ngoMhla woVuko إِنَّ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ سَيَجۡعَلُ لَهُمُ ٱلرَّحۡمَٰنُ وُدًّا ٩٦Inene, abo bakholwayo benze izenzo zobulungisa, uSolubabalo Uya kubanika uthando فَإِنَّمَا يَسَّرۡنَٰهُ بِلِسَانِكَ لِتُبَشِّرَ بِهِ ٱلۡمُتَّقِينَ وَتُنذِرَ بِهِۦ قَوۡمًا لُّدًّا ٩٧Ke ngoko Thina Senze le (‘Kur’ân) yaba lula elwimini lwakho khon’ukuze unike iindaba ezivuyisayo kwabo bamoyikayo uAllâh, ulumkise kananjalo ngayo abachasi وَكَمۡ أَهۡلَكۡنَا قَبۡلَهُم مِّن قَرۡنٍ هَلۡ تُحِسُّ مِنۡهُم مِّنۡ أَحَدٍ أَوۡ تَسۡمَعُ لَهُمۡ رِكۡزَۢا ٩٨Kanti zingaphi izizukulwana phambi kwabo eSazitshabalalisayo! Ingaba ungafumana nokuba mnye kuzo okanye uve nokuba kukusebeza kwabo (izizukulwana ezatshatyalaliswayo)

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.