Millat al-Islam

Chapter 87 · 19 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Al-Ala in Xhosa

Arabic with tafsir Listen to Surah Al-Ala (1421 reciters)
Meccanسورة الأعلى19 verses

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

سَبِّحِ ٱسۡمَ رَبِّكَ ٱلۡأَعۡلَى ١Zukisa igama leNkosi, UMlondolozi, Ophakamileyo ٱلَّذِي خَلَقَ فَسَوَّىٰ ٢Odale, Wacwangcisa ngokupheleleyo وَٱلَّذِي قَدَّرَ فَهَدَىٰ ٣Owise (umthetho), Wanika isiKhokelo وَٱلَّذِيٓ أَخۡرَجَ ٱلۡمَرۡعَىٰ ٤Ovelise amadlelo aluhlaza فَجَعَلَهُۥ غُثَآءً أَحۡوَىٰ ٥Aphinde awaguqule, Awenze atshazwe سَنُقۡرِئُكَ فَلَا تَنسَىٰٓ ٦Siyakukufundisawena(Muhammadi’Kur’ân) ngamanqanaba ukuze ungalibali إِلَّا مَا شَآءَ ٱللَّهُۚ إِنَّهُۥ يَعۡلَمُ ٱلۡجَهۡرَ وَمَا يَخۡفَىٰ ٧Ngaphandle koko uAllâh Athande (ukuba ukulibale). Inene Yena Uyakwazi okubonakalayo nokungabonakaliyo وَنُيَسِّرُكَ لِلۡيُسۡرَىٰ ٨Siya kukwenzela lula indlela yakho ukuze kube lula (ukushumayela i-Islam) فَذَكِّرۡ إِن نَّفَعَتِ ٱلذِّكۡرَىٰ ٩Ngoko ke nika isilumkiso eluntwini kuba isilumkiso siluncedo سَيَذَّكَّرُ مَن يَخۡشَىٰ ١٠Uya kusiphulaphula onoloyiko وَيَتَجَنَّبُهَا ٱلۡأَشۡقَى ١١Kodwa asiyi kuhoywa ngonelishwa ٱلَّذِي يَصۡلَى ٱلنَّارَ ٱلۡكُبۡرَىٰ ١٢Yena lowo uya kungeniswa kuMlilokazi omkhulu ثُمَّ لَا يَمُوتُ فِيهَا وَلَا يَحۡيَىٰ ١٣Akayi kufa apho engayi kuphila قَدۡ أَفۡلَحَ مَن تَزَكَّىٰ ١٤Inene uyaphumelela ozihlambululayo وَذَكَرَ ٱسۡمَ رَبِّهِۦ فَصَلَّىٰ ١٥(Ohlala) ekhumbula igama leNkosi yakhe athandaze nokuthandaza بَلۡ تُؤۡثِرُونَ ٱلۡحَيَوٰةَ ٱلدُّنۡيَا ١٦Kodwa nina nikhetha ubomi beli hlabathi وَٱلۡأٓخِرَةُ خَيۡرٌ وَأَبۡقَىٰٓ ١٧Nangona uBomi Obuzayo ibobona bulungileyo bungenaso nasiphelo إِنَّ هَٰذَا لَفِي ٱلصُّحُفِ ٱلۡأُولَىٰ ١٨Inene oku kukwiziBhalo zokuqala صُحُفِ إِبۡرَٰهِيمَ وَمُوسَىٰ ١٩IziBhalo zikaIbrâhîm noMûsâ

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.