Millat al-Islam

Chapter 86 · 17 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah At-Tariq in Xhosa

Arabic with tafsir Listen to Surah At-Tariq (1312 reciters)
Meccanسورة الطارق17 verses

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

وَٱلسَّمَآءِ وَٱلطَّارِقِ ١Ndifunga ngesibhakabhaka nangondwendwe lwasebusuku (inkwenkwezi ekhazimla kakhulu) وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا ٱلطَّارِقُ ٢Yintoni na enokukucacisela okokuba undwendwe lwasebusuku yintoni na ٱلنَّجۡمُ ٱلثَّاقِبُ ٣Yinkwenkwezi ekukhazimla kwayo kugqobhozelayo إِن كُلُّ نَفۡسٍ لَّمَّا عَلَيۡهَا حَافِظٌ ٤Umphefumlo ngamnye unomkhuseli phezu kwawo فَلۡيَنظُرِ ٱلۡإِنسَٰنُ مِمَّ خُلِقَ ٥Ngoko ke umntu makajonge ukuba udalwe ngantoni na خُلِقَ مِن مَّآءٍ دَافِقٍ ٦Udalwe ngamanzi atsawulayo يَخۡرُجُ مِنۢ بَيۡنِ ٱلصُّلۡبِ وَٱلتَّرَآئِبِ ٧Avela phakathi komqolo neembambo إِنَّهُۥ عَلَىٰ رَجۡعِهِۦ لَقَادِرٌ ٨Inene uAllâh Uyakwazi ukuphinda ambuyisele (ebomini) kwakhona يَوۡمَ تُبۡلَى ٱلسَّرَآئِرُ ٩NgeMini apho iimfihlelo ziya kuvavanywa فَمَا لَهُۥ مِن قُوَّةٍ وَلَا نَاصِرٍ ١٠Ngoko (umntu) akayi kuba namandla engayi kuba namncedisi وَٱلسَّمَآءِ ذَاتِ ٱلرَّجۡعِ ١١Ndifunga ngesibhakabhaka (esiza nemvula) siphindaphinde وَٱلۡأَرۡضِ ذَاتِ ٱلصَّدۡعِ ١٢Nangomhlaba ocazulukayo (xa kuhluma uhlaza kuwo) إِنَّهُۥ لَقَوۡلٌ فَصۡلٌ ١٣Inene le (‘Kur’ân) liLizwi elihluza (inyani ebuxokini) وَمَا هُوَ بِٱلۡهَزۡلِ ١٤Yaye asiyonto yokonwabisa إِنَّهُمۡ يَكِيدُونَ كَيۡدًا ١٥Inene bona baqulunqa iyelenqe ngawe (Muhammad) وَأَكِيدُ كَيۡدًا ١٦Kanti naM (oku kwaM) Ndiqulunqa icebo (ngokuchasene nabo) فَمَهِّلِ ٱلۡكَٰفِرِينَ أَمۡهِلۡهُمۡ رُوَيۡدَۢا ١٧Khawubayekelele abangakholwayo, ubaphathe ngobunono okwethutyana

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.