Millat al-Islam

Chapter 76 · 31 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Al-Insan in Xhosa

Arabic with tafsir Listen to Surah Al-Insan (1352 reciters)
Medinanسورة الإنسان31 verses

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

هَلۡ أَتَىٰ عَلَى ٱلۡإِنسَٰنِ حِينٌ مِّنَ ٱلدَّهۡرِ لَمۡ يَكُن شَيۡـًٔا مَّذۡكُورًا ١Ingaba akuzanga khe kubekho xesha na emntwini apho waye eyinto engafanelanga kukhankanywa na إِنَّا خَلَقۡنَا ٱلۡإِنسَٰنَ مِن نُّطۡفَةٍ أَمۡشَاجٍ نَّبۡتَلِيهِ فَجَعَلۡنَٰهُ سَمِيعَۢا بَصِيرًا ٢Inene Samdala UMntu ngomxube weqabaza lembewu yomntu khon’ukuze Simvavanye; kananjalo Samenzela ukuva nokubona إِنَّا هَدَيۡنَٰهُ ٱلسَّبِيلَ إِمَّا شَاكِرًا وَإِمَّا كَفُورًا ٣Samkhokela eNdleleni, nokuba uyabulela na okanye akabuleli إِنَّآ أَعۡتَدۡنَا لِلۡكَٰفِرِينَ سَلَٰسِلَاْ وَأَغۡلَٰلًا وَسَعِيرًا ٤Kananjalo Silungiselele abangakholwayo amakhonkco namakhamandela neDangatya إِنَّ ٱلۡأَبۡرَارَ يَشۡرَبُونَ مِن كَأۡسٍ كَانَ مِزَاجُهَا كَافُورًا ٥Inene wona amalungisa aya kusela indebe (yewayini) exutywe neKâfûr عَيۡنًا يَشۡرَبُ بِهَا عِبَادُ ٱللَّهِ يُفَجِّرُونَهَا تَفۡجِيرًا ٦Umthombo ekuza kusela izicaka zika-Allâh ezingamalungisa (kwaye); ziwenza umpompoze ungaphezi يُوفُونَ بِٱلنَّذۡرِ وَيَخَافُونَ يَوۡمًا كَانَ شَرُّهُۥ مُسۡتَطِيرًا ٧Abo ke ngabo bazalisekisa izifungo zabo boyike neMini ekungcola kwayo kuya kuba banzi وَيُطۡعِمُونَ ٱلطَّعَامَ عَلَىٰ حُبِّهِۦ مِسۡكِينًا وَيَتِيمًا وَأَسِيرًا ٨Kananjalo bona bapha (abanye) ukutya nangona nabo bekuthanda (kodwa bakunike) abahlwempuzekileyo, noyinkedama, nongumthinjwa إِنَّمَا نُطۡعِمُكُمۡ لِوَجۡهِ ٱللَّهِ لَا نُرِيدُ مِنكُمۡ جَزَآءً وَلَا شُكُورًا ٩(Besithi): “Sinondlela ukukholisa uAllâh, asinqweneli mvuzo nambulelo kuni إِنَّا نَخَافُ مِن رَّبِّنَا يَوۡمًا عَبُوسًا قَمۡطَرِيرًا ١٠Inene thina soyika iMini enzima evela eNkosini yethu nephethe unxunguphalo, eya kwenza ubuso bubonakale busoyikeka.” فَوَقَىٰهُمُ ٱللَّهُ شَرَّ ذَٰلِكَ ٱلۡيَوۡمِ وَلَقَّىٰهُمۡ نَضۡرَةً وَسُرُورًا ١١Ngoko ke uAllâh uya kubasindisa bona ebubini baloo Mini, Abaphe ukukhanya kobuhle nolonwabo وَجَزَىٰهُم بِمَا صَبَرُواْ جَنَّةً وَحَرِيرًا ١٢Kananjalo imbuyekezo yabo iya kuba yiPaladesi, nezambatho zesilika ngenxa yokuba kaloku bona baba nomonde مُّتَّكِـِٔينَ فِيهَا عَلَى ٱلۡأَرَآئِكِۖ لَا يَرَوۡنَ فِيهَا شَمۡسًا وَلَا زَمۡهَرِيرًا ١٣(Bona baya kuba) behleli zava ezihlalweni zabo (ezimfuma- mfuma), abayi kubona langa nangqele apho وَدَانِيَةً عَلَيۡهِمۡ ظِلَٰلُهَا وَذُلِّلَتۡ قُطُوفُهَا تَذۡلِيلًا ١٤Ngentla kufutshane nabo iya kuba yimithunzi yayo [iPaladesi (neziqhamo)] zayo ukuba bazinqothule, ziya kuthotyelwa ezantsi ukuba zivumele (ukunqothulwa) وَيُطَافُ عَلَيۡهِم بِـَٔانِيَةٍ مِّن فِضَّةٍ وَأَكۡوَابٍ كَانَتۡ قَوَارِيرَا۠ ١٥Kananjalo kuya kuhanjiswa phakathi kwabo izitya neendebe eziya kuba zidalwe zacwenga قَوَارِيرَاْ مِن فِضَّةٍ قَدَّرُوهَا تَقۡدِيرًا ١٦Iigilasi ezicwengileyo ezenziwe ngesilivere ezimlinganiselo wazo wenziwe ngabo وَيُسۡقَوۡنَ فِيهَا كَأۡسًا كَانَ مِزَاجُهَا زَنجَبِيلًا ١٧Kananjalo baya kunikwa indebe (yewayini) exutywe nejinja (ginger) عَيۡنًا فِيهَا تُسَمَّىٰ سَلۡسَبِيلًا ١٨(Basele), kumthombo ophakathi (ePaladesi) obizwa ngokuba yiSalsabîl ۞ وَيَطُوفُ عَلَيۡهِمۡ وِلۡدَٰنٌ مُّخَلَّدُونَ إِذَا رَأَيۡتَهُمۡ حَسِبۡتَهُمۡ لُؤۡلُؤًا مَّنثُورًا ١٩Kuya kuba kuhamba-hamba amakhwenkwana enziwe ngonaphakade. Xa uwabona ungacinga ukuba aziiperile ezisarhaziweyo وَإِذَا رَأَيۡتَ ثَمَّ رَأَيۡتَ نَعِيمًا وَمُلۡكًا كَبِيرًا ٢٠Naxa ujonga apho (ePaladesi) uya kubona ubumnandi nobungangamsha (bokwenene) عَٰلِيَهُمۡ ثِيَابُ سُندُسٍ خُضۡرٌ وَإِسۡتَبۡرَقٌۖ وَحُلُّوٓاْ أَسَاوِرَ مِن فِضَّةٍ وَسَقَىٰهُمۡ رَبُّهُمۡ شَرَابًا طَهُورًا ٢١Baya kwambathiswa izambatho eziluhlaza zesilika esulungekileyo, engqindilili. Kananjalo baya kuhonjiswa ngezacholo zesilivere Ize iNkosi yabo Ibanike isiselo esihlambululayo إِنَّ هَٰذَا كَانَ لَكُمۡ جَزَآءً وَكَانَ سَعۡيُكُم مَّشۡكُورًا ٢٢(Kananjalo kuya kuthiwa): “Inene oku kuni ngumvuzo kananjalo, umzamo wenu uyabulelwa.” إِنَّا نَحۡنُ نَزَّلۡنَا عَلَيۡكَ ٱلۡقُرۡءَانَ تَنزِيلًا ٢٣Inene SiThi Abathumele i’Kur’ân kuwe (Muhammad), amathuba ngamathuba فَٱصۡبِرۡ لِحُكۡمِ رَبِّكَ وَلَا تُطِعۡ مِنۡهُمۡ ءَاثِمًا أَوۡ كَفُورًا ٢٤Yiba nomonde ke ngesigqibo seNkosi yakho, ungathobeli (nawuphi na) umoni phakathi kwabo okanye ongenambulelo وَٱذۡكُرِ ٱسۡمَ رَبِّكَ بُكۡرَةً وَأَصِيلًا ٢٥Ke kaloku khumbula igama leNkosi yakho (emthandazweni) ekuseni nangokuhlwa وَمِنَ ٱلَّيۡلِ فَٱسۡجُدۡ لَهُۥ وَسَبِّحۡهُ لَيۡلًا طَوِيلًا ٢٦Nasebusuku qubuda kuYo uYizukise ngobusuku (obo) إِنَّ هَٰٓؤُلَآءِ يُحِبُّونَ ٱلۡعَاجِلَةَ وَيَذَرُونَ وَرَآءَهُمۡ يَوۡمًا ثَقِيلًا ٢٧Inene abo [bangakholwayo (baleqa)], bathande ubomi balo mhlaba beshiya ngemva kwabo iMini ebuhlungu نَّحۡنُ خَلَقۡنَٰهُمۡ وَشَدَدۡنَآ أَسۡرَهُمۡۖ وَإِذَا شِئۡنَا بَدَّلۡنَآ أَمۡثَٰلَهُمۡ تَبۡدِيلًا ٢٨SiThi ababadalayo Sabomeleza izimo zabo, kanti Sithanda Singayijika imbonakalo yabo ngotshintsho (olwahluke) kwaphela إِنَّ هَٰذِهِۦ تَذۡكِرَةٌۖ فَمَن شَآءَ ٱتَّخَذَ إِلَىٰ رَبِّهِۦ سَبِيلًا ٢٩Inene le Vesi (ye‘Kur’ân) isisiyalo, ngoko ke lowo uthandayo makazithabathele iNdlela eya eNkosini yakhe وَمَا تَشَآءُونَ إِلَّآ أَن يَشَآءَ ٱللَّهُۚ إِنَّ ٱللَّهَ كَانَ عَلِيمًا حَكِيمًا ٣٠Ukanti nina aningekhe nikwazi, ngaphandle kokuba kuthande uAllâh. Inene uAllâh nguSolwazi nguSobulumko يُدۡخِلُ مَن يَشَآءُ فِي رَحۡمَتِهِۦۚ وَٱلظَّٰلِمِينَ أَعَدَّ لَهُمۡ عَذَابًا أَلِيمَۢا ٣١Yena Uya kungenisa kwinceba yaKhe lowo Amthandileyo. Abenzi bobubi ke bona Ubalungiselele isohlwayo esibuhlungu

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.