بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
وَٱلۡمُرۡسَلَٰتِ عُرۡفًا ١(Ndifunga) ngemimoya ethunyelwa phambili omnye emva komnye فَٱلۡعَٰصِفَٰتِ عَصۡفًا ٢Nangemimoya evuthuza ngamandla وَٱلنَّٰشِرَٰتِ نَشۡرًا ٣Nangemimoya echitha-chitha amafu nemvula فَٱلۡفَٰرِقَٰتِ فَرۡقًا ٤NangeeVesi ze’Kur’ân ezahlula okulungileyo kokugwenxa فَٱلۡمُلۡقِيَٰتِ ذِكۡرًا ٥Nangeengelosi ezizisa isiTyhilelo kubaProfeti عُذۡرًا أَوۡ نُذۡرًا ٦Ukunqamla konke ukuzithethelela zilumkise nokulumkisa إِنَّمَا تُوعَدُونَ لَوَٰقِعٌ ٧Inene oko nikuthenjisiweyo kunyanzelekile kwenzeke فَإِذَا ٱلنُّجُومُ طُمِسَتۡ ٨Xa iinkwenkwezi ziphelelwe kukukhanya kwazo وَإِذَا ٱلسَّمَآءُ فُرِجَتۡ ٩Naxa izulu licandeka وَإِذَا ٱلۡجِبَالُ نُسِفَتۡ ١٠Naxa iintaba ziphaphatheke zemka وَإِذَا ٱلرُّسُلُ أُقِّتَتۡ ١١Naxa abaThunywa behlanganiselwe ixesha labo elikhethiweyo لِأَيِّ يَوۡمٍ أُجِّلَتۡ ١٢Yiyiphi le Mini le miqondiso irhoxiselwa yona لِيَوۡمِ ٱلۡفَصۡلِ ١٣(Irhoxiselwa) iMini yohlenga-hlengiso وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا يَوۡمُ ٱلۡفَصۡلِ ١٤Yintoni na enokukwenza wazi ukuba iyintoni na iMini yohlengahlengiso وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ١٥Yeha ngaloo Mini kubaphiki أَلَمۡ نُهۡلِكِ ٱلۡأَوَّلِينَ ١٦ASizanga Sibatshabalalise na abamandulo ثُمَّ نُتۡبِعُهُمُ ٱلۡأٓخِرِينَ ١٧Siya kwenza njalo ke nangezizukulwana zamva ukulandelisa كَذَٰلِكَ نَفۡعَلُ بِٱلۡمُجۡرِمِينَ ١٨Siqubisana kanjalo ke naboni وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ١٩Yeha ngaloo Mini kubaphiki أَلَمۡ نَخۡلُقكُّم مِّن مَّآءٍ مَّهِينٍ ٢٠ASizanga Sinidale ngolwelo olonyanyekayo na فَجَعَلۡنَٰهُ فِي قَرَارٍ مَّكِينٍ ٢١Saza Salubeka kwindawo yalo yokhuseleko (esibelekweni) إِلَىٰ قَدَرٍ مَّعۡلُومٍ ٢٢Ixesha elingummiselo owaziwayo فَقَدَرۡنَا فَنِعۡمَ ٱلۡقَٰدِرُونَ ٢٣Samisela ixesha elithile ngalo, (SiThi ke) abaMiseli xesha Abalungileyo وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ٢٤Yeha ngaloo Mini kubaphiki أَلَمۡ نَجۡعَلِ ٱلۡأَرۡضَ كِفَاتًا ٢٥Asiwenzanga umhlaba waba sisiqulathi أَحۡيَآءً وَأَمۡوَٰتًا ٢٦Sabaphilileyo nabaFileyo na وَجَعَلۡنَا فِيهَا رَوَٰسِيَ شَٰمِخَٰتٍ وَأَسۡقَيۡنَٰكُم مَّآءً فُرَاتًا ٢٧Saza Sabeka apho kuwo iintaba ezinde eziqinileyo. Saninika amanzi amnandi ukuba nisele وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ٢٨Yeha ngaloo Mini kubaphiki ٱنطَلِقُوٓاْ إِلَىٰ مَا كُنتُم بِهِۦ تُكَذِّبُونَ ٢٩(Kuya kuthiwa kubo): “Yiyani koko nanidla ngokuphika ٱنطَلِقُوٓاْ إِلَىٰ ظِلٍّ ذِي ثَلَٰثِ شُعَبٍ ٣٠Yiyani ethunzini (lomsi woMlillo wesiHogo) oziingqimba ezintathu لَّا ظَلِيلٍ وَلَا يُغۡنِي مِنَ ٱللَّهَبِ ٣١(Kodwa) lingenamthunzi upholileyo, lingancedi nakunceda ngokuchasene neDangatya.” إِنَّهَا تَرۡمِي بِشَرَرٍ كَٱلۡقَصۡرِ ٣٢Inene wona loo (msi) utakisa iintlantsi (ezinkulu) ezingangenqaba (yamajoni) كَأَنَّهُۥ جِمَٰلَتٌ صُفۡرٌ ٣٣Ngathi ziinkamela ezilubhelu bumnyama وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ٣٤Yeha ngaloo Mini kubaphiki هَٰذَا يَوۡمُ لَا يَنطِقُونَ ٣٥Le yiMini abangayi kuthetha ngayo وَلَا يُؤۡذَنُ لَهُمۡ فَيَعۡتَذِرُونَ ٣٦Bengayi kuvunyelwa nakuvunyelwa ukuba bazithethelele وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ٣٧Yeha ngaloo Mini kubaphiki هَٰذَا يَوۡمُ ٱلۡفَصۡلِۖ جَمَعۡنَٰكُمۡ وَٱلۡأَوَّلِينَ ٣٨Le yiMini yoMgwebo; Siya kuba Sinihlanganisile nabamandulo فَإِن كَانَ لَكُمۡ كَيۡدٌ فَكِيدُونِ ٣٩Ukuba ngaba ninalo icebo, cebani kaloku ngokuchasene naM (ngoku) وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ٤٠Yeha ngaloo Mini kubaphiki إِنَّ ٱلۡمُتَّقِينَ فِي ظِلَٰلٍ وَعُيُونٍ ٤١Inene abanyulu baya kuba phakathi kwemithunzi nemithombo وَفَوَٰكِهَ مِمَّا يَشۡتَهُونَ ٤٢Neziqhamo (zohlobo) abalufunayo كُلُواْ وَٱشۡرَبُواْ هَنِيٓـَٔۢا بِمَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ ٤٣(Kuya kuthiwa kubo): “Yidlani nisele nanele ngenxa yoko nakwenzayo.” إِنَّا كَذَٰلِكَ نَجۡزِي ٱلۡمُحۡسِنِينَ ٤٤Inene Thina sibavuza kajalo ke abenzi bokulungileyo وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ٤٥Yeha ngaloo Mini kubaphiki كُلُواْ وَتَمَتَّعُواْ قَلِيلًا إِنَّكُم مُّجۡرِمُونَ ٤٦(Hini na nina bangakholwayo), yibani nisitya nizonwabise okwethutyana inene nina ningaboni وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ٤٧Yeha ngaloo Mini kubaphiki وَإِذَا قِيلَ لَهُمُ ٱرۡكَعُواْ لَا يَرۡكَعُونَ ٤٨Ukanti xa kusithiwa kubo: Gobani amadolo (phambi koAllâh)”, abagobi bona وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ٤٩Yeha ngaloo Mini kubaphiki فَبِأَيِّ حَدِيثِۭ بَعۡدَهُۥ يُؤۡمِنُونَ ٥٠Yiyiphi ke enye intetho emva (kwe’Kur’ân) abaya kukholwa kuyo