ملة الإسلام

السورة 15 · 99 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة الحجر باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة الحجر (1,272 قارئاً)
مكيةسورة الحجر٩٩ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

الٓرۚ تِلۡكَ ءَايَٰتُ ٱلۡكِتَٰبِ وَقُرۡءَانٍ مُّبِينٍ ١Alif-Lâm-Râ. Ezi ziiVesi zeNcwadi yaye ziyi’Kur’ân ecacileyo رُّبَمَا يَوَدُّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لَوۡ كَانُواْ مُسۡلِمِينَ ٢Kuya kuba kangakanani na kwabo bangakholwayo ukunqwenela ukuba akwaba babengamaMuslim (ngoMhla woVuko) ذَرۡهُمۡ يَأۡكُلُواْ وَيَتَمَتَّعُواْ وَيُلۡهِهِمُ ٱلۡأَمَلُۖ فَسَوۡفَ يَعۡلَمُونَ ٣Bayeke ke batye, bonwabe, bazilibazise ngamathemba (obuxoki). Kungekudala baza kwazi وَمَآ أَهۡلَكۡنَا مِن قَرۡيَةٍ إِلَّا وَلَهَا كِتَابٌ مَّعۡلُومٌ ٤ASizanga Sitshabalalise nasiphi na isixeko kungekho mmiselo waso waziwayo مَّا تَسۡبِقُ مِنۡ أُمَّةٍ أَجَلَهَا وَمَا يَسۡتَـٔۡخِرُونَ ٥Akukho sizwe sinokwenza ixesha laso esilibekelweyo likhawuleze okanye libuyiselwe umva وَقَالُواْ يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِي نُزِّلَ عَلَيۡهِ ٱلذِّكۡرُ إِنَّكَ لَمَجۡنُونٌ ٦Kananjalo bathi: “Hini na (Muhammad) iDthikr2 ithunyelwe kubani na? Inene wena ushiywa ziingqondo لَّوۡمَا تَأۡتِينَا بِٱلۡمَلَٰٓئِكَةِ إِن كُنتَ مِنَ ٱلصَّٰدِقِينَ ٧Kutheni kaloku ungakhe uze neengelosi kuthi ukuba uthetha inyaniso?” مَا نُنَزِّلُ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةَ إِلَّا بِٱلۡحَقِّ وَمَا كَانُوٓاْ إِذًا مُّنظَرِينَ ٨Thina Asizithumeli iingelosi zihle phantsi ngaphandle kokuba zizise inyaniso (isohlwayo) Yaye Sisakwenza njalo) akuyi kubakho kurhoxiswa kwasohlwayo (kubantu abangakholwayo) إِنَّا نَحۡنُ نَزَّلۡنَا ٱلذِّكۡرَ وَإِنَّا لَهُۥ لَحَٰفِظُونَ ٩Inene Sithi kanye abathumele iDthikr (i’Kur’ân kwaye Siza kuyilondoloza ngokwenene (ekoniweni) وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا مِن قَبۡلِكَ فِي شِيَعِ ٱلۡأَوَّلِينَ ١٠Inene Thina Sathumela (abaProfeti) ngaphambili kunawe (Muhammad) kubantu ngabantu bamandulo وَمَا يَأۡتِيهِم مِّن رَّسُولٍ إِلَّا كَانُواْ بِهِۦ يَسۡتَهۡزِءُونَ ١١Ke kaloku akukho Mprofeti abakha bangamgculeli akufika kubo كَذَٰلِكَ نَسۡلُكُهُۥ فِي قُلُوبِ ٱلۡمُجۡرِمِينَ ١٢Sibenza bungene kanjalo ke (ubuhedeni) ezintliziyweni zabenzi bobubi لَا يُؤۡمِنُونَ بِهِۦ وَقَدۡ خَلَتۡ سُنَّةُ ٱلۡأَوَّلِينَ ١٣Abakholwa kuyo (i’Kur’ân) kanti ke umzekelo (woko kwenziwa kwabamandulo sele ufikelele (elwazini lwabo) وَلَوۡ فَتَحۡنَا عَلَيۡهِم بَابًا مِّنَ ٱلسَّمَآءِ فَظَلُّواْ فِيهِ يَعۡرُجُونَ ١٤Kanti nokuba beSingade Sibavulele isango ezulwini emabangene ngalo, baze bamane ukungena ngalo (imini yonke) لَقَالُوٓاْ إِنَّمَا سُكِّرَتۡ أَبۡصَٰرُنَا بَلۡ نَحۡنُ قَوۡمٌ مَّسۡحُورُونَ ١٥Ngokungathandabuzekiyo (ukutshona kwelanga) bebeza kuthi: “Amehlo ethu (anokuba) ebephanyakile (besingaboni zingelosi okanye izulu thina) koko besithakathiwe.” وَلَقَدۡ جَعَلۡنَا فِي ٱلسَّمَآءِ بُرُوجًا وَزَيَّنَّٰهَا لِلنَّٰظِرِينَ ١٦Inene Thina Sibeke iinkwenkwezi ezinkulu ezulwini, Salihombisa kwabalibukeleyo وَحَفِظۡنَٰهَا مِن كُلِّ شَيۡطَٰنٍ رَّجِيمٍ ١٧Yaye Sililondolozile kuye nawuphi na uShaytân owaqalekiswayo إِلَّا مَنِ ٱسۡتَرَقَ ٱلسَّمۡعَ فَأَتۡبَعَهُۥ شِهَابٌ مُّبِينٌ ١٨Ngaphandle kwaloo (Shaytân) uye aye kubisa, aphulaphule aze aleqwe ngedangatya lomlilo ovuthayo وَٱلۡأَرۡضَ مَدَدۡنَٰهَا وَأَلۡقَيۡنَا فِيهَا رَوَٰسِيَ وَأَنۢبَتۡنَا فِيهَا مِن كُلِّ شَيۡءٍ مَّوۡزُونٍ ١٩Kanti wona umhlaba Siwandlalile, Sabeka apho kuwo iintaba, Senza ukuba kuhlume zonke iitlobo-ntlobo zezinto zaba ngomlinganiselo oqingqiweyo وَجَعَلۡنَا لَكُمۡ فِيهَا مَعَٰيِشَ وَمَن لَّسۡتُمۡ لَهُۥ بِرَٰزِقِينَ ٢٠Kananjalo apho Sinike iimbonelelo ngendlela yokuphila kwenu nezo zinto zingabonelelwa nini (izilwanyana eziphilayo, iinkomo izinambuzane njl-njl) وَإِن مِّن شَيۡءٍ إِلَّا عِندَنَا خَزَآئِنُهُۥ وَمَا نُنَزِّلُهُۥٓ إِلَّا بِقَدَرٍ مَّعۡلُومٍ ٢١Yaye akukho nanye into engenawo umsindleko wayo kuThi, kananjalo aSiwuthumeli kuyo ngaphandle komlinganiselo owaziwayo وَأَرۡسَلۡنَا ٱلرِّيَٰحَ لَوَٰقِحَ فَأَنزَلۡنَا مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءً فَأَسۡقَيۡنَٰكُمُوهُ وَمَآ أَنتُمۡ لَهُۥ بِخَٰزِنِينَ ٢٢Ke kaloku Thina Sithumela imimoya echumisayo, Size Senze amanzi (emvula) ehle esibhakabhakeni, Siwanike nina nisele, ayinini ke abanini vimba bawo وَإِنَّا لَنَحۡنُ نُحۡيِۦ وَنُمِيتُ وَنَحۡنُ ٱلۡوَٰرِثُونَ ٢٣Kananjalo inene SiThi kanye abanika ubomi, Senze nokufa, yaye Thina Siziindlalifa وَلَقَدۡ عَلِمۡنَا ٱلۡمُسۡتَقۡدِمِينَ مِنكُمۡ وَلَقَدۡ عَلِمۡنَا ٱلۡمُسۡتَـٔۡخِرِينَ ٢٤Inene Thina Siyazazi izizukulwana zokuqala zenu ezadlulayo, Siyasazi kananjalo esi sizukulwana senu sikhoyo, ukanti Siyazazi nezisezayo, emva kwenu وَإِنَّ رَبَّكَ هُوَ يَحۡشُرُهُمۡۚ إِنَّهُۥ حَكِيمٌ عَلِيمٌ ٢٥Inene iNkosi yakho Iza kubaqokelela ndaweninye bonke. Inene Yona nguSobulumko, uSolwazi وَلَقَدۡ خَلَقۡنَا ٱلۡإِنسَٰنَ مِن صَلۡصَٰلٍ مِّنۡ حَمَإٍ مَّسۡنُونٍ ٢٦Kananjalo Samdala umntu ngodongwe olomileyo olwajikwa lwaba ludaka وَٱلۡجَآنَّ خَلَقۡنَٰهُ مِن قَبۡلُ مِن نَّارِ ٱلسَّمُومِ ٢٧Zona iiJinni, Sazidala ngaphambili (kunomntu) ngomlilo ongenamsi وَإِذۡ قَالَ رَبُّكَ لِلۡمَلَٰٓئِكَةِ إِنِّي خَٰلِقُۢ بَشَرًا مِّن صَلۡصَٰلٍ مِّنۡ حَمَإٍ مَّسۡنُونٍ ٢٨Yabona! INkosi yakho Yathi kwiingelosi: “Ndiza kudala umntu ngodongwe olomileyo olwenziwe udaka فَإِذَا سَوَّيۡتُهُۥ وَنَفَخۡتُ فِيهِ مِن رُّوحِي فَقَعُواْ لَهُۥ سَٰجِدِينَ ٢٩Ndakuba Ndimgqibile ngokupheleleyo, Ndamphefumlela ngomoya eNdiwudalele yena, nina niya kuguqa phantsi niqubude kuye.” فَسَجَدَ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ كُلُّهُمۡ أَجۡمَعُونَ ٣٠Ke kaloku iingelosi zaqubuda zonke kuye إِلَّآ إِبۡلِيسَ أَبَىٰٓ أَن يَكُونَ مَعَ ٱلسَّٰجِدِينَ ٣١Kwasala uIblîs (uSathana)! Yena wala ukuba ngomnye wabo baqubudayo قَالَ يَٰٓإِبۡلِيسُ مَا لَكَ أَلَّا تَكُونَ مَعَ ٱلسَّٰجِدِينَ ٣٢(UAllâh) Wathi: “Hini na Iblîs! Kungani na wena ukuba ungabi ngomnye wabo baqubudayo?” قَالَ لَمۡ أَكُن لِّأَسۡجُدَ لِبَشَرٍ خَلَقۡتَهُۥ مِن صَلۡصَٰلٍ مِّنۡ حَمَإٍ مَّسۡنُونٍ ٣٣(UIblîs) wathi: “Mna andinguye onokuqubuda emntwini, Omdale ngodongwe olomileyo olwenziwe udaka.” قَالَ فَٱخۡرُجۡ مِنۡهَا فَإِنَّكَ رَجِيمٌ ٣٤Wathi (uAllâh): “Phuma umke apha kuba inene wena , ungoqalekisiweyo وَإِنَّ عَلَيۡكَ ٱللَّعۡنَةَ إِلَىٰ يَوۡمِ ٱلدِّينِ ٣٥Kwaye inene wena isiqalekiso siya kuba phezu kwakho kude kube yiMini yoVuko (lwabafileyo).” قَالَ رَبِّ فَأَنظِرۡنِيٓ إِلَىٰ يَوۡمِ يُبۡعَثُونَ ٣٦(UIblîs) wathi: “O Nkosi yam! Ndirhoxisele isohlwayo kude kube yiMini yoVuko (lwabafileyo).” قَالَ فَإِنَّكَ مِنَ ٱلۡمُنظَرِينَ ٣٧Wathi uAllâh: “Ngoko ke ungomnye wabo barhoxiselweyo isohlwayo sabo إِلَىٰ يَوۡمِ ٱلۡوَقۡتِ ٱلۡمَعۡلُومِ ٣٨Kude kube yiMini etyunjiweyo,” قَالَ رَبِّ بِمَآ أَغۡوَيۡتَنِي لَأُزَيِّنَنَّ لَهُمۡ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَلَأُغۡوِيَنَّهُمۡ أَجۡمَعِينَ ٣٩Wathi: (uIblîs: “O Nkosi yam! Ngenxa yokuba Undibeke ekulahlekeni, inene mna ndiya kuyihombisa indlela eya ekulahlekeni kubo (abantu) emhlabeni, yaye ndiya kubalahlekisa bonke إِلَّا عِبَادَكَ مِنۡهُمُ ٱلۡمُخۡلَصِينَ ٤٠Ngaphandle kwezicaka zakho ezinyanisekileyo kubo.” قَالَ هَٰذَا صِرَٰطٌ عَلَيَّ مُسۡتَقِيمٌ ٤١(UAllâh) wathi: “Le yiNdlela engqale kuM Ngqo إِنَّ عِبَادِي لَيۡسَ لَكَ عَلَيۡهِمۡ سُلۡطَٰنٌ إِلَّا مَنِ ٱتَّبَعَكَ مِنَ ٱلۡغَاوِينَ ٤٢Inene wena awuyi kuba nagunya phezu kwezicaka zaM, ngaphandle kwabo balandela wena bazii-Ghrâwûn وَإِنَّ جَهَنَّمَ لَمَوۡعِدُهُمۡ أَجۡمَعِينَ ٤٣Yaye isiHogo likhaya labo lesithembiso bonke لَهَا سَبۡعَةُ أَبۡوَٰبٍ لِّكُلِّ بَابٍ مِّنۡهُمۡ جُزۡءٌ مَّقۡسُومٌ ٤٤Sona (isiHogo) sinamasango asixhenxe, ngalinye kuloo masango kukho udidi (olulodwa lwaboni) olugcinwe apho إِنَّ ٱلۡمُتَّقِينَ فِي جَنَّٰتٍ وَعُيُونٍ ٤٥Inene bona abaMoyikayo uAllâh baya kuba phakathi eMiyezweni enemithombo yamanzi (ePaladesi) ٱدۡخُلُوهَا بِسَلَٰمٍ ءَامِنِينَ ٤٦(Kuya kuthiwa kubo): “Ngenani phakathi ngoxolo, nikhuselekile وَنَزَعۡنَا مَا فِي صُدُورِهِم مِّنۡ غِلٍّ إِخۡوَٰنًا عَلَىٰ سُرُرٍ مُّتَقَٰبِلِينَ ٤٧Yaye Thina Siya kususa nasiphi na isixhiba abanaso ezintliziyweni zabo omnye komnye. Baya kuba ngabazalwana, bajongane, ubuso ngobuso, besezihlalweni eziphakamileyo لَا يَمَسُّهُمۡ فِيهَا نَصَبٌ وَمَا هُم مِّنۡهَا بِمُخۡرَجِينَ ٤٨Akukho kudinwa kuya kubafumana bona apho, bengayi kugxothwa nakugxothwa apho ۞ نَبِّئۡ عِبَادِيٓ أَنِّيٓ أَنَا ٱلۡغَفُورُ ٱلرَّحِيمُ ٤٩Vakalisa ke wena (Muhammad) ezicakeni zaM okokuba inene Mna NdinguMxoleli, uSozinceba ۞ وَأَنَّ عَذَابِي هُوَ ٱلۡعَذَابُ ٱلۡأَلِيمُ ٥٠(Ubazise) nokokuba isohlwayo saM sibuhlungu kanobom وَنَبِّئۡهُمۡ عَن ضَيۡفِ إِبۡرَٰهِيمَ ٥١Ke kaloku baxelele ngamandwendwe kaIbrâhîm (aye eziingelosi) إِذۡ دَخَلُواْ عَلَيۡهِ فَقَالُواْ سَلَٰمًا قَالَ إِنَّا مِنكُمۡ وَجِلُونَ ٥٢Athi akungena kwakhe, athi: “Salâm” (uxolo). UIbrâhîm wathi: “Inene thina siyanoyika.” قَالُواْ لَا تَوۡجَلۡ إِنَّا نُبَشِّرُكَ بِغُلَٰمٍ عَلِيمٍ ٥٣Athi wona: “Musa ukoyika! “Sikuphathele iindaba ezivuyisayo zomntwana oyinkwenkwe, onolwazi oluninzi nobulumko.” قَالَ أَبَشَّرۡتُمُونِي عَلَىٰٓ أَن مَّسَّنِيَ ٱلۡكِبَرُ فَبِمَ تُبَشِّرُونَ ٥٤UIbrâhîm wathi: “Nindiphathele iindaba ezivuyisayo ekubeni ukwaluphala sele kundifumene (kangaka)? Ziyintoni ezo ndaba zenu?” قَالُواْ بَشَّرۡنَٰكَ بِٱلۡحَقِّ فَلَا تَكُن مِّنَ ٱلۡقَٰنِطِينَ ٥٥Athi wona (amandwendwe lawo): “Sikuphathele iindaba ezivuyisayo ngenyaniso, musa ukuba ngomnye wabo bangenathemba.” قَالَ وَمَن يَقۡنَطُ مِن رَّحۡمَةِ رَبِّهِۦٓ إِلَّا ٱلضَّآلُّونَ ٥٦UIbrâhîm wathi: “Ngubani na olahla ithemba lenceba yeNkosi yakhe ngaphandle kwalowo ulahlekileyo?” قَالَ فَمَا خَطۡبُكُمۡ أَيُّهَا ٱلۡمُرۡسَلُونَ ٥٧(UIbrâhîm wathi): “Kanti uyintoni umbandela enize ngawo kanye kanye nina ziThunywa?” قَالُوٓاْ إِنَّآ أُرۡسِلۡنَآ إِلَىٰ قَوۡمٍ مُّجۡرِمِينَ ٥٨Zathi zona: “Thina sithunyelwe kubantu abangabenzi bobubi إِلَّآ ءَالَ لُوطٍ إِنَّا لَمُنَجُّوهُمۡ أَجۡمَعِينَ ٥٩“Bangcole bonke ngaphandle kosapho lukaLût, lona ke ngokuqinisekileyo siya kulusindisa ekutshatyalalisweni إِلَّا ٱمۡرَأَتَهُۥ قَدَّرۡنَآ إِنَّهَا لَمِنَ ٱلۡغَٰبِرِينَ ٦٠Ngaphandle komkakhe, yena lowo sele simisele okokuba uya kuba ngomnye wabo baza kushiyeka ngemva.” فَلَمَّا جَآءَ ءَالَ لُوطٍ ٱلۡمُرۡسَلُونَ ٦١Ke kaloku izithunywa ezo zisakufika kusapho lukaLût قَالَ إِنَّكُمۡ قَوۡمٌ مُّنكَرُونَ ٦٢Wathi yena: “Inene ningabantu endingabaziyo mna.” قَالُواْ بَلۡ جِئۡنَٰكَ بِمَا كَانُواْ فِيهِ يَمۡتَرُونَ ٦٣Zathi zona: “Yeha! Size kuwe ngeso sohlwayo bebesoloko besithandabuza وَأَتَيۡنَٰكَ بِٱلۡحَقِّ وَإِنَّا لَصَٰدِقُونَ ٦٤Kananjalo sikuzisele inyaniso yaye sithetha inyaniso فَأَسۡرِ بِأَهۡلِكَ بِقِطۡعٍ مِّنَ ٱلَّيۡلِ وَٱتَّبِعۡ أَدۡبَٰرَهُمۡ وَلَا يَلۡتَفِتۡ مِنكُمۡ أَحَدٌ وَٱمۡضُواْ حَيۡثُ تُؤۡمَرُونَ ٦٥Ke wena hamba ngenxalenye yobusuku nosapho lwakho, uze wena uhambe ngemva kwalo, maze kungabikho namnye kuni unyeka ngemva koko hambani niye apho niyalelwe ukuba niye khona.” وَقَضَيۡنَآ إِلَيۡهِ ذَٰلِكَ ٱلۡأَمۡرَ أَنَّ دَابِرَ هَٰٓؤُلَآءِ مَقۡطُوعٌ مُّصۡبِحِينَ ٦٦Ke kaloku Thina Sawenza wazeka kuye lo mmiselo wokuba iingcambu zabo bangaboni ziza kuncothulwa ekuseni ngonyezi (kusemyama) وَجَآءَ أَهۡلُ ٱلۡمَدِينَةِ يَسۡتَبۡشِرُونَ ٦٧Abemi besixeko (iSodom neGomora) beza bevuya (besakuva ukuba kukho amadodana amahle afikileyo kwaLût, phofu benenjongo ezikukungcola ngawo) قَالَ إِنَّ هَٰٓؤُلَآءِ ضَيۡفِي فَلَا تَفۡضَحُونِ ٦٨ULût wathi: “Inene ezi ziindwendwe zam. Musani ukundihlaza kuzo وَٱتَّقُواْ ٱللَّهَ وَلَا تُخۡزُونِ ٦٩Kananjalo yoyikani uAllâh.” قَالُوٓاْ أَوَلَمۡ نَنۡهَكَ عَنِ ٱلۡعَٰلَمِينَ ٧٠Bathi bona: “Asizanga sikwalele na ukuba wena ungonwabisi okanye ukhusele nabani na endalweni?” قَالَ هَٰٓؤُلَآءِ بَنَاتِيٓ إِن كُنتُمۡ فَٰعِلِينَ ٧١ULût wathi: “Izizo ezi iintombi zam nje (eninokuzitshata), ukuba kunyanzelekile nenze le nto (nifuna ukuyenza)?” لَعَمۡرُكَ إِنَّهُمۡ لَفِي سَكۡرَتِهِمۡ يَعۡمَهُونَ ٧٢Inene Ndifunga6 ngobomi bakho (Muhammad) ekunxileni kwabo bubundlobongela babo, babefathula ngobumfama فَأَخَذَتۡهُمُ ٱلصَّيۡحَةُ مُشۡرِقِينَ ٧٣Kanye njengoko (abakwaSâlih) bafunyanwa (sisohlwayo) ukuphuma kwelanga فَجَعَلۡنَا عَٰلِيَهَا سَافِلَهَا وَأَمۡطَرۡنَا عَلَيۡهِمۡ حِجَارَةً مِّن سِجِّيلٍ ٧٤Sayiphethula (iSodom) yajonga ezantsi Sathulula imvula yamatye odongwe olutshisiweyo phezu kwabo إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّلۡمُتَوَسِّمِينَ ٧٥Inene! Kulo eli (bali) kukho imiqondiso kwabo babonayo وَإِنَّهَا لَبِسَبِيلٍ مُّقِيمٍ ٧٦Kananjalo izixeko ezo zazimi kuhola wendlela (ophakathi kweMakkah neSiriya, ndawo leyo namhlanje yaziwa ngokuba yiDead Sea) إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَةً لِّلۡمُؤۡمِنِينَ ٧٧Inene, kwesi sehlo kukho umqondiso kwabakholwayo وَإِن كَانَ أَصۡحَٰبُ ٱلۡأَيۡكَةِ لَظَٰلِمِينَ ٧٨Ke kaloku nabemi basezinkunini7 babekwangabagabadeli فَٱنتَقَمۡنَا مِنۡهُمۡ وَإِنَّهُمَا لَبِإِمَامٍ مُّبِينٍ ٧٩Thina ke Sathabatha impindezelo kubo. Bona (nabaseSodom) ababesendleleni enguhola ukuba babonwe, (bacace) gca وَلَقَدۡ كَذَّبَ أَصۡحَٰبُ ٱلۡحِجۡرِ ٱلۡمُرۡسَلِينَ ٨٠Kananjalo nabemi basemaweni babaphika abaProfeti وَءَاتَيۡنَٰهُمۡ ءَايَٰتِنَا فَكَانُواْ عَنۡهَا مُعۡرِضِينَ ٨١Ke kaloku Sabanika Thina imiqondiso yeThu kodwa abakholwa kuyo وَكَانُواْ يَنۡحِتُونَ مِنَ ٱلۡجِبَالِ بُيُوتًا ءَامِنِينَ ٨٢Bona babesakha imizi yabo ezintabeni فَأَخَذَتۡهُمُ ٱلصَّيۡحَةُ مُصۡبِحِينَ ٨٣Kodwa sona isohlwayo sabafumana ekuseni ngesifingo فَمَآ أَغۡنَىٰ عَنۡهُم مَّا كَانُواْ يَكۡسِبُونَ ٨٤Ke kaloku konke ababekusebenzele akuzanga kubancede nganto وَمَا خَلَقۡنَا ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَمَا بَيۡنَهُمَآ إِلَّا بِٱلۡحَقِّۗ وَإِنَّ ٱلسَّاعَةَ لَأٓتِيَةٌۖ فَٱصۡفَحِ ٱلصَّفۡحَ ٱلۡجَمِيلَ ٨٥Thina ke ASizanga Sidale amazulu nomhlaba nako konke okuphakathi apho ngaphandle kokuwadalela inyaniso. Kananjalo iYure yona iyeza ngokwenene, ke (wena Muhammad) yiba ngathi awuziboni iziphoso zabo ubuye ngenceba nemfesane (kubo) إِنَّ رَبَّكَ هُوَ ٱلۡخَلَّٰقُ ٱلۡعَلِيمُ ٨٦Inene iNkosi yakho nguMdali, uSolwazi وَلَقَدۡ ءَاتَيۡنَٰكَ سَبۡعًا مِّنَ ٱلۡمَثَانِي وَٱلۡقُرۡءَانَ ٱلۡعَظِيمَ ٨٧Inene Thina Sikuphe iSab’an minal mathâni8 ne’Kur’ân yonke لَا تَمُدَّنَّ عَيۡنَيۡكَ إِلَىٰ مَا مَتَّعۡنَا بِهِۦٓ أَزۡوَٰجًا مِّنۡهُمۡ وَلَا تَحۡزَنۡ عَلَيۡهِمۡ وَٱخۡفِضۡ جَنَاحَكَ لِلۡمُؤۡمِنِينَ ٨٨Ke kaloku wena maze amehlo akho angajameli izinto eSiziphe abathile kubo (abangakholwayo), ungabi buhlungu nokuba buhlungu ngazo. Yiba nenceba kwabakholwayo (amaMuslim) وَقُلۡ إِنِّيٓ أَنَا ٱلنَّذِيرُ ٱلۡمُبِينُ ٨٩Yithi kubo (Muhammad): “Mna ndinguMlumkisi ngokusekuhleni كَمَآ أَنزَلۡنَا عَلَى ٱلۡمُقۡتَسِمِينَ ٩٠Njengoko Sithumele kubahlula-hluli ٱلَّذِينَ جَعَلُواْ ٱلۡقُرۡءَانَ عِضِينَ ٩١Abenza i’Kur’ân ibe zizahlulo ngezahlulo (bakholwe kwinxalenye yayo bangakholwa kwenye) فَوَرَبِّكَ لَنَسۡـَٔلَنَّهُمۡ أَجۡمَعِينَ ٩٢Inene (Ndifunga) ngeNkosi yakho (Muhammad), Siza kubabiza bonke beze embuzweni (ngezenzo zabo) عَمَّا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ ٩٣Ngako konke oko bakwenzayo فَٱصۡدَعۡ بِمَا تُؤۡمَرُ وَأَعۡرِضۡ عَنِ ٱلۡمُشۡرِكِينَ ٩٤Wena ke vakalisa ngaphandle [ungawufihli (uMyalezo ka- Allâh)] lowo uyalelwe ngawo. Uzikhwebule kubakhonzi bezithixo إِنَّا كَفَيۡنَٰكَ ٱلۡمُسۡتَهۡزِءِينَ ٩٥Inene Thina Siya kukwenza wanele uwedwa ngokuchasene nabagculeli ٱلَّذِينَ يَجۡعَلُونَ مَعَ ٱللَّهِ إِلَٰهًا ءَاخَرَۚ فَسَوۡفَ يَعۡلَمُونَ ٩٦Abayamanisa omnye uthixo kuAllâh, kodwa baza kwazi kungekudala وَلَقَدۡ نَعۡلَمُ أَنَّكَ يَضِيقُ صَدۡرُكَ بِمَا يَقُولُونَ ٩٧Inene, Thina Siyazi okokuba intliziyo yakho icinezelekile ngenxa yoko bakuthethayo فَسَبِّحۡ بِحَمۡدِ رَبِّكَ وَكُن مِّنَ ٱلسَّٰجِدِينَ ٩٨Ke wena zukisa ngendumiso iNkosi yakho, ube ngomnye wabo baqubudayo kuYo وَٱعۡبُدۡ رَبَّكَ حَتَّىٰ يَأۡتِيَكَ ٱلۡيَقِينُ ٩٩Uyinqule iNkosi yakho kananjalo kude kufike isiqinisekiso esiyinyani (ukufa)

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.