ملة الإسلام

السورة 16 · 128 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة النحل باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة النحل (1,197 قارئاً)
مكيةسورة النحل١٢٨ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

أَتَىٰٓ أَمۡرُ ٱللَّهِ فَلَا تَسۡتَعۡجِلُوهُۚ سُبۡحَٰنَهُۥ وَتَعَٰلَىٰ عَمَّا يُشۡرِكُونَ ١IsiGaneko1 esimiselwenguAllâhsizakufika, ningasingxameli. Makazukiswe, Adunyiswe Yena ngaphezulu kwazo zonke izinto abazayamanisa naYe bazenze amahlulelane aKhe يُنَزِّلُ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةَ بِٱلرُّوحِ مِنۡ أَمۡرِهِۦ عَلَىٰ مَن يَشَآءُ مِنۡ عِبَادِهِۦٓ أَنۡ أَنذِرُوٓاْ أَنَّهُۥ لَآ إِلَٰهَ إِلَّآ أَنَا۠ فَٱتَّقُونِ ٢Yena Uthumela iingelosi zihle noMoya (oyiNgcwele) ngokoMyalelo waKhe phezu kwalowoAthandileyo kwizicaka zaKhe. (Athi kuye): “Lumkisa abantu okokuba akukho thixo wumbi ngaphandle kwaM. Noyike Mna futhi خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ بِٱلۡحَقِّۚ تَعَٰلَىٰ عَمَّا يُشۡرِكُونَ ٣Yena Udale amazulu nomhlaba ngenyaniso. Uphakamile Yena, Ungentla kwazo zonke ezo zinto bazayamanisa, bazenze amahlulelane aKhe خَلَقَ ٱلۡإِنسَٰنَ مِن نُّطۡفَةٍ فَإِذَا هُوَ خَصِيمٌ مُّبِينٌ ٤Yena Udale umntu ngeNutfah2 kodwa yabona! Kwayena lo (mntu) uphinda abe ngumphikisi oselubala (ka-Allâh) وَٱلۡأَنۡعَٰمَ خَلَقَهَاۖ لَكُمۡ فِيهَا دِفۡءٌ وَمَنَٰفِعُ وَمِنۡهَا تَأۡكُلُونَ ٥Ukanti Yena Unidalele impahla (efuywayo); kuyo leyo nifumana ukufudumala nezinye izinto ezininzi eziyinzuzo, kanti kwazona niyazitya وَلَكُمۡ فِيهَا جَمَالٌ حِينَ تُرِيحُونَ وَحِينَ تَسۡرَحُونَ ٦Kananjalo kuzo apho nifumana umfaneleko xa nizibuyisela ekhaya ngenjikalanga, naxa nizikhokelela emadlelweni kusasa وَتَحۡمِلُ أَثۡقَالَكُمۡ إِلَىٰ بَلَدٍ لَّمۡ تَكُونُواْ بَٰلِغِيهِ إِلَّا بِشِقِّ ٱلۡأَنفُسِۚ إِنَّ رَبَّكُمۡ لَرَءُوفٌ رَّحِيمٌ ٧Zinithwalela imithwalo yenu ziyise ezindaweni ebeningekhe nifike kuzo ningathanga nifumane ubunzima. Inene, iNkosi yenu Inemfesane, nguSozinceba وَٱلۡخَيۡلَ وَٱلۡبِغَالَ وَٱلۡحَمِيرَ لِتَرۡكَبُوهَا وَزِينَةًۚ وَيَخۡلُقُ مَا لَا تَعۡلَمُونَ ٨Yena Unidalele amahashe, ama-esile neembongolo ukuba niziqabele kwanokuba zibe ngumfaneleko kuni, ukanti Udale nezinye izinto nina eningenalwazi ngazo وَعَلَى ٱللَّهِ قَصۡدُ ٱلسَّبِيلِ وَمِنۡهَا جَآئِرٌۚ وَلَوۡ شَآءَ لَهَدَىٰكُمۡ أَجۡمَعِينَ ٩Loluka-Allâh uxanduva lokucacisa iNdlela ethe Tye. Kodwa kukho iindlela eziphambukela ecaleni kwaye Yena ukuba Ebethanda Ebenganikhokela nonke هُوَ ٱلَّذِيٓ أَنزَلَ مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءًۖ لَّكُم مِّنۡهُ شَرَابٌ وَمِنۡهُ شَجَرٌ فِيهِ تُسِيمُونَ ١٠NguYe Othumela amanzi (emvula) avela esibhakabhakeni; kuwo lawo niyasela kuze kwangawo lawo kukhule uhlaza enithi nithumele iinkomo zenu ziye kuludla يُنۢبِتُ لَكُم بِهِ ٱلزَّرۡعَ وَٱلزَّيۡتُونَ وَٱلنَّخِيلَ وَٱلۡأَعۡنَٰبَ وَمِن كُلِّ ٱلثَّمَرَٰتِۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَةً لِّقَوۡمٍ يَتَفَكَّرُونَ ١١Ngamanzi lawo Unihlumisela izityalo, iminquma, iidatilisi, imidiliya, nazo zonke ezinye iintlobo-ntlobo zeziqhamo. Inene! Kuko oku kukho ubungqina nomqondiso ocacileyo kubantu abacingisisayo وَسَخَّرَ لَكُمُ ٱلَّيۡلَ وَٱلنَّهَارَ وَٱلشَّمۡسَ وَٱلۡقَمَرَۖ وَٱلنُّجُومُ مُسَخَّرَٰتُۢ بِأَمۡرِهِۦٓۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّقَوۡمٍ يَعۡقِلُونَ ١٢Kananjalo Yena Unilawulela ubusuku nemini, nelanga nenyanga; neenkwenkwezi ziphantsi kolawulo lwaKhe. Inene kuko oku kukho ubungqina kubantu abaqondayo وَمَا ذَرَأَ لَكُمۡ فِي ٱلۡأَرۡضِ مُخۡتَلِفًا أَلۡوَٰنُهُۥٓۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَةً لِّقَوۡمٍ يَذَّكَّرُونَ ١٣Nantoni na Anidalele zona emhlabeni eziyimibala ngemibala, inene! Kuko oku kukho umqondiso kwabanekumbulo وَهُوَ ٱلَّذِي سَخَّرَ ٱلۡبَحۡرَ لِتَأۡكُلُواْ مِنۡهُ لَحۡمًا طَرِيًّا وَتَسۡتَخۡرِجُواْ مِنۡهُ حِلۡيَةً تَلۡبَسُونَهَاۖ وَتَرَى ٱلۡفُلۡكَ مَوَاخِرَ فِيهِ وَلِتَبۡتَغُواْ مِن فَضۡلِهِۦ وَلَعَلَّكُمۡ تَشۡكُرُونَ ١٤NguYe Onilawulela ulwandle khon’ukuze nitye iinyama ezintsha, ezithambileyo, nithi kananjalo nikhuphe kulo apho izihombiso zokunxiba. Niyazibona iinqanawa ziwiza kulo khon’ukuze nifumane ubuBele baKhe (ngokuthi nithumele iimpahla zenu kwiindawo ngeendawo) khon’ukuze nibe nombulelo وَأَلۡقَىٰ فِي ٱلۡأَرۡضِ رَوَٰسِيَ أَن تَمِيدَ بِكُمۡ وَأَنۡهَٰرًا وَسُبُلًا لَّعَلَّكُمۡ تَهۡتَدُونَ ١٥Yena Umilisele iintaba emhlabeni zema nkqo. Ukuze (umhlaba lowo) ungahexa-hexi nani, kanti (Unenzele) imilambo neendlela khon’ukuze nizikhokele ngazo (xa niseluhambeni) وَعَلَٰمَٰتٍۚ وَبِٱلنَّجۡمِ هُمۡ يَهۡتَدُونَ ١٦Nangeebhakana nangeenkwenkwezi (abaye abantu) bazikhokele ngazo أَفَمَن يَخۡلُقُ كَمَن لَّا يَخۡلُقُۚ أَفَلَا تَذَكَّرُونَ ١٧Ingaba Odalayo Uyafana na nongadaliyo? Kanti anisayi kuqaphela na وَإِن تَعُدُّواْ نِعۡمَةَ ٱللَّهِ لَا تُحۡصُوهَآۗ إِنَّ ٱللَّهَ لَغَفُورٌ رَّحِيمٌ ١٨Ke kaloku ukuba nina ninokubala izibabalo zika-Allâh beningekhe nikwazi ukuzibala. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba وَٱللَّهُ يَعۡلَمُ مَا تُسِرُّونَ وَمَا تُعۡلِنُونَ ١٩Kwaye Yena Uyakwazi enikufihlayo nenikuvezayo وَٱلَّذِينَ يَدۡعُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ لَا يَخۡلُقُونَ شَيۡـًٔا وَهُمۡ يُخۡلَقُونَ ٢٠Abo (thixo) babiza kubo ngaphandle koAllâh akukho nto bayidalileyo koko kwabona badaliwe أَمۡوَٰتٌ غَيۡرُ أَحۡيَآءٍۖ وَمَا يَشۡعُرُونَ أَيَّانَ يُبۡعَثُونَ ٢١(Bona) bafile, abanabomi, yaye abazi nokuba baza kuvuswa nini na إِلَٰهُكُمۡ إِلَٰهٌ وَٰحِدٌۚ فَٱلَّذِينَ لَا يُؤۡمِنُونَ بِٱلۡأٓخِرَةِ قُلُوبُهُم مُّنكِرَةٌ وَهُم مُّسۡتَكۡبِرُونَ ٢٢UThixo wenu nguThixo Omnye, kodwa abo bangakholwayo kuBomi oBuzayo, iintliziyo zabo ziya kuphika oku yaye banenkukhumalo لَا جَرَمَ أَنَّ ٱللَّهَ يَعۡلَمُ مَا يُسِرُّونَ وَمَا يُعۡلِنُونَۚ إِنَّهُۥ لَا يُحِبُّ ٱلۡمُسۡتَكۡبِرِينَ ٢٣Eneneni uAllâh Uyakwazi abakufihlayo nabakuvezayo. Inene Yena Akabathandi abakhukhumalayo وَإِذَا قِيلَ لَهُم مَّاذَآ أَنزَلَ رَبُّكُمۡ قَالُوٓاْ أَسَٰطِيرُ ٱلۡأَوَّلِينَ ٢٤Xa kusithiwa kubo: “Yintoni na oko kutyhilwe yiNkosi yenu (i’Kur’ân) bathi bona: “Ziintsomi zabantu bakudala!” لِيَحۡمِلُوٓاْ أَوۡزَارَهُمۡ كَامِلَةً يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ وَمِنۡ أَوۡزَارِ ٱلَّذِينَ يُضِلُّونَهُم بِغَيۡرِ عِلۡمٍۗ أَلَا سَآءَ مَا يَزِرُونَ ٢٥Bona baza kuthwala imithwalo (yezono) zabo ngokugcweleyo ngoMhla woVuko, baze bathwaliswe nemithwalo yabo babalahlekisayo bengazi. Kungcole kanobom oko baza kukuthwaliswa قَدۡ مَكَرَ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡ فَأَتَى ٱللَّهُ بُنۡيَٰنَهُم مِّنَ ٱلۡقَوَاعِدِ فَخَرَّ عَلَيۡهِمُ ٱلسَّقۡفُ مِن فَوۡقِهِمۡ وَأَتَىٰهُمُ ٱلۡعَذَابُ مِنۡ حَيۡثُ لَا يَشۡعُرُونَ ٢٦Ababandulelayo nabo baqulunqa kodwa uAllâh Wabetha kwisiseko sesakhiwo sabo, lwawa uphahla phezu kwabo lusuka phezulu, saza isohlwayo sabafumana sivela kumacala abangawacingelanga ثُمَّ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ يُخۡزِيهِمۡ وَيَقُولُ أَيۡنَ شُرَكَآءِيَ ٱلَّذِينَ كُنتُمۡ تُشَٰٓقُّونَ فِيهِمۡۚ قَالَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡعِلۡمَ إِنَّ ٱلۡخِزۡيَ ٱلۡيَوۡمَ وَٱلسُّوٓءَ عَلَى ٱلۡكَٰفِرِينَ ٢٧Ukanti ngoMhla woVuko, Usaza kubahlaza, Athi kubo: “Aphi na kaloku amahlulelane aM enanidla ngokuphikisana (nabakholwayo) ngawo. Ke bona abo banikwe ulwazi (lwe’Kur’ân) baya kuthi: “Inene, ihlazo nembandezelo ziphezu kwabangakholwayo naMhlanje.” ٱلَّذِينَ تَتَوَفَّىٰهُمُ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ ظَالِمِيٓ أَنفُسِهِمۡۖ فَأَلۡقَوُاْ ٱلسَّلَمَ مَا كُنَّا نَعۡمَلُ مِن سُوٓءِۭۚ بَلَىٰٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَلِيمُۢ بِمَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ ٢٨Abo ubomi babo buthatyathwa ziingelosi lo gama besesebugwenxeni, baza kwenza ukuzinikela okungeyonyani (bathi): “Thina sasingenzi kungcola.” (iingelosi ziza kuphendula): “Ewe! Inene nguAllâh uSolwazi woko nanikwenza فَٱدۡخُلُوٓاْ أَبۡوَٰبَ جَهَنَّمَ خَٰلِدِينَ فِيهَاۖ فَلَبِئۡسَ مَثۡوَى ٱلۡمُتَكَبِّرِينَ ٢٩Ngoko ke ngenani emasangweni esiHogo, nihlale phakathi apho, inene, hayi ububi bekhaya (lokugqibela) lezikhukhumali.” ۞ وَقِيلَ لِلَّذِينَ ٱتَّقَوۡاْ مَاذَآ أَنزَلَ رَبُّكُمۡۚ قَالُواْ خَيۡرًاۗ لِّلَّذِينَ أَحۡسَنُواْ فِي هَٰذِهِ ٱلدُّنۡيَا حَسَنَةٌۚ وَلَدَارُ ٱلۡأٓخِرَةِ خَيۡرٌۚ وَلَنِعۡمَ دَارُ ٱلۡمُتَّقِينَ ٣٠Ke kaloku xa kusithiwa kwabo bamoyikayo uAllâh: “Yintoni na leyo ithunyelwe yiNkosi yenu?” Bathi bona: “Koko kulungileyo.” Kuba kwabo benza okulungileyo kweli hlabathi okwabo kokulungileyo, yaye ikhaya loBomi oBuzayo lilona lilungileyo. Hayi ukuba lihle kwekhaya labamoyikayo uAllâh جَنَّٰتُ عَدۡنٍ يَدۡخُلُونَهَا تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُۖ لَهُمۡ فِيهَا مَا يَشَآءُونَۚ كَذَٰلِكَ يَجۡزِي ٱللَّهُ ٱلۡمُتَّقِينَ ٣١YiPaladesi iEden abaza kungena kuyo, ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, yaye baya kufumana kuyo apho konke abakunqwenelayo, Ubavuza kanjalo ke uAllâh abanyulu ٱلَّذِينَ تَتَوَفَّىٰهُمُ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ طَيِّبِينَ يَقُولُونَ سَلَٰمٌ عَلَيۡكُمُ ٱدۡخُلُواْ ٱلۡجَنَّةَ بِمَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ ٣٢Abo ubomi babo buthatyathwa ziingelosi babe bona bekwimo yobunyulu ziya kuthi (kubo): “Salâmun ‘alykum (uxolo malube nani), ngenani ePaladesi, ngenxa yoko (kulungileyo) nakwenza (ehlabathini).” هَلۡ يَنظُرُونَ إِلَّآ أَن تَأۡتِيَهُمُ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ أَوۡ يَأۡتِيَ أَمۡرُ رَبِّكَۚ كَذَٰلِكَ فَعَلَ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡۚ وَمَا ظَلَمَهُمُ ٱللَّهُ وَلَٰكِن كَانُوٓاْ أَنفُسَهُمۡ يَظۡلِمُونَ ٣٣Ingaba (abangakholwayo) balindele ukuba kufike iingelosi kubo okanye kufike uMyalezo weNkosi yakho? Benza njalo ke nabangaphambili kunabo. UAllâh Azanga Abenze bubi koko ngabo ngokwabo abazenza ububi فَأَصَابَهُمۡ سَيِّـَٔاتُ مَا عَمِلُواْ وَحَاقَ بِهِم مَّا كَانُواْ بِهِۦ يَسۡتَهۡزِءُونَ ٣٤Ke kaloku iziphumo ezibi zezenzo zabo zabafumana, noko babekugculela kwabagubungela وَقَالَ ٱلَّذِينَ أَشۡرَكُواْ لَوۡ شَآءَ ٱللَّهُ مَا عَبَدۡنَا مِن دُونِهِۦ مِن شَيۡءٍ نَّحۡنُ وَلَآ ءَابَآؤُنَا وَلَا حَرَّمۡنَا مِن دُونِهِۦ مِن شَيۡءٍۚ كَذَٰلِكَ فَعَلَ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡۚ فَهَلۡ عَلَى ٱلرُّسُلِ إِلَّا ٱلۡبَلَٰغُ ٱلۡمُبِينُ ٣٥Abo bayamanisa abanye kunqulo luka-Allâh bathi: “Ukuba uAllâh Wayethandile sasingekhe thina noobawo bethu sinqule enye into ngaphandle kwaKhe, kananjalo sasingekhe salele ukwenziwa kwayo nayiphi na into kungekho (ngokoMyalelo) waKhe.” Benza njalo ke nabo bangaphambili kunabo. Ingaba abaProfeti babenoxanduva olwalulolunye na ngaphandle kokuvakalisa uMyalezo ngokucacileyo وَلَقَدۡ بَعَثۡنَا فِي كُلِّ أُمَّةٍ رَّسُولًا أَنِ ٱعۡبُدُواْ ٱللَّهَ وَٱجۡتَنِبُواْ ٱلطَّٰغُوتَۖ فَمِنۡهُم مَّنۡ هَدَى ٱللَّهُ وَمِنۡهُم مَّنۡ حَقَّتۡ عَلَيۡهِ ٱلضَّلَٰلَةُۚ فَسِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَٱنظُرُواْ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلۡمُكَذِّبِينَ ٣٦Inene Thina kwisizwe ngasinye Sithumele uMprofeti (Ofika avakalise okokuba); “Nqulani uAllâh (Yedwa) niyeke ugabadelo.” Ke kaloku abanye phakathi kwabo baba nokukhokelwa nguAllâh, abanye phakathi kwabo bafanelwa kukulahleka. Ke kaloku khanikhe nihamba-hambeni ehlabathini nibone okokuba saba njani na isiphelo sabo babephika (inyaniso) إِن تَحۡرِصۡ عَلَىٰ هُدَىٰهُمۡ فَإِنَّ ٱللَّهَ لَا يَهۡدِي مَن يُضِلُّۖ وَمَا لَهُم مِّن نَّٰصِرِينَ ٣٧Ukuba ngaba (Muhammad) ubanqwenelela isiKhokelo, Yena ke uAllâh Akabakhokeli abo Abenze ukuba balahleke yaye abayi kufumana namncedi وَأَقۡسَمُواْ بِٱللَّهِ جَهۡدَ أَيۡمَٰنِهِمۡ لَا يَبۡعَثُ ٱللَّهُ مَن يَمُوتُۚ بَلَىٰ وَعۡدًا عَلَيۡهِ حَقًّا وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَ ٱلنَّاسِ لَا يَعۡلَمُونَ ٣٨Ke kaloku bafunga ngoAllâh izifungo zabo ezimandla okokuba uAllâh Akayi kumvusa ofileyo. Ewe nje (Uza kubavusa) (eso) sisithembiso sesibophelelo kuYe ngenyaniso, kodwa uninzi lwabantu alwazi nto لِيُبَيِّنَ لَهُمُ ٱلَّذِي يَخۡتَلِفُونَ فِيهِ وَلِيَعۡلَمَ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ أَنَّهُمۡ كَانُواْ كَٰذِبِينَ ٣٩Ukuze Enze kucace kubo inyaniso yoko bangangqinelaniyo ngako kwanokuba abo bangakholwayo babe nokwazi okokuba babengamaxoki إِنَّمَا قَوۡلُنَا لِشَيۡءٍ إِذَآ أَرَدۡنَٰهُ أَن نَّقُولَ لَهُۥ كُن فَيَكُونُ ٤٠Inene eleThu iLizwi nento eSithande ukuba Siyenze Sisuka nje Sithi kuyo: “Yibakho!” Ibekho وَٱلَّذِينَ هَاجَرُواْ فِي ٱللَّهِ مِنۢ بَعۡدِ مَا ظُلِمُواْ لَنُبَوِّئَنَّهُمۡ فِي ٱلدُّنۡيَا حَسَنَةًۖ وَلَأَجۡرُ ٱلۡأٓخِرَةِ أَكۡبَرُۚ لَوۡ كَانُواْ يَعۡلَمُونَ ٤١Abo bafudukayo ngenxa yokukholisa uAllâh, emva kokuba babenziwe ubugwenxa, Siya kubanika ngokwenene indawo yokuhlala elungileyo kweli hlabathi, kodwa wona umvuzo welizayo uya kuba mkhulu ngakumbi ukuba bebesazi ٱلَّذِينَ صَبَرُواْ وَعَلَىٰ رَبِّهِمۡ يَتَوَكَّلُونَ ٤٢(Abo ke) ngabo baba nomonde, babeka ithemba labo eNkosini yabo وَمَآ أَرۡسَلۡنَا مِن قَبۡلِكَ إِلَّا رِجَالًا نُّوحِيٓ إِلَيۡهِمۡۖ فَسۡـَٔلُوٓاْ أَهۡلَ ٱلذِّكۡرِ إِن كُنتُمۡ لَا تَعۡلَمُونَ ٤٣Kananjalo ASizanga Sithumele ngaphambili kunawe nantoni na ngaphandle kwamadoda, eSawathumelela isiTyhilelo. Ke kaloku buzani kubantu abanolwazi lwesiBhalo, ukuba anazi بِٱلۡبَيِّنَٰتِ وَٱلزُّبُرِۗ وَأَنزَلۡنَآ إِلَيۡكَ ٱلذِّكۡرَ لِتُبَيِّنَ لِلنَّاسِ مَا نُزِّلَ إِلَيۡهِمۡ وَلَعَلَّهُمۡ يَتَفَكَّرُونَ ٤٤Ngemiqondiso ecacileyo neNcwadi (Sathumela abaProfeti) Sathumela kananjalo kuwe (Muhammad) iDthikr (i’Kur’ân), khon’ukuze uchazele abantu ngokucacileyo oko kuthunyelwe kubo, kwanokuba bacingisise أَفَأَمِنَ ٱلَّذِينَ مَكَرُواْ ٱلسَّيِّـَٔاتِ أَن يَخۡسِفَ ٱللَّهُ بِهِمُ ٱلۡأَرۡضَ أَوۡ يَأۡتِيَهُمُ ٱلۡعَذَابُ مِنۡ حَيۡثُ لَا يَشۡعُرُونَ ٤٥Ingaba abo baqulunqa amayelenqe angcolileyo baziva bekhuselekile na okokuba uAllâh Akayi kubatshonisa bazike emhlabeni, okanye isohlwayo asiyi kubahlasela kumacala abangawalindelanga أَوۡ يَأۡخُذَهُمۡ فِي تَقَلُّبِهِمۡ فَمَا هُم بِمُعۡجِزِينَ ٤٦Okanye Ababambe phakathi besaya okanye bebuya (emisebenzini yabo), ukuze bangabi nakuphuncula (esohlwayweni sika-Allâh) أَوۡ يَأۡخُذَهُمۡ عَلَىٰ تَخَوُّفٍ فَإِنَّ رَبَّكُمۡ لَرَءُوفٌ رَّحِيمٌ ٤٧Okanye Ababambe ngokuya bemosha ngokumosha (ubutyebi babo). Inene! INkosi yenu InobuBele, nguSozinceba أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ إِلَىٰ مَا خَلَقَ ٱللَّهُ مِن شَيۡءٍ يَتَفَيَّؤُاْ ظِلَٰلُهُۥ عَنِ ٱلۡيَمِينِ وَٱلشَّمَآئِلِ سُجَّدًا لِّلَّهِ وَهُمۡ دَٰخِرُونَ ٤٨Kanti abaziqwalaseli na izinto ezidalwe nguAllâh: (indlela) eziba ngasekunene ngayo nasekhohlo ngayo izithunzi zazo, ziqubude kuAllâh, zibe zithobekile وَلِلَّهِۤ يَسۡجُدُۤ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَا فِي ٱلۡأَرۡضِ مِن دَآبَّةٍ وَٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ وَهُمۡ لَا يَسۡتَكۡبِرُونَ ٤٩Ke kaloku kuAllâh kuqubuda zonke izinto ezisezulwini nasemhlabeni. Ezizizidalwa ezinyakazayo neengelosi, yaye azikhukhumali يَخَافُونَ رَبَّهُم مِّن فَوۡقِهِمۡ وَيَفۡعَلُونَ مَا يُؤۡمَرُونَ ۩ ٥٠Zona zoyika iNkosi yazo phezu kwazo yaye zenza loo nto ziyalelwe yona ۞ وَقَالَ ٱللَّهُ لَا تَتَّخِذُوٓاْ إِلَٰهَيۡنِ ٱثۡنَيۡنِۖ إِنَّمَا هُوَ إِلَٰهٌ وَٰحِدٌ فَإِيَّٰيَ فَٱرۡهَبُونِ ٥١(Kananjalo uAllâh Wathi: “Hini na bantu), musani ukuthabatha oothixo ababini. Inene uAllâh nguYe kuphela OnguThixo,yoyikani Mna ke nina ngamandla وَلَهُۥ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَلَهُ ٱلدِّينُ وَاصِبًاۚ أَفَغَيۡرَ ٱللَّهِ تَتَّقُونَ ٥٢KokwaKhe konke okusemazulwini nasemhlabeni neNkolo yokwenene ngonaphakade. Ingaba ke ngoku niya koyika thixo bambi na ngaphandle koAllâh وَمَا بِكُم مِّن نِّعۡمَةٍ فَمِنَ ٱللَّهِۖ ثُمَّ إِذَا مَسَّكُمُ ٱلضُّرُّ فَإِلَيۡهِ تَجۡـَٔرُونَ ٥٣Kananjalo nantoni na eziintsikelelo nelungileyo eninayo, ivela kuAllâh. Kwaye xa okubi kunichukumisa, nikhala kuYe kakhulu nikhalela uncedo ثُمَّ إِذَا كَشَفَ ٱلضُّرَّ عَنكُمۡ إِذَا فَرِيقٌ مِّنكُم بِرَبِّهِمۡ يُشۡرِكُونَ ٥٤Athi Esakubususa ububi obo kuni, khangela ke! Abanye3 benu bayamanise abanye kunqulo lweNkosi yabo (uAllâh) لِيَكۡفُرُواْ بِمَآ ءَاتَيۡنَٰهُمۡۚ فَتَمَتَّعُواْ فَسَوۡفَ تَعۡلَمُونَ ٥٥Ngoko ke bayakuphika oko bakuphiwe siThi. Vuyani ke okwakaloku nje kodwa kungekudala niza kwazi (nizisole) وَيَجۡعَلُونَ لِمَا لَا يَعۡلَمُونَ نَصِيبًا مِّمَّا رَزَقۡنَٰهُمۡۗ تَٱللَّهِ لَتُسۡـَٔلُنَّ عَمَّا كُنتُمۡ تَفۡتَرُونَ ٥٦Kananjalo babalela inxalenye yoko Sibaphe kona kwizinto abangenalwazi ngazo. (Ndifunga) ngoAllâh, niza kubuzwa ngokwenene ngako konke enanikuqamba (emhlabeni) وَيَجۡعَلُونَ لِلَّهِ ٱلۡبَنَٰتِ سُبۡحَٰنَهُۥ وَلَهُم مَّا يَشۡتَهُونَ ٥٧Kananjalo babalela iintombi4 kuAllâh! Makazukiswe Yena (Uphakamile Ukude le) Ungentla kwazo zonke izinto abazibalela kuYe! Nakoko kunqwenelwa ngabo buqu وَإِذَا بُشِّرَ أَحَدُهُم بِٱلۡأُنثَىٰ ظَلَّ وَجۡهُهُۥ مُسۡوَدًّا وَهُوَ كَظِيمٌ ٥٨Xa iindaba (zokuzalwa) komntwana oyintombazana zisaziswa nawuphi na kubo, ubuso bakhe buyafiphala, izale (intliziyo) yakhe bubuhlungu ngaphakathi kwakhe يَتَوَٰرَىٰ مِنَ ٱلۡقَوۡمِ مِن سُوٓءِ مَا بُشِّرَ بِهِۦٓۚ أَيُمۡسِكُهُۥ عَلَىٰ هُونٍ أَمۡ يَدُسُّهُۥ فِي ٱلتُّرَابِۗ أَلَا سَآءَ مَا يَحۡكُمُونَ ٥٩Azifihle ebantwini ngenxa yobubi axelelwe ngabo. Uza kumgcina (loo mntwana uyintombazana) elihlazo elinjalo okanye uza kumngcwaba ephila emhlabeni? Inene singcolile isigqibo (abasithabathayo) لِلَّذِينَ لَا يُؤۡمِنُونَ بِٱلۡأٓخِرَةِ مَثَلُ ٱلسَّوۡءِۖ وَلِلَّهِ ٱلۡمَثَلُ ٱلۡأَعۡلَىٰۚ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ٦٠(UBomi oBuzayo) kwabo bangakholwayo kuBomi oBuzayo buyinkcazo engcolileyo (kubo). KuAllâh yinkcazo ephakamileyo yaye Yena nguSomandla, uSobulumko وَلَوۡ يُؤَاخِذُ ٱللَّهُ ٱلنَّاسَ بِظُلۡمِهِم مَّا تَرَكَ عَلَيۡهَا مِن دَآبَّةٍ وَلَٰكِن يُؤَخِّرُهُمۡ إِلَىٰٓ أَجَلٍ مُّسَمًّىۖ فَإِذَا جَآءَ أَجَلُهُمۡ لَا يَسۡتَـٔۡخِرُونَ سَاعَةً وَلَا يَسۡتَقۡدِمُونَ ٦١Ukuba uAllah Ebengabahlasela abantu ngenxa yezono zabo ezigwenxa, Ebengayi kushiya nasinye (emhlabeni) isidalwa esinyakazayo, kodwa Ukurhoxisile oko kubo, Ekurhoxisela ixesha elimisiweyo, lisakufika ke elo xesha, abayi kulilibazisa, bengayi kulihambisa ngokukhawuleza nangeyure enye وَيَجۡعَلُونَ لِلَّهِ مَا يَكۡرَهُونَۚ وَتَصِفُ أَلۡسِنَتُهُمُ ٱلۡكَذِبَ أَنَّ لَهُمُ ٱلۡحُسۡنَىٰۚ لَا جَرَمَ أَنَّ لَهُمُ ٱلنَّارَ وَأَنَّهُم مُّفۡرَطُونَ ٦٢Babalela kuAllâh oko nabo bangakuthandiyo, namalwimi abo amisela ubuxoki bokuba ezona zinto zilungileyo zezabo. Ngokungathandabuzekiyo, okwabo nguMlilo, kunjalo nje baya kuba ngabokuqala ukugxagxanyiselwa kuwo, baze bashiywe apho kuwo bengahoywanga (mntu) تَٱللَّهِ لَقَدۡ أَرۡسَلۡنَآ إِلَىٰٓ أُمَمٍ مِّن قَبۡلِكَ فَزَيَّنَ لَهُمُ ٱلشَّيۡطَٰنُ أَعۡمَٰلَهُمۡ فَهُوَ وَلِيُّهُمُ ٱلۡيَوۡمَ وَلَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ٦٣NdifungangoAllâh, inene Thina SathumaabaProfetikwizizwe ezingaphambili kuwe (Muhammad), kodwa uShaytân wenze izenzo zabo zabonakala zintle kubo, ngoko ke uShaytân (lowo) ngumhlobo wabo namhlanje, ukanti okwabo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu وَمَآ أَنزَلۡنَا عَلَيۡكَ ٱلۡكِتَٰبَ إِلَّا لِتُبَيِّنَ لَهُمُ ٱلَّذِي ٱخۡتَلَفُواْ فِيهِ وَهُدًى وَرَحۡمَةً لِّقَوۡمٍ يُؤۡمِنُونَ ٦٤Kananjalo aSithumelanga Ncwadi kuwe (Muhammad) Siyithumelela nto yimbi ngaphandle kokuba ucacisele abantu ngezinto abangangqinelaniyo ngazo, kwanokuba ibe sisiKhokelo neNceba kubantu abakholwayo وَٱللَّهُ أَنزَلَ مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءً فَأَحۡيَا بِهِ ٱلۡأَرۡضَ بَعۡدَ مَوۡتِهَآۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَةً لِّقَوۡمٍ يَسۡمَعُونَ ٦٥Kwaye uAllâh Uthumela amanzi (emvula) evela esibhakabhakeni, Aze Avuselele umhlaba ngawo emveni kokuba ubufile. Inene kuko oku kukho umqondiso kubantu abaphulaphulayo وَإِنَّ لَكُمۡ فِي ٱلۡأَنۡعَٰمِ لَعِبۡرَةًۖ نُّسۡقِيكُم مِّمَّا فِي بُطُونِهِۦ مِنۢ بَيۡنِ فَرۡثٍ وَدَمٍ لَّبَنًا خَالِصًا سَآئِغًا لِّلشَّٰرِبِينَ ٦٦Kananjalo ezinkomeni kukho isifundo senu. Sinipha ukuba nisele koko kuphuma eziswini zazo, kuphuma phakathi kwelindle lazo negazi, ubisi oluhlambulukileyo; olumnandi kwabaliselayo وَمِن ثَمَرَٰتِ ٱلنَّخِيلِ وَٱلۡأَعۡنَٰبِ تَتَّخِذُونَ مِنۡهُ سَكَرًا وَرِزۡقًا حَسَنًاۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَةً لِّقَوۡمٍ يَعۡقِلُونَ ٦٧Naseziqhameni zedatilisi nemidiliya, nifumana iziselo ezinxilisayo nembonelelo elungileyo. Inene kuloo nto kukho umqondiso olungileyo kubantu abanobulumko وَأَوۡحَىٰ رَبُّكَ إِلَى ٱلنَّحۡلِ أَنِ ٱتَّخِذِي مِنَ ٱلۡجِبَالِ بُيُوتًا وَمِنَ ٱلشَّجَرِ وَمِمَّا يَعۡرِشُونَ ٦٨Kananjalo iNkosi yakho yaTyhilela iinyosi Yathi: “Thabathani iindawo zokuhlala kwenu ezintabeni nasemithini nakoko bakwakhayo (abantu) ثُمَّ كُلِي مِن كُلِّ ٱلثَّمَرَٰتِ فَٱسۡلُكِي سُبُلَ رَبِّكِ ذُلُلًاۚ يَخۡرُجُ مِنۢ بُطُونِهَا شَرَابٌ مُّخۡتَلِفٌ أَلۡوَٰنُهُۥ فِيهِ شِفَآءٌ لِّلنَّاسِۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَةً لِّقَوۡمٍ يَتَفَكَّرُونَ ٦٩“Ke kaloku, yidlani kuzo zonke iziqhamo, nilandele iindlela zeNkosi yenu enizenzelwe lula.” Nako ke kuphuma isiselo esinemibala ngemibala eziswini zazo esilunyango kubantu, inene kuko oku kukho umqondiso kwabo bacingayo وَٱللَّهُ خَلَقَكُمۡ ثُمَّ يَتَوَفَّىٰكُمۡۚ وَمِنكُم مَّن يُرَدُّ إِلَىٰٓ أَرۡذَلِ ٱلۡعُمُرِ لِكَيۡ لَا يَعۡلَمَ بَعۡدَ عِلۡمٍ شَيۡـًٔاۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَلِيمٌ قَدِيرٌ ٧٠Kananjalo uAllâh Unidalile kwaye Usaya kunenza nife; ukanti abanye benu babuyiselwa ebuthathakeni bokwaluphala, khon’ukuze bangazi nto emveni kokuba bebesazi. Inene uAllâh nguSolwazi uSomandla وَٱللَّهُ فَضَّلَ بَعۡضَكُمۡ عَلَىٰ بَعۡضٍ فِي ٱلرِّزۡقِۚ فَمَا ٱلَّذِينَ فُضِّلُواْ بِرَآدِّي رِزۡقِهِمۡ عَلَىٰ مَا مَلَكَتۡ أَيۡمَٰنُهُمۡ فَهُمۡ فِيهِ سَوَآءٌۚ أَفَبِنِعۡمَةِ ٱللَّهِ يَجۡحَدُونَ ٧١Kananjalo uAllâh Ubonelela abanye benu ngobutyebi nangokuba nezinto ngaphezulu kunabanye. Ke kaloku abo babonelelwe ngaphezulu kunabanye abangekhe nakanye banikise ngobutyebi nezinto zabo kwabo basezandleni zabo zokunene (amakhoboka), ukuze balingane ngokumayela (nobutyebi) obo. Ingaba bayaluphika uBabalo luka-Allâh kusini na وَٱللَّهُ جَعَلَ لَكُم مِّنۡ أَنفُسِكُمۡ أَزۡوَٰجًا وَجَعَلَ لَكُم مِّنۡ أَزۡوَٰجِكُم بَنِينَ وَحَفَدَةً وَرَزَقَكُم مِّنَ ٱلطَّيِّبَٰتِۚ أَفَبِٱلۡبَٰطِلِ يُؤۡمِنُونَ وَبِنِعۡمَتِ ٱللَّهِ هُمۡ يَكۡفُرُونَ ٧٢Yaye futhi Unenzele abalingane bohlobo lwenu, kananjalo kubafazi benu abantwana nabazukulwana, wanibonelela ngesixhaso esilungileyo. Ingaba emva (kwako konke) oku bakholwa koothixo bobuxoki, baphike iziBhalo zika-Allâh وَيَعۡبُدُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ مَا لَا يَمۡلِكُ لَهُمۡ رِزۡقًا مِّنَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ شَيۡـًٔا وَلَا يَسۡتَطِيعُونَ ٧٣Bona banqula abanye ngaphandle koAllâh abangekhe bababonelele ngasixhaso esivela emazulwini nasemhlabeni فَلَا تَضۡرِبُواْ لِلَّهِ ٱلۡأَمۡثَالَۚ إِنَّ ٱللَّهَ يَعۡلَمُ وَأَنتُمۡ لَا تَعۡلَمُونَ ٧٤Ke kaloku musani ukwenza izifaniso ngoAllâh kuba inene uAllâh Uyazi ukanti nina anazi ۞ ضَرَبَ ٱللَّهُ مَثَلًا عَبۡدًا مَّمۡلُوكًا لَّا يَقۡدِرُ عَلَىٰ شَيۡءٍ وَمَن رَّزَقۡنَٰهُ مِنَّا رِزۡقًا حَسَنًا فَهُوَ يُنفِقُ مِنۡهُ سِرًّا وَجَهۡرًاۖ هَلۡ يَسۡتَوُۥنَۚ ٱلۡحَمۡدُ لِلَّهِۚ بَلۡ أَكۡثَرُهُمۡ لَا يَعۡلَمُونَ ٧٥UAllâh Wenza umzekelo [wamadoda amabini, (enye kuwo)] likhoboka elingenagunya lakulawula nto, ukanti (enye kuwo) ngumntu eSimnike iimbonelelo ezilungileyo ezivela kuThi, aze azichithe ezo mbonelelo (kumalizo) emfihlakalweni nasekuhleni, ingaba bayafana na? Indumiso mazibe kuAllâh! Kodwa abaninzi kubo abazi nto وَضَرَبَ ٱللَّهُ مَثَلًا رَّجُلَيۡنِ أَحَدُهُمَآ أَبۡكَمُ لَا يَقۡدِرُ عَلَىٰ شَيۡءٍ وَهُوَ كَلٌّ عَلَىٰ مَوۡلَىٰهُ أَيۡنَمَا يُوَجِّههُّ لَا يَأۡتِ بِخَيۡرٍ هَلۡ يَسۡتَوِي هُوَ وَمَن يَأۡمُرُ بِٱلۡعَدۡلِ وَهُوَ عَلَىٰ صِرَٰطٍ مُّسۡتَقِيمٍ ٧٦Kananjalo uAllâh Wenza (omnye) umzekeliso wamadoda amabini, enye kuwo isisimumu, ayinagunya phezu kwayo nantoni na, yaye ingumthwalo nakumgcini wayo; nantoni na ayikhombisa yona (ukuba iyenze), akukho nto intle iza nayo. Ingaba indoda enjalo iyafana (nendoda) eyalela ukwenziwa kobulungisa, ibe kwayona iseNdleleni ethe Tye وَلِلَّهِ غَيۡبُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۚ وَمَآ أَمۡرُ ٱلسَّاعَةِ إِلَّا كَلَمۡحِ ٱلۡبَصَرِ أَوۡ هُوَ أَقۡرَبُۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ٧٧Zezika-Allâh (izinto) ezingabonwayo emazulwini nezasemhlabeni. Kananjalo umbandela weYure5 awunto yimbi ngaphandle kokuba kukuqhwanyaza kweliso وَٱللَّهُ أَخۡرَجَكُم مِّنۢ بُطُونِ أُمَّهَٰتِكُمۡ لَا تَعۡلَمُونَ شَيۡـًٔا وَجَعَلَ لَكُمُ ٱلسَّمۡعَ وَٱلۡأَبۡصَٰرَ وَٱلۡأَفۡـِٔدَةَ لَعَلَّكُمۡ تَشۡكُرُونَ ٧٨Kananjalo uAllâh Unikhuphe ezibelekweni zoomama benu, kungekho nto niyaziyo nina. Ukanti Uninike ukuva, ukubona nentliziyo khon’ukuze nibe nombulelo (kuYe) أَلَمۡ يَرَوۡاْ إِلَى ٱلطَّيۡرِ مُسَخَّرَٰتٍ فِي جَوِّ ٱلسَّمَآءِ مَا يُمۡسِكُهُنَّ إِلَّا ٱللَّهُۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتٍ لِّقَوۡمٍ يُؤۡمِنُونَ ٧٩Kanti abaziboni na iintaka ezibambeka6 (ziphaphazele) esazulwini sesibhakabhaka? Akukho bani uzibambayo7 ngaphandle koAllâh Inene koku kukho imiqondiso ecacileyo kubantu abakholwayo وَٱللَّهُ جَعَلَ لَكُم مِّنۢ بُيُوتِكُمۡ سَكَنًا وَجَعَلَ لَكُم مِّن جُلُودِ ٱلۡأَنۡعَٰمِ بُيُوتًا تَسۡتَخِفُّونَهَا يَوۡمَ ظَعۡنِكُمۡ وَيَوۡمَ إِقَامَتِكُمۡ وَمِنۡ أَصۡوَافِهَا وَأَوۡبَارِهَا وَأَشۡعَارِهَآ أَثَٰثًا وَمَتَٰعًا إِلَىٰ حِينٍ ٨٠KananjalouAllâh Unenzeleamakhayaenuukubaabeziindawo zokuhlala (kwenu). Waza kanajalo Wanenzela iintente ngeemfele zeenkomo ukuba zibe ziindawo zokuhlala kwenu enizifumana zilula ukuziphatha xa niseluhambeni naxa sele nihleli (eluhambeni apho), kanti noboya bazo buzizihombiso nezixhobo eziluncedo (umzekelo, iingubo iijezi nezinye izinto ezenziwa ngabo). Zibubumyoli okwethutyana وَٱللَّهُ جَعَلَ لَكُم مِّمَّا خَلَقَ ظِلَٰلًا وَجَعَلَ لَكُم مِّنَ ٱلۡجِبَالِ أَكۡنَٰنًا وَجَعَلَ لَكُمۡ سَرَٰبِيلَ تَقِيكُمُ ٱلۡحَرَّ وَسَرَٰبِيلَ تَقِيكُم بَأۡسَكُمۡۚ كَذَٰلِكَ يُتِمُّ نِعۡمَتَهُۥ عَلَيۡكُمۡ لَعَلَّكُمۡ تُسۡلِمُونَ ٨١Ukanti uAllâh Unenzele imithunzi ngoko Akudalileyo, Wanenzela neendawo zokufumana ukhuseleko ezintabeni, Wanenzela nezambatho zokunikhusela ebushushwini (nasengqeleni) nezinxibo zentsimbi zokunikhusela kuhlaselwano lwenu. Uzifezekise kanjalo ke izibabalo zaKhe kuni, khon’ukuze nizinikele eNtandweni yaKhe (i-Islam) فَإِن تَوَلَّوۡاْ فَإِنَّمَا عَلَيۡكَ ٱلۡبَلَٰغُ ٱلۡمُبِينُ ٨٢Ke kaloku ukuba bayafulathela, (wena Muhammad) owakho umsebenzi kukuvakalisa (uMyalezo weIslam) ngendlela ecacileyo يَعۡرِفُونَ نِعۡمَتَ ٱللَّهِ ثُمَّ يُنكِرُونَهَا وَأَكۡثَرُهُمُ ٱلۡكَٰفِرُونَ ٨٣Bayaluqonda ubabalo luka-Allâh kodwa basuke baluphike yaye uninzi lwabo ngabahedeni وَيَوۡمَ نَبۡعَثُ مِن كُلِّ أُمَّةٍ شَهِيدًا ثُمَّ لَا يُؤۡذَنُ لِلَّذِينَ كَفَرُواْ وَلَا هُمۡ يُسۡتَعۡتَبُونَ ٨٤Nikhumbule ke iMini eSiya kuvelisa ngayo ingqina (elinguMprofeti) kwisizwe ngasinye, ke ngoko abo bangazanga bakholwe abayi kunikwa mvume (yakubeka zizathu zokungakholwa kwabo) bengayi kuvunyelwa nokuvunyelwa (ukuba babuyele ehlabathini) bazokuguquka bacele itarhu kuAllâh (ngezenzo zabo ezigwenxa) وَإِذَا رَءَا ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ ٱلۡعَذَابَ فَلَا يُخَفَّفُ عَنۡهُمۡ وَلَا هُمۡ يُنظَرُونَ ٨٥Yaye futhi abo benza ubugwenxa baza kusibona isohlwayo, yaye asiyi kwenziwa lula kubo, bengayi kusirhoxiselwa nokusirhoxiselwa وَإِذَا رَءَا ٱلَّذِينَ أَشۡرَكُواْ شُرَكَآءَهُمۡ قَالُواْ رَبَّنَا هَٰٓؤُلَآءِ شُرَكَآؤُنَا ٱلَّذِينَ كُنَّا نَدۡعُواْ مِن دُونِكَۖ فَأَلۡقَوۡاْ إِلَيۡهِمُ ٱلۡقَوۡلَ إِنَّكُمۡ لَكَٰذِبُونَ ٨٦Kananjalo xa abo babesayamanisa amahlulelane kuAllâh bewabona (loo) mahlulelane abo, baya kuthi: “Nkosi yethu la ngamahlulelane ethu esasidla ngokubiza kuwo ngaphandle kwaKho.” Kodwa wona asuke aphindisele (loo) ntetho yabo kubo (athi): “Inene! Nina ningamaxoki okwenene!” وَأَلۡقَوۡاْ إِلَى ٱللَّهِ يَوۡمَئِذٍ ٱلسَّلَمَۖ وَضَلَّ عَنۡهُم مَّا كَانُواْ يَفۡتَرُونَ ٨٧Yaye ngaloo Mini baya kuzinikela ngokupheleleyo kuAllâh (Yedwa) baze oothixo babo bobuxoki banyamalale phambi kwabo ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَصَدُّواْ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِ زِدۡنَٰهُمۡ عَذَابًا فَوۡقَ ٱلۡعَذَابِ بِمَا كَانُواْ يُفۡسِدُونَ ٨٨Abo baye bala ukukholwa, bathintela (abantu) eNdleleni ka- Allâh. Kubo Siya kongezelela isohlwayo kuba babesasaza ukungcola وَيَوۡمَ نَبۡعَثُ فِي كُلِّ أُمَّةٍ شَهِيدًا عَلَيۡهِم مِّنۡ أَنفُسِهِمۡۖ وَجِئۡنَا بِكَ شَهِيدًا عَلَىٰ هَٰٓؤُلَآءِۚ وَنَزَّلۡنَا عَلَيۡكَ ٱلۡكِتَٰبَ تِبۡيَٰنًا لِّكُلِّ شَيۡءٍ وَهُدًى وَرَحۡمَةً وَبُشۡرَىٰ لِلۡمُسۡلِمِينَ ٨٩Ke kaloku ngaloo Mini Siya kuvelisa iNgqina kwisizwe ngasinye (eliya kunika) ubungqina ngokuchasene nabo. Size Sivelise wena (Muhammad) ukuba ube liNgqina ngokuchasene naba (Bantu). Ukanti Sithumele iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe ukuba ibe ngumcacisi wezinto zonke, ibe sisikhokelo, ibe yinceba neendaba ezivuyisayo kwabo bazinikeleyo, (kuAllâh bangamaMuslim) ۞ إِنَّ ٱللَّهَ يَأۡمُرُ بِٱلۡعَدۡلِ وَٱلۡإِحۡسَٰنِ وَإِيتَآيِٕ ذِي ٱلۡقُرۡبَىٰ وَيَنۡهَىٰ عَنِ ٱلۡفَحۡشَآءِ وَٱلۡمُنكَرِ وَٱلۡبَغۡيِۚ يَعِظُكُمۡ لَعَلَّكُمۡ تَذَكَّرُونَ ٩٠Inene uAllâh Uyalela ukwenziwa kobulungisa nokuhle nokunikela kwizizalwana8 nezihlobo. Nokwalela ukwenziwa kokungcola nobutshinga nayo yonke ingcinezelo. Uniyalela kananjalo ukuba nithabathe ingqalelo وَأَوۡفُواْ بِعَهۡدِ ٱللَّهِ إِذَا عَٰهَدتُّمۡ وَلَا تَنقُضُواْ ٱلۡأَيۡمَٰنَ بَعۡدَ تَوۡكِيدِهَا وَقَدۡ جَعَلۡتُمُ ٱللَّهَ عَلَيۡكُمۡ كَفِيلًاۚ إِنَّ ٱللَّهَ يَعۡلَمُ مَا تَفۡعَلُونَ ٩١Ke kaloku zalisekisani iminqophiso xa nithe nanqophisa, ningazaphuli izifungo emva kokuba sele nizimisele, nibeke uAllâh ukuba Abe sisimiso senu. Inene uAllâh Uyakwazi enikwenzayo وَلَا تَكُونُواْ كَٱلَّتِي نَقَضَتۡ غَزۡلَهَا مِنۢ بَعۡدِ قُوَّةٍ أَنكَٰثًا تَتَّخِذُونَ أَيۡمَٰنَكُمۡ دَخَلَۢا بَيۡنَكُمۡ أَن تَكُونَ أُمَّةٌ هِيَ أَرۡبَىٰ مِنۡ أُمَّةٍۚ إِنَّمَا يَبۡلُوكُمُ ٱللَّهُ بِهِۦۚ وَلَيُبَيِّنَنَّ لَكُمۡ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ مَا كُنتُمۡ فِيهِ تَخۡتَلِفُونَ ٩٢Kananjalo ningabi nje ngomfazi okhulula umsonto asele ewolukile emveni kokuba ubusele uqinile, ngokuthabatha izifungo zenu zibe yindlela yokukhohlisa phakathi kwenu, kuba hleze uhlanga oluthile lube luninzi kakhulu kunolunye uhlanga. UAllâh Uyanivavanya kuphela ngako oku. Ukanti ngoMhla wovuko Uza kunenza nicacelwe koko naningavumelani ngako وَلَوۡ شَآءَ ٱللَّهُ لَجَعَلَكُمۡ أُمَّةً وَٰحِدَةً وَلَٰكِن يُضِلُّ مَن يَشَآءُ وَيَهۡدِي مَن يَشَآءُۚ وَلَتُسۡـَٔلُنَّ عَمَّا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ ٩٣Yaye ukuba uAllâh Ebethanda, Ebenganenza nibe luhlanga olunye (nonke) kodwa Yena Uthumela ekulahlekeni lowo Athande ukumthumela, Akhokelele lowo Athande ukumkhokelela kodwa ngokuqinisekileyo niza kubuzwa ngoko nakwenzayo وَلَا تَتَّخِذُوٓاْ أَيۡمَٰنَكُمۡ دَخَلَۢا بَيۡنَكُمۡ فَتَزِلَّ قَدَمُۢ بَعۡدَ ثُبُوتِهَا وَتَذُوقُواْ ٱلسُّوٓءَ بِمَا صَدَدتُّمۡ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِ وَلَكُمۡ عَذَابٌ عَظِيمٌ ٩٤Kananjalo musani ukwenza izifungo zenu zibe yindlela yokukhohlisa phakathi kwenu, kuba unyawo lutyibilika emva kokuba besele lume ngokuqinileyo, nize nibe nokungcamla isohlwayo esibi sokuthintela (abantu) eNdleleni ka-Allâh, yaye okwenu iya kuba sisohlwayo esikhulu وَلَا تَشۡتَرُواْ بِعَهۡدِ ٱللَّهِ ثَمَنًا قَلِيلًاۚ إِنَّمَا عِندَ ٱللَّهِ هُوَ خَيۡرٌ لَّكُمۡ إِن كُنتُمۡ تَعۡلَمُونَ ٩٥Yaye futhi ningathengi inzuzwana encinane ngexabiso lomnqophiso ka-Allâh. Inene okukuAllâh kokona kulungileyo kuni ukuba benisazi مَا عِندَكُمۡ يَنفَدُ وَمَا عِندَ ٱللَّهِ بَاقٍۗ وَلَنَجۡزِيَنَّ ٱلَّذِينَ صَبَرُوٓاْ أَجۡرَهُم بِأَحۡسَنِ مَا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ ٩٦Nantoni na eninayo, iza kushokoxeka, ukanti okuka- Allâh kuya kuhlala kukhona, yaye abo banomonde, Siya kubahlawula umvuzo wabo ngokulingana nokona kuhle abakwenzayo مَنۡ عَمِلَ صَٰلِحًا مِّن ذَكَرٍ أَوۡ أُنثَىٰ وَهُوَ مُؤۡمِنٌ فَلَنُحۡيِيَنَّهُۥ حَيَوٰةً طَيِّبَةًۖ وَلَنَجۡزِيَنَّهُمۡ أَجۡرَهُم بِأَحۡسَنِ مَا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ ٩٧Nabani na owenza ubulungisa, nokuba ungoyindoda okanye ungowasetyhini olikholwa lokwenene yena Siya kumnika ubomi obulungileyo, yaye Siya kubanika (abanjalo) umvuzo wabo ngokomlinganiselo olingana nokuhle abakwenzayo فَإِذَا قَرَأۡتَ ٱلۡقُرۡءَانَ فَٱسۡتَعِذۡ بِٱللَّهِ مِنَ ٱلشَّيۡطَٰنِ ٱلرَّجِيمِ ٩٨Ke kaloku xa ufuna ukucengceleza i’Kur’ân, funa ukhuseleko ngoAllâh kuShaytân owaqalekiswayo إِنَّهُۥ لَيۡسَ لَهُۥ سُلۡطَٰنٌ عَلَى ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَلَىٰ رَبِّهِمۡ يَتَوَكَّلُونَ ٩٩Inene! Yena akanamandla phezu kwabo bakholwayo babeka ithemba labo eNkosini yabo (uAllâh) إِنَّمَا سُلۡطَٰنُهُۥ عَلَى ٱلَّذِينَ يَتَوَلَّوۡنَهُۥ وَٱلَّذِينَ هُم بِهِۦ مُشۡرِكُونَ ١٠٠Amandla akhe (uShaytân) aphezu kwabo bathobela yena bamlandele, ndawonye nabo bayamanisa amahlulelane kuYe (uAllâh) وَإِذَا بَدَّلۡنَآ ءَايَةً مَّكَانَ ءَايَةٍ وَٱللَّهُ أَعۡلَمُ بِمَا يُنَزِّلُ قَالُوٓاْ إِنَّمَآ أَنتَ مُفۡتَرِۭۚ بَلۡ أَكۡثَرُهُمۡ لَا يَعۡلَمُونَ ١٠١Kananjalo xa Sitshintsha iVesi (ye’Kur’ân) endaweni yenye uAllâh Ukwazi ngcono Akuthumela emhlabeni bona (abangakholwayo) bathi:“Wena(Muhammad) ungumqambi,” Nakanye, uninzi lwabo alwazi nto قُلۡ نَزَّلَهُۥ رُوحُ ٱلۡقُدُسِ مِن رَّبِّكَ بِٱلۡحَقِّ لِيُثَبِّتَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَهُدًى وَبُشۡرَىٰ لِلۡمُسۡلِمِينَ ١٠٢Yithi ke wena: “URûhul ‘Kudus10 uze nayo emhlabeni evela nayo eNkosini yakho inenyaniso, khon’ukuze iqinise, yomeleze abo bakholwayo, ibe sisiKhokelo kananjalo neendaba ezivuyisayo kwabo bazinikeleyo (kuAllâh ukuba babe ngamaMuslim)” وَلَقَدۡ نَعۡلَمُ أَنَّهُمۡ يَقُولُونَ إِنَّمَا يُعَلِّمُهُۥ بَشَرٌۗ لِّسَانُ ٱلَّذِي يُلۡحِدُونَ إِلَيۡهِ أَعۡجَمِيٌّ وَهَٰذَا لِسَانٌ عَرَبِيٌّ مُّبِينٌ ١٠٣Inene! Thina Siyazi okokuba bathi: “Ngubani na omfundisayo (uMuhammad).” Ulwimi lwalowo bathi ufundiswa nguye lolwasemzini lo gama le ‘Kur’ân ingolwimi olucacileyo lwesiArabhu إِنَّ ٱلَّذِينَ لَا يُؤۡمِنُونَ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ لَا يَهۡدِيهِمُ ٱللَّهُ وَلَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ١٠٤Inene! Abo bangakhlowayo kwiiVesi zika-Allâh, uAllâh Akayi kubakhokela yaye futhi okwabo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu إِنَّمَا يَفۡتَرِي ٱلۡكَذِبَ ٱلَّذِينَ لَا يُؤۡمِنُونَ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡكَٰذِبُونَ ١٠٥Kuphela ngabo bangakholwayo kwiiVesi zika-Allâh abaqamba ubuxoki, yaye ngabo abangamaxoki مَن كَفَرَ بِٱللَّهِ مِنۢ بَعۡدِ إِيمَٰنِهِۦٓ إِلَّا مَنۡ أُكۡرِهَ وَقَلۡبُهُۥ مُطۡمَئِنُّۢ بِٱلۡإِيمَٰنِ وَلَٰكِن مَّن شَرَحَ بِٱلۡكُفۡرِ صَدۡرًا فَعَلَيۡهِمۡ غَضَبٌ مِّنَ ٱللَّهِ وَلَهُمۡ عَذَابٌ عَظِيمٌ ١٠٦Nawuphi na (umntu) oye wangakholwa kuAllâh emva kokukholwa, ngaphandle kwalowo uye wanyanzelwa ukuba enze njalo ibe intliziyo yakhe isahleli elukholweni, kodwa bona abo bavula iintliziyo zabo bazivulele ukungakholwa, phezu kwabo yingqumbo ka-Allâh yaye okwabo iya kuba sisohlwayo esikhulu ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمُ ٱسۡتَحَبُّواْ ٱلۡحَيَوٰةَ ٱلدُّنۡيَا عَلَى ٱلۡأٓخِرَةِ وَأَنَّ ٱللَّهَ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلۡكَٰفِرِينَ ١٠٧Oko kungenxa yokuba bathanda bekwakhetha ubomi beli hlabathi kunoBomi oBuzayo. Ke Yena uAllâh Akabakhokeli abantu abangakholwayo أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ طَبَعَ ٱللَّهُ عَلَىٰ قُلُوبِهِمۡ وَسَمۡعِهِمۡ وَأَبۡصَٰرِهِمۡۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡغَٰفِلُونَ ١٠٨Bona bangabo bantliziyo zabo, nokuva kwabo, nokubona kwabo uAllâh Afake itywina yaye bangabangaqiqiyo لَا جَرَمَ أَنَّهُمۡ فِي ٱلۡأٓخِرَةِ هُمُ ٱلۡخَٰسِرُونَ ١٠٩Ngokungathandabuzekiyo, kuBomi oBuzayo, baya kuba ngabalahlekelwa ثُمَّ إِنَّ رَبَّكَ لِلَّذِينَ هَاجَرُواْ مِنۢ بَعۡدِ مَا فُتِنُواْ ثُمَّ جَٰهَدُواْ وَصَبَرُوٓاْ إِنَّ رَبَّكَ مِنۢ بَعۡدِهَا لَغَفُورٌ رَّحِيمٌ ١١٠Ke kaloku inene iNkosi yakho kwabo bafudukayo emva kokuba befakwe intshutshiso baza bazabalazamva koko balwa (eNdleleni ka-Allâh) baba nomonde, inene, iNkosi yakho nguMxoleli, uSozinceba ۞ يَوۡمَ تَأۡتِي كُلُّ نَفۡسٍ تُجَٰدِلُ عَن نَّفۡسِهَا وَتُوَفَّىٰ كُلُّ نَفۡسٍ مَّا عَمِلَتۡ وَهُمۡ لَا يُظۡلَمُونَ ١١١ngeMini apho umntu ngamnye aya kuza ezicengela isiqu sakhe, aze umtu ngamnye ahlawulwe ngokupheleleyo ngoko wakwenzayo, yaye abayi kuphathwa ngokungenabulungisa وَضَرَبَ ٱللَّهُ مَثَلًا قَرۡيَةً كَانَتۡ ءَامِنَةً مُّطۡمَئِنَّةً يَأۡتِيهَا رِزۡقُهَا رَغَدًا مِّن كُلِّ مَكَانٍ فَكَفَرَتۡ بِأَنۡعُمِ ٱللَّهِ فَأَذَٰقَهَا ٱللَّهُ لِبَاسَ ٱلۡجُوعِ وَٱلۡخَوۡفِ بِمَا كَانُواْ يَصۡنَعُونَ ١١٢Kananjalo uAllâh Wenza umzekelo wedolophu (iMakkah) eyayihleli ikhuselekile yanelisekile nokwaneliseka: iimbonelelo zayo zisiza ziyindyebo kuyo zivela kuyo yonke indawo, kodwa (abantu bayo) baziphika izibabalo zika- Allâh (ngokungabi nambulelo). Ke kaloku uAllâh Wayenza ukuba ikhe ingcamle indlala kanobom noloyiko ngenxa yoko bakwenzayo (abantu bayo) وَلَقَدۡ جَآءَهُمۡ رَسُولٌ مِّنۡهُمۡ فَكَذَّبُوهُ فَأَخَذَهُمُ ٱلۡعَذَابُ وَهُمۡ ظَٰلِمُونَ ١١٣Ke kaloku inene, kwafika uMprofeti (uMuhammad) kubo, ephuma phakathi kwabo, kodwa bamphika, saza ke isohlwayo sabafumana besengabagabadeli njalo فَكُلُواْ مِمَّا رَزَقَكُمُ ٱللَّهُ حَلَٰلًا طَيِّبًا وَٱشۡكُرُواْ نِعۡمَتَ ٱللَّهِ إِن كُنتُمۡ إِيَّاهُ تَعۡبُدُونَ ١١٤Yidlani ke ngoko kwizinto ezivumelekileyo nezilungileyo Anibonelele ngazo uAllâh, nibe nombulelo kananjalo ngobuBele buka-Allâh, ukuba ngaba nguYe eniMnqulayo إِنَّمَا حَرَّمَ عَلَيۡكُمُ ٱلۡمَيۡتَةَ وَٱلدَّمَ وَلَحۡمَ ٱلۡخِنزِيرِ وَمَآ أُهِلَّ لِغَيۡرِ ٱللَّهِ بِهِۦۖ فَمَنِ ٱضۡطُرَّ غَيۡرَ بَاغٍ وَلَا عَادٍ فَإِنَّ ٱللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ ١١٥Yena Unalele kuphela ukuba nidle into ezifeleyo, igazi, inyama yehagu, nasiphi na isilwanyana esixhelelwe ukuba lidini lomnikelo kwenye into engenguYe uAllâh. Kodwa ke ukuba ubani uye wanyanzeliswa yimeko enganyamezelekiyo, engenziwa yindelelo, engaqhutywa lugabadelo ke kaloku uAllâh nguMxoleli, uSozinceba وَلَا تَقُولُواْ لِمَا تَصِفُ أَلۡسِنَتُكُمُ ٱلۡكَذِبَ هَٰذَا حَلَٰلٌ وَهَٰذَا حَرَامٌ لِّتَفۡتَرُواْ عَلَى ٱللَّهِ ٱلۡكَذِبَۚ إِنَّ ٱلَّذِينَ يَفۡتَرُونَ عَلَى ٱللَّهِ ٱلۡكَذِبَ لَا يُفۡلِحُونَ ١١٦Kananjalo musani ukuthetha ngezinto ezitshiwo ngobuxoki ngamalwimi enu nithi: “Oku kuHalâl11, oku kuHarâm12,” nitsho niqamba ubuxoki ngoAllâh. Eneneni abo baqamba ubuxoki ngoAllâh asokuze baphumelele مَتَٰعٌ قَلِيلٌ وَلَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ ١١٧Bathabathekile lulonwabo lomzuzwana oludlulayo kanti baza kuba nesohlwayo esibuhlungu وَعَلَى ٱلَّذِينَ هَادُواْ حَرَّمۡنَا مَا قَصَصۡنَا عَلَيۡكَ مِن قَبۡلُۖ وَمَا ظَلَمۡنَٰهُمۡ وَلَٰكِن كَانُوٓاْ أَنفُسَهُمۡ يَظۡلِمُونَ ١١٨Ke kaloku kwabo bangamaYuda, Salela izinto ezinjengezo sele Sizikhankanye kuwe (Muhammad) kwantlandlolo. Kananjalo aSizanga Sibone Thina koko ngabo ngokwabo abazonayo ثُمَّ إِنَّ رَبَّكَ لِلَّذِينَ عَمِلُواْ ٱلسُّوٓءَ بِجَهَٰلَةٍ ثُمَّ تَابُواْ مِنۢ بَعۡدِ ذَٰلِكَ وَأَصۡلَحُوٓاْ إِنَّ رَبَّكَ مِنۢ بَعۡدِهَا لَغَفُورٌ رَّحِيمٌ ١١٩Ke kaloku inene! INkosi yakho kwabo benza ukungcola bengazi baze baguquke emva koko, benze izenzo ezilungileyo, inene iNkosi yakho emva koko nguMxoleli, uSozinceba إِنَّ إِبۡرَٰهِيمَ كَانَ أُمَّةً قَانِتًا لِّلَّهِ حَنِيفًا وَلَمۡ يَكُ مِنَ ٱلۡمُشۡرِكِينَ ١٢٠Inene uIbrâhîm wayesisizwe esinentobeko kuAllâh, engumHanîfa yaye yena wayengengomnye wabakhonzi bezithixo شَاكِرًا لِّأَنۡعُمِهِۚ ٱجۡتَبَىٰهُ وَهَدَىٰهُ إِلَىٰ صِرَٰطٍ مُّسۡتَقِيمٍ ١٢١Wayenombulelo ngeeNtsikelelo zaKhe (uAllâh) Waza Yena Wamkhetha, Wamkhokelela kwiNdlela ethe Tye وَءَاتَيۡنَٰهُ فِي ٱلدُّنۡيَا حَسَنَةًۖ وَإِنَّهُۥ فِي ٱلۡأٓخِرَةِ لَمِنَ ٱلصَّٰلِحِينَ ١٢٢Kananjalo Samnika okulungileyo kweli hlabathi, ukanti kwelizayo usaya kuba ngomnye wabangamalungisa ثُمَّ أَوۡحَيۡنَآ إِلَيۡكَ أَنِ ٱتَّبِعۡ مِلَّةَ إِبۡرَٰهِيمَ حَنِيفًاۖ وَمَا كَانَ مِنَ ٱلۡمُشۡرِكِينَ ١٢٣Thina ke Sithumele isiTyhilelo kuwe (Muhammad): Landela inkolo kaIbrâhîm umHanîfa yaye yena waye ngenguye omnye wabakhonzi bezithixo إِنَّمَا جُعِلَ ٱلسَّبۡتُ عَلَى ٱلَّذِينَ ٱخۡتَلَفُواْ فِيهِۚ وَإِنَّ رَبَّكَ لَيَحۡكُمُ بَيۡنَهُمۡ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ فِيمَا كَانُواْ فِيهِ يَخۡتَلِفُونَ ١٢٤ISabatha yayimiselwe kuphela abo babephikisana ngayo, yaye futhi iNkosi yakho Iza kugweba phakathi kwabo ngeMini yoVuko mayela noko babephikisana ngako ٱدۡعُ إِلَىٰ سَبِيلِ رَبِّكَ بِٱلۡحِكۡمَةِ وَٱلۡمَوۡعِظَةِ ٱلۡحَسَنَةِۖ وَجَٰدِلۡهُم بِٱلَّتِي هِيَ أَحۡسَنُۚ إِنَّ رَبَّكَ هُوَ أَعۡلَمُ بِمَن ضَلَّ عَن سَبِيلِهِۦ وَهُوَ أَعۡلَمُ بِٱلۡمُهۡتَدِينَ ١٢٥Memela eNdleleni yeNkosi yakho ngobulumko nentshumayelo entle, uxoxe nabo ngendlela eyiyeyona ilungileyo. Inene iNkosi yakho Yazi kakuhle okokuba ngubani na olahlekileyo eNdleleni yaYo, yaye futhi Ibazi kakuhle abangabona bakhokelelekileyo وَإِنۡ عَاقَبۡتُمۡ فَعَاقِبُواْ بِمِثۡلِ مَا عُوقِبۡتُم بِهِۦۖ وَلَئِن صَبَرۡتُمۡ لَهُوَ خَيۡرٌ لِّلصَّٰبِرِينَ ١٢٦Ke kaloku xa nisohlwaya (utshaba lwenu) lohlwayeni ngohlobo enanithuthunjiswe ngalo nani. Kodwa ukuba (nikhetha) ukunyamezela ngomonde, inene, kokona kulungileyo oko kuni (ukuba nibe) ngabanomonde وَٱصۡبِرۡ وَمَا صَبۡرُكَ إِلَّا بِٱللَّهِۚ وَلَا تَحۡزَنۡ عَلَيۡهِمۡ وَلَا تَكُ فِي ضَيۡقٍ مِّمَّا يَمۡكُرُونَ ١٢٧Nyamezela ke wena (Muhammad) ngomonde, ukunyamezela kwakho akuveli kubani ngaphandle kwakuAllâh. Kananjalo ungazikhathazingabo(abanqulizithixo),unganxunguphaliswa nangoko bakuqulunqayo إِنَّ ٱللَّهَ مَعَ ٱلَّذِينَ ٱتَّقَواْ وَّٱلَّذِينَ هُم مُّحۡسِنُونَ ١٢٨Inene, uAllâh Unabo baMoyikayo, (baMhlonele) nabo bangabenzi bokulungileyo

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.