بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
إِذَا ٱلسَّمَآءُ ٱنفَطَرَتۡ ١Xa isibhakabhaka sicandeka phakathi وَإِذَا ٱلۡكَوَاكِبُ ٱنتَثَرَتۡ ٢Naxa iinkwenkwezi zisiwa وَإِذَا ٱلۡبِحَارُ فُجِّرَتۡ ٣Naxa iilwandle ziphuphuma وَإِذَا ٱلۡقُبُورُ بُعۡثِرَتۡ ٤Naxa amangcwaba ebhedululiwe عَلِمَتۡ نَفۡسٌ مَّا قَدَّمَتۡ وَأَخَّرَتۡ ٥Umphefumlo (ngamnye) uya kuyazi into oze nayo ngaphambili noyishiye ngemva يَٰٓأَيُّهَا ٱلۡإِنسَٰنُ مَا غَرَّكَ بِرَبِّكَ ٱلۡكَرِيمِ ٦Hini na wena mntu! Yintoni na ekwenze akwaYihoya iNkosi yakho, uSobubele ٱلَّذِي خَلَقَكَ فَسَوَّىٰكَ فَعَدَلَكَ ٧Eyakudalayo Yakubumba ngemfezeko ngomlinganiselo onguwo فِيٓ أَيِّ صُورَةٍ مَّا شَآءَ رَكَّبَكَ ٨Nayiphi na imo Ethanda ukuba ube yiyo wena; Ikudibanisa ube njalo كـَلَّا بَلۡ تُكَذِّبُونَ بِٱلدِّينِ ٩Yeha inene nina niyawuphika uMgwebo وَإِنَّ عَلَيۡكُمۡ لَحَٰفِظِينَ ١٠Inene phezu kwenu kukho (iingelosi ezinyulelwe) ukunilondoza كِرَامًا كَٰتِبِينَ ١١zilunge kakhulu, zihloniphekile, zibhala phantsi (konke) enikwenzayo يَعۡلَمُونَ مَا تَفۡعَلُونَ ١٢Zikwazi konke enikwenzayo إِنَّ ٱلۡأَبۡرَارَ لَفِي نَعِيمٍ ١٣Inene amalungisa aya kuba selonwabeni وَإِنَّ ٱلۡفُجَّارَ لَفِي جَحِيمٍ ١٤Inene abangcolileyo baya kuba seMlilweni wesiHogo يَصۡلَوۡنَهَا يَوۡمَ ٱلدِّينِ ١٥Baya kungena kuso apho ngoMhla wemivuzo وَمَا هُمۡ عَنۡهَا بِغَآئِبِينَ ١٦Yaye abasokuze bakwazi ukuphuncula kuso وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا يَوۡمُ ٱلدِّينِ ١٧Yintoni na enokukucacisela ukuba uMhla wemivuzo (lo) uyintoni na ثُمَّ مَآ أَدۡرَىٰكَ مَا يَوۡمُ ٱلدِّينِ ١٨Kwakhona yintoni na enokukucacisela ukuba uMhla wemivuzo (lo) uyintoni na يَوۡمَ لَا تَمۡلِكُ نَفۡسٌ لِّنَفۡسٍ شَيۡـًٔاۖ وَٱلۡأَمۡرُ يَوۡمَئِذٍ لِّلَّهِ ١٩Iya kuba yiMini apho kungekho mphefumlo uya kuba namandla akwenzela nto omnye. Yaye ulawulo ngaloo Mini luya kuba loluka-Allâh (lonke)