ملة الإسلام

السورة 83 · 36 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة المطففين باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة المطففين (1,318 قارئاً)
مكيةسورة المطففين٣٦ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

وَيۡلٌ لِّلۡمُطَفِّفِينَ ١Yeha kwabo banobuqhetseba ٱلَّذِينَ إِذَا ٱكۡتَالُواْ عَلَى ٱلنَّاسِ يَسۡتَوۡفُونَ ٢Abo bathi xa kufuneka befumene into kwabanye abantu, bafune umlinganiselo ozeleyo وَإِذَا كَالُوهُمۡ أَو وَّزَنُوهُمۡ يُخۡسِرُونَ ٣Kodwa xa kufuneka ibe ngabo amabanike abanye abantu umlinganiselo onguwo, suke bona babanike omncinane kunofanelekileyo أَلَا يَظُنُّ أُوْلَٰٓئِكَ أَنَّهُم مَّبۡعُوثُونَ ٤Abacingi na ukuba baza kuphinda bavuswe (baxoxiswe) لِيَوۡمٍ عَظِيمٍ ٥NgoMhla oMkhulu يَوۡمَ يَقُومُ ٱلنَّاسُ لِرَبِّ ٱلۡعَٰلَمِينَ ٦UMhla abaya kuthi bonke abantu bame phambi kweNkosi yamazwe كـَلَّآ إِنَّ كِتَٰبَ ٱلۡفُجَّارِ لَفِي سِجِّينٍ ٧Yeha inene, imibhalo yezenzo zabangcolileyo igcinwe kwi- Sijjîn وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا سِجِّينٌ ٨Yintoni na enokukucacisela okokuba iyintoni na iSijjiîn كِتَٰبٌ مَّرۡقُومٌ ٩YiNcwadi ebhaliweyo وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ ١٠Yeha kwabo baphikayo ngaloo Mini ٱلَّذِينَ يُكَذِّبُونَ بِيَوۡمِ ٱلدِّينِ ١١Abo baphika iMini yoMgwebo وَمَا يُكَذِّبُ بِهِۦٓ إِلَّا كُلُّ مُعۡتَدٍ أَثِيمٍ ١٢Akakho oyiphikayo ngaphandle komoni ogabadeleyo إِذَا تُتۡلَىٰ عَلَيۡهِ ءَايَٰتُنَا قَالَ أَسَٰطِيرُ ٱلۡأَوَّلِينَ ١٣Lowo uthi xa efundelwa iziTyhilelo zeThu athi: “Ziintsomi zamandulo” كـَلَّاۖ بَلۡۜ رَانَ عَلَىٰ قُلُوبِهِم مَّا كَانُواْ يَكۡسِبُونَ ١٤Nakanye! (Banongcoliseko) lomhlwa ezintliziyweni zabo ngenxa yezenzo zabo كـَلَّآ إِنَّهُمۡ عَن رَّبِّهِمۡ يَوۡمَئِذٍ لَّمَحۡجُوبُونَ ١٥Inene baya kusithwa bangayiboni iNkosi yabo ngaloo Mini ثُمَّ إِنَّهُمۡ لَصَالُواْ ٱلۡجَحِيمِ ١٦Kwakhona, inene baya kuphoswa eMlilweni wesiHogo ثُمَّ يُقَالُ هَٰذَا ٱلَّذِي كُنتُم بِهِۦ تُكَذِّبُونَ ١٧Yaye kuya kuthiwa (kubo): “Le yilaa (nyaniso) naniyiphika!” كـَلَّآ إِنَّ كِتَٰبَ ٱلۡأَبۡرَارِ لَفِي عِلِّيِّينَ ١٨Inene iiNcwadi zezenzo zamalungisa zigcinwe kwi- ‘Iliyyûn وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا عِلِّيُّونَ ١٩Yintoni na enokukucacisela okokuba iyintoni na i-’Iliyyûn كِتَٰبٌ مَّرۡقُومٌ ٢٠YiNcwadi ebhaliweyo يَشۡهَدُهُ ٱلۡمُقَرَّبُونَ ٢١Engqinwa ngabasondele kuAllâh إِنَّ ٱلۡأَبۡرَارَ لَفِي نَعِيمٍ ٢٢Inene amalungisa aya kuba selonwabeni عَلَى ٱلۡأَرَآئِكِ يَنظُرُونَ ٢٣Ehleli ezihlalweni eziphakamileyo, emana ukujonga-jonga, (ebukela ubuhle bezinto eziseMyezweni) تَعۡرِفُ فِي وُجُوهِهِمۡ نَضۡرَةَ ٱلنَّعِيمِ ٢٤Uya kubona inkazimlo yochulumanco ebusweni bawo يُسۡقَوۡنَ مِن رَّحِيقٍ مَّخۡتُومٍ ٢٥Unxano lwawo luya kuqatyulwa ngewayini enyulu, etywiniweyo خِتَٰمُهُۥ مِسۡكٌۚ وَفِي ذَٰلِكَ فَلۡيَتَنَافَسِ ٱلۡمُتَنَٰفِسُونَ ٢٦Etywina layo liziziqholo zeMisk1: Nantsi ke into abanomnqweno abanokukhuphisana ngayo وَمِزَاجُهُۥ مِن تَسۡنِيمٍ ٢٧Ixutywe namanzi omthombo weTasnîm. okwabo iya kuba ngumvuzo ongasokuze ube nasiphelo عَيۡنًا يَشۡرَبُ بِهَا ٱلۡمُقَرَّبُونَ ٢٨Umthombo ekusela kuwo abo bakufuphi no Allâh إِنَّ ٱلَّذِينَ أَجۡرَمُواْ كَانُواْ مِنَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ يَضۡحَكُونَ ٢٩Inene, aboni babedla ngokubahleka abo bakholwayo وَإِذَا مَرُّواْ بِهِمۡ يَتَغَامَزُونَ ٣٠Ngalo lonke ixesha begqitha ecaleni kwabo (bakholwayo), baqobelane amehlo (begculela) وَإِذَا ٱنقَلَبُوٓاْ إِلَىٰٓ أَهۡلِهِمُ ٱنقَلَبُواْ فَكِهِينَ ٣١Bathi bakufika kumawabo benze intlekisa وَإِذَا رَأَوۡهُمۡ قَالُوٓاْ إِنَّ هَٰٓؤُلَآءِ لَضَآلُّونَ ٣٢Baze bathi lonke ixesha xa bebabona bathi: “Yabonani! Aba bantu balahlekile ngenene!” وَمَآ أُرۡسِلُواْ عَلَيۡهِمۡ حَٰفِظِينَ ٣٣Ukanti babengathunywanga ukuba babe ngabalondolozi babo فَٱلۡيَوۡمَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مِنَ ٱلۡكُفَّارِ يَضۡحَكُونَ ٣٤Ngale Mini ngabakholwayo abaya kuba behleka abangakholwayayo عَلَى ٱلۡأَرَآئِكِ يَنظُرُونَ ٣٥Behleli ezihlalweni (ezimfuma-mfuma), eziphakamileyo, bejonga-jonga هَلۡ ثُوِّبَ ٱلۡكُفَّارُ مَا كَانُواْ يَفۡعَلُونَ ٣٦Abamelanga kubuyekezwa na abangakholwayo ngoko bakwenzayo

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.