ملة الإسلام

السورة 35 · 45 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة فاطر باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة فاطر (1,246 قارئاً)
مكيةسورة فاطر٤٥ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

ٱلۡحَمۡدُ لِلَّهِ فَاطِرِ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ جَاعِلِ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةِ رُسُلًا أُوْلِيٓ أَجۡنِحَةٍ مَّثۡنَىٰ وَثُلَٰثَ وَرُبَٰعَۚ يَزِيدُ فِي ٱلۡخَلۡقِ مَا يَشَآءُۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ ١Iindumiso (zonke) mazibe kuAllâh, uMdali wamazulu nomhlaba, Owenza iingelosi zaba zizithunywa ezinamaphiko, amabini okanye amathathu okanye amane. Yena Wandisa Akuthandileyo endalweni. (yaKhe). Inene UAllâh Unamandla ngaphezulu kwezinto zonke مَّا يَفۡتَحِ ٱللَّهُ لِلنَّاسِ مِن رَّحۡمَةٍ فَلَا مُمۡسِكَ لَهَاۖ وَمَا يُمۡسِكۡ فَلَا مُرۡسِلَ لَهُۥ مِنۢ بَعۡدِهِۦۚ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ ٢Nantoni na uAllâh Ayenzela abantu eyinceba akukho bani unokwala nayo-kungekho bani unokuyikhulula emva koko. Kananjalo Yena nguSobunganga, uSobulumko يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ ٱذۡكُرُواْ نِعۡمَتَ ٱللَّهِ عَلَيۡكُمۡۚ هَلۡ مِنۡ خَٰلِقٍ غَيۡرُ ٱللَّهِ يَرۡزُقُكُم مِّنَ ٱلسَّمَآءِ وَٱلۡأَرۡضِۚ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَۖ فَأَنَّىٰ تُؤۡفَكُونَ ٣Hini na bantu, khumbulani uBabalo lwaM kuni. Ingaba ukhona na omnye uMdali ngaphandle koAllâh onibonelelayo ngokuvela ezulwini nasemhlabeni? Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, ngoku ke niwexuleke njani (enyanisweni) وَإِن يُكَذِّبُوكَ فَقَدۡ كُذِّبَتۡ رُسُلٌ مِّن قَبۡلِكَۚ وَإِلَى ٱللَّهِ تُرۡجَعُ ٱلۡأُمُورُ ٤Ke kaloku ukuba bayakuphikisa, wena (Muhammad) sele babaphika kakade nabangaphambili kunawe. Yaye yonke imicimbi ibuyela kuAllâh يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ إِنَّ وَعۡدَ ٱللَّهِ حَقٌّۖ فَلَا تَغُرَّنَّكُمُ ٱلۡحَيَوٰةُ ٱلدُّنۡيَا وَلَا يَغُرَّنَّكُم بِٱللَّهِ ٱلۡغَرُورُ ٥Hini na bantu, inene isithembiso sika-Allâh siyinene, ngoko ke musani ukuvumela ubomi beli hlabathi buniwexule, ningakhohliswa kananjalo ngumkhohlisi (uSathana) ngoAllâh إِنَّ ٱلشَّيۡطَٰنَ لَكُمۡ عَدُوٌّ فَٱتَّخِذُوهُ عَدُوًّاۚ إِنَّمَا يَدۡعُواْ حِزۡبَهُۥ لِيَكُونُواْ مِنۡ أَصۡحَٰبِ ٱلسَّعِيرِ ٦Inene uShaytân lutshaba kuni; (mlumkeleni ke) nimthabathe njengotshaba. Kuphela Yena umemela iqela lakhe ukuba libe phakathi kwamadlelane oMlilo odwanguzayo ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لَهُمۡ عَذَابٌ شَدِيدٌۖ وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ لَهُم مَّغۡفِرَةٌ وَأَجۡرٌ كَبِيرٌ ٧Abo bangakholwayo baya kufumana isohlwayo esibuhlungu, ke bona abo bakholwayo benze izenzo ezilungileyo baya kufumana ukuxolelwa nomvuzo omkhulu أَفَمَن زُيِّنَ لَهُۥ سُوٓءُ عَمَلِهِۦ فَرَءَاهُ حَسَنًاۖ فَإِنَّ ٱللَّهَ يُضِلُّ مَن يَشَآءُ وَيَهۡدِي مَن يَشَآءُۖ فَلَا تَذۡهَبۡ نَفۡسُكَ عَلَيۡهِمۡ حَسَرَٰتٍۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَلِيمُۢ بِمَا يَصۡنَعُونَ ٨Ingaba lowo uzenzo zakhe ezingcolileyo zenziwe zaba nomtsalane (kuye), ukuze acinge ukuba zilungile? (uyafana na nalowo ukhokelekileyo)? Kanti ke uAllâh UYekela ekulahlekeni lowo Athandileyo Aze akhokele lowo Athandileyo. Ngoko Ke musani ukuvumela intshabalalo yenu ngenxa yazo (izenzo zenu) nize nizisole. Inene uAllâh Uyakwazi oko bakwenzayo وَٱللَّهُ ٱلَّذِيٓ أَرۡسَلَ ٱلرِّيَٰحَ فَتُثِيرُ سَحَابًا فَسُقۡنَٰهُ إِلَىٰ بَلَدٍ مَّيِّتٍ فَأَحۡيَيۡنَا بِهِ ٱلۡأَرۡضَ بَعۡدَ مَوۡتِهَاۚ كَذَٰلِكَ ٱلنُّشُورُ ٩NguAllâh Othumela imimoya, ize izamise amafu, eSiye Siwaqhubele emhlabeni ofileyo, Sinike ubomi, luya kuba ngolo hlobo ke uvuko مَن كَانَ يُرِيدُ ٱلۡعِزَّةَ فَلِلَّهِ ٱلۡعِزَّةُ جَمِيعًاۚ إِلَيۡهِ يَصۡعَدُ ٱلۡكَلِمُ ٱلطَّيِّبُ وَٱلۡعَمَلُ ٱلصَّٰلِحُ يَرۡفَعُهُۥۚ وَٱلَّذِينَ يَمۡكُرُونَ ٱلسَّيِّـَٔاتِ لَهُمۡ عَذَابٌ شَدِيدٌۖ وَمَكۡرُ أُوْلَٰٓئِكَ هُوَ يَبُورُ ١٠Nabani na lowo unqwenela intlonipheko Yonke intlonipheko yeka-Allâh. Intetho elungileyo inyuselwa kuYe, ize imisebenzi emihle iyifukule (loo ntetho ilungileyo). Kodwa abo benza amayelenqe okwenza izenzo ezingcolileyo baya kufumana isohlwayo esibuhlungu ukanti ukuyelenqa kwabo kuza kutshabalala وَٱللَّهُ خَلَقَكُم مِّن تُرَابٍ ثُمَّ مِن نُّطۡفَةٍ ثُمَّ جَعَلَكُمۡ أَزۡوَٰجًاۚ وَمَا تَحۡمِلُ مِنۡ أُنثَىٰ وَلَا تَضَعُ إِلَّا بِعِلۡمِهِۦۚ وَمَا يُعَمَّرُ مِن مُّعَمَّرٍ وَلَا يُنقَصُ مِنۡ عُمُرِهِۦٓ إِلَّا فِي كِتَٰبٍۚ إِنَّ ذَٰلِكَ عَلَى ٱللَّهِ يَسِيرٌ ١١Ke kaloku uAllâh Wanidala ngothuli, emva koko (nadalwa) ngeqabaza lembewu yomntu: Wanenzela abalingane. Kananjalo akukho mntu wasetyhini ukhawulwayo kungekho unokuze azale ngaphandle kolwazi lwaKhe. Kungekho mntu waluphalayo unikwa ubomi (obongezelelweyo) nobude bobomi bakhe bufinyezwe, koko oko kuseNcwadini. Inene oko kulula kuAllâh وَمَا يَسۡتَوِي ٱلۡبَحۡرَانِ هَٰذَا عَذۡبٌ فُرَاتٌ سَآئِغٌ شَرَابُهُۥ وَهَٰذَا مِلۡحٌ أُجَاجٌۖ وَمِن كُلٍّ تَأۡكُلُونَ لَحۡمًا طَرِيًّا وَتَسۡتَخۡرِجُونَ حِلۡيَةً تَلۡبَسُونَهَاۖ وَتَرَى ٱلۡفُلۡكَ فِيهِ مَوَاخِرَ لِتَبۡتَغُواْ مِن فَضۡلِهِۦ وَلَعَلَّكُمۡ تَشۡكُرُونَ ١٢Kananjalo azifani iilwandle ezimbini. Enye inamanzi amnandi okuselwa aze amanye abe mtyuwa nakrakra. Ukanti kuzo zombini (ezi lwandle) nifumana inyama nikhuphe izihombiso enizinxibayo, kananjalo niyazibona iinqanawa zicanda (amanzi) ukuze nifune iziBele zaKhe; khon’ ukuze nibe nombulelo يُولِجُ ٱلَّيۡلَ فِي ٱلنَّهَارِ وَيُولِجُ ٱلنَّهَارَ فِي ٱلَّيۡلِ وَسَخَّرَ ٱلشَّمۡسَ وَٱلۡقَمَرَۖ كُلٌّ يَجۡرِي لِأَجَلٍ مُّسَمًّىۚ ذَٰلِكُمُ ٱللَّهُ رَبُّكُمۡ لَهُ ٱلۡمُلۡكُۚ وَٱلَّذِينَ تَدۡعُونَ مِن دُونِهِۦ مَا يَمۡلِكُونَ مِن قِطۡمِيرٍ ١٣Yena wenza ubusuku bungene kwimini, Enze imini ingene kubusuku, Wenza ilanga nenyanga ukuba zibaleke (kwindawo zazo) ixesha elimiselweyo. LoWo nguAllâh, iNkosi yakho; ubukumkani bobaKhe. Kananjalo abo banqula kubo ngaphandle kwaKhe; abanayo nento engangenwebu yokhozo lwedatilisi إِن تَدۡعُوهُمۡ لَا يَسۡمَعُواْ دُعَآءَكُمۡ وَلَوۡ سَمِعُواْ مَا ٱسۡتَجَابُواْ لَكُمۡۖ وَيَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ يَكۡفُرُونَ بِشِرۡكِكُمۡۚ وَلَا يُنَبِّئُكَ مِثۡلُ خَبِيرٍ ١٤Xa nicela kubo abayiva imithandazo yenu; nokuba bayeva abakwazi kuniphendula. kanti ngoMhla woVuko baza kuluphika ulwayamaniso lwenu.Akukho bani onokunichazela (okuza kwenzeka) njengaloWo (Wazi izinto zonke) ۞ يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ أَنتُمُ ٱلۡفُقَرَآءُ إِلَى ٱللَّهِۖ وَٱللَّهُ هُوَ ٱلۡغَنِيُّ ٱلۡحَمِيدُ ١٥Hini na bantu, nini abafuna uAllâh, lo gama Yena uAllâh Engaswele nto; Efanelwe kukudunyiswa إِن يَشَأۡ يُذۡهِبۡكُمۡ وَيَأۡتِ بِخَلۡقٍ جَدِيدٍ ١٦Ethanda, Anganitshabalalisa, Aze Avelise indalo entsha وَمَا ذَٰلِكَ عَلَى ٱللَّهِ بِعَزِيزٍ ١٧Yaye oko akunzimanga (ukwenzeka) kuAllâh وَلَا تَزِرُ وَازِرَةٌ وِزۡرَ أُخۡرَىٰۚ وَإِن تَدۡعُ مُثۡقَلَةٌ إِلَىٰ حِمۡلِهَا لَا يُحۡمَلۡ مِنۡهُ شَيۡءٌ وَلَوۡ كَانَ ذَا قُرۡبَىٰٓۗ إِنَّمَا تُنذِرُ ٱلَّذِينَ يَخۡشَوۡنَ رَبَّهُم بِٱلۡغَيۡبِ وَأَقَامُواْ ٱلصَّلَوٰةَۚ وَمَن تَزَكَّىٰ فَإِنَّمَا يَتَزَكَّىٰ لِنَفۡسِهِۦۚ وَإِلَى ٱللَّهِ ٱلۡمَصِيرُ ١٨Ke kaloku akukho mthwali wamithwalo unokuthwala imithwalo yabanye. Kanjalo ukuba umphefumlo obulaleka ngumthwalo ucela (komnye) ukuba (umthwalele) inxalenye yomthwalo wawo, akukho nento le yawo oya kuyithwalelwa, enokuba (loo mntu lowo) ebengade abe usisizalwana sakhe esisondele kangakanani na kuye. Wena uya kulumkisa kuphela abo bayoyikayo iNkosi yakho Engabonwayo, abenza ISalâh. Lowo uzihlambululayo uzihlambululela isiqu sakhe ukanti kukuAllâh apho kuza kubuyelwa khona وَمَا يَسۡتَوِي ٱلۡأَعۡمَىٰ وَٱلۡبَصِيرُ ١٩Abafani abaziimfama nababonayo وَلَا ٱلظُّلُمَٰتُ وَلَا ٱلنُّورُ ٢٠Bungafani kananjalo ubumnyama nobumhlophe وَلَا ٱلظِّلُّ وَلَا ٱلۡحَرُورُ ٢١Nomthunzi nobushushu وَمَا يَسۡتَوِي ٱلۡأَحۡيَآءُ وَلَا ٱلۡأَمۡوَٰتُۚ إِنَّ ٱللَّهَ يُسۡمِعُ مَن يَشَآءُۖ وَمَآ أَنتَ بِمُسۡمِعٍ مَّن فِي ٱلۡقُبُورِ ٢٢Abafani abaphilayo nabafileyo. Inene, uAllâh Wenza kuve lowo Athande (ukuba eve), kodwa awungekhe ubenze bave abo basemangcwabeni إِنۡ أَنتَ إِلَّا نَذِيرٌ ٢٣Wena (Muhammad), awunto (yimbi) ngaphandle kokuba nguMlumkisi إِنَّآ أَرۡسَلۡنَٰكَ بِٱلۡحَقِّ بَشِيرًا وَنَذِيرًاۚ وَإِن مِّنۡ أُمَّةٍ إِلَّا خَلَا فِيهَا نَذِيرٌ ٢٤Inene wena Sikuthumele ngenyaniso ukuba ube nguMvakalisi weendaba ezilungileyo noMlumkisi. Kananjalo akukho luhlanga lungazanga lube naMphaphamisi uphila phakathi kwalo وَإِن يُكَذِّبُوكَ فَقَدۡ كَذَّبَ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡ جَآءَتۡهُمۡ رُسُلُهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِ وَبِٱلزُّبُرِ وَبِٱلۡكِتَٰبِ ٱلۡمُنِيرِ ٢٥Ke kaloku ukuba baya kuphika wena sele babaphika kakade nabangaphambili kunabo. AbaThunywa babo beza kubo benemiqondiso ecacileyo nemigaqo ebhaliweyo neziBhalo ezilukhanyiselo ثُمَّ أَخَذۡتُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْۖ فَكَيۡفَ كَانَ نَكِيرِ ٢٦Ndaza Ndabahlasela abangakholwayo, saba njani ke isohlwayo saM أَلَمۡ تَرَ أَنَّ ٱللَّهَ أَنزَلَ مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءً فَأَخۡرَجۡنَا بِهِۦ ثَمَرَٰتٍ مُّخۡتَلِفًا أَلۡوَٰنُهَاۚ وَمِنَ ٱلۡجِبَالِ جُدَدُۢ بِيضٌ وَحُمۡرٌ مُّخۡتَلِفٌ أَلۡوَٰنُهَا وَغَرَابِيبُ سُودٌ ٢٧Akuboni na ukuba uAllâh Uthumela imvula ivela esibhakabhakeni, Size Sivelise iziqhamo ngayo zemibala yonke eyahlukeneyo? (eminye yayo) imnyama kakhulu وَمِنَ ٱلنَّاسِ وَٱلدَّوَآبِّ وَٱلۡأَنۡعَٰمِ مُخۡتَلِفٌ أَلۡوَٰنُهُۥ كَذَٰلِكَۗ إِنَّمَا يَخۡشَى ٱللَّهَ مِنۡ عِبَادِهِ ٱلۡعُلَمَٰٓؤُاْۗ إِنَّ ٱللَّهَ عَزِيزٌ غَفُورٌ ٢٨Ke kaloku phakathi kwabantu nezidalwa ezinyakazayo nemfuyo edla ingca zinemibala eziintlobo ngeentlobo ngokufanayo. Kuphela kwizicaka zaKhe ngabo bamoyikayo uAllâh abanolwazi. Inene uAllâh Unobunganga, nguMxoleli إِنَّ ٱلَّذِينَ يَتۡلُونَ كِتَٰبَ ٱللَّهِ وَأَقَامُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَأَنفَقُواْ مِمَّا رَزَقۡنَٰهُمۡ سِرًّا وَعَلَانِيَةً يَرۡجُونَ تِجَٰرَةً لَّن تَبُورَ ٢٩Inene abo bacengceleza iNcwadi ka-Allâh, bamisela iSalâh banikele kumalizo ngoko Sibaphe kona, emfihlakalweni okanye ekuhleni mabalindele umvuzo ongasokuze uphele لِيُوَفِّيَهُمۡ أُجُورَهُمۡ وَيَزِيدَهُم مِّن فَضۡلِهِۦٓۚ إِنَّهُۥ غَفُورٌ شَكُورٌ ٣٠Kwanokuba Uza kubanika umvuzo wabo ngokugcweleyo Abongezelele ububele baKhe. Inene, uAllâh nguMxoleli, Obulelayo وَٱلَّذِيٓ أَوۡحَيۡنَآ إِلَيۡكَ مِنَ ٱلۡكِتَٰبِ هُوَ ٱلۡحَقُّ مُصَدِّقًا لِّمَا بَيۡنَ يَدَيۡهِۗ إِنَّ ٱللَّهَ بِعِبَادِهِۦ لَخَبِيرُۢ بَصِيرٌ ٣١Noko Sikutyhile kuwe, (Muhammad) kuvela eNcwadini, kuyinyaniso engqina oko kwatyhilwa ngaphambili kunako. Inene uAllâh Unolwazi ngezicaka zaKhe yaye Uyabona ثُمَّ أَوۡرَثۡنَا ٱلۡكِتَٰبَ ٱلَّذِينَ ٱصۡطَفَيۡنَا مِنۡ عِبَادِنَاۖ فَمِنۡهُمۡ ظَالِمٌ لِّنَفۡسِهِۦ وَمِنۡهُم مُّقۡتَصِدٌ وَمِنۡهُمۡ سَابِقُۢ بِٱلۡخَيۡرَٰتِ بِإِذۡنِ ٱللَّهِۚ ذَٰلِكَ هُوَ ٱلۡفَضۡلُ ٱلۡكَبِيرُ ٣٢Kananjalo Senza abo Sabakhethayo kwizicaka zeThu baba ziindlalifa zeNcwadi, ukanti phakathi kwabo kukho lowo uzenza ubugwenxa (ngokwenza izono) kuze phakathi kwabo kubekho lowo uphakathi kuphinde kubekho abo bahamba phambili ngezenzo ezilungileyo ngokuvunyelwa nguAllâh. Elo (lifa) libuBubele obukhulu جَنَّٰتُ عَدۡنٍ يَدۡخُلُونَهَا يُحَلَّوۡنَ فِيهَا مِنۡ أَسَاوِرَ مِن ذَهَبٍ وَلُؤۡلُؤًاۖ وَلِبَاسُهُمۡ فِيهَا حَرِيرٌ ٣٣YiMiyezo ekuya kuhlalwa kuyo ngonaphakade abaza kungena kuyo. Baya kunxityiswa izacholo apho zegolide neeperile, zize izambatho zabo apho zibe yisilika وَقَالُواْ ٱلۡحَمۡدُ لِلَّهِ ٱلَّذِيٓ أَذۡهَبَ عَنَّا ٱلۡحَزَنَۖ إِنَّ رَبَّنَا لَغَفُورٌ شَكُورٌ ٣٤Baya kuthi: “Iindumiso zonke mazibe kuAllah Osisusele imbandezelo, inene iNkosi yethu nguMxoleli, Inombulelo.” ٱلَّذِيٓ أَحَلَّنَا دَارَ ٱلۡمُقَامَةِ مِن فَضۡلِهِۦ لَا يَمَسُّنَا فِيهَا نَصَبٌ وَلَا يَمَسُّنَا فِيهَا لُغُوبٌ ٣٥Yena nguloWo usifake kwikhaya lanaphakade ngobubele baKhe. Apho asiyi kufunyanwa bubuthongo singayikufumana kudinwa وَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لَهُمۡ نَارُ جَهَنَّمَ لَا يُقۡضَىٰ عَلَيۡهِمۡ فَيَمُوتُواْ وَلَا يُخَفَّفُ عَنۡهُم مِّنۡ عَذَابِهَاۚ كَذَٰلِكَ نَجۡزِي كُلَّ كَفُورٍ ٣٦Ke bona abo bangakholwayo okwabo iya kuba nguMlilo wesiHogo. Ukufa akuyi kumiselwa kubo ukuze bafe, singayi kuncitshiswa nesohlwayo kubo. Sibabuyekeza kanjalo ke bonke abangakholwayo وَهُمۡ يَصۡطَرِخُونَ فِيهَا رَبَّنَآ أَخۡرِجۡنَا نَعۡمَلۡ صَٰلِحًا غَيۡرَ ٱلَّذِي كُنَّا نَعۡمَلُۚ أَوَلَمۡ نُعَمِّرۡكُم مَّا يَتَذَكَّرُ فِيهِ مَن تَذَكَّرَ وَجَآءَكُمُ ٱلنَّذِيرُۖ فَذُوقُواْ فَمَا لِلظَّٰلِمِينَ مِن نَّصِيرٍ ٣٧Kananjalo baya kukhala apho: “Nkosi yethu sikhuphe (apha) siya kwenza imisebenzi yobulungisa engeyiyo leyo sasidla ngokunyenza! “ Kanti Asizanga Sininike ubomi obaneleyo na bokuba nabani na okwaziyo (Ukukhumbula) akhumbule, kanti ke noMlumkisi wayefikile kuni. Ngoko ke ngcamlani (isohlwayo), kuba akuyi kubakho mncedi kubenzi bobubi إِنَّ ٱللَّهَ عَٰلِمُ غَيۡبِ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۚ إِنَّهُۥ عَلِيمُۢ بِذَاتِ ٱلصُّدُورِ ٣٨Inene, uAllah nguMazi wokungabonwayo wamazulu nomhlaba. Inene nguYe uMazi wokusezifubeni (zabantu) هُوَ ٱلَّذِي جَعَلَكُمۡ خَلَٰٓئِفَ فِي ٱلۡأَرۡضِۚ فَمَن كَفَرَ فَعَلَيۡهِ كُفۡرُهُۥۖ وَلَا يَزِيدُ ٱلۡكَٰفِرِينَ كُفۡرُهُمۡ عِندَ رَبِّهِمۡ إِلَّا مَقۡتًاۖ وَلَا يَزِيدُ ٱلۡكَٰفِرِينَ كُفۡرُهُمۡ إِلَّا خَسَارًا ٣٩Nguye Onenze naba ngabalandeli (babo banandulelayo) emhlabeni, Nabani na ke ongakholwayo kuYe (uAllâh) ziya kuba phezu kwakhe iziphumo zokungakholwa kwakhe. Ke kaloku ukungakholwa kwabangakholwayo akubongezeleli nto phambi kwamehlo eNkosi yabo ngaphandle kwenkcaso; kananjalo ukungakholwa kwabangakholwayo akubongezeleli nto ngaphandle kwelahleko قُلۡ أَرَءَيۡتُمۡ شُرَكَآءَكُمُ ٱلَّذِينَ تَدۡعُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ أَرُونِي مَاذَا خَلَقُواْ مِنَ ٱلۡأَرۡضِ أَمۡ لَهُمۡ شِرۡكٌ فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ أَمۡ ءَاتَيۡنَٰهُمۡ كِتَٰبًا فَهُمۡ عَلَىٰ بَيِّنَتٍ مِّنۡهُۚ بَلۡ إِن يَعِدُ ٱلظَّٰلِمُونَ بَعۡضُهُم بَعۡضًا إِلَّا غُرُورًا ٤٠Yithi (Muhammad): “Niwaqwalasele na phofu amahlulelane enu eniwanqulayo ngaphandle koAllah? Ndiboniseni ke okudalwe ngawo emhlabeni, okanye banamahlulelane (akunye naYe) emazulwini kusini na? Okanye Sibanike incwadi abanobungqina ngayo? (Nakanye), ukusuka apho abenzi bobubi abathembisani nto ngaphandle kwenkohliso ۞ إِنَّ ٱللَّهَ يُمۡسِكُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ أَن تَزُولَاۚ وَلَئِن زَالَتَآ إِنۡ أَمۡسَكَهُمَا مِنۡ أَحَدٍ مِّنۢ بَعۡدِهِۦٓۚ إِنَّهُۥ كَانَ حَلِيمًا غَفُورًا ٤١Inene,uAllahubambeamazulunomhlaba,kubahlezeanikezele ukanti ukuba anganikezela, akukho bani unokuwabamba emva kwaKhe. Inene, Yena unguMnyamezeli, nguMxoleli وَأَقۡسَمُواْ بِٱللَّهِ جَهۡدَ أَيۡمَٰنِهِمۡ لَئِن جَآءَهُمۡ نَذِيرٌ لَّيَكُونُنَّ أَهۡدَىٰ مِنۡ إِحۡدَى ٱلۡأُمَمِۖ فَلَمَّا جَآءَهُمۡ نَذِيرٌ مَّا زَادَهُمۡ إِلَّا نُفُورًا ٤٢Ke kaloku bafunga ngoAllâh izifungo ezimandla okokuba ukubauMlumkisiwayefikilekubo, ngebabengabakhokeleleke ngakumbi ngaphezu kwakhe nabani na kwizizwe (ezadlulayo) kodwa wathi esakufika uMlumkisi kubo, akwabongezelela nto oko ngaphandle kwenkcaso ٱسۡتِكۡبَارًا فِي ٱلۡأَرۡضِ وَمَكۡرَ ٱلسَّيِّيِٕۚ وَلَا يَحِيقُ ٱلۡمَكۡرُ ٱلسَّيِّئُ إِلَّا بِأَهۡلِهِۦۚ فَهَلۡ يَنظُرُونَ إِلَّا سُنَّتَ ٱلۡأَوَّلِينَۚ فَلَن تَجِدَ لِسُنَّتِ ٱللَّهِ تَبۡدِيلًاۖ وَلَن تَجِدَ لِسُنَّتِ ٱللَّهِ تَحۡوِيلًا ٤٣(Bashiya inyaniso) Ngenxa yenkukhumalo yabo ezweni nokwenza amayelenqe okungcola kodwa ukwenza amayelenqe akurhintyeli bani ngaphandle kwabo bawenzayo. Ke ngoku ingaba balindele nto yimbi na ngaphandle kwendlela (ekohlwaywa ngayo) abantu bamandulo? Ukanti awunakuze ufumane kuguquka kwisithethe sika-Allâh, ungekhe ufumane lutshintsho kwisithethe sika-Allâh أَوَلَمۡ يَسِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَيَنظُرُواْ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡ وَكَانُوٓاْ أَشَدَّ مِنۡهُمۡ قُوَّةًۚ وَمَا كَانَ ٱللَّهُ لِيُعۡجِزَهُۥ مِن شَيۡءٍ فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَلَا فِي ٱلۡأَرۡضِۚ إِنَّهُۥ كَانَ عَلِيمًا قَدِيرًا ٤٤Kanti abalikhenkethanga na ihlabathi babone ukuba saba njani na isiphelo sabo babandulelayo? Ukanti babebakhulu kunabo ngokuba namandla. Kodwa uAllâh Akanakwenziwa ukuba angaphumeleli nayintoni na emazulwini okanye emhlabeni. Inene Yena nguSolwazi nguSomandla وَلَوۡ يُؤَاخِذُ ٱللَّهُ ٱلنَّاسَ بِمَا كَسَبُواْ مَا تَرَكَ عَلَىٰ ظَهۡرِهَا مِن دَآبَّةٍ وَلَٰكِن يُؤَخِّرُهُمۡ إِلَىٰٓ أَجَلٍ مُّسَمًّىۖ فَإِذَا جَآءَ أَجَلُهُمۡ فَإِنَّ ٱللَّهَ كَانَ بِعِبَادِهِۦ بَصِيرَۢا ٤٥Ukuba uAllâh Ebenokubabeka ityala abantu ngoko bakwenzileyo, Ebengayi kushiya nesinye isidalwa (emhlabeni) kodwa Ubabekele elinye ixesha. Ke kaloku lakufika ixesha labo, inene uAllâh Uhlala Ezijongile izicaka zaKhe

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.