ملة الإسلام

السورة 36 · 83 آية · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

سورة يس باللغة الخوسية

السورة بالعربية مع التفسير استمع إلى سورة يس (1,367 قارئاً)
مكيةسورة يس٨٣ آية

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

يسٓ ١Yâsîn وَٱلۡقُرۡءَانِ ٱلۡحَكِيمِ ٢Nge’Kur’ân, enobulumko إِنَّكَ لَمِنَ ٱلۡمُرۡسَلِينَ ٣Inene wena ungomnye wabaThunywa عَلَىٰ صِرَٰطٍ مُّسۡتَقِيمٍ ٤ENdleleni ethe Tye تَنزِيلَ ٱلۡعَزِيزِ ٱلرَّحِيمِ ٥(Esi) sisiTyhilelo sikaSobunganga, uSozinceba لِتُنذِرَ قَوۡمًا مَّآ أُنذِرَ ءَابَآؤُهُمۡ فَهُمۡ غَٰفِلُونَ ٦Khon’ukuze ulumkise abantu (ngaso) abakhokho babo bangazanga balunyukiswe, ngoko (bahleli) bengazi لَقَدۡ حَقَّ ٱلۡقَوۡلُ عَلَىٰٓ أَكۡثَرِهِمۡ فَهُمۡ لَا يُؤۡمِنُونَ ٧Inene ilizwi eliyinyani lesohlwayo sele (livakalisiwe) Ngokuchasene noninzi lwabo, ngoko ke abakholwa إِنَّا جَعَلۡنَا فِيٓ أَعۡنَٰقِهِمۡ أَغۡلَٰلًا فَهِيَ إِلَى ٱلۡأَذۡقَانِ فَهُم مُّقۡمَحُونَ ٨Inene, Thina Sibaqamangele ngamakhonkco ezintanyeni zabo ukuya kutsho ezilevini zabo ukuze iintloko zabo (zihlale) ziqwanyile وَجَعَلۡنَا مِنۢ بَيۡنِ أَيۡدِيهِمۡ سَدًّا وَمِنۡ خَلۡفِهِمۡ سَدًّا فَأَغۡشَيۡنَٰهُمۡ فَهُمۡ لَا يُبۡصِرُونَ ٩Kananjalo Sibeke umqobo phambi kwabo nangemva kwabo Sabagquma ukuze bangaboni وَسَوَآءٌ عَلَيۡهِمۡ ءَأَنذَرۡتَهُمۡ أَمۡ لَمۡ تُنذِرۡهُمۡ لَا يُؤۡمِنُونَ ١٠Ke kaloku kuyafana kubo nokuba ungabalumkisa okanye ungabalumkisi abayi kukholwa إِنَّمَا تُنذِرُ مَنِ ٱتَّبَعَ ٱلذِّكۡرَ وَخَشِيَ ٱلرَّحۡمَٰنَ بِٱلۡغَيۡبِۖ فَبَشِّرۡهُ بِمَغۡفِرَةٍ وَأَجۡرٍ كَرِيمٍ ١١Wena uya kulumkisa kuphela olandela umyalezo nowoyika uSozinceba Ongabonwayo. Ngoko ke (onjalo) mnike iindaba ezivuyisayo zokuxolelwa nomvuzo omkhulu إِنَّا نَحۡنُ نُحۡيِ ٱلۡمَوۡتَىٰ وَنَكۡتُبُ مَا قَدَّمُواْ وَءَاثَٰرَهُمۡۚ وَكُلَّ شَيۡءٍ أَحۡصَيۡنَٰهُ فِيٓ إِمَامٍ مُّبِينٍ ١٢Inene SiThi ababuyisela abafileyo ebomini, Sibhale (konke) abakwenzayo nabakushiya ngemva, kwaye zonke izinto Sizibhale eNcwadini ecacileyo وَٱضۡرِبۡ لَهُم مَّثَلًا أَصۡحَٰبَ ٱلۡقَرۡيَةِ إِذۡ جَآءَهَا ٱلۡمُرۡسَلُونَ ١٣Ke kaloku benzele umzekeliso (wabantu) besixeko (esithile) ekwafika abaThunywa kuso إِذۡ أَرۡسَلۡنَآ إِلَيۡهِمُ ٱثۡنَيۡنِ فَكَذَّبُوهُمَا فَعَزَّزۡنَا بِثَالِثٍ فَقَالُوٓاْ إِنَّآ إِلَيۡكُم مُّرۡسَلُونَ ١٤Sathi Sisakuthumela ababini kubo basuka babaphika, Saza Sabomeleza ngowesithathu, bathi: “Inene thina singabathunywa kuni.” قَالُواْ مَآ أَنتُمۡ إِلَّا بَشَرٌ مِّثۡلُنَا وَمَآ أَنزَلَ ٱلرَّحۡمَٰنُ مِن شَيۡءٍ إِنۡ أَنتُمۡ إِلَّا تَكۡذِبُونَ ١٥Bathi bona: “Aninto yimbi nina ngaphandle kokuba ngabantu abafana nathi, kunjalo nje uSozinceba Akananto Ayityhilileyo (kuni) koko nina ningamaxoki.” قَالُواْ رَبُّنَا يَعۡلَمُ إِنَّآ إِلَيۡكُمۡ لَمُرۡسَلُونَ ١٦Bathi bona: “INkosi yethu Iyazi okokuba singabaThunywa kuni وَمَا عَلَيۡنَآ إِلَّا ٱلۡبَلَٰغُ ٱلۡمُبِينُ ١٧Yaye thina asinaxanduva lumbi ngaphandle kokuvakalisa uMyalezo ngokucacileyo.” قَالُوٓاْ إِنَّا تَطَيَّرۡنَا بِكُمۡۖ لَئِن لَّمۡ تَنتَهُواْ لَنَرۡجُمَنَّكُمۡ وَلَيَمَسَّنَّكُم مِّنَّا عَذَابٌ أَلِيمٌ ١٨Bathi bona: “Inene thina sinicingela ukuba ningumhlola ombi. Ukuba aniyeki ke inene siya kunixuluba ngamatye, kwaye inene niya kufunyanwa sisohlwayo esibuhlungu esivela kuthi.” قَالُواْ طَٰٓئِرُكُم مَّعَكُمۡ أَئِن ذُكِّرۡتُمۚ بَلۡ أَنتُمۡ قَوۡمٌ مُّسۡرِفُونَ ١٩Bathi bona (abathunywa): “Umhlola ombi ukuni buqu. Ingaba (nikutsho oku) kuba nikhunjuzwa (ngoAllâh) kusini na?” Nakanye nina ningabenzi bobubi.” وَجَآءَ مِنۡ أَقۡصَا ٱلۡمَدِينَةِ رَجُلٌ يَسۡعَىٰ قَالَ يَٰقَوۡمِ ٱتَّبِعُواْ ٱلۡمُرۡسَلِينَ ٢٠Ke kaloku kweza indoda ibaleka, ivela kwicala elikude lesixeko. Yathi: “Hini na bantu bakuthi landelani abaThunywa ٱتَّبِعُواْ مَن لَّا يَسۡـَٔلُكُمۡ أَجۡرًا وَهُم مُّهۡتَدُونَ ٢١Landelani abo banganibizi ntlawulo babe bengabakhokelelekileyo وَمَالِيَ لَآ أَعۡبُدُ ٱلَّذِي فَطَرَنِي وَإِلَيۡهِ تُرۡجَعُونَ ٢٢Ndiya kuthini na ukungamnquli loWo Wandidalayo ekunguYe eniza kubuyiselwa kuYe ءَأَتَّخِذُ مِن دُونِهِۦٓ ءَالِهَةً إِن يُرِدۡنِ ٱلرَّحۡمَٰنُ بِضُرٍّ لَّا تُغۡنِ عَنِّي شَفَٰعَتُهُمۡ شَيۡـًٔا وَلَا يُنقِذُونِ ٢٣Ndingathabatha (thixo) bambi na ngaphandle kwaKhe (lo gama) xa uSozinceba Enokuthi Athande ukuba ndihlelwe bububi intethelelo yabo (thixo benu bobuxoki) ingandincedi nto konke konke, bengekhe bandisindise nokundisindisa إِنِّيٓ إِذًا لَّفِي ضَلَٰلٍ مُّبِينٍ ٢٤Inene bendingaba sekulahlekeni okucacileyo إِنِّيٓ ءَامَنتُ بِرَبِّكُمۡ فَٱسۡمَعُونِ ٢٥Inene mna ndikholiwe eNkosini yenu, ngoko ke ndiphulaphuleni.” قِيلَ ٱدۡخُلِ ٱلۡجَنَّةَۖ قَالَ يَٰلَيۡتَ قَوۡمِي يَعۡلَمُونَ ٢٦Kwathiwa (kuye:) “Ngena ePaladesi.” Wathi yena: “Akwaba abantu bakuthi babesazi بِمَا غَفَرَ لِي رَبِّي وَجَعَلَنِي مِنَ ٱلۡمُكۡرَمِينَ ٢٧Okokuba Indixolele kangakanani na iNkosi yam, Yandibeka kunye nabahloniphekileyo.”

الجزء الثالث والعشرون

۞ وَمَآ أَنزَلۡنَا عَلَىٰ قَوۡمِهِۦ مِنۢ بَعۡدِهِۦ مِن جُندٍ مِّنَ ٱلسَّمَآءِ وَمَا كُنَّا مُنزِلِينَ ٢٨Ke kaloku aSizanga Sithumele mkhosi ngokuchasene nabantu bakubo kungazanga kube yimfuneko kananjalo kuThi ukwenza loo nto إِن كَانَتۡ إِلَّا صَيۡحَةً وَٰحِدَةً فَإِذَا هُمۡ خَٰمِدُونَ ٢٩Akuzanga kube thuba lingakanani kwakhwazwa kwaba kanye, bacima (pam) يَٰحَسۡرَةً عَلَى ٱلۡعِبَادِۚ مَا يَأۡتِيهِم مِّن رَّسُولٍ إِلَّا كَانُواْ بِهِۦ يَسۡتَهۡزِءُونَ ٣٠Kwaba njani ke ukuzisola kwezicaka. Akuzanga kufike Mthunywa kubo bangaphoxisi ngaye أَلَمۡ يَرَوۡاْ كَمۡ أَهۡلَكۡنَا قَبۡلَهُم مِّنَ ٱلۡقُرُونِ أَنَّهُمۡ إِلَيۡهِمۡ لَا يَرۡجِعُونَ ٣١Ababonanga na okokuba zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo kwanokuba ezo (zizukulwana) azisokuze ziphinde zibuyele kubo kwakhona وَإِن كُلٌّ لَّمَّا جَمِيعٌ لَّدَيۡنَا مُحۡضَرُونَ ٣٢Ukanti inene, bonke baza kubuyiselwa kuThi وَءَايَةٌ لَّهُمُ ٱلۡأَرۡضُ ٱلۡمَيۡتَةُ أَحۡيَيۡنَٰهَا وَأَخۡرَجۡنَا مِنۡهَا حَبًّا فَمِنۡهُ يَأۡكُلُونَ ٣٣Kanti ke umqondiso wabo ngumhlaba ofileyo. Thina ke Siye Siwubuyisele ebomini Size Sivelise iinkozo abathi badle kuzo وَجَعَلۡنَا فِيهَا جَنَّٰتٍ مِّن نَّخِيلٍ وَأَعۡنَٰبٍ وَفَجَّرۡنَا فِيهَا مِنَ ٱلۡعُيُونِ ٣٤Ke kaloku Sabeka apho imiyezo yemithi yesundu nezidiliya, Senza kwagqabhuka imithombo apho phakathi kuyo لِيَأۡكُلُواْ مِن ثَمَرِهِۦ وَمَا عَمِلَتۡهُ أَيۡدِيهِمۡۚ أَفَلَا يَشۡكُرُونَ ٣٥Khona ukuze badle iziqhamo zaKhe. Ukanti ke izandla zabo ayizizo eziyivelisayo, ngoko ke abayi kubulela na سُبۡحَٰنَ ٱلَّذِي خَلَقَ ٱلۡأَزۡوَٰجَ كُلَّهَا مِمَّا تُنۢبِتُ ٱلۡأَرۡضُ وَمِنۡ أَنفُسِهِمۡ وَمِمَّا لَا يَعۡلَمُونَ ٣٦Makazukiswe loWo Wadala zonke (izinto) ngambini zokuhluma emhlabeni nakubo buqu nakoko bangakwaziyo وَءَايَةٌ لَّهُمُ ٱلَّيۡلُ نَسۡلَخُ مِنۡهُ ٱلنَّهَارَ فَإِذَا هُم مُّظۡلِمُونَ ٣٧Kananjalo umqondiso kubo bubusuku. Sisusa ukukhanya kwemini kubo (ubusuku), ukuze babe sebumnyameni وَٱلشَّمۡسُ تَجۡرِي لِمُسۡتَقَرٍّ لَّهَاۚ ذَٰلِكَ تَقۡدِيرُ ٱلۡعَزِيزِ ٱلۡعَلِيمِ ٣٨Ukanti lona ilanga libaleka endaweni yalo ukuya endaweni yokuma kwalo. Oko kungummiselo kaSobunganga, uSolwazi وَٱلۡقَمَرَ قَدَّرۡنَٰهُ مَنَازِلَ حَتَّىٰ عَادَ كَٱلۡعُرۡجُونِ ٱلۡقَدِيمِ ٣٩Nenyanga Siyiqingqela izigaba zayo (kangangokuba) ide ibuyele (ibonakale) injengentlava endala yedatilisi لَا ٱلشَّمۡسُ يَنۢبَغِي لَهَآ أَن تُدۡرِكَ ٱلۡقَمَرَ وَلَا ٱلَّيۡلُ سَابِقُ ٱلنَّهَارِۚ وَكُلٌّ فِي فَلَكٍ يَسۡبَحُونَ ٤٠Akuvumelekanga ukuba (ilanga) liyifumane inyanga, bungavumelekanga nobusuku ukuba buyifumane imini kodwa nganye kuzo indanda kwisijikelezisi sayo وَءَايَةٌ لَّهُمۡ أَنَّا حَمَلۡنَا ذُرِّيَّتَهُمۡ فِي ٱلۡفُلۡكِ ٱلۡمَشۡحُونِ ٤١Kananjalo umqondiso kubo ngulowo wokuba Sathwala ooyisemkhulu enqanaweni (kaNûh) eyayizele qhu وَخَلَقۡنَا لَهُم مِّن مِّثۡلِهِۦ مَا يَرۡكَبُونَ ٤٢Yaye Sibadalele okufana noko bakuqhubayo (bakuqabelayo) وَإِن نَّشَأۡ نُغۡرِقۡهُمۡ فَلَا صَرِيخَ لَهُمۡ وَلَا هُمۡ يُنقَذُونَ ٤٣Kanti ke ukuba SaSithandile ngeSaSibatshonisile emanzini, kwaye kwakungazi kubakho bani ubavelelayo, babengayi kusinda nokusinda إِلَّا رَحۡمَةً مِّنَّا وَمَتَٰعًا إِلَىٰ حِينٍ ٤٤Ngaphandle kwenceba evela kuThi nembonelelo yokwethutyana وَإِذَا قِيلَ لَهُمُ ٱتَّقُواْ مَا بَيۡنَ أَيۡدِيكُمۡ وَمَا خَلۡفَكُمۡ لَعَلَّكُمۡ تُرۡحَمُونَ ٤٥Kodwa xa kusithiwa kubo: “Lumkelani okwangaphambili kunani nokungemva kwenu; mhlawumbi niya kwenzelwa inceba وَمَا تَأۡتِيهِم مِّنۡ ءَايَةٍ مِّنۡ ءَايَٰتِ رَبِّهِمۡ إِلَّا كَانُواْ عَنۡهَا مُعۡرِضِينَ ٤٦Kananjalo akukho mqondiso ufikayo kubo uvela kwimiqondiso yeNkosi yabo abangawutshikileliyo وَإِذَا قِيلَ لَهُمۡ أَنفِقُواْ مِمَّا رَزَقَكُمُ ٱللَّهُ قَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لِلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ أَنُطۡعِمُ مَن لَّوۡ يَشَآءُ ٱللَّهُ أَطۡعَمَهُۥٓ إِنۡ أَنتُمۡ إِلَّا فِي ضَلَٰلٍ مُّبِينٍ ٤٧Kanti naxa kusithiwa kubo: ‘Nikelani kumalizo ngoko uAllâh Anibonelele ngako,” Abo bangakholwayo bathi kwabo bakholwayo: “Thina sondle lowo xa uAllâh Ebethanda ngemondle ngokwaKhe? Nina anikho ntweni yimbi ngaphandle kokulahleka okucacileyo.” وَيَقُولُونَ مَتَىٰ هَٰذَا ٱلۡوَعۡدُ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ ٤٨Kananjalo bathi: Siya kuba nini na esi sithembiso ukuba nithetha inyaniso?” مَا يَنظُرُونَ إِلَّا صَيۡحَةً وَٰحِدَةً تَأۡخُذُهُمۡ وَهُمۡ يَخِصِّمُونَ ٤٩(Ukuba bebesazi) akukho nto bayilindileyo ngaphandle kokudubula kwesithongakazi, esiya kubahlasela besalibele kukuphikisa فَلَا يَسۡتَطِيعُونَ تَوۡصِيَةً وَلَآ إِلَىٰٓ أَهۡلِهِمۡ يَرۡجِعُونَ ٥٠Kwaye abayi kukwazi (ukunikela imiyalezo) bengayi kubuyela nakubantu bakubo na kakade وَنُفِخَ فِي ٱلصُّورِ فَإِذَا هُم مِّنَ ٱلۡأَجۡدَاثِ إِلَىٰ رَبِّهِمۡ يَنسِلُونَ ٥١Ke kaloku iXilongo liya kuvuthelwa, baze ngoko nangoko baphume emangcwabeni beze eNkosini yabo bengxamile قَالُواْ يَٰوَيۡلَنَا مَنۢ بَعَثَنَا مِن مَّرۡقَدِنَاۜۗ هَٰذَا مَا وَعَدَ ٱلرَّحۡمَٰنُ وَصَدَقَ ٱلۡمُرۡسَلُونَ ٥٢Baya kuthi: “O yini na kuthi! Ngubani na osivusileyo endaweni yethu yokulala?” (Impendulo iya kuthi): “Oku koko uSozinceba Wakuthembisayo, yaye abaThunywa babethetha inyaniso.” إِن كَانَتۡ إِلَّا صَيۡحَةً وَٰحِدَةً فَإِذَا هُمۡ جَمِيعٌ لَّدَيۡنَا مُحۡضَرُونَ ٥٣Akuyi kuba yinto yimbi ngaphandle kwesithonga esinye baze ngoko nangoko babuyiswe phambi kweThu فَٱلۡيَوۡمَ لَا تُظۡلَمُ نَفۡسٌ شَيۡـًٔا وَلَا تُجۡزَوۡنَ إِلَّا مَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ ٥٤Ngoko ke (kuya kuthiwa kubo): “(NaMhlanje) akuyi kubakho mphefumlo uya kwenziwa bugwenxa konke konke, kananjalo aniyi kubuyekezwa ngaphandle koko nakwenzayo.” إِنَّ أَصۡحَٰبَ ٱلۡجَنَّةِ ٱلۡيَوۡمَ فِي شُغُلٍ فَٰكِهُونَ ٥٥Inene amadlelane asePaladesi ngaloo Mini aya kuhleka echulumancile, esebenza imisebenzi (yawo) emihle هُمۡ وَأَزۡوَٰجُهُمۡ فِي ظِلَٰلٍ عَلَى ٱلۡأَرَآئِكِ مُتَّكِـُٔونَ ٥٦Bona nabalingane babo besemthunzini, bengqiyame ngeesofa ezihonjisiweyo لَهُمۡ فِيهَا فَٰكِهَةٌ وَلَهُم مَّا يَدَّعُونَ ٥٧Okwabo apho iya kuba ziziqhamo, yaye okwabo iya kuba yiyo nantoni na abayicelayo (okanye abayinqwenelayo) سَلَٰمٌ قَوۡلًا مِّن رَّبٍّ رَّحِيمٍ ٥٨“Noxolo,” ilizwi elivela eNkosini uSozinceba وَٱمۡتَٰزُواْ ٱلۡيَوۡمَ أَيُّهَا ٱلۡمُجۡرِمُونَ ٥٩(Uya kuthi Yena): “Yimani ngokwahlukeneyo nina zaphula- mthetho ۞ أَلَمۡ أَعۡهَدۡ إِلَيۡكُمۡ يَٰبَنِيٓ ءَادَمَ أَن لَّا تَعۡبُدُواْ ٱلشَّيۡطَٰنَۖ إِنَّهُۥ لَكُمۡ عَدُوٌّ مُّبِينٌ ٦٠NdaNdinganiyalelanga na ukuba ningamkhonzi uShaytân, hini na bantwana baka-Adam kuba yena kuni ulutshaba olucacileyo وَأَنِ ٱعۡبُدُونِيۚ هَٰذَا صِرَٰطٌ مُّسۡتَقِيمٌ ٦١Kwanokuba nina nqulani Mna kuphela Le yiNdlela ethe Tye وَلَقَدۡ أَضَلَّ مِنكُمۡ جِبِلًّا كَثِيرًاۖ أَفَلَمۡ تَكُونُواْ تَعۡقِلُونَ ٦٢Kananjalo yena phakathi kwenu sele elahlekise inyambalala endalweni, ke ngoko nina naningayisebenzisi ingqiqo هَٰذِهِۦ جَهَنَّمُ ٱلَّتِي كُنتُمۡ تُوعَدُونَ ٦٣Lo nguMlilo wesiHogo enanithenjiswe ngawo ٱصۡلَوۡهَا ٱلۡيَوۡمَ بِمَا كُنتُمۡ تَكۡفُرُونَ ٦٤Yitshani naMhlanje ngenxa yoko nanidla ngokukuphika!” ٱلۡيَوۡمَ نَخۡتِمُ عَلَىٰٓ أَفۡوَٰهِهِمۡ وَتُكَلِّمُنَآ أَيۡدِيهِمۡ وَتَشۡهَدُ أَرۡجُلُهُم بِمَا كَانُواْ يَكۡسِبُونَ ٦٥Ngaloo Mini Siya kuyitywina imilomo yabo, kuze kuthethe izandla zabo kuThi, iinyawo zabo zona ziya kungqina ngoko bakwenzayo وَلَوۡ نَشَآءُ لَطَمَسۡنَا عَلَىٰٓ أَعۡيُنِهِمۡ فَٱسۡتَبَقُواْ ٱلصِّرَٰطَ فَأَنَّىٰ يُبۡصِرُونَ ٦٦Ke kaloku ukuba SaSithandile ngeSaSibatshabalalisele amehlo abo, baza bakhuphisana (ngokufuna) indlela, phofu babeza kuyibona kanjani وَلَوۡ نَشَآءُ لَمَسَخۡنَٰهُمۡ عَلَىٰ مَكَانَتِهِمۡ فَمَا ٱسۡتَطَٰعُواْ مُضِيًّا وَلَا يَرۡجِعُونَ ٦٧Kananjalo ukuba SaSithandile ngeSabenza baba ziimbedlenge ezindaweni zabo khona ukuze bangakwazi (ukuhamba) baye phambili, bangakwazi nokubuyela umva وَمَن نُّعَمِّرۡهُ نُنَكِّسۡهُ فِي ٱلۡخَلۡقِۚ أَفَلَا يَعۡقِلُونَ ٦٨Lowo Simnike ubomi obude, Simbuyisela umva endalweni. Ingaba ke ngoku abayi kuqonda وَمَا عَلَّمۡنَٰهُ ٱلشِّعۡرَ وَمَا يَنۢبَغِي لَهُۥٓۚ إِنۡ هُوَ إِلَّا ذِكۡرٌ وَقُرۡءَانٌ مُّبِينٌ ٦٩Kananjalo Asizanga Simnike (uMuhammad) ulwazi lobumbongi, kwaye asinto imfaneleyo (leyo). Koko (eSimnike kona) akunto yimbi ngaphandle kokuba ngumyalezo ne’Kurân ecacileyo لِّيُنذِرَ مَن كَانَ حَيًّا وَيَحِقَّ ٱلۡقَوۡلُ عَلَى ٱلۡكَٰفِرِينَ ٧٠Yokulumkisa nabani na ophilayo, kuze kuthetheleleke ilizwi lesilumkiso ngokuchasene nabangakholwayo أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ أَنَّا خَلَقۡنَا لَهُم مِّمَّا عَمِلَتۡ أَيۡدِينَآ أَنۡعَٰمًا فَهُمۡ لَهَا مَٰلِكُونَ ٧١Kanti ababoni na okokuba koko kuvela eZandleni zeThu Sibadalele, Sabenzela izilwanyana ezitya ingca, baze babe ngabaninizo وَذَلَّلۡنَٰهَا لَهُمۡ فَمِنۡهَا رَكُوبُهُمۡ وَمِنۡهَا يَأۡكُلُونَ ٧٢Kananjalo Sizilulamisele bona, ngoko ke ezinye zazo bayaziqabela, ezinye zazo bazitye وَلَهُمۡ فِيهَا مَنَٰفِعُ وَمَشَارِبُۚ أَفَلَا يَشۡكُرُونَ ٧٣Ukanti kwakuzo apho kukwakho nezinye (izinto) eziyinzuzo (kubo) nokuselwayo, ngoko ke abayi kubulela na وَٱتَّخَذُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ ءَالِهَةً لَّعَلَّهُمۡ يُنصَرُونَ ٧٤Kodwa bazithabathele thixo bambi ngaphandle koAllâh (besithi) mhlawumbi baya kuncedakala لَا يَسۡتَطِيعُونَ نَصۡرَهُمۡ وَهُمۡ لَهُمۡ جُندٌ مُّحۡضَرُونَ ٧٥Abakwazi kubanceda nje, ukanti ikwangabo buqu amajoni angabalondolozi babo (thixo babo bobuxoki) فَلَا يَحۡزُنكَ قَوۡلُهُمۡۘ إِنَّا نَعۡلَمُ مَا يُسِرُّونَ وَمَا يُعۡلِنُونَ ٧٦Ngoko ke wena musa ukuvumela iintetho zabo zikukhubekise, Siyakwazi abakufihlayo noko bakuvezayo أَوَلَمۡ يَرَ ٱلۡإِنسَٰنُ أَنَّا خَلَقۡنَٰهُ مِن نُّطۡفَةٍ فَإِذَا هُوَ خَصِيمٌ مُّبِينٌ ٧٧Kanti umntu lo akaqapheli na okokuba Samdala ngeqabaza lembewu yomntu? kodwa asuke yena abe ngumchasi ocacileyo وَضَرَبَ لَنَا مَثَلًا وَنَسِيَ خَلۡقَهُۥۖ قَالَ مَن يُحۡيِ ٱلۡعِظَٰمَ وَهِيَ رَمِيمٌ ٧٨Ade enze umzekelo (ngaThi), alibale ngokudalwa kwakhe athi: “Ngubani oza kunika ubomi emathanjeni asele ethe saa?” قُلۡ يُحۡيِيهَا ٱلَّذِيٓ أَنشَأَهَآ أَوَّلَ مَرَّةٍۖ وَهُوَ بِكُلِّ خَلۡقٍ عَلِيمٌ ٧٩Yithi wena: “Uya kuwanika ubomi loWo Wawavelisayo ekuqalekeni, kwaye Yena phezu kwayo yonke indalo nguSolwazi.” ٱلَّذِي جَعَلَ لَكُم مِّنَ ٱلشَّجَرِ ٱلۡأَخۡضَرِ نَارًا فَإِذَآ أَنتُم مِّنۡهُ تُوقِدُونَ ٨٠Yena nguloWo Wanenzela umlilo ngomthi oluhlaza, nenithi niphembe ngawo أَوَلَيۡسَ ٱلَّذِي خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ بِقَٰدِرٍ عَلَىٰٓ أَن يَخۡلُقَ مِثۡلَهُمۚ بَلَىٰ وَهُوَ ٱلۡخَلَّٰقُ ٱلۡعَلِيمُ ٨١Ingaba loWo Wadala amazulu nomhlaba Akakwazi ukudala abanjengabo? Ewe (kunjalo nje) yaye Yena nguSolwazi, uMdali إِنَّمَآ أَمۡرُهُۥٓ إِذَآ أَرَادَ شَيۡـًٔا أَن يَقُولَ لَهُۥ كُن فَيَكُونُ ٨٢Yena owaKhe umyalelo ngowokuba Athi xa Enenjongo yento (ethile) Asuke Athi kuyo: “Yibakho,” ibekho (ngoko nangoko) فَسُبۡحَٰنَ ٱلَّذِي بِيَدِهِۦ مَلَكُوتُ كُلِّ شَيۡءٍ وَإِلَيۡهِ تُرۡجَعُونَ ٨٣Ngoko ke Makazukiswe loWo eSandleni saKhe kukho ulongamelo lwezinto zonke, yaye kukuYe apho niza kubuyiselwa khona

الترجمة: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.